ITestamente eNdala 2022
EyoMsintsi 26–EyeDwarha 2. Isaya 50–57: “Uzithabathele Phezu Kwakhe Izifo Zethu, Wathwala Umvandedwa Wethu”


“EyoMsintsi 26–EyeDwarha 2. Isaya 50–57: ‘Uzithabathele Phezu Kwakhe Izifo Zethu, Wathwala Umvandedwa Wethu,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyoMsintsi 26–EyeDwarha 2. Isaya 50–57,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022

Umfanekiso
UKrestu enxibe isithsaba sameva kwaye kuyahlekiswa ngaye ngamajoni

The Mocking of Christ [Kuhlekiswa ngoKrestu], ngu Carl Heinrich Bloch

EyoMsintsi 26–EyeDwarha 2

Isaya 50–57

“Uzithabathele Phezu Kwakhe Izifo Zethu, Wathwala Umvandedwa Wethu”

Cinga nzulu iingqiqo eziphuma ku-Isaya 50–57 ezithi zikuncede usondele ngakumbi kuMsindisi. Bhala iimvakalelo ozifumanayo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Kulo lonke ulungiselelo lwakhe, u-Isaya waye wathetha ngomkhululi onamandla (bona, umzekelo, Isaya 9:3–7). Ezi ziprofeto zaziya kuxabiseka ngakumbi kumaSirayeli ezinkulungwaneni zeminyaka kamva xa asethinjiwe eBhabheli. Umntu owayengawisa ezo ndonga zaseBhabheli wayeya kuba ngumoyisi onamandla ngokwenene. Kodwa olo ayilulo uhlobo loMesiya u-Isaya awayeluchaza kwi-izahluko 52–53: “Udeliwe, ushiyiwe ngabantu; yindoda enomvandedwa, eqhelene nesifo: wanga ngulowo kusitheliswa kuye ubuso.… Ke thina besiba ungobandezelwayo nguThixo, ungocinezelwa nguye” (Isaya 53:3–4). Ngokuthumela umkhululi ongalindelekanga ngolohlobo, uThixo wasifundisa ngenkululeko yokwenene. Ukusisindisa engcinezelweni nakwimbandezelo, uThixo waye wathumela oYena Buqu “wakhandaniswa, … kwaye wabandezelwa.” Nangona abanye babelindele ingonyama, Yena waye wathumela imvana (bona Isaya 53:7). Ngokuqinisekileyo, iindlela zikaThixo ayizondlela zethu (bona Isaya 55:8–9). UYesu Krestu uyasikhulula hayi nje ngokuvula intolongo kodwa ngokuthatha indawo yethu khona apho. Yena uyasikhulula ematyathangeni wentlungu nentsizi ngokuwathwala Yena buqu (bona Isaya 53:4–5,12). Yena akasisindisi emgama. Yena uhlupheka nathi, ngesenzo “semfesane engunaphakade” “ayiyi kumka kuwe” (Isaya 54:8,10).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Isaya 50–52

Ikamva liqaqambile ebantwini beNkosi.

Nangona amaSirayeli aye achitha iminyaka emininzi ekuthinjweni—kwaye nangona oko kuthinjwa kwakusisiphumo sokhetho lwawo olugwenxa—iNkosi yayifuna ajonge kwikamva ngethemba. Yeyiphi imiyalezo yethemba oyifumanayo ku-Isaya 50–52? Yintoni iNkosi esifundisa yona malunga naYo buqu kwezi zahluko, kwaye kutheni oku kukunika ithemba? (ona, umzekelo, Isaya 50:2, 5–9; 51:3–8, 15–16; 52:3, 9–10).

Usenokudwelisa yonke into kwi-izahluko 51–52 iNkosi ethi iyimemele uSirayeli ukuba ayenze ukwenza eli kamva linethemba ukuba libe yinyaniso. Yintoni oyiva ukuba iNkosi ikumemela ukuba uyenze ngala mazwi? Ngokomzekelo, ucinga ukuba kuthetha ukuthini “ukuvuka” kunye “nokunxiba amandla”? (Isaya 51:9; bona futhi Isaya 52:1; IMfundiso neMinqophiso 113:7–10). Kutheni ucinga ukuba isimemo sokuba “uphulaphule” (okanye “umamele ngenjongo yokuthobela”) siphanda-phindwe rhoqo kangaka?    

Bona futhi Mozaya 12:20–24; 15:13–18; 3 Nifayi 20:29–46.

Umfanekiso
umfanekiso oqingqiweyo kaKrestu ethwele umnqamlezo

Because of Love, by sculptor Angela Johnson [Ngenxa yoThando]

Isaya 53

UYesu Krestu wazithathela phezu kwaKhe izono zam neentsizi zam.

Zimbalwa izahluko kwizibhalo ezingcwele ezichaza umsebenzi wentsindiso kaYesu Krestu kakuhle kakhulu kuno Isaya 53. Thatha ixesha lokucinga nzulu ngala mazwi. Ngamqolo omnye, nqumamisa ucingisise ngoko uMsindisi wava ngabo ubuhlungu—“iintlungu,” “iintsizi,” kunye “nokona” Yena awakuthwala—esenzela bonke abantu kwaye ngakumbi wena. Usenokufaka endaweni yamagama awafana nala “thina” kunye “yethu” no “mna” kunye “yam” njengoko ufunda. Zezipho iimvakalelo okanye iingcinga le miqolo ethi iziphembelele kuwe? Cingisisa ngokuzibhala phantsi.

Usenokufuna ukuphonononga ngokutsha Mozaya 14; 15:1–13 ukubona ukuba umprofeti u-Abhinadayi wawasebenzisa kanjani amazwi ka-Isaya ukufundisa malunga noMsindisi.

Isaya 54; 57:15–19

UYesu Krestu ufuna ukuba ndibuyele kuYe.

Sonke sinamaxesha apho siziva siqelele eNkosini ngenxa yezono zethu okanye ubuthathaka bethu. Abanye bade banikezela ithemba lokuba Yena uya kuze abaxolele. Isaya 54 kunye no-57 zizahluko ezinkulu zokufundelwa ingqinisekiso kunye nenkuthazo ngamaxesha awanjalo. Ingakumbi ku-Isaya 54:4–10; 57:15–19, yintoni oyifundayo malunga nenceba yoMsindisi kunye nangeemvakalelo zaKhe ngawe? Yintoni umehluko ewenzayo ebomini bakho ukwazi ezi zinto ngaYe?

Ingaba iintsikelelo ezichazwa ku-Isaya 54:11–17 sisebenza njani kuwe?

Isaya 55–56

INkosi imema bonke ukuba “babambele emnqophisweni wam.”

Kwizizukulwana ngezizukulwana, uSirayeli wayesaziwa njengabantu bomnqophiso kaThixo. Kananjalo, icebo likaThixo belisoloko liquka ngaphaya kwesizwe esinye, kuba “bonke bona banxaniweyo” bayamenywa ukuba “beze emanzini” (Isaya 55:1). Faka oku engqondweni njengoko ufunda Isaya 55 kunye no-56, kwaye ucinge nzulu ngokuba kuthetha ukuthini ukuba ngabantu bakaThixo. Yintoni umyalezo kaThixo kwabo baziva “bohluliwe kanye” kuYe? (Isaya 56:3). Cingisisa ngokuphawula imiqolo echaza izimo kunye nezenzo zabo “babambelela emnqophisweni wam” (bona Isaya 56:4–7).

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

Isaya 51–52.Njengoko nixoxa ngezimemo zeNkosi ezikwezi zahluko, ungamema amalungu osapho ukuba alinganise. Umzekelo, kubukeka kanjani “ukuphakamisela ezulwini amehlo enu,” “zivuse, sukuma,” okanye “zivuthulule uthuli”? (Isaya 51:6,17; 52:2). Yintoni la mabinzana asifundisa yona ngokulandela uYesu Krestu?

Isaya 52:9.Emva kokufunda le miqolo, usapho lwakho “lungacula kunye” iculo okanye ingoma yabantwana ebazisela uvuyo. Zithembiso zini ku-Isaya 52 ezibangela ukuba “nigqobhokele ekumemeleni”?

Isaya 52:11; 55:7.Le miqolo ingakhokelela kwingxoxo emalunga nokuba lithetha ukuthini eli binzana “Zenzeni nyulu”. Njengenxalenye yale ngxoxo, ningafunda izibhalo ezingcwele ezimalunga nokucoceka ngokwasemoyeni (bona 3 Nifayi 12:8; IMfundiso neMinqophiso 121:45–46).

Isaya 53.Ukwazisa inkcazelo ka-Isaya yoMsindisi, usapho lwakho lungathetha ngamabali, ngemiboniso bhanya-bhanya, kwakunye nezinye iindaba ezibonisa rhoqo amaqhawe awahlangula abantu. Ningahlukanisa kulo miboniso kunye neenkcazelo zoMsindisi enizifunda ku-Isaya 53. Unokujonga ividiyo “My Kingdom Is Not of This World” (ChurchofJesusChrist.org) nithethe ngokuba zazalisekiswa kanjani iziprofeto eziku-Isaya 53. Zeziphi ezinye zeentlungu neentsizi uMsindisi asithwalela zona?

Isaya 55:8–9.Ingaba izinto zikhangeleka zehluke kanjani xa ningaphezulu komhlaba ophakamileyo? Kuthetha ukuthini kuwe ukuba iindlela neengcinga zikaThixo zingaphezulu kunezethu?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

 Ingoma ecetyiswayo: “I Stand All Amazed,” Iculo, inani193.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Sebenzisa umculo. Amaculo angafundisa imigaqo yevangeli ngamandla. Cingisisa ngokumamela okanye ufunde amaculo omthendeleko ukukunceda uqonde iinyaniso ezimalunga neNtlawulelo kaYesu Krestu eku-Isaya 53. (Bona Teaching in the Savior’s Way, 22.)

Umfanekiso
umzobo kaKrestu

His Light, ngu Michael T. (Ukukhanya kwaKhe) Malm

Shicilela