IMfundiso neMinqophiso 2021
pEyoKwindla 15–21. IMfundiso neMinqophiso 27–28: “Zonke Izinto Zimele Ukwenziwa Ngocwangco”


“EyoKwindla 15–21. IMfundiso neMinqophiso 27–28: ‘Zonke Izinto Zimele Ukwenziwa Ngocwangco,’”Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyoKwindla 15–21. IMfundiso neMinqophiso 27–28,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
UJoseph Smith

EyoKwindla 15–21

IMfundiso neMinqophiso 27–28

“Zonke Izinto Zimele Ukwenziwa Ngocwangco”

UMdala D. Todd Christofferson wathi njengoko ufunda izibhalo kwaye ushicilela imizwa, “uya kube unika indawo ilizwi likaThixo kwintliziyo yakho, kwaye Yena uya kuthetha nawe” (“When Thou Art Converted,” Ensign okanye Liyahona, Canzibe 2004, 11).

Bhala Iimvakalelo Zakho

Isityhilelo noko sasiseyinto entsha kwabangcwele njengoko imbuyiselo yayiqhubeka isenzeka. Amalungu antlandlolo eBandla ayesazi ukuba uJoseph Smith wayekwazi ukulifumanela isityhilelo iBandla, kodwa ingaba abanye babenokukwazi na? Imibuzo enje yayibalulekile xa uHiram Page, omnye waMangqina Asibhozo wamacwecwe egolide, wayekholelwa ukuba yena wayefumanela iBandla izityhilelo. Abangcwele abanyanisekileyo abaninzi babekholelwa ukuba ezi zityhilelo zazibuya kuThixo. INkosi yaphendula ngokufundisa ngokuba kwiBandla laYo “zonke izinto mazenziwe ngocwangco”IMfundiso neMinqophiso 28:13, ethetha ukuthi omnye qha “oya konyulwa ukufumanela imiyalelo nezityhilelo” iBandla lonke (IMfundiso neMinqophiso 28:2). Nangona kunjalo, abanye babenako ukufumana isityhilelo sabo ngendima yabo emsebenzini weNkosi. Eneneni, amazwi weNkosi ku-Oliver Cowdery asisikhumbuzo kuthi sonke: “Kuya kunikwa wena … koko wena uya kukwenza” (IMfundiso neMinqophiso 28:15).

Bona futhi “All Things Must Be Done in Order,” Revelations in Context, 50–53.

Umfanekiso
Umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 27:1–4

Ndimele ndithabathe umthendeleko ngeliso elinye kubuqawuqawuli bukaThixo.

USally Knight no-Emma Smith babebhaptizwe kweyeSilimela 1830, kodwa uqinisekiso lwabo lwaphazanyiswa lihlokondiba labaqhankqalazi. Iinyanga ezimbini emva koku, uSally nomyeni wakhe, uNewel, batyelela u-Emma noJoseph, kwaye kwaya kwagqitywa kwelokuba uqinisekiso lwabo kumele lwenziwe ngoku kwenzelwa ukuba eli qela likwazi ukuxhamla kumthendeleko kunye nalo. Xa wayesesendleleni eyokufuna isiselo somdiliya somthendeleko, uJoseph Smith wamiswa yingelosi. Yintoni le ingelosi eyamfundisa ngayo malunga nomthendeleko? (bona IMfundiso neMinqophiso 27:1–4).

Yintoni ekufundisa yona le miqolo malunga nokuba uMsindisi ufuna uwuthathe kanjani umthendeleko? Yintoni ochukumiseka ukuba uyenze ngenxa yoku ukufundayo?

Umfanekiso
isonka nendebe yomthendeleko

Umthendeleko usikhumbuza ngedini loMsindisi.

IMfundiso neMinqophiso 27:15–18

Isikrweqe sikaThixo siya kundinceda ndime ngokuchasene nobubi.

UMongameli M. Russell Ballard wathi: “Akukho nto inye inkulu kwaye inobunganga esinokuyenza ukuzixhobisa ngokusemoyeni. Amandla womoya enyaniso akwizinto ezincinci ezininzi ezithungelwe kunye kwilaphu lokuzikhusela ngokomoya elikhusela koko kubi”(“Be Strong in the Lord,” Ensign, EyeKhala 2004, 8).

Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 27:15–18, ungenza itshati efana nale ingezantsi. Yintoni oyenzayo ukufaka iqhekezana ngalinye lesikrweqe sikaThixo?

Iqhekezana lesikrweqe

Ilungu lomzimba elikhuselweyo

Oko elo lungu lomzimba linokumela kona

Ingcina-sifuba yobulungisa

Intliziyo

Iminqweno yethu nesikuthandayo

Isigcina-ntloko sosindiso

Intloko okanye ingqondo

Bona futhi Kwabase-Efese 6:11–18; 2 Nifayi 1:23.

IMfundiso neMinqophiso 28

UMprofethi ophilayo sisithethi sikaThixo kwiBandla laKhe.

Yibanomfanekiso ngqondweni wokuba kunganjani ukuba nobani na ebenokufumanela imiyalelo kunye nesityhilelo iBandla lonke. Xa uHiram Page wayesithi ufumana isityhilelo esinjalo, kwakukho isiphithiphithi phakathi kwamalungu eBandla. KwiMfundiso neMinqophiso 28, iNkosi yaveza ucwangco lwesityhilelo kwiBandla laYo. Yintoni oyifundayo kwelicandelo malunga nendima ekhethekileyo yoMongameli weBandla? Yintoni oyifundayo emazwini weNkosi ku-Oliver Cowdery kumqolo 3? Yintoni oyifundayo kwelicandelo malunga nokuba angakukhokela njani uThixo?

Bona futhi Dallin H. Oaks, “Two Lines of Communication,” Ensign okanye Liyahona, Nkanga 2010, 83–86.

IMfundiso neMinqophiso 28:8–9

Kwakutheni umsebenzi wobufundisi ka-Oliver Cowdery osingise kumaLeymenayithi wawubalulekile?

Enye injongo yeNcwadi kaMormoni kukuba “ukuba amaLeymenayithi athe eza kulwazi looyise bawo, nokokuba athi azi izithembiso zeNkosi” (IMfundiso neMinqophiso 3:20). Oku kwakungqamene nezithembiso iNkosi eyazenzayo kubaprofethi abaninzi beNcwadi kaMormoni (bona, umzekelo, 1 Nifayi 13:34–41; Enoshe 1:11–18; Hilamani 15:12–13). Amalungu eBandla antlandlolo ayewabona amaNdiya aseMelika njengesizukulwana sabantu beNcwadi kaMormoni. (Indima esesikweni ebanjwe liBandla namhla kukuba amaLeymenayithi “aphakathi kookhokho bamaNdiya aseMelika” [Intshayelelo kwiNcwadi kaMormoni].)

Ukufunda ngokuthe vetshe malunga nohambo luka-Oliver Cowdery esingise kwiintlanga zamaNdiya aseMelika akufutshane, bona “A Mission to the Lamanites” (Revelations in Context, 45–49). Ingaba olu hambo lukufundisa ntoni malunga neNkosi kunye nomsebenzi waYo?

Umfanekiso
umfanekiso wokufunda kosapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 27:1–2.Singalikhumbula ngcono kanjani idini loMsindisi elenzelwa thina xa sixhamla kumthendeleko?

IMfundiso neMinqophiso 27:5–14.Yintoni esiyaziyo malunga nabaprofethi apha kulemiqolo? Usenokukhangela inkcukacha malunga nabo kwiSikhokelo Sezibhalo (scriptures.ChurchofJesusChrist.org). Zeziphi iintsikelelo ezithe zavuleleka kuthi ngezitshixo ababeziphethe? Ngenkukacha ethe vetshe malunga nezinye zezizitshixo, bona Mateyu 16:16–19; IMfundiso neMinqophiso 110:11–16.

IMfundiso neMinqophiso 27:15–18.Mhlawumbi usapho lwakho lungakonwabela ukwenza idabi lamaxokixoki ngeempahla ezongezelelweyo ezimele isikrweqe sikaThixo, njengeminqwazi, iivesti, iifaskoti, okanye izihlangu. Isikrweqe sisikhusela njani kwidabi? Xoxa ngezinye zeempembelelo ezingalunganga usapho lwakho oluhlangana nazo kunye nezinto eninokuzenza ukunxiba isikrweqe somoya. Cingisisa ngokubonisa umboniso bhanya-bhanya “Put on the Whole Armor of God” (ChurchofJesusChrist.org).

IMfundiso neMinqophiso 28:2–7.Yintoni esiyifundayo kulemiqolo ngobizo lomprofethi? Mhlawumbi amalungu osapho angahlola imiyalezo yakudala yomprofethi wethu ophilayo kwaye abelane ngokuba ingcebiso yakhe isinceda njani silandele uYesu Krestu.

IMfundiso Neminqophiso 28:11.Xa sifuna ukulungisa umntu, kutheni kubalulekile ukuba siyigcine “phakathi kwakhe nawe kuphela”?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Come, Listen to a Prophet’s Voice,” Hymns, no. 21.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Funda amazwi wabaprofethi nabapostile bemihla yokugqibela. Funda into abaprofethi nabapostile bemihla yokugqibela abayifundisayo ngemigaqo oyifumana kwizibhalo. Cingisisa ngokuhlola kwakhona izihloko zenkomfa yajikelele ku conference.ChurchofJesusChrist.org okanye kwi-app yeThala Leencwadi.

Shicilela