ITestamente eNdala 2022
UTshazimpunzi 4–10. Eksodus 14–17: “Misani, Nilubone uSindiso lukaYehova”


“UTshazimpunzi 4–10. Eksodus 14–17: “Misani, Nilubone uSindiso lukaYehova” Uze, uNdilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“UTshazimpunzi 4–10. Eksodus 14–17,” Uze, uNdilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
ULwandle oluBomvu

ULwandle oluBomvu

UTshazimpunzi 4–10

Eksodus 14–17

“Misani, Nilubone uSindiso lukaYehova”

UThixo wayalela uMoses ukuba abhale ngamava akhe “ukuze enze isikhumbuzo encwadini, aze akuphinda” kuYoshuwa (Eksodus 17:14). Ngokufanayo, ukubhala amava akho okomoya kuya kukunceda wena kunye nabo ubathandayo ukukhumbula ukulunga kweNkosi.

Bhala Iimvakalelo Zakho

AmaSirayeli ayerhintyelwe. ULwandle oluBomvu lwalukwicala elinye, kwaye umkhosi kaFaro wawusiza kwelinye. Ukubaleka kwabo eYiphutha, kwakubonakala ngathi kuya kuba kokwexeshana. Kodwa uThixo wayenomyalezo kumaSirayeli awayefuna ukuba bawukhumbule ezizukulwaneni zabo: “Musani ukoyika. … UYehova uya kunilwela” (Eksodus 14:13–14).

Ukusukela ngelo xesha, xa abantu bakaThixo bebefuna ukholo nesibindi, bahlala beguqukele kule ngxelo yokuhlangulwa okungummangaliso kwaSirayeli. Xa uNifayi wayefuna ukukhuthaza abantakwabo, wathi, “Masomelele njengoMoses; kuba ngokwenene wathetha namanzi oLwandle oluBomvu kwaye ohlukana ngapha nangapha, kwaye noobawo bethu bawela, baphuma ekuthinjweni, emhlabeni owomileyo” (1 Nifayi 4:2). Xa uKumkani uLimhayi wayefuna ukuba abantu bakhe ababanjiweyo ukuba “baphakamise iintloko zabo, kwaye bagcobe,” wabakhumbuza ngeli bali linye (Mozaya 7:19). Xa uAlma wayefuna ukungqina kunyana wakhe ngamandla kaThixo, wabhekisa nakweli bali (bona Alma 36:28). Kwaye xa sifuna ukuhlangulwa—xa sifuna ukholo oluthe kratya, xa kufuneka “simiseni, silubone usindiso lukaYehova”—singakhumbula indlela “wawasindisa uYehova ngaloo mini amaSirayeli esandleni samaYiputa” (Eksodus 14:13, 30).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Eksodus 14

UThixo unamandla okundihlangula.

Njengoko ufunda Eksodus 14:1–10, khawufane ucinge ukuba aziva njani amaSirayeli njengoko ayebona umkhosi kaFaro usondela. Mhlawumbi uziva ngathi ufuna ummangaliso ukuze uphile kulo mcelimngeni ujamelene nawo. Ufunda ntoni ku–Eksodus 14:13–31 enokukunceda ufune ukuhlangulwa nguThixo ebomini bakho? Ufunde ntoni malunga neendlela uThixo azisa ngazo ukukhululwa ebunzimeni? Cingisisa ngendlela owabona ngayo amandla aKhe ebomini bakho.

Bona kwakhona IMfundiso neMinqophiso 8:2–3.

Eksodus 15:22–27

INkosi inokwenza izinto ezikrakra zibe mnandi.

Njengoko ufunda ku–Eksodus 15:22–27 malunga neehambo zikaSirayeli ukuya kwilizwe lesithembiso, cinga ngezinto zobomi bakho ezibonakala “zikrakra” njengamanzi aseMara. Cinga ngale mibuzo ilandelayo njengoko ucingisisa ngale miqolo : INkosi ingazenza njani izinto ezikrakra ebomini bakho zibe nencasa? Ingaba axabiseke ngantoni la mava ebomini bakho? Ithini imiqolo 26 kunye 27 ukucebisa malunga nendlela iNkosi esisikelela ngayo xa simamela ilizwi laYo?

Eksodus 15:23–27; 16:1–15; 17:1–7

Ndingayithemba iNkosi, nkqu nangamaxesha anzima.

Kuyalinga ukugxeka amaSirayeli kuba ayekrokra okanye ekhalaza xa iimeko zabo ziba nzima, nasemva kwayo yonke into uThixo awayebenzela yona. Kodwa njengoko ufunda Eksodus 15:23–27; 16:1–15; 17:1–7, thatha ingqalelo ukuba ukhe wenze into efanayo na. Ufunda ntoni kumava amaSirayeli enokukunceda ukukrokrela kancinci kwaye uthembele ngokupheleleyo ngakumbi kuThixo? Umzekelo, ngowuphi umehluko owubonayo malunga nendlela amaSirayeli aphendula ngayo kubunzima kunye nendlela awasabela ngayo uMoses? Ikufundisa ntoni le miqolo ngoThixo?

Bona kwakhona 1 Nifayi 2:11–12.

Umfanekiso
umfazi uqokelela imana

Imana evela kuThixo yondla uSirayeli ngokwasemzimbeni; kananjalo nathi sifuna ukondliwa ngokomoya imihla ngemihla. Fresco nguLeopold Bruckner

Eksodus 16

Kufaneleke ndifuna ukondleka ngokomoya mihla le.

Zininzi izifundo zokomoya esinokuzifunda kummangaliso wemana, efumaneka ku–Eksodus 16. Phawula imiyalelo eneenkcukacha eyanikwa amaSirayeli malunga nendlela yokuqokelela, yokusebenzisa kunye nokugcina imana (bona Eksodus 16:16, 19, 22–26). Ufumana ntoni kule miyalelo esebenza kuwe njengoko ufuna ukondliwa ngokomoya imihla ngemihla?

Bona kwakhona Yohane 6:31–35, 48–58.

Eksodus 17:1–7

UYesu Krestu uliliwa lam lokomoya namanzi aphilayo.

Cinga ngoMsindisi njengoko ufunda Eksodus 17:1–7. UYesu Krestu ufana njani neliwa kuwe? (bona IiNdumiso 62:6–7; Hilamani 5:12). Yena ufana njani namanzi? (bona Yohane 4:10–14; 1 AbaseKorinte 10:1–4; 1 Nifayi 11:25).

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Eksodus 14:13–22.Amalungu osapho lwakho angakonwabela ukuzama “ukwahlula” amanzi kwisitya okanye kwindawo yokuhlambela, njengoko uMoses wahlulahlula uLwandle oluBomvu. Bancede baqonde ukuba uLwandle oluBomvu lwalungenakohlula-hlulwa ngaphandle kwamandla kaThixo. Siwabona njani amandla kaThixo kubomi bethu kunye nobomi bookhokho bethu?

Eksodus 15:1–21.Ngemva kokuwela ngokungummangaliso kuLwandle oluBomvu, amaSirayeli avuma ingoma yokudumisa eyaziwa ngokuba ingoma kaMoses, efumaneka ku–Eksodus 15:1–21. Njengosapho, khangelani le miqolo emabinzana angqina oko kwenziwa nguThixo kumaSirayeli kunye namanye amabinzana awanentsingiselo. Emva koko ninokucula iculo lokukhumbuza usapho lwakho ngento uThixo anenzele yona.

Eksodus 16:1–5; 17:1–7.Ukufunda Eksodus 16:1–5 kunye 17:1–7 kungakhokelela kwingxoxo emalunga noMsindisi njengeSonka soBomi, njengaManzi Aphilayo, kunye neLiwa lethu. La mabali asikhumbuza njani ngoko uYesu Krestu asenzela kona? Njengenxalenye yengxoxo yenu, ninokufunda Yohane 4:10–14; 6:29–35, 48–51; Hilamani 5:12; IMfundiso neMinqophiso 20:77, 79.

Eksodus 17:8–16.Ninokulingisa ibali lika-Aron noHure bephakamise izandla zikaMoses kwaye nixoxe ngendlela enokubonisa ukuba sibaxhasa njani abo babiziweyo nguThixo ukuba basikhokele. Ninokuthelekisa umzekelo ka-Aron noHure nokumbombozela kwamaSirayeli nxamnye noMoses (ochazwe kuzo zonke izahluko 15–17). Zeziphi ezinye zeendlela esinokuthi sincede kwaye sixhase ngazo iinkokheli zethu? Zeziphi iintsikelelo eziza kuthi nakwiinkokheli zethu njengoba sisenza oko?

Ngezimvo ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ingoma ecetyiswayo: “Redeemer of Israel,” Hymns, no. 6.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Funa ulwazi lwakho lokomoya. Kufundisiso lwakho lobuqu nolosapho, ungazibekeli umda kwimiqolo eboniswe kwezi zishwankathelo zofundo. INkosi inokuba inemiyalezo yakho kwezi zahluko ezingagxininiswanga apha. Ngomthandazo funa impembelelo.

Umfanekiso
UMoses wahlula uLwandle oluBomvu

Umzekeliso kaMoses esahlula uLwandle oluBomvu, nguRobert T. Barrett

Shicilela