ITestamente eNdala 2022
EyoMsintsi 12–18. Isaya 13–14; 24–30; 35: “UMsebenzi oMangalisayo kwanonguMmangaliso”


“EyoMsintsi 12–18. Isaya 13–14; 24–30; 35: ‘UMsebenzi oMangalisayo kwanonguMmangaliso,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyoMsintsi 12–18. Isaya 13–14; 24–30; 35,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
UJoseph Smith ebona uBawo OseZulwini noYesu Krestu kwiHlathi eliNgcwele

Sacred Grove, by Brent Borup (IHlathi eliNgcwele)

EyoMsintsi 12–18

Isaya 13–14; 24–30;35

“UMsebenzi oMangalisayo kwanonguMmangaliso”

UMongameli Bonnie H. Cordon wafundisa, “Izibhalo ezingcwele zikhanyisa iingqondo zethu, zondle imimoya yethu, ziphendule imibuzo yethu, zikhulise ithemba eNkosini, kwaye zisinceda sibeke ubomi bethu kuYe” (“Trust in the Lord and Lean Not,” Liyahona, Canzibe 2017,7).

Bhala Iimvakalelo Zakho

Enye yezinto iNkosi ithi izicele ukuba abaprofeti bayenze kukulumkisa abantu malunga neziphumo zesono. Kwindawo yabaprofeti beTestamente eNdala, oku kwakudla ngokuthetha ukuba uxelela abaphathi abanamandla bobukumkani obuliqilima ukuba mabaguquke okanye baya kutshatyalaliswa. Kwakungumsebenzi onobungozi, kodwa u-Isaya wayengoyiki, kwaye izilumkiso zakhe kubukumkani bemihla yakhe—kuquka noSirayeli, noYuda, kunye nezizwe ezazimngqongile—zazingqindilili (bona Isaya 13–23).

Kananjalo, u-Isaya wayenomyalezo wethemba. Nangona iintshabalalo ezaziprofetiwe zaye zeza kubukumkani ekugqibeleni, u-Isaya waye wabona kwangaphambili ithuba lembuyiselo kunye nohlaziyo. INkosi yayiya kumema abantu baYo ukuba babuyele kuYe. Wayeza kwenza “isanga … sibe lidike, neendawo ezinxaniweyo zimpompoze amanzi” (Isaya 35:7). Wayeza kwenza “umsebenzi omangalisayo kwanongummangaliso”(Isaya 29:14), ibuyisele uSirayeli iintsikelelo awayebathembise zona. Akukho namnye okanye no-Isaya owayephila ngeloo xesha owaye waphilela ukubona lo msebenzi omangalisayo. Kodwa thina siyayibona inzaliseko yawo namhlanje. Eneneni, siyinxalenye yawo!

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Isaya 13:1–11, 19–22; 14:1–20

Ubukumkani obungendawo behlabathi kunye nabalawuli babo baya kuwa.

Isaya 13–14 ubizwa ngokuba “sisihlabo” (umyalezo wesiprofeto malunga) seBhabheli (Isaya 13:1). Ubukumkani obakhe baluqilima bunomlawuli onamndla, ngoku iBhabheli ithathwa njengembali yamandulo. Ngoko ke kutheni umyalezo ojoliswe kwiBhabheli ubalulekile kuthi namhlanje? Kwizibhalo ezingcwele, iBhabheli imele ikratshi, ezomhlaba, kunye nesono, kwaye namhlanje singqongwe zizo zonke ezi zinto. Cinga malunga nalo mqondiso njengoko ufunda Isaya 13:1–11, 19–22; 14:1–20. Usenokucingisisa imibuzo efana nale:

  • Ingaba izilumkiso zika-Isaya kwiBhabheli zifana njani neziprofeto malunga nehlabathi ngaphambili kokuBuya kweSibini koMsindisi? (bona Isaya 13:1–11; IMfundiso neMinqophiso 45:26–42).

  • Zintoni ezifanayo ozibonayo phakathi kwekratshi likakumkani waseBhabheli kunye nekratshi likaSathane? (bona Isaya 14:4–20; Moses 4:1–4). Zeziphi izilumkiso ozifumanela zona kule miqolo?

  • Ingaba uMsindisi uyakukubonelela kanjani “ngokuphumla ekwaphukeni kwenu, nasekugungqeni kwenu”? (Isaya 14:3).

Umfanekiso
UYesu enxibe iimpahla ezibomvu

He Comes Again to Rule and Reign, by Mary R. (Yena Uyeza Kwakhona Alawule kwaye Aphathe) Sauer

Isaya 24:21–23; 25:6–8; 26:19; 28:16

Izibhalo zika-Isaya zindikhokela kuYesu Krestu.

Iimfundiso zika-Isaya zibhekisa rhoqo kumsebenzi woMsindisi, kuquka nedini laKhe lentlawulelo, nokuVuka kwabafileyo, kunye nokuBuya kweSibini. Yeyiphi imiba yomsebenzi waKhe eza engqondweni yakho njengoko ufunda le miqolo ilandelayo: Isaya 24:21–23; 25:6–8; 26:19; 28:16? Yeyiphi eminye imihlathi oyifumanayo ekukhumbuza ngoMsindisi?

Bona futhi Isaya 22:22–25.

Isaya 24:1–12; 28:7–8; 29:7–10; 30:8–14

Ukreqo luthetha ukujika eNkosini nakubaprofeti baKhe?

Ukulumkisa malunga neziphumo zokujika eNkosini kunye nokwala abaprofeti baKhe, u-Isaya wasebenzisa izifaniso eziliqela. Oku kuquka umhlaba ongenanto (Isaya 24:1–12), ukunxila (Isaya 28:7–8), ukulamba nonxano (Isaya 29:7–10), kunye nodonga olukrazukileyo okanye umphanda (Isaya 30:8–14). Ngokubhekise koku ukufundileyo kule miqolo, kutheni kubalulekile ukugcina iminqophiso yethu? Cingisisa ngoko ukwenzayo ukuhlala unyanisekile eNkosini nakwizicaka zaYo.

Bona futhi M.Russell Ballard, “Stay in the Boat and Hold On!Liyahona, eyeNkanga 2014, 89–92; IziHloko zeVangeli, “Ukreqo,” topics.ChurchofJesusChrist.org.

Isaya 29; 30:18–26;35

INkosi ingabuyisela izinto ezilahlekileyo okanye ezaphukileyo.

Xa abantu okanye uluntu lujika eNkosini, uSathana ufuna sicinge ukuba iziphumo azibuyiseki. Kananjalo, u-Isaya wazichaza ezinye zezinto ezimangalisayo iNkosi eya kuzenza xa abantu beguquka kwaye bebuyela kuYo. Yintoni oyifunda ku-Isaya 29:13–24; 30:18–26;35 emalunga neNkosi, nothando lwaKhe, kunye namandla aYo?

Enye indlela ethe iNkosi yabonakalisa ngayo amandla aYo kule mihla yethu kungeMbuyiselo yevangeli yaYo. Isaya 29 uqulethe imihlathi eliqela efanayo neziganeko zalo Mbuyiselo. Umzekelo:

Zeziphi iingcinga okanye iimvakalelo onazo ngeMbuyiselo yevangeli njengoko ufunda le mihlathi?

Bona futhi “UkuBuyiselwa kokuZaliseka kweVangeli kaYesu Krestu: ISibhengezo seMinyaka engaMakhulu Amabini kwiHlabathi” (ChurchofJesusChrist.org).

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

Isaya 25:4–9.Ingaba usapho lwakho lakhe lasikelelwa ngendawo yokuhlala ekhuselekileyo ngexesha lesaqhwithi okanye umthunzi ngemini yasehlotyeni eshushu? (bona umqolo 4). Thethani malunga noku njengoko nifunda le miqolo kunye nezinye iinkcazelo zeNkosi ezifumaneka ku-Isaya 25:4–9. Ingaba iNkosi ifana njani nezi zinto?

Isaya 25:8–9; 26:19.Ukubonisa imifanekiso yoMsindisi eGetsemane, emnqamlezweni, kwakunye nasemva koVuko lwaKhe kwabafileyo kunganceda usapho lwakho lubone uqhagamshelwano phakathi kwale miqolo kunye noYesu Krestu. Mema usapho lwakho ukuba lwabelane ngokokuba kutheni “luvuya ngosindiso lwakhe” (Isaya 25:9).

Isaya 29:11–18.Le miqolo inganceda usapho lwakho luxoxe “ngomsebeni omangalisayo kwanongummangaliso (umqolo 14) weMbuyiselo yevangeli kwakunye nangokuza kweNcwadi kaMormoni. Kutheni ezi zinto zimangalisa kuthi? Mema amalungu osapho ukuba afumane izinto ekhayeni lenu ezimele iintsikelelo ezimangalisayo zeMbuyiselo.

Isaya 35.Usapho lwakho lusenokonwabela ukuzoba imifanekiso ekwesi sahluko esinceda ukuba siqonde indlela uYesu Krestu okha ngayo iZiyon kulemihla yethu. Yintoni esiyifundayo kule mifanekiso? Yintoni esingayenza ukunceda ekwakheni iZiyon?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

 

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Bavumele abantwana bavakalise ubuchule babo. Xa abantwana bebadala into ethile enxulumene nomgaqo wevangeli, kuyabanceda ukuba baqonde umgaqo ngcono. Bavumele ukuba bakhe, bazobe, bafakele imibala, babhale, kwaye badale. (Bona Teaching in the Savior’s Way,25.)

Umfanekiso
UMariya noYohane bejonge uYesu emnqamlezweni

“Lo nguThixo wethu; besithembele kuye, ukuba asisindise” (Isaya 25:9). James Tissot (French, 1836–1902). Woman, Behold Thy Son (Stabat Mater), 1886–1894. (Mfazi, Nanko uNyana Wakho) Opaque watercolor over graphite on gray wove paper, Image: 11 11/16 x 6 in. (29.7 x 15.2 cm). Brooklyn Museum, Purchased by public subscription, 00.159.300

Shicilela