ITestamente eNdala 2022
EyoKwindla 7–13. Genesis 37–41: “UYehova Waye Naye uYosefu”


“EyoKwindla 7–13. Genesis 37–41: “UYehova Waye Naye uYosefu” Uze, uNdilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyoKwindla 7–13. “Genesis 37–41,” Uze, uNdilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
UYosefu waseYiphutha esentolongweni

Umfanekiso kaJoseph waseYiphutha usentolongweni, nguJeff Ward

EyoKwindla 7–13

Genesis 37–41

“UYehova Waye Naye uYosefu”

Njengoko ufunda Genesis 37–41, thandazela ukuba uMoya oyiNgcwele akuncede ubone ukuba izicatshulwa zesibhalo zinxulumana njani nobomi bakho. Bhala nayiphi na into oyifumeneyo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ngamanye amaxesha izinto ezimbi zenzeka kubantu abalungileyo. Ubomi busifundisa ngokucacileyo eso sifundo, ngokunjalo nobomi bukaYosefu, unyana kaYakobi. Wayeyindlalifa kumnqophiso owawenziwe nguThixo noyise, kodwa ke wayethiyiwe ngabantakwabo, wathengiswa ebukhobokeni. Wala ukwalanisa ingqibelelo yakhe xa wayesondela kumfazi kaPotifare waze ke waphoselwa entolongweni. Kwakubonakala ngathi okukhona ethembekile ngakumbi, kwakukhona ejamelana nobunzima obungakumbi. Kodwa bonke obu bunzima babungeyombonakaliso yokungamkelwa nguThixo. Eneneni, kuyo yonke le nto, “uYehova waba naye” (Genesis 39:3). Ubomi bukaYosefu buyimbonakaliso yale nyaniso ibalulekileyo: UThixo akasayi kusishiya. “Ukulandela uMsindisi akusayi kuzisusa zonke izilingo zakho,” ufundisile uMongameli Dieter F. Uchtdorf. “Nangona kunjalo, kuya kususa izithintelo phakathi kwakho kunye noncedo loBawo wakho waseZulwini afuna ukukunika lona. UThixo uya kuba nawe” (“A Yearning for Home,” Liyahona, EyeNkanga. 2017, 22).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Genesis 37:1–28; 39; 41:9–45

“INkosi yayinoYosefu” ebunzimeni bakhe.

Amaxesha namaxesha, ithamsanqa lalibonakala limshiya uYosefu, kodwa iNkosi ayizange yenze njalo. Njengoko ufunda ibali likaYosefu, cingisisa ngale mibuzo: Wenza ntoni uYosefu ukuhlala kufutshane neNkosi ngexesha lokulingwa kwakhe? INkosi yayinaye “njani”? (Genesis 39:2–3, 21, 23).

Usenokubuza kwakhona imibuzo efanayo ngobomi bakho. Bobuphi ubungqina obubonileyo bokuba iNkosi ayikushiyanga ngexesha lokulingwa kwakho? Cinga ngendlela onokwabelana ngayo ngamava akho kunye namalungu osapho kunye nezizukulwana ezizayo (bona 1 Nifayi 5:14). Yintoni onokuyenza ngoku ukuze uzilungiselele ukuba uza kuhlala uthembekile xa ujongene nezilingo kwixesha elizayo?

Bona futhi Yohane 14:18; AbaseRoma 8:28; Alma 36:3; IMfundiso neMinqophiso 121:7–8.,

Genesis 37:5–11; 40; 41:1–38

Ukuba ndithembekile, INkosi iya kundikhokela kwaye indiphembelele.

UMdala uDavid A. Bednar ufundisile, “Izityhilelo zidluliswa ngeendlela ezahlukeneyo, kubandakanya, umzekelo, amaphupha, imibono, iincoko nezithunywa zezulu, kunye nempembelelo” (“The Spirit of Revelation,” Liyahona, UCanzibe 2011, 88). INkosi yasebenzisa amaphupha ukutyhila iinyaniso kuYosefu, umngcamli oyintloko kunye nombhaki oyintloko, kunye nakuFaro. INkosi yamtyhilela uYosefu indlela yokutolika la maphupha. Unokufunda ntoni kuGenesis 37:5–11; 40:5–8; 41:14–25, 37–38 malunga nokwamkela nokuqonda isityhilelo esisuka kwiNkosi? Umzekelo, ungafunda ntoni kumzekelo kaYosefu xa isityhilelo kubonakala kunzima ukusiqonda? (bona Genesis 40:8; 41:16).

Umfanekiso
UYosefu entolongweni utolika amaphupha

UYosefu Ukutolika Amaphupha oMngcamli kunye noMbhaki, nguFrançois Gérard

Cinga nzulu ngendlela iNkosi ekutyhilela ngayo intando yaYo kuwe. Wenza ntoni ukwenza intshukumo kwisityhilelo iNkosi ekunike sona? Ulufuna kanjani ukhokelo olongezelelweyo kuYo?

Bona kwakhona Russell M. Nelson, “Isityhilelo seBandla, iSityhilelo kuBomi bethu,” Liyahona, UCanzibe 2018, 93–96; Michelle Craig, “Spiritual Capacity,” Liyahona, EyeNKanga. 2019, 19–21.

Genesis 38; 39:7–20

Ngoncedo lweNkosi, ndingasibaleka isilingo.

Xa ulingwa, umzekelo kaYosefu unokukunika inkuthazo kunye namandla. Njengoko ufunda ngamava akhe kwiGenesis 39, phawula izinto awazenzayo uYosefu ukuxhathisa ngokuchasene nesilingo. Umzekelo:

  • “Walile” ukuhambela phambili komfazi kaPotifare (umqolo 8).

  • Wayeqonda ukuba ukona kuya kumcaphukisa uThixo nabanye (imiqolo 8–9).

  • Akazange “asiphulaphule” isilingo eso, nangona sasiqhubeka “imihla ngemihla” (umqolo 10).

  • “Wayishiya ingubo yakhe … kwaye wabaleka, waphumela phandle” (umqolo 12).

Ngomzekelo kaYosefu engqondweni, cinga ngokwenza isicwangciso sokuphepha nokuxhathisa isilingo. Umzekelo, ubunokucinga ngesilingo ojamelana naso, ubhale phantsi iimeko zosikuphepha, kwaye wenze isicwangciso sokuxhomekeka kuBawo waseZulwini xa kuvela isilingo (bona 2 Nifayi 4:18, 27–33).

Isilingo:

Iimeko zokuphetshwa:

Cwangcisa ukuphendula:

Le ngxelo yamandla kaYosefu xa wayejamelene nesilingo yandulelwa yingxelo eyahluke ngokupheleleyo malunga nomkhuluwa wakhe uYuda, efunyanwa kuGenesis 38. Izahluko 37, 38, kunye 39, zithathwe kunye, zikufundisa ntoni malunga nobunyulu?

Bona futhi 1 AabaseKorinte 10:13; 1 Nifayi 15:23–24; 3 Nefayi 18:17–18.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye noMhlangano Wangorhatya Wosapho

Genesis 37.Ukuba wawungomnye wabantakwabo Yosefu, yintoni owawunokuyenza ukuze ungabi nomona ekwenzeni buthathaka ubudlelwane bakho naye? Kungasinceda njani ukuba “sithethe ngoxolo” omnye komnye? (umqolo 4).

Genesis 39.Imiboniso bhanyabhanya “The Refiner’s Fire” kunye “After the Storm” (ChurchofJesusChrist.org) ichaza amava abantu abafumana amandla ngokuguqukela eNkosini ngexesha lokuvavanywa kwabo. Mhlawumbi ungabukela enye yazo kwaye uthethe malunga nokuba angathini uYosefu ukuba angayenza ividiyo ngamava akhe. Ninokucula kunye “I’m Trying to Be Like Jesus” (Children’s Songbook, kwaye nikhangele ingcebiso usapho lwakho olunokwabelana ngayo noYosefu njengoko wayejamelana nezilingo zakhe.

Genesis 39:7–12.Ukufunda le miqolo kunokubonelela ngamathuba okuxoxa ngomthetho wokuzigcina nyulu nosapho lwakho. Nazi ezinye izixhobo ezinokunceda kule ngxoxo: Yakobi 2:28; Alma 39:3–9; “Sexual Purity” (kwi–For the Strength of Youth [2011], 35–37); “Sexual Intimacy Is Sacred and Beautiful” (kwi–Help for Parents [2019], AddressingPornography.ChurchofJesusChrist.org).

Genesis 41:15–57.Sifunda ntoni kule miqolo malunga nokuba iNkosi yasikelela njani abantu baseYiphutha ngoYosefu? Yintoni esinokuyifunda ngokulungiselela iimeko zikaxakeka zexesha elizayo? Xoxani ngento eninokuyenza ukuze nilungele ngokungcono njengosapho. Ngezimvo, bona Izihloko zeVangeli, “Ukulungiselela okungxamisekileyo,” topics.ChurchofJesusChrist.org.

Ngezimvo ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Jesus Is Our Loving Friend,” Children’s Songbook, 58

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Fanekisa izibhalo ezingcwele nobomi bakho. Njengoko ufunda, cinga ngendlela amabali kunye neemfundiso kwizibhalo ezingcwele ezisebenza ngayo ebomini bakho. Umzekelo, ukuthembeka kukaYosefu eYiphutha kungakukhuthaza njani ukuba uhlale uthembekile eNkosini nangona ujongene nobunzima?

Umfanekiso
Abantakwabo Yosefu bayayithatha ingubo yakhe

Umfanekiso wabantakwabo Yosefu bethatha ingubo yakhe, nguSam Lawlor

Shicilela