11. ILizwe eliNgcwele ngamaXesha eTestamente eNtsha
Mn
Isitshixo
Imida yopolitiki
Tsidon
Abhilene
Sarepta
IiNtaba zaseLebhanon
Damasko
Lithani
Aram
Ntaba Hermon
Farpare
Tire
Fonishiya
Kesareya Filipi
Ntlambo iHule
GaliliI
Tolimayi (Ako)
Korazin
Bhetesayida
Kapernahum
Kishon
Kana
Magadala
Lwandle lwaseGalili (Kinerete)
Ntaba Karmele
Nazarete
Tibheriya
Ntaba Tabhore
Yarmuki
Nayin
Gadara
Kesareya
Ntaba Gilibhowa
Dekapoli
Samari
Salim?
Samari
Enon?
Thafa laseSharon
Sikare
Ntaba Ebhali
Yabhoki
Yafo
Ntaba Gerizim
Arimati?
Ayalon
Bheteli
Mlambo iYordan
Periya
Filadelfi
Yeriko
Lwandle oluKhulu (Lwandle iMedithera)
Azoto
Soreki
Emawusi
Bhetabhara
Yerusalem
Ntaba yeMinquma
Bhetefage
Bhetani
Khumran
Mathafa akwaMowabhi
Ntaba Nebho
Askeloni
Ela
Bhetelehem
Yuda
Gaza
Hebron
Makayerasi
Gerare
Edom
Lwandle oluFileyo
Arnon
Bhesore
Bher-shebha
Masada
Ntlango yakwaYuda
Nabhatayiya
Zerede
IiKhilomitha
0 20 40 60
A B C D
1 2 3 4 5 6 7 8
1
1
2
2
3
4
5
6
7
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
-
Tire neTsidon UYesu wathelekisa iKorazin neBhetesayida neTire kwiTsidon (Mat. 11:20–22). Waphilisa intombi yomfazi oyiNtlanga (Mat. 15:21–28).
-
Ntaba yoKumila Kumbi UYesu wenziwa kumila kumbi phambi koPetros, uYakobi, noYohane, kwaye bafumana izitshixo zobukumkani (Mat. 17:1–13). (Abanye bakholelwa ukuba iNtaba yoKumila Kumbi ukuba yiNtaba iHermon; abanye bakholelwa ukuba yiNtaba iTabhore.)
-
Kesareya Filipi UPetros wangqina ukuba uYesu unguKrestu kwaye wathenjiswa izitshixo zobukumkani (Mat. 16:13–20). UYesu waxela ngaphambili ukufa Kwakhe novuko (Mat. 16:21–28).
-
Ngingqi yaseGalili UYesu wachitha elona xesha lininzi lobomi Bakhe nobufundisi eGalili (Mat. 4:23–25). Apha Yena wanika iNtshumayelo yaseNtabeni (Mat. 5–7); waphilisa oneqhenqa (Mat. 8:1–4); kwaye wonyula, wamisela, waza wathumela phambili aBapostile abaLishumi elineSibini, kubo kuphela nguYuda Sikariyoti ekwakucacile ukuba wayengenguye umGalili (Marko 3:13–19). EGalili uKrestu ovukileyo wabonakala kuBapostile (Mat. 28:16–20).
-
Lwandle lwaseGalili, kamva kwathiwa luLwandle lwaseTibhereya UYesu wafundisa esemkhombeni kaPetros (Luka 5:1–3) waza wabiza uPetros, uAndreya, uYakobi, noYohane ukuba babe ngabalobi babantu (Mat. 4:18–22; Luka 5:1–11). Kanjalo wazolisa uqhwithela (Luka 8:22–25), wafundisa imizekeliso esemkhombeni (Mat. 13), wahamba phezu kolwandle (Mat. 14:22–32), kwaye wabonakala kubafundi Bakhe emva koVuko Lwakhe (Yoh. 21).
-
Bhetesayida UPetros, uAndreya, noFilipu babezalelwe eBhetesayida (Yoh. 1:44). UYesu waya kude ngasese naBapostile kufutshane neBhetesayida. Indimbane yamlandela, waza Yena wadlisa ama-5,000 (Luka 9:10–17; Yoh. 6:1–14). Apha uYesu waphilisa indoda eyimfama (Marko 8:22–26).
-
Karpenahum Eli yayilikhaya likaPetros (Mat. 8:5, 14). EKarpenahum, uMateyu awayibiza ukuba “sisixeko esisesakhe,” uYesu waphilisa onedumbe (Mat. 9:1–7; Marko 2:1–12), waphilisa isicaka somthetheli-khulu, waphilisa umkhwekazi kaPetros (Mat. 8:5–15), wabiza uMateyu abe ngomnye waBapostile Bakhe (Mat. 9:9), wavula amehlo eemfama, wakhupha oomtyholi (Mat. 9:27–33), waphilisa isandla esomilayo sendoda ngeSabatha (Mat. 12:9–13), wanika intshumayelo yesonka sobomi (Yoh. 6:22–65), kwaye wavuma ukuhlawula iirhafu, exelela uPetros ukuba athathe imali emlonyeni wentlanzi (Mat. 17:24–27).
-
Magadala Eli yayilikhaya likaMariya waseMagadala (Marko 16:9). UYesu weza apha wadlisa ama-4,000 (Mat. 15:32–39), kwaye abaFarisi nabaSadusi bacela ukuba Yena ababonise umqondiso ophuma emazulwini (Mat. 16:1–4).
-
Kana UYesu wajika amanzi ayiwayini (Yoh. 2:1–11) kwaye waphilisa unyana wegosa lakomkhulu eKarpenahum (Yoh. 4:46–54). IKana kanjalo yayilikhaya likaNataniyeli (Yoh. 21:2).
-
Nazarete Ukuvakaliswa kuMariya noYosefu kwenzeka eNazarete (Mat. 1:18–25; Luka 1:26–38; 2:4–5). Emva kokubuya eYiputa, uYesu wachithela ubuntwana Bakhe nobutsha apha (Mat. 2:19–23; Luka 2:51–52), kwaziswa ukuba Yena wayenguMesiya, kwaye Yena waliwa ngabakhe (Luka 4:14–32).
-
Yeriko UYesu wanika ukubona kwindoda eyimfama (Luka 18:35–43). Kanjalo wadla noZakeyu, “intloko yababuthi berhafu” (Luka 19:1–10).
-
Bhetabhara UYohane uMbhaptizi wangqina ukuba “ulilizwi lodandulukayo entlango” (Yoh. 1:19–28). UYohane wabhaptiza uYesu kuMlambo iYordan waza wangqina ukuba uYesu yiMvana kaThixo (Yoh. 1:28–34).
-
Ntlango yakwaYuda UYohane uMbhaptizi washumayela entlango (Mat. 3:1–4), apho uYesu wazila ukutya iintsuku ezingama-40 kwaye wahendwa (Mat. 4:1–11).
-
Emawusi UKrestu ovukileyo wahamba endleleni eya e-Emawusi kunye nababini babafundi Bakhe (Luka 24:13–32).
-
Bhetefage Abafundi ababini bazisa kuYesu ithole le-esile kulo waqalisa ukungena Kwakhe koloyiso eYerusalem (Mat. 21:1–11).
-
Bhetani Eli yayilikhaya likaMariya, uMarta, noLazaro (Yoh. 11:1). UMariya weva amazwi kaYesu, kwaye uYesu wathetha kuMarta ngokunyula “isabelo esilungileyo” (Luka 10:38–42); UYesu wavusa uLazaro ekufeni (Yoh. 11:1–44); noMariya wathambisa iinyawo zikaYesu (Mat. 26:6–13; Yoh. 12:1–8).
-
Bhetelehem UYesu wazalelwa waza walaliswa emkhumbini (Luka 2:1–7); iingelosi zavakalisa iindaba zokuzalwa kukaYesu kubelusi (Luka 2:8–20); izazi zazalathiswe kuYesu yinkwenkwezi (Mat. 2:1–12); kwaye uHerode wabulala abantwana (Mat. 2:16–18).