ITestamente eNdala 2022
EyeDwarha 17–23. Yeremiya 30–33; 36; IziLilo 1; 3: “Ndisenze Isijwili Sabo Sibe yiMihlali”


“EyeDwarha 17–23. Yeremiya 30–33; 36; IziLilo 1; 3: ‘Ndisenze Isijwili Sabo Sibe yiMihlali,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyeDwarha 17–23. Yeremiya 30–33; 36; IziLilo 1; 3,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
umfanekiso oqingqiweyo kaYeremiya umprofeti

The Cry of Jeremiah the Prophet [Isikhalo sikaYeremiya uMprofethi], isuka kumkrolo owenziwe yiNazarene School

EyeDwarha 17–23

Yeremiya 30–33; 36; IziLilo 1; 3

“Ndisenze Isijwili Sabo Sibe yiMihlali”

Njengoko ubhala iimvakalelo zakho, cinga ngokuba imigaqo ekuYeremiya nakwiziLilo inxulumene kanjani nezinye izinto ozifunde kwiTestamente eNdala.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Xa iNkosi yayibiza uYeremiya njengomprofeti okokuqala, Yona yamxelela ukuba umsebenzi wakhe yayiya kuba “kukunyothula, nokudiliza” (Yeremiya 1:10)—kwaye eYerusalem kwakunobungendawo obuninzi okwakumelwe bunyothulwe kwaye budilizwe. Kodwa le yayiyinxalenye kuphela yomsebenzi kaYeremiya—wayebizelwe ukuba “okhe, atyale” (Yeremiya 1:10). Yintoni eyayingokhiwa okanye ityalwe kwiindonga ezinkangala ezazishiywe yimvukelo kaSirayeli? Ngokufanayo, xa isono okanye ubunzima bushiye ubomi bethu bonakele, singabokha kwaye sibutyale kanjani kwakhona? Impendulo ingafumaneka “kwiHlumelo loBulungisa” (Yeremiya 33:15), uMesiya owayethenjisiweyo. UMesiya uzisa “umnqophiso omtsha” (Yeremiya 31:31)—lowo uya kufuna imbophelelo engaphaya kwenyama nje okanye ngaphaya kokuzinikela kwembonakalo yangaphandle. Umthetho wakhe kufuneka “ubesembilinini [yethu],” ubhalwe “ezintliziyweni zethu.” Yiyo lonto iyitshoyo ngenene eNkosini ukuba “ibe nguThixo [wethu]” kwaye nakuthi “sibe ngabantu [baKhe]” (Yeremiya 31:33). Yinkqubo yobomi bonke, kwaye siya kuqhubeka senze iimpazamo kwaye sibenonobangela wokuba sikhale ekuhambeni kwexesha. Kodwa xa sisenza njalo, sinesithembiso esiphuma eNkosini: “Ndisenze isijwili sabo sibe yimihlali” (Yeremiya 31:13).

Ngesishwankathelo ngencwadi yeziLilo, bona “IziLilo, iNcwadi ye” kwiSikhokelo kwiZibhalo (scriptures.ChurchofJesusChrist.org).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Yeremiya 30–31; 33

INkosi iya kukhupha uSIrayeli ekuthinjweni kwaye ibahlanganise.

KuYeremiya 30–31; 33 iNkosi yasiva “isijwili, nesililo esikrakra” (Yeremiya 31:15) eso amaSirayeli aye yakusiva njengoko ayesiya ekuthinjweni. Kananjalo, Yona yanikela ngamazwi entuthuzelo nethemba. Ngawaphi amabinzana kwezi zahluko ocinga ukuba ayeya kunika amaSirayeli intuthuzelo kunye nethemba? Zeziphi izithembiso ezivela eNkosini zisiya ebantwini baYo? Ingaba ezi zithembiso zingasebenza njani kuwe namhlanje?

Yeremiya 31:31–34; 32:37–42

“Baya kuba ngabantu bam, mna ndibe nguThixo wabo.”

Nangona amaSirayeli ayephule umnqophiso wawo neNkosi, uYeremiya waprofeta ukuba iNkosi yayiya kuseka kwakhona “umnqophiso omtsha” nabantu baYo (Yeremiya 31:31; 32:40). Umnqophiso omtsha nongunaphakade “kukuzalisekiswa kwevangeli kaYesu Krestu [bona IMfundiso neMinqophiso 66:2]. Wona umtsha ngalo lonke ixesha othi utyhilwe ngalo kabutsha kulandela ixesha lokreqo. Wona ungunaphakade ngendlela yokuthi ungumnqophiso kaThixo kwaye wawonwatyelwa ngalo lonke ixesha apho abantu babekulungele ukuwufumana” kwiSikhokelo kwiZibhalo, ”UMnqophiso Omtsha nonguNaphakade,” (scriptures.ChurchofJesusChrist.org; amagama akekeleyo ongezelelwe).

Njengoko ufunda Yeremiya 31:31–34; 32:37–42, cinga nzulu ngokuba kuthetha ukuthini kuwe ukuba yinxalenye yabantu bomnqophiso kaThixo. Ingaba le miqolo iyichaphazela njani indlela obona ubudlelwane bomnqophiso wakho noThixo? Kuthetha ukuthini kuwe ukubanomthetho waKhe entliziyweni yakho? (bona Yeremiya 31:33).

Bona kwakhona Yeremiya 24:7; AmaHebhere 8:6–12.

Umfanekiso
Intombazana ifunda izibhalo ezingcwele

Izibhalo ezingcwele zingasiphembelela ukuba siguquke kwaye sijikele eNkosini.

Yeremiya 36

Izibhalo ezingcwele zinamandla wokundiflathelisa ebubini.

INkosi yayalela uYeremiya ukuba abhale iziprofeto zakhe “incwadi esongwayo,” okanye incwadi esongwayo, echaza okokuba abantu kwakumele beve ezi ziprofeto, “mhlawumbi … babuye elowo endleleni yakhe embi; ndibuxolele ubugwenxa babo” (Yeremiya 36:2–3). Njengoko ufunda Yeremiya 36, cingisisa ngokuphawula indlela aba bantu balandelayo baziva ngayo malunga nezi ziprofeto:

INkosi:

UYeremiya:

UBharuki:

UYehudi noKumkani uYehoyakim:

U-Elinatan, noDelaya, kunye Gemariya

Cinga nzulu ngendlela oziva ngayo ngezibhalo ezingcwele kunye nangendima yazo ebomini bakho. Ingaba izibhalo ezingcwele zikuncede njani uflathele ebubini?

Bona kwakho Julie B. Beck “My Soul Delighteth in the Scriptures,” Ensign okanye Liyahona, Canzibe 2004, 107–9.

IziLilo 1; 3

INkosi ingaluphelisa usizi esiluvayo ngenxa yesono.

Incwadi yeziLilo yingqokelela yemibongo ebhalwe emva kwentshabalalo yeYerusalem netempile yayo. Kutheni ucinga ukuba kubalulekile ezi zililo zazigciniwe kwaye zaqukwa kwiTestamente eNdala? Cingisisa ngoko izifaniso ezikwi-IziLilo 1 kunye ne-3 zikunceda ukuqonde malunga nosizi olukhulu uSirayeli wayeluva. Yeyiphi imiyalezo yethemba kuKrestu oyifumanayo? (bona ngakumbi IziLilo 3:20–33; bona kwakho futhi Mateyu 5:4; Yakobi 4:8–10; Alma 36:17–20).

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

Yeremiya 31:3.Ingaba uBawo oseZulwini kunye noYesu Krestu balubonise njani “uthando olungunaphakade” lwaBo kuthi? Ukubonisa imifanekiso yezinto uKrestu awasidalela zona okanye awazenzayo ngexesha lolungiselelo lwaKhe lwasemhlabeni kunganceda usapho lwakho luve “inceba” yaKhe.

Yeremiya 31:31–34; 32:38–41.Cingisisa ngokwenza uluhlu lwezinto ezikule miqolo iNkosi ezithembisayo xa sisenza iminqophiso naYo. Yintoni esifundisa yona le miqolo malunga nokubaluleka kweminqophiso yethu?

Amalungu osapho angabhala (okanye azobe) kwiintliziyo zamaphepha okuthile okubonisa indlela awaziva ngayo ngoMsindisi. Kuthetha ukuthini ukubanomthetho waKhe ubhaliwe ezintliziyweni zethu? (bona Yeremiya 31:33). Ingaba siyibonisa njani iNkosi ukuba sifuna ukuba ngabantu baYo.

Yeremiya 36.Ubungasebenzisa njani uYeremiya 36 ukunceda usapho lwakho ukuba lufunde malunga nokubaluleka kwezibhalo ezingcwele? (bona, umzekelo, imiqolo 1–6, 10, 23–24, 27–28,32). Usenokucela ilungu elinye losapho ukuba lifunde umqolo ophuma kwesi sahluko xeshikweni elinye ilungu liwubhala phantsi, njengokufana noBharuki xa wayesenzela uYeremiya. Kutheni sinombulelo ngemizamo yabantu abafana noBharuki, abaye bagcina amazwi wabaprofeti? Yintoni esingayenza ukubonisa iNkosi ukuba siyawaxabisa amazwi aKhe ezibhalweni ezingcwele?

IziLilo 3:1–17, 21–25, 31–32.Njengosapho, nisenokuthetha malunga nendlela iimvakalelo ezivakaliswe kwi-IziLilo 3:1–17 ezingahambelana neemvakalelo esibanazo xa sisona. Ingaba imiyalezo ekwi-miqolo 21–25, 31–32 ingabuphembelela njani ubomi bethu?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

 Ingoma ecetyiswayo: “I Feel My Savior’s Love,”Children’s Songbook, 74–75.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Funa isityhilelo. Njengoko ucinga nzulu imini yonke, usenokufumana iingcinga ezongezelelweyo kunye neemvakalelo malunga nezibhalo ezingcwele ozifundileyo. Musa ukucinga ngofundo lwevangeli ngathi yinto nje oyenzela ixesha kodwa yicinge njengento osoloko uyenza. (Bona Teaching in the Savior’s Way, 12.)

Umfanekiso
Indoda emqolombeni ikhangeleka idanile xeshikweni isixeko sisitsha ngaphandle.

Jeremiah Lamenting the Destruction of Jerusalem, by Rembrandt van Rijn (UYeremiya Ekhalela iNtshabalalo yeYerusalem)

Shicilela