ITestamente eNdala 2022
EyeDwarha 3–9. Isaya 58–66: “Eze enguMkhululi weZiyon ”


“EyeDwarha 3–9. Isaya 58–66: “Eze enguMkhululi weZiyon” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNdala 2022 (2021)

“EyeDwarha 3–9. Isaya 58–66,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: ITestamente eNdala 2022

Umfanekiso
UYesu efundisa kwindlu yesikhungu

Jesus in the Synagogue at Nazareth [UYesu Kwindlu yeSikhungo eNazarete] nguGreg K. Olsen

EyeDwarha 3–9

Isaya 58–66

“Eze enguMkhululi weZiyon”

Njengokuba ufunda Isaya 58–66, qwalasela indlela amazwi ka-Isaya azisa ngayo uvuyo nethemba ngekamva.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ekuqaleni kobulungiseleli bakhe basemhlabeni, uYesu Krestu watyelela indlu yesikhungu eNazarete, ilali awakhulela kuyo. Wema apho wafunda izibhalo, wavula incwadi ka-Isaya, wafunda into esiyaziyo ngoku njengo Isaya 61: 1–22. Namhlanje esi sibhalo sizalisekile ezindlebeni zenu.” Esi sesinye sezona zibhengezo zingqalileyo zikaMsindisi zokuba wayenguMthanjiswa, owayeza “ukuba ndiphilise abantliziyo ityumkileyo” kwaye “ndivakalise inkululeko kubathinjwa” (bona Luka 4:16–21). Esi sibhalo sazaliseka ngokwenene ngalo mhla. Kwaye, njengezinye iziprofetho zika-Isaya, iyaqhubeka ukuzaliseka kumhla wethu. UMsindisi uyaqhubeka nokuphilisa bonke abantliziyo zityumkileyo abeza kuye. Kukho baninzi abathinjiweyo ekufuneka kushunyayelwe kubo inkululeko. Kwaye kukho ikamva eliqaqambileyo ekufuneka sililungiselele— ixesha lokuba iNkosi iya “kudala amazulu amatsha nehlabathi elitsha” (Isaya 65:17 kwaye “ibangele ukuntshulisa ubulungisa nendumiso phambi kweentlanga zonke ” (Isaya 61:11). Ukufunda u-Isaya kuvula amehlo ethu kwinto esele yenziwe yiNkosi, into ayenzayo, kunye nento asaza kuyenzela abantu baKhe.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Isaya 58:3–12

ukudla kuzisa iintsikelelo.

Le miqolo ibonisa ukuba kumaSirayeli amandulo, ukuzila ukudla kwakungumthwalo kunokuba kube yintsikelelo. Uninzi lwethu lunokuziva ngaloo ndlela ngamanye amaxesha. Ukuba ungathanda ukufumana intsingiselo kunye nenjongo ekuzileni ukudla kwakho, funda Isaya 58: 3–12 ukufumana iimpendulo zeNkosi kumbuzo othi “Kutheni sizila ukudla nje?” Kumava akho, ukuzila ukudla kukwenza njani na “ukubaukukhulula amatsheyina” nokwa “phula zonke iidyokhwe”? (Isaya 58:6). kukuzisele njani iintsikelelo ezichazwe ku Isaya 58:8–12? Ingaba Isaya 58: 3–12 uyichaphazela njani indlela ocinga ngayo ngokuzila ukudla?

Kumyalezo wakhe “Ayikuko na oku ukuzila endikukhethileyo? ” ( Liyahona, UCanzibe 2015, 22-25), uMongameli Henry B. Eyring wabelana ngemizekelo eliqela yendlela abantu abasikelelwe ngayo ngokuzila ukutya kunye neminikelo yokuzila. Uzibone njani ezi ntsikelelo zinje ebomini bakho?

Bona nazo Izihloko zeVangeli, ”Ukuzila ukutya kunye neminikelo yokuzila ukutya” (topics.ChurchofJesusChrist.org).

Isaya 59:9–21; 61:1–3; 63:1–9

UYesu Krestu nguMsindisi noMhlanguli wam.

Ku Isaya 58–66 uyakufumana izialathiso ezininzi zomsebenzi ocamagushelo wentlawulelo kaYesu Krestu. Nantsi imizekelo embalwa, kunye neminye imibuzo yokukunceda ukuba ucinge nzulu ngayo.

  • Isaya 59:9–21. Ungayishwankathela njani imeko yasemoyeni yabantu abachazwe kwimiqolo 9–15? Yintoni ekumangalisayo ngenkcazo “yomthetheleli” kwi miqolo 16–21 kunye nomnqophiso Yena awanzayo nabo babuyela Kuye?

  • Isaya 61:1–3. Ukusikelele njani uYesu Krestu ngeendlela ezichazwe kule miqolo? Zeziphi “iindaba ezilungileyo” Yena akuphathele zona? Ukwenzele njani ubuhle endaweni yothuthu?

  • Isaya 63:7–9. Zeziphi “iinceba zika Yehova” onokuthi uzikhankanye? Zeziphi iimvakalelo ngoMsindisi ezivuselelwa zezi yile miqolo entliziyweni yakho?

Zeziphi ezinye izalathiso zoMsindisi ozifumanayo ku Isaya 58–66?

Bona futhi Mozaya 3:7; IMfundiso neMinqophiso 133:46–53.

Umfanekiso
umfazi okhanyisa isibane seoyile yodongwe kwisibane esiphethwe zizandla zomntu

“UYehova uya kuba sisikhanyiso esingunaphakade kuwe” (Isaya 60:19). A Gift of Light [Isipho sokuKhanya], nguEva Timothy

Isaya 60; 62

“UYehova uya kuba sisikhanyiso esingunaphakade kuwe.”

Isaya 60 kunye62 uthetha ngokukhanya nobumnyama, amehlo nokubona, ukufundisa ngendlela ivangeli kaYesu Krestu eya kulisikelela ngayo ihlabathi kwimihla yokugqibela. Bona ezi ngcamango ngakumbi ku Isaya 60:1–5, 19–20; 62:1–2. Xa ufunda ezi zahluko, cinga nzulu ngendlela uThixo abahlanganisa ngayo abantwana baKhe baphume ebumnyameni baye ekukhanyeni kwaKhe. Yintoni indima yakho kulo msebenzi?

Bona kwakhona 1Nifayi 22:3–13; 3Nifayi 18:24; IMfundiso neMinqophiso 14:9; Bonnie H. Cordon, “That They May See [Ukuze babone],” Liyahona, UCanzibe 2020, 78–80.

Isaya 64:1–5; 65:17–25; 66

UKrestu uyakulawula emhlabeni ngexesha leWaka leminyaka.

UIsaya wathetha ngomhla xa ziyakube “zilityelwe iimbandezelo zangaphambili” (Isaya 65:16). Ngelixa esi siprofetho sinenzaliseko ezininzi, ngengqondo epheleleyo, loo mhla useza kufika — xa uYesu Krestu eza kubuyela emhlabeni amisele ixesha loxolo nobulungisa elibizwa ngokuba liWaka leMinyaka. UIsaya waluchaza olu suku luzayo ku Isaya 64:1–5; 65:17–25; 66. Phawula indlela awayesoloko ewasebenzisa ngayo amazwi anjengokuthi “vuyani” no“bevuya.” Cingisisa ukuba kutheni ukubuya koMsindisi kuyakuba ngumhla wovuyo kuwe. Ungenza ntoni ukulungiselela ukuza kwakhe?

Bona kwakhona IziVumo zoKholo 1:10; Russell M.  

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

Isaya 58:3–11Amalungu osapho anokuwuqonda ngcono umyalezo ka-Isaya malunga nokuzila ukudla ukuba benza uhlobo lokuzila ukudla oluchazwe ku Isaya 58:3–5 kunye nohlobo lokuzila ukudla oluchazwe ku Isaya 58:6–8. Singenza njani ukuzila kwethu ukudla kufane nokuzila okukhethiweyo [nguThixo]”? Zeziphi iintsikelelo esizibonileyo ngokuzila ukudla?

Isaya 58:13–14.Ngowuphi umahluko phakathi “kokufumana [kwethu] okunanzileyo” … kunye nokufumana “ukuziyolisa … ngoYehova” nge Sabatha? Singayenza njani iSabatha ibe “yeyolisayo”?

Isaya 60:1–5.Njengokuba ufunda Isaya 60: 1–3, amalungu osapho angakhanyisa isibane xa imiqolo ikhankanya ukukhanya kwaye bacime xa imiqolo ikhankanya ubumnyama. Ivangeli kaYesu Krestu ifana njani nokukhanya kuthi? Yintoni u-Isaya abone kwangaphambili ukuba iza kwenzeka xa abantu bakaThixo besabelana ngokukhanya kweendaba ezilungileyo? (bona Isaya 60: 3–5).

Isaya 61:1–3.UMsindisi uzizalisekise njani iziprofeto zika-Isaya kule miqolo? Ungamema amalungu osapho ukuba akhangele imifanekiso yoMsindisi abaziva ngathi ibonisa ezi nkalo zomsebenzi waKhe (imifanekiso ingafumaneka kwiimagazini zeCawa okanye kwiNcwadi yoBugcisa yeVangeli). Ungacula nengoma ngendlela asisikelela ngayo uMsindisi, enje ngo “I Feel My Savior’s Love [Ndiva Uthando loMsindisi Wam]” (Children’s Songbook, 74–75).

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwiCome, Follow Me—For Primary.

Ingoma ecetyiswayo: “When He Comes Again [Xa ebuya kwakhona],”Children’s Songbook, 82–83.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Lungiselela indawo ezingqongileyo. Izinto ezisingqongileyo zinokuchaphazela amandla ethu okufunda. Fumana indawo yokufunda izibhalo ezingcwele apho ungaziva khona impembelelo yoMoya. (Bona Teaching in the Savior’s Way[Ukufundisa ngohlobo loMsindisi], 15.)

Umfanekiso
UYesu esibhakabhakeni

“Sukume ukhanye, kuba kufikile ukukhanya kwakho, nobuqaqawuli buka Yehova buthe chapha kuwe” (Isaya 60:1). Light and Life[UkuKhanya noBomi], nguMark Mabry

Shicilela