ITestamente eNdala 2022
UCanzibe 9–15. Numeri 11–14; 20–24: “Musani Ukugwilika kuYehova, Musani Ukoyika”


“UCanzibe 9–15. Numeri 11–14; 20–24: ‘Musani Ukugwilika kuYehova, Musani Ukoyika,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“UCanzibe 9–15. Numeri 11–14; 20–24,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
intlambo esentlango

UCanzibe 9–15

Numeri 11–14; 20–24

“Musani Ukugwilika kuYehova, Musani Ukoyika”

Esi sishwankathelo siqaqambisa eminye yemigaqo emininzi exabisekileyo ekwincwadi yeNumeri. Vuleleka nakweminye uMoya onokuncede uyibone.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Nkqu nangeenyawo, ngokwesiqhelo bekungenakuthatha iminyaka engama–40 ukuhamba kwintlango yaseSinayi ukuya kwilizwe lesithembiso eKanan. Kodwa abantwana bakwaSirayeli babedinga ixesha elingako, hayi ukugubungela umgama wejografi kodwa ukugubungela umgama wokomoya: umgama owawuphakathi kwabo bantu babengabo nalowo wokuba babengabo bantu bomnqophiso uThixo wayefuna babengabo.

Incwadi yeNumeri iyakuchaza okunye koko okwathi kwenzeka ngaloo minyaka engama–40, kuquka nezifundo abantwana bakaSirayeli ababedinga ukuzifunda ngaphambili kokuba bangene kwilizwe lesithembiso. Baye bafunda ngokunyaniseka kwizicaka ezikhethiweyo zeNkosi (bona Numeri 12). Baye bafunda malunga nokuthembela emandleni eNkosi, naxa ikamva libonakala lingenathemba (bona Numeri 13–14). Kwaye baye bafunda ukuba ukungabinathemba okanye ukuba bangathembi kuzisa ukwenzakala emoyeni, kodwa babenokuguquka kwaye bajonge eMsindisini kuze baphiliswe (bona Numeri 21:4–9).

Sonke siyafana namaSirayeli ngeendlela ezithile. Sonke siyazi ukuba kunjani ukubasentlangweni yokomoya, kwaye nezifundo ezifanayo awaye azifunda zingasinceda silungiselele ukungena kwelethu ilizwe lesithembiso: ubomi banaphakade noBawo wethu Osezulwini.

Ngesishwankathelo ngencwadi yeNumeri, bona “Numeri” kwisichazi-magama seBhayibhile.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Numeri 11:11–17, 24–29; 12

Isityhilelo siyafumaneka kuthi sonke, kodwa uThixo ukhokela iBandla laKhe ngomprofeti waKhe.

KwiNumeri 11:11–17, 24–29, qaphela ingxaki uMoses awayejongene nayo kunye nesisombululo uThixo awaye wasicebisa. Yintoni ocinga ukuba uMoses wayeyithetha xa wayesithi wayenqwenela “akwaba bonke abantu bakaYehova babengabaprofeti”? (umqolo 29). Njengoko ucinga nzulu malunga nale miqolo, cingisisa ngamazwi kaMongameli Russell M. Nelson: “Ingaba uThixo uyafuna ngokwenene ukuthetha nawe? Ewe! … Kwowu, kuninzi ngenene oku uBawo Osezulwini afuna ukuba ukwazi” (“Revelation for the Church, Revelation for Our Lives,” Liyahona, Canzibe 2018, 95).

Ngokunjalo, ukuthi wonke umntu angabangumprofeti akuthethi ukuba bonke bangakhokela abantu bakaThixo ngendlela uMoses awayesenza ngayo. Isiganeko esibhalwe kwiNumeri 12 siyakucacisa oku kakuhle. Njengoko ufunda esi sahluko, zilumkiso zini ozifumanayo? Yintoni oziva ukuba iNkosi ifuna uyiqonde malunga nesityhilelo sobuqu kwakunye nangokulandela umprofeti?

Bona futhi 1 Nifayi 10:17; IMfundiso neMinqophiso 28:1–7.

Numeri 13–14

Ngokholo eNkosini, ndingabanethemba lekamva.

Njengoko ufunda Numeri 13–14, zama ukuzifaka endaweni yamaSirayeli. Kutheni ucinga ukuba ayefuna “ukubuyela eYiputa”? (Numeri 14:3). Ingaba ukhe ufane nabo babengenathemba ngelizwe lesithembiso? Ingaba ubungawuchaza njani “umoya” wumbi uKalebhi awayenawo? (Numeri 14:24). Yintoni ekukholisayo malunga nokholo lukaKalebhi kunye noYoshuwa, kwaye ubungayisebenzisa njani imizekelo yabo kwiimeko ojongene nazo?

Bona futhi Teachings of Presidents of the Church: Gordon B. Hinckley (2016), 75–76.

Numeri 21:4–9

Ukuba ndijonga kuYesu Krestu ngokholo, Yena angandiphilisa ngokwasemoyeni.

Abaprofeti beNcwadi kaMormoni babelazi ibali elibhalwe kwiNumeri 21:4–9 kwaye babekuqonda ukubaluleka kwalo ngokwasemoyeni. Yintoni u-1 Nifayi 17:40–41; Alma 33:18–22; kunye noHilamani 8:13–15 eziyongeza ekuqondeni kwakho eli bali? Njengoko ufunda le mihlathi, cinga malunga nokuphiliswa kwasemoyeni onethemba kwako. AmaSirayeli kwakumele “[abheke] inyoka yobhedu” (Numeri 21:9) ukuze aphiliswe. Yintoni oyiva ikuphembelela ukuba uyenze ngokupheleleyo ukuba “ukhangela kuye uNyana kaThixo ngokholo” ? (Hilamani 8:15).

Bona futhi Yohane 3:14–15; IMfundiso neMinqophiso 6:36.

Umfanekiso
Inyoka yobhedu

AmaSirayeli ayephiliswa ngokukhangela enyokeni yobhedu.

Numeri 22–24

Ndingayilandela intando kaThixo, nokuba abanye bandithundezela ekubeni ndingenzi njalo.

Xa uBhalaki, ukumkani wamaMowabhi, weva ukuba amaSirayeli ayesondela, waye wabiza uBhileham, indoda eyayisaziwa ngokunika iintsikelelo kunye neziqalekiso. UBhalaki wayefuna ukuba enze amaSirayeli abebuthathaka ngokuwaqalekisa. Qaphela indlela uBhalaki wazama ngayo ukuthundeza uBhileham (bona Numeri 22:5–7, 15–17), kwaye ucinge ngezihendo ojongene nazo ezikhabana nentando kaThixo. Yintoni ekukholisayo malunga neempendulo zikaBhileham kwiNkosi kwiNumeri 22:18, 38; 23:8, 12, 26; 24:13?

Ngelishwa, kubonakala ngathi uBhileham ekugqibeleni waye wanikezela kuxinzelelo kwaye wangcatsha uSirayeli (bona Numeri 31:16; Yuda 1:11). Cinga nzulu ngokuba ungahlala unyaniseke kanjani eNkosini nangona kukhona uxinzelelo oluphuma kwabanye.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

Numeri 11: 4–6.Ingaba impatho yethu ikhe ifane nempatho amaSirayeli ayibonakalisa kwiNumeri 11:4–6? Ingaba ingcebiso ekwi–IMfundiso neMinqophiso 59:15–21 inganceda kanjani?

Numeri 12:3.Ingaba uMoses wabonisa kanjani ukuba “ululamile kunene” kwiNumeri 12 okanye kweminye imihlathi yezibhalo ezingcwele okhe wazifunda? Usenokuhlola kwakhona inkcazelo kaMdala uDavid A. Bednar yobulali kumyalezo wakhe “Meek and Lowly of Heart” (Liyahona, Canzibe 2018, 30–33) okanye ku–“Bulali, Lulama” kwiSikhokelo kwiziBhalo (scriptures.ChurchofJesusChrist.org). Yintoni esiyifundayo malunga nokokuba singalulama ngakumbi kanjani? Zeziphi iintsikelelo ezingeza njengoko sisenza njalo?

Numeri 13–14.Amalungu amabini (okanye awangaphezulu koko) angazenzisa ngathi “ahlola” (Numeri 13:17) inxalenye yekhaya lenu ngokungathi lilizwe lesithembiso. Ngoko ke anganika ingxelo ngokuphathelelene neNumeri 13:27–33 okanye Numeri 14:6–9. Yintoni esiyifundayo malunga nokholo oluphuma kwiingxelo ezimbini ezahlukeneyo kule miqolo? Singafana ngakumbi kanjani noKalebhi noYoshuwa?

Numeri 21:4–9.Emva kokufunda Numeri 21:4–9, kwakunye no–1 Nifayi 17:40–41; Alma 33:18–22; kunye noHilamani 8:13–15, usapho lwakho lungenza inyoka ngephepha okanye ngodongwe kwaye lubhale kulo okanye ephepheni ezinye izinto ezilula eningazenza “ukukhangela kuye uNyana kaThixo ngokholo” (Hilamani 8:15).

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi–Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Jesus, the Very Thought of Thee,” Hymns, no. 141.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Nceda usapho lwakho luphuhlise ukuzimela ngokwasemoyeni. “Endaweni yokugqithisa nje ulwazi, nceda amalungu osapho lwakho ukuba azifumanele iinyaniso zevangeli ezibhalweni ezingcwele nasemazwini wabaprofeti” (Teaching in the Savior’s Way, 28).

Umfanekiso
UMoses kunye nenyoka yobhedu

Moses and the Brass Serpent , nguJudith A. Mehr (UMoses kunye neNyoka yoBhedu)

Shicilela