ITestamente eNdala 2022
EyoMnga 19–25. IKrisimesi: “Simlindile Kwaye Uya Kusisindisa”


“EyoMnga 19–25. IKrisimesi: ‘Simlindile Kwaye Uya Kusisindisa’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyoMnga 19–25. IKrisimesi,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2022

Umfanekiso
Usana elinguYesu lusongelwe ngelaphu elimhlophe kwaye lucambalele phezu kweendiza

For unto Us a Child Is Born, by Simon Dewey (Ngokuba Sizalelwe uMntwana)

EyoMnga 19–25

IKrisimesi

“Simlindile Kwaye Uya Kusisindisa”

Ngexesha leKrisimesi, cingisisa ngendlela iTestamente eNdala ethe yomeleza ngayo ubungqina bakho ngoYesu Krestu kuwo wonke unyaka.

Bhala Iimvakalelo Zakho

ITestamente eNdala ithwele umoya wokulinda okunika umdla. Ngaloo ndlela, iphantse ifane kancinane nexesha leKrisimesi. Ukuqala ngo-Adam no-Eva, oosolusapho beTestamente eNdala, nabaprofeti, neembongi, kunye nabantu bajonge phambili kwiintsuku ezingcono, bezele lithemba lokuhlaziya nokukhululwa nguMesiya. Kwaye amaSirayeli ayesoloko elidinga elo themba—nokokuba ayesekuthinjweni eYiputa okanye eBhabheli okanye ethinjiwe sisono sawo okanye yimvukelelo yawo. Kuko konke oko, abaprofeti babewakhumbuza ukuba uMesiya, uMhlanguli, wayeya “kumemeza inkululeko kwabathinjiweyo” (Isaya 61:1).

Elo themba laye laqala ukuqondakala xa uYesu Krestu wayezalwa eBhetelehem. UMkhululi onamandla wakwaSirayeli waye wazalelwa esitalini walaliswa emkhumbini wesitali (bona Luka 2:7). Kodwa Yena wayengenguye nje uMhlanguli wamaSirayeli wamandulo. Wayezokuku hlangula—ezokuthabathela phezu kwakhe izifo zakho, athwale umvandedwa wakho, atyunyuzwe ngenxa yezenzo zakho ezigwenxa, ukuze uphiliswe ngemivumbo yaKhe (bona Isaya 53:4–5). Yiyo loo nto iKrisimesi igcwele ngumlindo wemvuyo nanamhlanje. UMesiya weza eminyakeni engaphaya kwa-2,000 eyagqithayo, kwaye Yena uyaqhubeka ukuza ebomini bethu nanini na xa simfuna Yena.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Ndiyagcoba kuMkhululi wam.

IKrisimesi yaziwa njengexesha elonwabisayo ngenxa yovuyo uYesu Krestu aluzisa emhlabeni. Nkqu nabantu abangamnquliyo uYesu njengoNyana kaThixo nabo bayaluva ulonwabo lweKrisimesi. Cinga nzulu ngovuyo oluvayo ngenxa yokuba uBawo oseZulwini ethe wathumela uNyana waKhe.

Kwiinkulungwane zeminyaka ngaphambili kokuba uMsindisi azalwe, abaprofeti beTestamente eNdala nabo babeyiva loo mvuyo njengoko babethetha ngoMesiya ozayo. Funda eminye yale mihlathi ilandelayo, kwaye ucinge ngokokuba kutheni kusenokwenzeka ukuba yayixabisekile kwabo babekhangele phambili kumsebenzi woMsindisi: IiNdumiso 35:9; Isaya 25:8–9; 44:21–24; 51:11; Zefaniya 3:14–20; Moses 5:5–11. Kutheni le mihlathi ixabisekile kuwe?

Bona futhi Russell M. Nelson, “Joy and Spiritual Survival,” Ensign okanye Liyahona, EyeNkanga. 2016, 81–84.

Imiqondiso ingandinceda ukuba ndikhumbule uYesu Krestu.

Izithethe ezininzi ezinxulumene neKrisimesi zingabaneentsingiselo ezinemiqopndiso esikhomba kuKrestu. Imihombiso enokumila kweenkwenkwezi ibonisa inkwenkwezi eqaqamibileyo eyakhanya ngobo busuku bokuzalwa kukaYesu (bona Mateyu 2:2). Ababhiyozeli bekrisimesi basikhumbuza ngeengelosi ezathi zavela kubelusi (bona Luka 2:13–14). Njengoko ufunde iTestamente eNdala kulo nyaka, kusenokwenzeka ukuba uye waqaphela iimpawu ezininzi zoMsindisi. Eminye embalwa idweliswe ngezantsi. Cingisisa ngokuyifunda kwaye ubhale oko ikufundisa kona ngaYe.

Ngeziphi ezinye iimpawu, imihlathi, kunye neengxelo othe wazifumana kwizibhalo ezingcwele ezingqina ngoYesu Krestu?

Bona futhi 2 Nifayi 11:4; Mozaya 3:14–15; Moses 6:63; “Yesu Krestu scriptures.ChurchofJesusChrist.org.

“Igama lakhe liya kubizwa ngokuba nguMmangaliso.”

UYesu Krestu ubizwa ngamagama amaninzi ahlukileyo. Ngawaphi amagama owafumana kule miqolo ilandelayo? IiNdumiso 23:1; 83:18; Isaya 7:14; 9:6; 12:2; 63:16; Amos 4:13; Zekariya 14:16; Moses 7:53. Ngawaphi amanye amagama onokuwacinga? Usenokonwabela ukudwelisa amagama kaYesu Krestu owafumana emaculweni weKrisimesi. Ingaba igama ngalinye liyichaphazela kanjani indlela ocinga ngayo ngaYe?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

Izithethe zeKrisimesi zingelathisa kuYesu Krestu.Iintsapho zamaSirayeli zazinazo izithethe, ezifana nePasika kunye nezinye izidlo, ezazenzelwe ukuba zalathise iintliziyo zawo neengqondo zawo kwiNkosi (bona Eksodus 12). Zeziphi izithethe usapho lwakho olunazo ngelixa leKrisimesi ezithi zinincede niqwalasele kuYesu Krestu? Zeziphi izithethe ozaziyo eziphuma kwimbali yosapho lwakho? Nisenokucingisisa ngokuxoxa njengosapho malunga nezinye izithethe enifuna ukuziqala. Ezinye iingcinga zisenokuquka ukunceda umntu osweleyo, ukubhala ingoma eyeyakho yeKrisimesi, okanye ukufumana indlela yobuchule yokwabelana ngomyalezo wokuzalwa kukaKrestu.

“UMntwana uKrestu: Ibali Lokuzalwa.”Ungawanceda njani amalungu osapho ukuba ave intlonelo nemvuyo yokuzalwa kukaKrestu? Fundani kunye Mateyu 1:18–25; 2:1–12; Luka 1:26–38; 2:1–20. Ilungu ngalinye losapho lisenokukhetha umntu kwingxelo yesibhalo kwaye labelane ngendlela loo mntu wayeziva ngayo ngoMsindisi. Amalungu osapho asenokwabelana ngeemvakalelo zawo malunga naYe.

Ukufumana uMsindisi kwiTestamente eNdala.Njengoko nilungiselela ukufunda ngobomi bukaYesu Krestu kwiTestamente eNtsha kunyaka ozayo, ningacingisisa ngokuhlola kwakhona nosapho lwakho oko lukufundileyo malunga naYe kulo nyaka kwiTestamente eNdala. Nisenokuphonononga kwakhona izishwankathelo ezikwesi sixhobo kwakunye nawaphina amanqaku ukuninceda nikhumbule oko nithe nakufunda. Abantwana abancinane besenokuzuza okuthile ngokujonga Amabali eTestamente eNdala okanye imifanekiso ekwesi sixhobo. Zeziphi iziprofeto okanye amabali athe agqama kakhulu kuthi? Yintoni esiyifundileyo malunga noMsindisi?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “OLittle Town of Bethlehem,” Iculo, no.208.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Mamela amalungu osapho lwakho. “Ukumamela sisenzo sothando. Kudinga ukuba sikhathalele ngakumbi oko kusentliziyweni yomnye umntu ukwegqitha oko kulandelayo kwimiba yethu okanye kwisishwankathelo sethu . … Njengoko uthathela ingqalelo ngononophelo kwimiyalezo ethethwayo nengethethwayo [yamalungu osapho], uya kuza uqonde ngcono iimfuno zawo, neenkxalabo zawo, kunye neminqweno yawo. UMoya uya kukunceda ukuba wazi indlela yokubafundisa” (Teaching in the Savior’s Way, 34).

Umfanekiso
UMariya nosana uYesu esitalini kunye naBelusi

The Nativity, by N.C. Wyeth (Ukuzalwa)

Shicilela