10. IKanan ngamaXesha eTestamente eNdala
Mn
Tsidon
Damasko
IiNtaba zaseLebhanon
Ntaba Hermon
Lithani
Farpare
Tire
Foneshiya
Dan (Layishe)
Hatsore
Chibi iHule (Manzi aseMerom)
Ako
Bashan
Lwandle lwaseKinerete (Galili)
Kishon
Ntlambo yaseYizereli
Gati-hefere
Ntaba Karmele
Endore
Ntaba Tabhore
Yarmuki
Megido
Nduli yaseMore
Yizereli
Bhete-shan
Dotan
Ntaba Gilibhowa
Samari
Samari
Giliyadi
Thafa laseSharon
Shekem
Ntaba Ebhali
Peniweli
Mahanayim
Ntaba Gerizim
Yabhoki
Yafo
Shilo
Lwandle oluKhulu (Lwandle iMedithera)
Ayalon
Betheli (Luzi)
Ayi
Mlambo iYordan
Rabha (Aman)
Gibheyon
Yeriko
Amon
Soreki
Yerusalem
Ashode
Ekron
Ntaba yeMinquma
Ntaba Nebho
Gati
Bhetelehem
Ashkelon
Ela
Tekowa
Lwandle oluFileyo (Lwandle lweTyuwa)
Gaza
Shephela
Thafa laseFilisti
Lakishe
Hebron
Engedi
Arnon
Gerare
Gerare
Yuda
Mowabhi
Bhesore
Bher-shebha
Kir-hareshete
Edom
Mmandla waseSodom neGomorrah
Negev
Arabha
Zerede
Edom
IiKhilomitha
0 20 40 60
A B C D
1 2 3 4 5 6 7 8
1
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
15
15
15
15
16
17
18
19
20
21
-
Dan (Layishe) Yarobheham wenza ithole legolide ukuze uBukumkani bangaseNtla bulinqule (Ⅰ OoKum. 12:26–33). UDan yayingumda wangasentla kaSirayeli wamandulo.
-
Ntaba iKarmele UEliya wacela umngeni kubaprofeti bakaBhahali waza wavula amazulu anise imvula (Ⅰ OoKum. 18:17–46).
-
Megido Indawo yamadabi amaninzi (AbaG. 4:13–16; 5:19; Ⅱ OoKum. 23:29; Ⅱ IziKr. 35:20–23). USolomon wanyusa uviko ukuba akhe iMegido (Ⅰ OoKum. 9:15). UKumkani uYosiya wakwaYuda wenzakaliswa wafa kwidabi ngokuchasene noFaro Neko waseYiputa (Ⅱ OoKum. 23:29–30). EkuBuyeni kweSibini kweNkosi, imbambano enkulu neyokugqibela iya kwenzeka kwiNtlambo iYizereli njengenxenye yedabi laseArmagedon (Yow. 3:14; Isityh. 16:16; 19:11–21). Igama iArmagedon lubhalo ngoonobumba bolunye uhlobo lwesiGrike ukusuka kwesiHebhere Har Megiddon, okanye Ntaba yeMegido.
-
Yizereli Ligama lesixeko kwintlambo yakwaSirayeli eyiyeyona inkulu netyebileyo ngegama elifanayo. OoKumkani boBukumkani bangaseNtla bakha ibhotwe apha (Ⅱ Sam. 2:8–9; Ⅰ OoKum. 21:1–2). UKumkanikazi uIzebhele wahlala waza wafela apha (Ⅰ OoKum. 21; Ⅱ OoKum. 9:30).
-
Bhete-shan USirayeli wajongana namaKanan apha (Yosh. 17:12–16). Umzimba kaSawule wabethelelwa eludongeni lwale nqaba (Ⅰ Sam. 31:10–13).
-
Dotan UYosefu wathengiswa ebukhobokeni ngabakhuluwa bakhe (Gen. 37:17, 28; 45:4). UElisha waba nombono wentaba ezele ngamahashe neenqwelo (Ⅱ OoKum. 6:12–17).
-
Samari Isixeko soBukumkani baseNtla (Ⅰ OoKum. 16:24–29). UKumkani uAhabhi wakhela itempile uBahali (Ⅰ OoKum. 16:32–33). UEliya noElisha balungiselela (Ⅰ OoKum. 18:2; Ⅱ OoKum. 6:19–20). Ngowama-721 P.K. amaAsiriya ayithimba, egqibezela ukuthinjwa kwezizwe ezili-10 (Ⅱ OoKum. 18:9–10).
-
Shekem UAbraham wakha isibingelelo (Gen. 12:6–7). UYakobi wahlala kufutshane nalapha. USimon noLevi babulala onke amadoda kwesi siseko (Gen. 34:25). Inkuthazo kaYoshuwa “ekuzonyuleleni … ngolo mhla” ukukhonza uThixo weza kwaShekem (Yosh. 24:15). Apha uYarobheham wamisa isixeko sokuqala soBukumkani bangaseNtla (Ⅰ OoKum. 12).
-
Ntaba Ebhali neNtaba iGerizim UYoshuwa wohlula uSirayeli kwezi ntaba zimbini—iintsikelelo zomthetho zabhengezwa eNtabeni iGerizim, ngexesha iziqalekiso zeza zivela eNtabeni ye-Ebhali (Yosh. 8:33). AmaSamari kamva akha itempile eGerizim (Ⅱ OoKum. 17:32–33).
-
Penuweli (Peniyeli) Apha uYakobi wazamazamana ubusuku bonke nesithunywa seNkosi (Gen. 32:24–32). UGidiyon watshabalalisa inqaba yamaMidiyan (AbaG. 8:5, 8–9).
-
Yafo UYona wahamba ngenqanawa esuka apha esiya ngaseTarshishe ephepha umsebenzi wakhe eNineve (Yona 1:1–3).
-
Shilo Ngethuba lexesha laBagwebi, isixeko sakwaSirayeli nomnquba zazifumaneka apha (Ⅰ Sam. 4:3–4).
-
Bheteli (Luzi) Apha uAbraham wahlukana noLote (Gen. 13:1–11) kwaye waba nombono (Gen. 13; Abr. 2:19–20). UYakobi waba nombono weleli efikelele emazulwini (Gen. 28:10–22). Umnquba wawufumaneka apha okwexeshana (AbaG. 20:26–28). UYarobheham wenza ithole legolide ukuze uBukumkani bangaseNtla bulinqule (Ⅰ OoKum. 12:26–33).
-
Gibheyon Abantu bamaHivi ukusuka apha bamkhohlisa uYoshuwa angene kumnqophiso (Yosh. 9). Ilanga lema ngxi xa uYoshuwa waphumelela indabi (Yosh. 10:2–13). Esi kanjalo yayisisiza sethutyana somnquba (Ⅰ IziKr. 16:39).
-
Gaza, IAshdodi, iAshkelon, iEkron, Gati (zizixeko ezihlanu zamaFilisti) Kwezi zixeko amaFilisti ayesenza imfazwe rhoqo namaSirayeli.
-
Bhetelehem URakheli wangcwatywa kufutshane (Gen. 35:19). URute noBohazi babehlala apha (Rute 1:1–2; 2:1, 4). Yayibizwa ngokuba sisixeko sikaDavide (Luka 2:4).
-
Hebron UAbraham (Gen. 13:18), uIsake, uYakobi (Gen. 35:27), uDavide (Ⅱ Sam. 2:1–4), noAbhisalom (Ⅱ Sam. 15:10) babehlala apha. Eli yayilikomkhulu lokuqala lakwaYuda phantsi koKumkani uDavide (Ⅱ Sam. 2:11). Kukholelwa ukuba uAbraham, uSara, uIsake, uRebheka, uYakobi, noLeya bangcwatyelwa apha emqolombeni waseMakapela (Gen. 23:17–20; 49:31, 33).
-
Engedi UDavide wazimela kuSawule waza wasindisa ubomi bukaSawule (Ⅰ Sam. 23:29–24:22).
-
Gerare UAbraham noIsake bahlala apha okwexeshana (Gen. 20–22; 26).
-
Bher-shebha UAbraham wagrumba iqula apha waza wanqophisana noAbimeleki (Gen. 21:31). UIsake wabona iNkosi (Gen. 26:17, 23–24), noYakobi wayehlala apha (Gen. 35:10; 46:1).
-
Sodom neGomora ULote wakhetha ukuhlala eSodom (Gen. 13:11–12; 14:12). UThixo watshabalalisa iSodom neGomora ngenxa yenkohlakalo (Gen. 19:24–26). UYesu kamva wasebenzisa ezi zixeko njengemiqondiso yenkohlakalo (Mat. 10:15).