ITestamente eNdala 2022
EyeNkanga 28–EyoMnga 4. Nahum; Habhakuki; Zefaniya: “Iindlela zaKhe Yena Zisephakadeni”


“EyeNkanga 28–EyoMnga 4. Nahum; Habhakuki; Zefaniya: ‘Iindlela zaKhe Yena Zisephakadeni,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022 (2021)

“EyeNkanga 28–EyoMnga 4. Nahum; Habhakuki; Zefaniya,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: iTestamente eNdala 2022

Umfanekiso
UYesu ekhangele phezulu ezinkwenkwezini

“Iindlela zakhe yena zisephakadeni” (Habhakuki 3:6). In the Beginning Was the Word, by Eva Timothy (Ekuqalekeni Ube Ekho uLizwi)

EyeNkanga 28–EyoMnga 4

Nahum; Habhakuki; Zefaniya

“Iindlela zKkhe Zisephakadeni”

Usenokufunda izibhalo ezingcwele ubomi bakho bonke kwaye usenako nokufumana iingqiqo ezintsha. Ungazivi ngathi kumele uqonde yonke into okwangoku. Thandazela uncedo lokuqaphela imiyalezo iyidingayo namhlanje.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ukufunda iTestamente eNdala rhoqo kuthetha ukuba ufunda iziprofeto ezimalunga nentshabalalo. INkosi yayisoloko ibiza abaprofeti ukuba balumkise abangendawo ngokuba izigwebo zaYo zaziphezu kwabo. Ulungiselelo lukaNahum, noHabhakuki, kunye noZefaniya luyimizekelo elungileyo. Ngeenkcukacha ezoyikekayo, ezi ziprofeto zazixela kwangaphambili ngokuwa kwezixeko ezo, ngelo xesha, zazibonakala ziqinile kwaye zinamandla—iNineve, neBhabheli, kwakunye neYerusalem. Kodwa oko kwenzeka emawaka-wakeni yeminyaka eyagqithayo. Kutheni kuxabisekile ukufunda ezi ziprofeto namhlanje?

Nkqu nangona ezo zixeko zazinekratshi, zingcolile zaye zatshatyalaliswa, ikratshi nobungendawo busaqhubeka. Kwihlabathi lanamhlanje, ngamanye amaxesha singaziva singqongwe bububi obabugwetywe ngabaprofeti bamandulo. Sisenokufumana iintsalela zabo nasezintliziyweni zethu. Ezi ziprofeto zeTestamente eNdala zityhila ukuba iNkosi iziva kanjani ngekratshi nangobungendawo, kwaye zifundisa ukuba singaguquka kobo bubi. Mhlawumbi eso sesinye isizathu sokuba sisafunda ezi ziprofeto nanamhlanje. UNahum, noHabhakuki, noZefaniya, kwakunye nabanye yayingengabo nje abaprofeti beendaba zentshabalalo—babengabaprofeti bentlangulo. Iinkcazo zokutshatyalaliswa ziyancitshiswa yimemo yokuza kuKristu kwaye ufumane Inceba yakhe: “Funani uYehova …; funani ubulungisa, funani ululamo” (Zefaniya 2:3). Le yayiyindlela yeNkosi yamandulo, kwaye iseyindlela yaKhe nanamhlanje. “Iindlela zakhe yena zisephakadeni” (Habhakuki 3:6).

Ngezishwankathelo zeezi ncwadi, bona “Nahum,” “Habhakuki,” kunye no “Zefaniya” kwiSikhokelo kwiZibhalo.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Nahum 1

INkosi inamandla kwaye inenceba.

Umsebenzi kaNahum yayikukuxela kwangaphambili intshabalalo yeNineve—isixeko esikhulu sobukumkani bobundlobongela base-Asiriya, obathi basasaza uSirayeli kwaye baphatha gadalala uYuda. UNahum waqala ngokuchaza ingqumbo kaThixo kunye namandla akhe awangenakulinganiswa, kodwa Yena wayekwathetha nangenceba nangokulunga kukaThixo. Usenokucingisisa ngokufuna imiqolo kwi-sahluko 1 ekunceda uqonde enye nenye yezii mpawu—nezinye iimpawu zikaThixo ozibonayo. Kutheni ucinga ukuba kubalulekile ukwazi enye nenye yezi zinto ezimalunga neNkosi?

Abanye basenokufumanisa kunzima ukudibanisa imfundiso yezibhalo ezingcwele yokokuba “uYehova ulungile” (Nahum 1:7) kunye nemfundiso yokokuba Yena “ungumphindezeli kubachasi bakhe” (Nahum 1:2). KwiNcwadi kaMormoni, unyana ka-aAlma uKoreyantan wayenemibuzo ebufana nale “enxulumene nobulungisa bukaThixo ekohlwayeni umoni” (Alma 42:1). Ukufunda ngokuthe vetshe malunga nenceba kaThixo kwakunye nangendlela enxulumana ngayo nobulungisa baKhe, funda impendulo ka-Alma kuKoreyantan ku-Alma 42.

Umfanekiso
inqaba yamatye

“UYehova ulungile, uligwiba ngemini yembandezelo” (Nahum 1:7).

Habhakuki

Ndingayithemba intando yeNkosi kunye nexesha laYo.

Nkqu nabaprofeti nabo ngamanye amaxesha babanemibuzo malunga neendlela zeNkosi. UHabhakuki, owayephila ngexesha lobungendawo obabuxananizile ebukumkanini bakwaYuda, waqala uxwebhu ngombuzo eNkosini (bona Habhakuki 1:1–4). Ungazishwankathela njani iinkxalabo zikaHabhakuki? Ingaba wawukhe wabaneemvakalelo ezifanayo?

Inkosi yawuphendula umbuzo kaHabhakuki ngokuthi Yona yayiya kuthumela amaKaledi (amaBhabheli) ukuba bohlwaye uYuda (bona Habhakuki 1:5–11). Kodwa uHabhakuki wayesakhathazekile, kuba kwakubonakala ngathi akunabulungiswa kwiNkosi ukuba imele bucala “ongendawo [iBhabheli] emginya olilungisa [uYuda]” (bona imiqolo 12–17). Yintoni oyifumana kuHabhakuki 2:1–4 ekuphembelela ukuba uthembe iNkosi xa unemibuzo engaphendulwanga?

Isahluko 3 sikaHabhakuki ngumthandazo wendumiso kuThixo kunye nemvakaliso yokholo kuYe. Yintoni ekonwabisayo ngamazwi kaHabhakuki kwimiqolo 17–19? Ingaba isandi sale miqolo ihluke kanjani kuHabhakuki 1:1–4? Cinga nzulu ngendlela ongaphuhlisa ngayo ukholo olukhulu kuThixo, naxa ubomi bubonakala bungenabulungisa.

Bona futhi AmaHebhere 10:32–39; 11; IMfundiso neMinqophiso 121:1–6. Robert D. Hales, “Waiting upon the Lord: Thy Will Be Done,” Liyahona, EyeNkanga. 2011, 71–74.

UZefaniya

“Funani uYehova, nonke balulamileyo belizwe”

UZefaniya waye waprofeta ukuba abantu bakwaYuda babeya kutshatyalaliswa tu ngamaBhabheli ngenxa yobungendawo babo. “Ndiya kususa ndiyisuse into yonke, utsho uYehova” (Zefaniya 1:2). Kwaye kanti uZefaniya waye watsho kwakhona ukuba “amasalela” ayeya kugcinwa (Zefaniya 3:13). Njengoko ufunda ezi ziprofeto, qaphela iintlobo zoluvo neempatho ezathi zakhokelela uYuda namanye amaqela kwintshabalalo—bona ngakumbi Zefaniya 1:4–6,12; 2:8, 10,15; 3:1–4. Emva koko ujonge iimpawu zabantu uThixo awayeya kubagcina—bona Zefaniya 2:1–3; 3:12–13, 18–19. Ngowuphi umyalezo ova ukuba iNkosi ikuphethele wona kule miqolo?

Zefaniya 3:14–20 uchaza uvuyo lwamalungisa emva kokuba iNkosi “izidedisile iintshaba zakho” (umqolo 15). Zeziphi iintsikelelo ezithenjiswe kule miqolo ezithi zigqame kuwe? Kutheni kubalulekile kuwe ukwazi ezii ntsikelelo? Usenokuthelekisa le miqolo namava awachazwa ku-3 Nifayi 17 kwaye ucinge nzulu ngendlela uYesu Krestu aziva ngayo ngabantu baKhe—kuquka nawe.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Ezingcwele Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

Nahum 1:7.Ingaba iNkosi ifana kanjani “negwiba”? Mhlawumbi usapho lwakho belungokha igwiba okanye inqaba ekhayeni lenu kwaye luxoxe ngoNahum 1:7 xeshikweni lungaphakathi kuyo. Yintoni eyenza imini yethu “imini yembandezelo”? Ingaba uYesu Krestu nevangeli yaKhe isiqinisa njani? Thina sibonisa njani ukuba “sizimela ngaye”?

Habhakuki 2:14.Singanceda njani sizalisekise esi siprofeto esikulo miqolo?

Habhakuki 3:17–19.Yintoni esiyifundayo kumzekelo kaHabhakuki kule miqolo?

Zefaniya 2:3.Nisenokudlala umdlalo apho amalungu osapho kumele afumane amagama “ubulungisa” kunye “ululamo” kwiphepha eligcwele amanye amagama. Emva koko angathetha malunga nemizekelo yobulungisa neyolulamo awayibone komnye nomnye. Kuthetha ukuthini ukufuna ubulungisa nolulamo?

Zefaniya 3:14–20.Yintoni esiyifumana kuZefaniya 3:14–20 esenza sifune “simemelele, … sivuye sidlamke ngentliziyo yonke”? Mhlawumbi usapho lwakho lungacula amaculo okanye iingoma eziza engqondweni njengoko lufunda le miqolo.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi-Come, Follow Me—For Primary.

Ingoma ecetyiswayo: “Seek the Lord Early,” Children’s Songbook,108.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Yiba nomonde. Ngamanye amaxesha sifuna iimpendulo kwimibuzo kwangoko, kodwa iingqiqo zokomoya zithatha ixesha kwaye azinakunyanzelwa. Njengoko iNkosi yayixelele uHabhakuki, “Wulinde, kuba uya kuza” (Habhakuki 2:3).

Umfanekiso
UYesu esehlela ngezantsi enxibe ingubo ebomvu

“UYehova uThixo wakho uphakathi kwakho, ligorha” (Zefaniya 3:17). He Comes Again to Rule and Reign, by Mary R. (Yena Uyeza Kwakhona Alawule kwaye Aphathe) Sauer

Shicilela