ITestamente eNdala 2022
EyoMsintsi 19–25. Isaya 40–49: “Bathuthuzeleni Abantu Bam”


“EyoMsintsi 19–25. Isaya 40–49: ‘Bathuthuzeleni Abantu Bam,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyoMsintsi 19–25. Isaya 40–49,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
UYesu ephilisa indoda eyimfama

Healing the Blind Man, ngu Carl Heinrich Bloch (Ukuphilisa Indoda Eyimfama)

EyoMsintsi 19–25

Isaya 40–49

“Bathuthuzeleni Abantu Bam”

U-Isaya wayedla ngokusebenzisa ulwimi oluyimfuziselo. Qwalasela iingcinga kunye neemvakalelo ezi mpawu zizizisayo engqondweni nasentliziyweni yakho. Oku kusenokukunceda uqonde kangcono oko wayekufundisa.

Bhala Iimvakalelo Zakho

“Thuthuzelani” ligama lokuqala lika-Isaya isahluko 40. Liphawula ukuqala kwesandi esahlukileyo, ugxininiso olwahlukileyo emyalezweni womprofeti. Nangona ukubhala kuka-Isaya kwamandulo kwakulumkisa uSirayeli noYuda malunga nentshabalalo kunye nokuthinjwa okwakuya kuza ngenxa yezono zabo, ezi ziprofeto zakamva zazenzelwe ukuthuthuzela amaYuda eminyakeni engaphaya kwe-150 kwixesha elizayo—emva kokuba iYerusalem yayitshatyalalisiwe, itempile ingcolisiwe, kwaye abantu bethathiwe bathinjwa eBhabheli. Kodwa ezi ziprofeto zigqithela kude kwikamva elingaphaya kwamaSirayeli awoyisiweyo nawayetyhafile. Zona zithetha nathi, thina ngamanye amaxesha abaziva boyisiwe, betyhafile, kwaye belahlekile nokulahleka.

Umyalezo ka-Isaya kubo nakuthi ulula: “Musa ukoyika” (Isaya 43:1). Akulahlekanga konke. INkosi ayikulibelanga, kwaye Yona inamandla awegqitha iimeko ezibonakala zingaphaya kolawulo lwakho. Ingaba akuyiyo na iNkosi “udala izulu, … utwabulula umhlaba, … onika abantu abantu abaphezu kwawo ukuphefumla”? (Isaya 42:5). Ingaba Yona ayinamandla ukwegqitha iBhabheli, ukwegqitha isono, ukwegqitha nantoni na ekuthimbileyo? “Buyela kum,” Yona iyabongoza, “ngokuba ndikukhulule ngokukuhlawulela”(Isaya 44:22). Yona ingaphilisa, ibuyisele, yomeleze, ixolele, kwaye ithuthuzele—nantoni na efunekayo kuwe, kwindawo yakho, ukhululwe.

Ukufunda ngendlela uNifayi noYakobi ababefanisa ngayo Isaya 48–49 kubantu babo, bona 1 Nifayi 22 kunye 2 Nifayi 6.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Isaya 40–49

UYesu Krestu angandithuthuzela kwaye angandinika ithemba.

Kwakunokutyhafisa, kukhwankqisa, kumaSirayeli ukuba azifumane ethinjiwe eBhabheli. Abaninzi banokuzibuza okokuba mhlawumbi babephulukane nendawo yabo ngonaphakade njengabantu abakhethiweyo, bomnqophiso bakaThixo. Njengoko ufunda Isaya 40–49, khangela imihlathi esenokuthi ibonelele ngentuthuzelo nangethemba. Kumhlathi ngamnye owufumanayo, cinga nzulu kwaye ubhale oko iNkosi kusenokuthi ibikutsho kuwe kule miqolo. Nantsi imiqolo embalwa onokuqala ngayo.

Ingabelana njani ngale miyalezo nomntu odinga inkuthazo okanye ithemba? (bona Isaya 40:1–2).

   

Umfanekiso
umlambo ehlathini

Ngokuthobela iNkosi, singabanalo “uxolo … njengomlambo” (Isaya 48:18).

Isaya 40:3–8, 15–23; 42:15–16; 47:7–11

Amandla kaThixo amakhulu ukwegqitha amandla asemhlabeni.

U-Isaya wayephinda-phinda ekhumbuza abantu bakhe ngamandla kaThixo awangenakulinganiswa, nokuba ethelekiswa namandla asemhlabeni acinezelayo awayebangqongile. Khangela lo myalezo njengoko ufunda Isaya 40:3–8, 15–23; 42:15–16; kunye no-47:7–11 (qaphela ukuba isahluko 47 sibhekiswe kumthimbi kaSirayeli, iBhabheli). Ingaba ikufundisa ntoni le mihlathi malunga nezinto zomhlaba? Ikufundisa ntoni malunga noThixo? Cinga nzulu ngokuba kutheni lo myalezo wawunokuxabiseka kumaYuda awayethinjiwe. Kutheni uxabisekile kuwe?

  Hymns, no.166.

Isaya 41:8–13; 42:1–7; 43:9–12; 44:21–28; 45:1–4; 48:10; 49:1–9

“Ungumkhonzi wam wena.”

Kuye wonke Isaya 40–49 iNkosi ithetha “ngomkhonzi” waYo kunye “nangamangqina” waYo. Kweminye imihlathi la magama abonakala ebhekisa kuYesu Krestu (bona Isaya 42:1–7), eminye ibhekisa kwindlu kaSirayeli (bona Isaya 45:4), kwaye kanti eminye ibhekisa kuKumkani uKoreshi, owaye wavumela amaYuda ukuba abuyele eYerusalem kwaye okhe kwakhona itempile (bona 44:26–45:4). Kwindima nganye, nangona, usenokucingisisa ngendlela le mihlathi engena ngayo kuwe njengomkhonzi kunye nanjengengqina leNkosi. Umzekelo, cinga nzulu ngemibuzo efana nale:

Isaya 41:8–13; 42:6; 44:21. Ingaba yintoni iNkosi ekubizele ukuba uyenze? Cingisisa ngobizo olusesikweni lwaseBandleni kwakunye nolunye uxanduva lomnqophiso lokukhonza Yona. Ingaba Yona ikuxhasa kanjani kwaye “ikubambe ngesandla [sakho]” (Isaya 42:6) njengoko ukhonza? Ingaba Yona “ikubumbe” kanjani ukuba ubengumkhonzi waYo? (bona naye Isaya 48:10).

Isaya 43:9–12. Yeyiphi indlela olingqina likaYesu Krestu ngayo? Ngawaphi amava ebomini bakho athe akubonisa ukuba Yena unguMsindisi?

Isaya 49:1–9. Yeyiphi imiyalezo oyifumanayo kule miqolo engakunceda xa imizamo yakho nenkonzo yakho zibonakala “nangento engento”? (umqolo 4).

Bona naye Mozaya 18:9; Henry B. Eyring, “A Child and a Disciple [Umntwana kunye noMfundi],” Ensign okanye Liyahona, Canzibe 2003, 29–32.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

Isaya 40:3–4.Ukuphonononga ukuba kusenokuthetha ukuthini “yigeceni … indlela kaYehova,” usapho lwakho lungolula into egoso, lucoce umgangatho ongcolileyo, okanye lwenze indlela ecacileyo emhlabeni onamatye. Usenokubonisa imifanekiso kaYohane uMbhaptizi noJoseph Smith (bona Incwadi yoBugcisa beVangeli, nos. 35,87). Ingaba luyilungiselele kanjani indlela yokubuya kweNkosi? (bona Luka 3:2–18; IMfundiso neMinqophiso 135:3). Ingaba sinceda njani ekulungiseleleni Yona indlela? (ngokomzekelo, bona IMfundiso neMinqophiso 33:10).

Isaya 40:28; 43:14–15; 44:6.Ngawaphi amagama kaYesu Krestu esiwafumana kule miqolo? Ingaba igama ngalinye lisifundisa ntoni malunga naYe?

Isaya 41:10; 43:2-5; 46:4.Ezi ndinyana ziboniswa kwiculo “How Firm a Foundation [Sinjani ukuZinza iSiseko]” (Amaculo, iphepha.85). Usapho lwakho luyakonwabela ukucula iculo kunye kunye nokufumana amabinzana afanayo namabinzana akwezi akulemiqolo. Asifundisa ntoni la mabinzana ngoYesu Krestu?

Isaya 44:3–4; 45:8.Emva kokufunda le miqolo, usapho lwakho lungankcenkceshela isityalo njengoko luthetha ngeentsikelelo iNkosi ethe yazigalela phezu kwalo. Yintoni eyenzeka kwisityalo xa sisinkcenkceshela? Yintoni iNkosi eyilindele kuthi njengoko Yona isisikelela?

Isaya 48:17–18.Cingisisa ngokubonisa imifanekiso okanye imiboniso bhanya-bhanya yemilambo kunye neyamaza olwandle. Ingaba uxolo lungafana kanjani nomlambo? Ubulungisa bungafana kanjani namaza?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ingoma ecetyiswayo: “How Firm a Foundation [Sinjani ukuZinza iSiseko],” Amaculo, iphepha 85.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Chaza amagama. Zama ukukhangela iinkcazelo zamagama akwizibhalo ezingcwele ongawaqondiyo—kwakunye namagama ocinga ukuba uyawaqonda. Ngamanye amaxesha iinkcazelo zingakunceda ufunde umqolo ngokwahlukileyo kwaye ufumane ingqiqo entsha yokomoya.

Umfanekiso
UYesu kunye nentombazana nendoda

“UYehova ubathuthuzele abantu bakhe, unemfesane kwabaziintsizana” (Isaya 49:13).Balm of Gilead [Amafutha Aqholiweyo eGiliyadi], ngu Ann Adele Henrie

Shicilela