ITestamente eNdala 2022
UTshazimpunzi 11–17. IPasika: “Uya Kuginya Ukufa Kuphele”


“UTshazimpunzi 11–17. IPasika: “Uya Kuginya Ukufa Kuphele” Uze, uNdilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“UTshazimpunzi 11–17. IPasika,” Uze, uNdilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
ingcwaba elinelitye eliqengqelwe kude nomnyango

Umzekeliso wengcwaba elingenanto nguMaryna Kriuchenko

UTshazimpunzi 11–17

IPasika

“Uya Kuginya Ukufa Kuphele”

Njengoko ufunda kwaye ucingisisa ngeNtlawulelo yoMsindisi kule veki, cinga ngokubhala iingcinga zakho kunye neemvakalelo zakho malunga nedini laKhe kwijenali yakho okanye kwisithuba esibonelelweyo kwesi sishwankathelo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ubomi bukaYesu Krestu “bungumba wayo yonke imbali yabantu” (“UKrestu Ophilayo: Ubungqina babaPostile,” ChurchofJesusChrist.org). Ithetha ntoni le nto? Ngokwenxalenye, ngokuqinisekileyo kuthetha ukuba ubomi boMsindisi buchaphazela ikamva labo bonke abantu abakhe baphila okanye aboze baphile. Unokutsho ukuba ubomi kunye nomsebenzi kaYesu Krestu, ophelela ekuVusweni kwaKhe ngeCawa yokuqala yePasika, uxhuma bonke abantu bakaThixo kwimbali yonke: Abo bazalwa ngaphambi kokuba uKrestu babekhangele kuYe ngokholo (bona Yakobi 4:4), kwaye abo bazelwe kamva bakhangela emva kuYe ngokholo. Xa sifunda iingxelo kunye neziprofetho zeTestamente eNdala, asikaze silibone igama likaYesu Krestu, kodwa siyabubona ubungqina bamakholwa akudala ’abenokholo kuMesiya noMkhululi wabo. Ke thina esimenyelwe ukukhumbula Yena sinokuva unxibelelwano nabo babejonge phambili kuYe. Kuba ngenene uYesu Krestu ubuthwele “ubugwenxa bethu sonke” (Isaya 53:6; imibhalo ekekeleyo yongeziwe), kwaye “kuKrestu sonke siya kuphiliswa” (1 KwabaseKorinte 15:22; imibhalo ekekeleyo yongeziwe).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

ITestamente eNdala ingqina ngedini lokucamagushela likaMsindisi.

Imihlathi emininzi kwiTestamente eNdala ikhomba kubulungiseleli boMsindisi kunye nedini lokucamagushela. Itafile engezantsi idwelisa eminye yale mihlathi. Njengoko ufunda le miqolo, zithini iimvakalelo eziza kuwe ngoMsindisi?

ITestamente eNdala

ITestamente eNtsha

ITestamente eNdala

Zekariya 9:9

ITestamente eNtsha

Mateyu 21:1–11

ITestamente eNdala

Zekariya 11:12–13

ITestamente eNtsha

Mateyu 26:14–16

ITestamente eNdala

Isaya 53:4

ITestamente eNtsha

Mateyu 8:16–17; 26:36–39

ITestamente eNdala

Isaya 53:7

ITestamente eNtsha

Marko 14:60–61

ITestamente eNdala

IiNdumiso 22:16

ITestamente eNtsha

Yohane 19:17–18; 20:25–27

ITestamente eNdala

IiNdumiso 22:18

ITestamente eNtsha

Mateyu 27:35

ITestamente eNdala

IiNdumiso 69:21

ITestamente eNtsha

Mateyu 27:34–48

ITestamente eNdala

IiNdumiso 118:22

ITestamente eNtsha

Mateyu 21:42

ITestamente eNdala

Isaya 53:9, 12

ITestamente eNtsha

Mateyu 27:57–60; Marko 15:27–28

ITestamente eNdala

Isaya 25:8

ITestamente eNtsha

Marko 16:1–6; Luka 24:6

ITestamente eNdala

Daniyeli 12:2

ITestamente eNtsha

Mateyu 27:52–53

Iziprofetho kunye neemfundiso ezimalunga noMsindisi zininzi kakhulu kwaye zicacile kwiNcwadi kaMormoni. Cinga ukuba ukholo lwakho lomelezwa njani yimihlathi efana nale: 1 Nifayi 11:31–33; 2 Nifayi 25:13; Mozaya 3:2–11.

Ndingalufumana uxolo novuyo ngeNtlawulelo yoMsindisi.

Ngalo lonke ixesha, uYesu Krestu, ngedini laKhe lokucamagushela, unikele ngoxolo nangovuyo kubo bonke abo beza kuYe (bona Moses 5:9–12). Cinga ngokufunda ezi zibhalo zilandelayo ezingqina ngoxolo novuyo Yena anikela ngalo, kwaye njengokuba usenza, cinga ngendlela onokuthi ulufumane ngalo uxolo novuyo Yena aluzisayo: IiNdumiso 16:8–11; 30:2–5; Isaya 12; 25:8–9; 40:28–31; Yohane 14:27; 16:33; Alma 26:11–22.

Bona futhi uDallin H. Oaks, “Strengthened by the Atonement of Jesus Christ,” Liyahona, Nov. 2015, 61–64; Sharon Eubank, “Christ: The Light That Shines in Darkness,” Liyahona, May 2019, 73–76; “I Stand All Amazed,” Hymns, no. 193.

Umfanekiso
UKrestu emnqamlezweni

Imini eNgwevu eGolgotha, nguJ. Kirk Richards

NgeNtlawulelo yaKhe, uYesu Krestu unamandla okundinceda ndoyise nesono, nokufa, nezilingo kunye nobuthathaka.

Kuzo zonke izibhalo ezingcwele, abaprofeti bangqina ngamandla kaYesu Krestu okusikhulula esonweni nasekufeni nokusinceda ukuba soyise izilingo kunye nobuthathaka. Uwenze njani uKrestu umahluko kubomi bakho? Kutheni Yena ebalulekile kuwe? Cingisisa le mibuzo njengoko ufunda le miqolo, uze ubhale iingcinga kunye neemvakalelo zakho ngoMsindisi:

Bona futhi uWalter F. González, “The Savior’s Touch,” Liyahona, Nov. 2019, 90–92.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Eksodus 12:1–28.Njengoko nibhiyozela iPasika, usapho lwakho lunokuhlolisisa oko nikufundileyo ngePasika ekuqaleni kwale nyanga. Kutheni le nto kubalulekile ukuba idini loMsindisi lenzeka ngaxeshanye nePasika?

Isishwankathelo sokwenzeka kule veki yokugqibela yobomi boMsindisi, bona “Iveki eNgcwele” ku ComeuntoChrist.org/2016/easter/easter-week. Ngezibhalo ezingcwele malunga neziganeko zeveki yoMsindisi yokugqibela, bona “The Last Week: Atonement and Resurrection” in Harmony of the Gospels (kwizihlomelo zeBhayibhile).

Isaya 53.Ukufunda iziprofetho ngoYesu Krestu ku–Isaya 53 kunokunceda amalungu osapho ukuba aqonde idini lentlawulo yoMsindisi. Yeyiphi imiqolo okanye amabinzana usapho lwakho oluwafumana enamandla ngokukhethekileyo? Cinga ngokuba nentlanganiso yobungqina yosapho apho nabelana khona ngobungqina benu boNtlawulelo.

“AmaNgqina Akhethekileyo kaKrestu.”I-Gospel Library app kunye ChurchofJesusChrist.org zinenqokelela yemiboniso bhanyabhanya ebizwa “Special Witnesses of Christ,” apho ilungu ngalinye loBongameli bokuQala kunye neQumrhu laBapostile labelana ngobungqina balo bukaYesu Krestu. Mhlawumbi usapho lwakho lungabukela ingqokelela yezinye zemiboniso bhanyabhanya nize nithethe ngoko nikufundileyo ngoYesu Krestu okusuka kwizicaka ezikhethiweyo zaKhe. Njengosapho, thethani ngeendlela eninokwabelana ngazo ngobungqina benu ngoKrestu. Umzekelo, ninokumema umntu ukuba anqule kunye nani ecaweni ngale Cawa yePasika.

Amaculo kunye neengoma.Umculo uyindlela enamandla yokukhumbula uMsindisi kunye nokumemela uMoya kumakhaya wethu. Amalungu osapho angabelana kwaye acule kunye amaculo okanye iingoma malunga nePasika okanye ngoYesu Krestu, awafana no–“Christ the Lord Is Risen Today” (Hymns, no. 200) or “Did Jesus Really Live Again?” (Children’s Songbook, 64). Ukuze ufumane amanye amaculo okanye ingoma zabantwana, khangela kwimixholo yeziqulatho Amaculo kunye Children’s Songbook.

Ngezimvo ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ingoma ecetyiswayo: “Did Jesus Really Live Again?Children’s Songbook 64.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Phila ivangeli kaYesu Krestu. “Ukuba ngumfundisi onjengoKrestu [kwikhaya lakho], mhlawumbi eyona nto ibaluleke kakhulu onokuyenza … kukuphila ivangeli ngentliziyo yakho yonke. … Le yeyona ndlela iphambili yokufanelekela ubuqabane boMoya oyiNgcwele. Akunyanzelekanga ukuba ugqibelele, ukuzama nje ngenkuthalo—kunye nokufuna uxolelo ngeNtlawulelo yoMsindisi naninina ukhubeka” (Teaching in the Savior’s Way, 13).

Umfanekiso
UKrestu emi kumnyango welitye oqhekekileyo wengcwaba

Ndizele Le Njongo, nguYongsung Kim

Shicilela