Uncedo lweZifundo
13. IiHambo zoBufundisi bukaMpostile uPawulos


13. IiHambo zoBufundisi bukaMpostile uPawulos

Imaphu yeBhayibhile 13

Mn

Isitshixo

Uhambo loKuqala

Uhambo lweSibini

Uhambo lweSithathu

Uhambo oluya eRoma

Ithali

Lwandle oluMnyama

Roma

Makedoni

Ponto

Tritabherne

Bhitini

iForum yaseApiyoforo

Tesalonika

Filipi

Potiyoli

Trowa

Bhereya

Galati

Tsarfati

Misi

Asiya

Pergamum

Kapadoki

Antiyokwe

Ludi

Frigi

Smirna

Ikoniyo

Tarso

Kiyo

Efese

Pisidi

Listra

Atene

Korinte

Lawodike

Regiyo

Aka

Mileto

Pamfili

Derbhe

Liki

Perga

Antiyokwe

Patmos

Kiliki

Sirakusi

Mira

Kinido

Rodo

Sipro

Salami

Melita (Malta)

Krete

Pafo

Tsidon

Aram

Tire

Mazibuko aMahle

Fonishiya

Damasko

Tolimayi

Lwandle lweMedithera

Kesareya

Samari

Yafo

Yerusalem

Gaza

Kirene

Alesandire

Yiputa

Puti

IiKhilomitha

0 100 200 300 400

A B C D E F G H

1 2 3 4

1

2

3

4

5

6

7

8

9

10

11

12

13

14

15

16

17

18

19

20

21

22

23

24

25

26

27

  1. Gaza UFilipu washumayela ngoKrestu waza wabhaptiza ithenwa elingumTiyopiya endleleni yakhe eya eGaza (Izenzo 8:26–39).

  2. Yerusalem Khangela imaphu 12 izehlo eYerusalem.

  3. Yafo UPetros wafumana umbono wokuba uThixo unika isipho senguquko kwabeeNtlanga (Izenzo 10; 11:5–18). UPetros wavusa uTabhita ekufeni (Izenzo 9:36–42).

  4. Samari UFilipu walungiselela eSamariya (Izenzo 8:5–13), noPetros noYohane kamva bafunndisa apha (Izenzo 8:14–25). Emva kokuba benikele isipho soMoya oyiNgcwele, uSimon umnyangi wafuna ukuthenga esi siphon kubo (Izenzo 8:9–24).

  5. Kesareya Apha uPawulos, emva kokuba ingelosi yalungiselela umthethi-khulu owayenegama elinguKorneli, uPetros wamvumela ukuba abhaptizwe (Izenzo 10). Apha uPawulos wazithelela phambi koAgripa (Izenzo 25–26; khangela kanjalo M—JS 1:24–25).

  6. Damasko UYesu wabonakala kuSawule (Izenzo 9:1–7). Emva kokuba uHananiya wabuyisela ukubona kukaSawule, uSawule wabhaptizwa waza waqalisa ubufundisi bakhe (Izenzo 9:10–27).

  7. Antiyokwe (eSiriya) Apha abafundi kwakuqalwe kwathiwa ngamaKrestu (Izenzo 11:26). UAgabho waprofetha ngendlala (Izenzo 11:27–28). Impikiswano enkulu yavuka eAntiyokwe ngokunxulumene nolwaluko (Izenzo 14:26–28; 15:1–9). EAntiyokwe uPawulos waqalisa imishini yakhe yesibini kunye noSilas, uBharnabhas, noYuda Bharsabhas (Izenzo 15:22, 30, 35).

  8. Tarso Yidolophu elikhaya likaPawulos; uPawulos wathunyelwa apha ngaBazalwana bekhusela ubomi bakhe (Izenzo 9:29–30).

  9. Sipro Emva kokuba betshutshisiwe, abanye babaNgcwele basabela kwesi siqithi (Izenzo 11:19). UPawulos wahamba ngeSipro ngohambo lwakhe lokuqala lobufundisi (Izenzo 13:4–5), njengoko benza njalo uBharnabhas noMarko kamva (Izenzo 15:39).

  10. Pafo UPawulos waqalekisa usiyazi apha (Izenzo 13:6–11).

  11. Derbhe UPawulos noBharnabhas bashumayela ivangeli kwesi siseko (Izenzo 14:6–7, 20–21).

  12. Listra Xa uPawulos waphilisa isiqhwala, yena noBharnabhas babuliswa njengoothixo. UPawulos waxulutywa ngamatye kwaza kwacingwa ukuba wayefile kodwa wavuka waza waqhubeka eshumayela (Izenzo 14:6–21). Likhaya likaTimoti (Izenzo 16:1–3).

  13. Ikoniyo Kwimishini yabo yokuqala uPawulos noBharnabhas bashumayela apha kwaye boyikiswa ngokuxulutywa ngamatye (Izenzo 13:51–14:7).

  14. Lawodike noKolose Lawodike lelinye lamasebe eBandla uPawulos awalivelelayo kwaye wafumana iileta ezivela kulo (Kol. 4:16). Kanjalo sesinye sezixeko ezisixhenxe ezidweliswe kwincwadi yeSityhilelo (amanye ayiEfese, Smirna, Pergamo, Tiyatira, Sardesi, neFiladelfi; khangela Isityh. 1:11). Kolose ilele kwiikhilomitha ezili-18 empumalanga yeLawodike. UPawulos wabhalela abaNgcwele ababehlala apha.

  15. Antiyokwe (ePisidi) Kwimishini yabo yokuqala, uPawulos noBharnabhas bafundisa amaYuda ukuba uKrestu wayephuma kwimbewu kaDavide. UPawulos wanika uSirayeli ivangeli, emva koko kwabeeNtlanga. UPawulos noBharnabhas batshutshiswa baza bagxothwa (Izenzo 13:14–50).

  16. Mileto Xa wayelapha kwimishini yakhe yesithathu, uPawulos walumkisa abadala beBandla ngokuba “iingcuka ezibawayo” ziya kungena emhlambini (Izenzo 20:29–31).

  17. Patmos UYohane wayengumbanjwa kwesi siqithi xa wafumana imibono ngoku equlathwe kwincwadi yeSityhilelo (Isityh. 1:9).

  18. Efese UApolo washumayela apha ngamandla (Izenzo 18:24–28). UPawulos, kwimishini yakhe yesithathu, washumayela e-Efese iminyaka emibini, eguqula abantu abaninzi (Izenzo 19:10, 18). Apha wanikela isipho soMoya oyiNgcwele ngokubeka izandla (Izenzo 19:1–7) kwaye wenza imimangaliso emininzi, kubandakanya nokukhupha oomoya abangcolileyo (Izenzo 19:8–21). Apha abanquli baka-Artemis bavusa isidubedube ngokuchasene noPawulos (Izenzo 19:22–41). Inxalenye yencwadi yeSityhilelo yayibhekiswe kwiBandla lase-Efese (Isityh. 1:11).

  19. Trowa Xa uPawulos wayelapha kuhambo lwakhe lwesibini lobufundisi, wabona umbono wendoda eMakedoni icela uncedo (Izenzo 16:9–12). Xa wayelapha kwimishini yakhe yesithathu, uPawulos wavusa uYutiko ekufeni (Izenzo 20:6–12).

  20. Filipi UPawulos, uSilas, noTimoti baguqula umfazi owayenegama elinguLidiya, bakhupha umoya ongcolileyo, baza babethwa (Izenzo 16:11–23). Bafumana uncedo olunyulu baphuncuka entolongweni (Izenzo 16:23–26).

  21. Atene UPawulos, xa wayekwimishini yakhe eAtene, washumayela kwiNduli iMars (Areyopago) ngo “thixo ongaziwayo” (Izenzo 17:22–34).

  22. Korinte UPawulos waya eKorinte kwimishini yakhe yesibini, apho wahlala noAkwila noPrisila. Washumayela apha waza wabhaptiza abantu abaninzi (Izenzo 18:1–18). EKorinte, uPawulos wabhala incwadi yakhe eya kwabaseRoma.

  23. Tesalonika UPawulos washumayela apha ngethuba lohambo lwesibini lobufundisi bakhe. Iqela lakhe lobufundisi lasuka eBhereya emva kokuba amaYuda aluxhokonxa ukhuselo lwalo (Izenzo 17:1–10).

  24. Bhereya UPawulos, uSilas, noTimoti bafumana imiphefumlo endilisekileyo ukuba bayifundise ngethuba lohambo lwesibini lukaPawulos. AmaYuda aphuma eTesalonika abalandela aza abatshutshisa (Izenzo 17:10–13).

  25. Makedoni UPawulos wafundisa apha kuhambo lwakhe lwesibini nolwesithathu (Izenzo 16:9–40; 19:21). UPawulos wadumisa isisa sabaNgcwele baseMakedoni, ababedlelana naye namahlwempu abaNgcwele eYerusalem (Rom. 15:26; Ⅱ Kor. 8:1–5; 11:9).

  26. Melita UPawulos waqhekekelwa yinqanawa kwesi siqithi endleleni yakhe eya eRoma (Izenzo 26:32; 27:1, 41–44). Akazange enzakaliswe kukulunywa yinyoka kwaye waphilisa abaninzi ababegula eMelita (Izenzo 28:1–9).

  27. Roma UPawulos washumayela apha iminyaka emibini egwetyelwe ukuhlala ngendlu (Izenzo 28:16–31). Kanjalo wabhala iincwadi, okanye iileta, eziya kwabase-Efese, kwabaseFilipi, nakwabaseKolose nakuTimoti naku Filemon ngexesha awayevalelwe entolongweni eRoma. UPetros wabhala incwadi yakhe yokuqala ese “Bhabhilon,” mhlawumbi eyayiyiRoma, kamsinya emva kweentshutshiso zikaNero zamaKrestu ngowama-64 E.K. Khukholekeka jikelele ukuba uPetros noPawulos bafela inkolo apha.