12. IYerusalem ngeXesha likaYesu
Mn
Isitshixo
Isixeko ngexesha likaYesu
Imimandla ejikelezwe ziindonga kamva
Ndlela eya eSamari
Bhezetha (Isixeko eSitsha)
Gologota
Sitiya saMangcwaba
Chibi laseBhetesda
Sango leeNtlanzi
Nqaba Antoniya
Chibi lakwaSirayeli
Sitiya saseGetsemane
Sango iSusa
Sango leZimvu
Varanda kaSolomon
Tempile
Ntaba yeMinquma
Bhulorho
Mnyango oMhle
Ndlela eya e-Emawusi naseYafo
Chibi leNkcochoyi
Ndlela eya eBhetani naseYeriko
Ncopho yeTempile
Bothwe iHasmoniya
Varanda yakwaKumkani
Umsele
Bhotwe likaHerode
Amanyathelo aya eTempileni
Mthombo waseGihon
Serpent iChibi
Sixeko esiPhezulu
Umsele
Indlu kaKayafa
Tonela ikaHezekiya
Ntambo iHinom
Gumbi eliPhezulu
Ntlambo iKidron
Sixeko esingeZantsi
Chibi laseSilowa
Sango laManzi
Ndlela eya eBhetelehem naseHebron
Mthombo iEn-rogele
Ndlela eya kuLwandle oluFileyo
IiMitha
0 100 200 300 400
A B C D
1 2 3 4 5 6 7 8
1
2
3
4
5
6
7
8
8
9
10
11
12
13
14
15
16
17
18
-
Gologota Isiza ekunokwenzeka ukuba sesokubethelelwa emnqamlezweni kukaYesu (Mat. 27:33–37).
-
Sitiya saMangcwaba Indawo mhlawumbi elingcwaba apho umzimba kaYesu wabekwa khona. (Yoh. 19:38–42). UKrestu ovukileyo wabonakala kuMariya waseMagadala esitiyeni ngaphandle kwengcwaba Lahke (Yoh. 20:1–17).
-
Nqaba Antoniya UYesu unokuba wayethe watyholwa, wagwetywa, kwahlekiswa ngaye, waza watyakatyelwa kwesi siza (Yoh. 18:28–19:16). UPawulos wabanjwa kwaye wabalisa ibali lokuguquka kwakhe (Izenzo 21:31–22:21).
-
Chibi laseBhetesda UYesu waphilisa umlwelwe ngeSabatha (Yoh. 5:2–9).
-
Tempile UGabriyeli wathembisa uZekariya ukuba uElizabhete uya kuzala unyana (Luka 1:5–25). Ikhuselo letempile lakrazuka ekufeni koMsindisi (Mat. 27:51).
-
Varanda kaSolomon UYesu wabhengeza ukubaYena wayenguNyana kaThixo. AmaYuda azama ukumxuluba ngamatye (Yoh. 10:22–39). UPetros washumayela inguquko emva kokuphilisa indoda esisiqhwala (Izenzo 3:11–26).
-
Mnyango oMhle UPetros noYohane baphilisa indoda esisiqhwala (Izenzo 3:1–10).
-
Ncopho yeTempile UYesu wahendwa nguSathana (Mat. 4:5–7). (Indawo enokuba yayiyeyesi sehlo.)
-
Ntaba eNgcwele (iindawo ezingabalulwanga)
-
Isithethe siqulatha okokuba apha uAbraham wakha isibingelelo sokwenza idini likaIsake (Gen. 22:9–14).
-
USolomon wakha itempile (Ⅰ OoKum. 6:1–10; Ⅱ IziKr. 3:1).
-
Abemi baseBhabhilon batshabalalisa itempile malunga nama-587 P.K. (Ⅱ OoKum. 25:8–9).
-
Zerubhabheli wakha kwakhona itempile malunga nama-515 P.K. (Ezra 3:8–10; 5:2; 6:14–16).
-
Herode wandisa ibala letempile waza wakha kwakhona itempile eqala ngowe-17 P.K. UYesu waziswa njengomntwana (Luka 2:22–39).
-
Ekwiminyaka eli-12, uYesu wafundisa etempile (Luka 2:41–50).
-
UYesu wahlambulula itempile (Mat. 21:12–16; Yoh. 2:13–17).
-
UYesu wafundisa etempileni amathuba aliqela (Mat. 21:23–23:39; Yoh. 7:14–8:59).
-
AmaRoma phantsi koTito atshabalalisa itempile ngowama-70 E.K.
-
-
Sitiya saseGetsemane UYesu wabandezeleka, wangcatshwa, kwaye wabanjwa (Mat. 26:36–46; Luka 22:39–54).
-
Ntaba yeMinquma
-
UYesu uxela ngaphambili ukutshatyalaliswa kweYerusalem netempile. Kanjalo wathetha ngokuBuya kweSibini (Mat. 24:3–25:46; khangela kanjalo JS—Mateyu).
-
Ukusuka apha uYesu wenyukela emazulwini (Izenzo 1:9–12).
-
Ngo-Oktobha 24, 1841, uMdala Orson Hyde wangcwalisela iLizwe eliNgcwele ukubuyela kwabantwana baka-Abraham.
-
-
Mthombo waseGihon USolomon wathanjiselwa ukuba ngukumkani (Ⅰ OoKum. 1:38–39). UHezekiya wagumba itonela lokuhambisa amanzi avela emthonjeni aye esixekweni (Ⅱ IziKr. 32:30).
-
Sango laManzi UEzra wafunda waza watolikela abantu umthetho kaMoses (Neh. 8:1–8).
-
Ntlambo iHinom Uthixo wobuxoki uMoleki wayenqulwa, okubandakanya nedini labantwana (Ⅱ OoKum. 23:10; Ⅱ IziKr. 28:3).
-
Indlu kaKayafa UYesu waziswa phambi koKayafa (Mat. 26:57–68). UPetros wakhanyela ukuba wayemazi uYesu (Mat. 26:69–75).
-
Gumbi eliPhezulu Indawo yesithethe apho uYesu wadla isidlo sePasika waza wamisela umthendeleko (Mat. 26:20–30). Wahlamba iinyawo zaBapostile (Yoh. 13:4–17) kwaye wabafundisa (Yoh. 13:18–17:26).
-
Bhotwe likaHerode UKrestu waziswa phambi koHerode, kunokwenzeka kule ndawo (Luka 23:7–11).
-
Yerusalem (iindawo ezingabalulwanga)
-
Melkitsedeke walawula njengokumkani waseSalem (Gen. 14:18).
-
Kumkani uDavide wathimba isixeko kumaYebhusi (Ⅱ Sam. 5:7; Ⅰ IziKr. 11:4–7).
-
Isixeko sasitshatyalaliswe ngabemi baseBhabhilon malunga nama-587 P.K. (Ⅱ OoKum. 25:1–11).
-
UMoya oyiNgcwele wazalisa yonke imini yePentekoste (Izenzo 2:1–4).
-
UPetros noYohane babanjwa baza baziswa phambi kwequmrhu (Izenzo 4:1–23).
-
UHananiya noSafira baxokisa iNkosi baza bafa (Izenzo 5:1–10).
-
UPetros noYohane babebanjiwe, kodwa ingelosi yabahlangula entolongweni (Izenzo 5:17–20).
-
ABapostile banyula amadoda asixhenxe ukuba abancedise (Izenzo 6:1–6).
-
Ubungqina bukaStefano kumaYuda baliwa, kwaye waxulutywa ngamatye wade wafa (Izenzo 6:8–7:60).
-
UYakobi wabulawelwa inkolo (Izenzo 12:1–2).
-
Ingelosi yakhulula uPetros entolongweni (Izenzo 12:5–11).
-
ABapostile bagqiba ngomba wolwaluko (Izenzo 15:5–29).
-
AmaRoma phantsi koTito atshabalalisa isixeko ngowama-70 E.K.
-