ITestamente eNdala 2022
EyoMnga 12–18. Malaki: “Uthi uYehova, Ndinithandile”


“EyoMnga 12–18. Malaki: “Uthi uYehova, Ndinithandile,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyoMnga 12–18. Malaki,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
Umfanekiso oqingqiweyo kaKrestu

EyoMnga 12–18

Malaki

“Uthi uYehova, Ndinithandile”

Igama uMalaki lithetha ukuthi “mthunywa wam” (Isichazi-magama seBhayibhile, “Malaki”). Njengoko ufunda umyalezo kaMalaki kuSirayeli, yeyiphi imiyalezo oyifumanela ubomi bakho? Ingaba amazwi kaMalaki ahembalana njani nanamhlanje?

Bhala Iimvakalelo Zakho

“Ndinithandile,” iNkosi yabaxelela abantu baYo ngomprofeti uMalaki. Kodwa amaSirayeli, awayesokolile izizukulwana ngezizukulwana kwiimbandezelo nasekuthinjweni, aye ayibuza iNkosi, “Usithande ngokuthini na” (Malaki 1:2). Emva kwako konke uSirayeli owayegqithe kuko, babenokuzibuza ukuba imbali kaSirayeli wamandulo yayilibali lokwenene lothando lukaThixo kusini na kubantu baKhe bomnqophiso.

Njengoko ucinga nzulu ngoko ukufunde kwiTestamente eNdala kulo nyaka, bobuphi ubungqina obufumanayo bothando lukaThixo? Kulula ukubona imizekelo yobuthathaka bomntu kunye novukelo. Kanti kuko konke oko, uThixo akazange ayeke ukufikelela ngothando. Xa oonyana bakaYakobi babephethe umntakwabo uYosefu kakubi, iNkosi yaye yalungiselela indlela yokubasindisa endlaleni (bona Genesis 45:4–8). Xa uSirayeli wayekhala entlango, uThixo waye wabondla ngemana (bona Eksodus 16:1–4). Naxa uSirayeli wayemshiyile Yena, baguqukela kwabanye oothixo, kwaye basasazeka, uThixo akazange abashiye ngokupheleleyo kodwa wayethembisile okokuba babenokuguquka, Yena wayeya kubahlanganisa abakhulule “ngemfesane enkulu” (bona Isaya 54:7).

Xa ijongwa ngale ndlela, iTestamente eNdala libali lomonde kaThixo, nothando olunyamezelayo. Kwaye eli bali liyaqhubeka nanamhlanje. “Ilanga lobulungisa liya kuphuma linophiliso emaphikweni alo,” waye waprofeta uMalaki (Malaki 4:2). UYesu Krestu waye weza, ezisa uphiliso lwasenyameni nolwasemoyeni kubo bonke abo beza kuYe. Yena ububungqina obukhulu bothando lukaThixo kuSirayeli wamandulo nakuthi sonke.

Ngeenkcukacha ezibanzi ngencwadi kaMalaki, bona “Malaki kwiSichazi-Magama seBhayibhile.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Malaki 1–4

“Buyelani kum, ndibuyele kuni”

Ngemihla kaMalaki, amaSirayeli ayesele eyakhile kwakhona itempile iYerusalem, kodwa njengabantu babesadinga ukwakha kwakhona ubudlelwane babo neNkosi. Njengoko ufunda uMalaki, khangela imibuzo iNkosi eyayibuza amaSirayeli okanye wona ayembuza Yona. Cingisisa ngokuzibuza imibuzo efana nale (eminye imizekelo icetyisiwe ngezantsi) ukukunceda ukuba uvavanye ubudlelwane bakho neNkosi njengoko usondela kuYo.

  • Ingaba ndakhe ndaziva kanjani ngothando lweNkosi kum? (bona Malaki 1:2).

  • Ingaba iminikelo yam eNkosini iyayihlonipha? (bona Malaki 1:6–11).

  • Zeziphi iindlela ekumele “ndibuyele eNkosi” ngazo? (bona Malaki 3:7).

  • Ingaba ndiyamqhatha uThixo nangeyiphi na indlela? (bona Malaki 3:8–11).

  • Ingaba impatho yam ngamaxesha anzima ibonakalisa kanjani iimvakalelo zam eNkosini? (bona Malaki 3:13–15; bona futhi 2:17).

Bona kwakho D. Todd Christofferson, “As Many as I Love, I Rebuke and Chasten,” Liyahona, EkaCanzibe 2011, 97–100.

Malaki 1:6–14

INkosi icela “umnikelo ohlambulukileyo.”

Amazwi eNkosi kuMalaki 1 abonisa ukuba ababingeleli bamaSirayeli babenikela izilwanyane ezinesiphako nezigulayo njengamadini etempileni, nto leyo iNkosi yayingayifuni (bona Levitikus 22:17–25). Ingaba la madini acebisa ntoni malunga neemvakalelo zababingeleli ngakwiNkosi (bona Malaki 1:13). Kutheni iNkosi isicela ukuba siyinike eyona minikelo yethu engundoqo? Cinga malunga namadini iNkosi ekucele ukuba uwenze. Yintoni ongayenza ukuyinika Yona “umnikelo ohlambulukileyo”? (Malaki 1:11; bona futhi 3:3).

Bona futhi Moronayi 7:5–14.

Malaki 3–4

Iziprofeto zikaMalaki ziyazalisekiswa kule mihla yokugqibela.

Xa uMsindisi wayetyelele eMelika, waye wacaphulela amaNifayithi Malaki 3–4 (bona 3 Nifayi 24–25). Ngo-1823, ingelosi uMoronayi yaye yabelana ngezi zahluko zifanayo kuJoseph Smith (bona IMbali—kaJoseph Smith 1:36–39; bona futhi IMfundiso neMinqophiso 2). Kutheni ucinga ukuba amazwi kaMalaki aphinda-phindwa rhoqo ezibhalweni ezingcwele? (Bona futhi IMfundiso neMinqophiso 27:9; 110:13–16; 128:17–18). Ngokoluvo lwakho, yeyiphi imiyalezo ephuma ku-Malaki 3–4 ebonakala ibaluleke ngakumbi kwelixesha lethu?

Xa uMoronayi wayecaphulela uJoseph Smith Malaki 4:5–6, wakwenza oko “ngomehluko omncinane kunoko kufundeka” eBhayibhileni (IMbali—kaJoseph Smith 1:36). Ingaba umehluko kaMoronayi kongeza ntoni ekuqondeni kwethu ngesi siprofeto? Ukufunda ngokuthe vetshe malunga nokuza kuka-Eliya kwakunye nangendlela yokuba esi siprofeto esizalisekiswa ngayo namhlanje, bona IMfundiso neMinqophiso 110:13–16.    Kutheni unombulelo wokokuba u-Eliya weza?

Umfanekiso
U-Eliya uvela kuJoseph Smith no-Oliver Cowdery kwiTempile yaseKirtland

Umzobo ka-Eliya evela kuJoseph Smith no-Oliver Cowdery kwiTempile yaseKirtland, nguRobert T. Barrett

Malaki 3:8–12

Ukuhlawula isishumi kuvula iingcango zezulu

Njengoko ufunda Malaki 3:8–12, cinga ngamava wakho apho wawuhlawula khona isishumi. Ingaba lithetha ukuthini ibinzana “kunivulela na iingcango zezulu (umqolo 10) kuwe?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

Malaki 1:2.Ingaba usapho lwakho belungawuphendula njani umbuzo ofumaneka kuMalaki 1:2—“Isithande ngokuthini na [iNkosi]?” Bobuphi obunye ubungqina bothando lweNkosi kuthi?

Malaki 3:8–12Njengoko ufunda Malaki 3:8–12, mema amalungu osapho ukuba abelane ngeengcinga zawo okanye ngeemvakalelo zawo malunga nesishumi. Zeziphi iintsikelelo zenyama nezomoya esithe sazibona ekuhlawuleni isishumi?   Amalungu osapho asenokonwabela ukuzoba imifanekiso ebonisa ezi ntsikelelo kwaye bayixhome ezingcangweni.

Malaki 3:13–18.Kuthetha ukuthini kuthi ukuba ngabeNkosi nokuba ngomnye “wamatye anqabileyo” aKhe?

Malaki 4:5–6. Emva kokufunda le miqolo, usapho lwakho lungakhangela imibuzo yale mibuzo elandelayo ngesiprofeto sikaMalaki: Singobani. Singantoni? Sasinini? Sasiphi? Kwakutheni? (bona futhi IMfundiso neMinqophiso 2).

Ingaba sizibuyisela njani iintliziyo zethu kootata bethu? Sisikeleleka kanjani xa sisenza oko?   Yintoni esiza kuyenza njengosapho ukuze sifumane ezi ntsikelelo?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

  

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Buza imibuzo njengoko ufunda. Njengoko ufunda izibhalo ezingcwele, imibuzo isenokufika engqondweni yakho. Cinga nzulu ngale mibuzo kwaye ukhangele iimpendulo.

Umfanekiso
Umfazi ephephezelisa itshefu nezinyanya ezininzi ngasemva

Mourning’s Hosanna, by Rose Datoc Dall. (Ihosana kaMourning) Umfazi ogama linguMourning ume elizweni lemimoya, engqongwe zizinyanya zakhe. Ubhiyozela inkululeko yazo ekuthinjweni ngokwasemoye.

Shicilela