IMfundiso neMinqophiso 2021
EyoKwindla 1–7. IMfundiso Neminqophiso 20-22; “Ukuphakama kweBandla likaKrestu”


“EyoKwindla 1–7. “IMfundiso Neminqophiso 20-22; “Ukuphakama kweBandla likaKrestu” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: Imfundiso Neminqophiso 2021 (2020)

“EyoKwindla 1–7. “EyoKwindla 1–7. “IMfundiso Neminqophiso 20-22;Uze, Undilandele— Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: Imfundiso Neminqophiso 2021

Umfanekiso
Ikhaya likaPeter Whitmer

Ikhaya likaPeter Whitmer , ngu-Al Rounds

EyoKwindla 1–7

IMfundiso neMinqophiso 20–22

“Ukuphakama kweBandla likaKrestu”

Njengoko ufunda IMfundiso Neminqophiso 20-22, vulela imizwa yoMoya OyiNgcwele. Cingisisa ngokuyishicilela khon’ ukuze ukwazi ukubuyela kuyo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Umsebenzi woMprofethi Joseph Smith wokuguqulela iNcwadi kaMormoni ngoku wawusel’ ugqityiwe. Kodwa umsebenzi weMbuyiselo wawusaqala nje. Kwakucaca kwakwizityhilelo zangaphambili okokuba ekongezeleni kokubuyiswa kwemfundiso kunye negunya lobubingeleli, iNkosi yayifuna ukubuyisa umbutho osesikweni — iBandla laYo (bona IMfundiso Neminqophiso 10:53; 18:5). Ngoko ke, ngomhla we-6 Tshazimpuzi, 1830, amakholwa awangaphezu kwa-40 abuthelana kwikhaya leenkuni lakwaWhitmer eFayette, New York, ukuzo kungqina ukusekwa kweBandla likaYesu Krestu.

Nangoku, abanye abantu basazibuza, kutheni iBandla elibutheneyo liyimfuneko nje? Impendulo ingafumaneka, ngokuncinane kwinxalenye yezityhilelo ezayamalelana naloontlangano yokuqala yeBandla ngo-1830. Apha, iintsikelelo ziyachazwa ezazingenakukwenzeka ukuba iBandla lokwenene likaYesu Krestu lalingazange “lisoloko lisakhiwa kwaye lisekwa” kule mihla yokugqibela (IMfundiso Neminqophiso 20:1).

Bona futhi Saints, 1:84–86, kunye “Build Up My Church,” Revelations in Context, 29–32.

Umfanekiso
Umfanekiso wokuzifundela izibhalo wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 20:1–36

IBandla likaYesu Krestu Lemihla Yokugqibela lisekelwe phezu kwemfundiso yenyaniso.

Icandelo 20 laziswa “njengesityhilelo ngokusekwa nolawulo lweBandla” (isihloko secandelo). Kodwa ngaphambili kokushwankathela imigaqo-nkqubo yeBandla, ii-ofisi zobubingeleli, kunye neendlela zokwenza imimiselo, eli candelo liqala ngokufundisa imfundiso esisiseko. Njengoko ufunda imiqolo engama-36 yokuqala yelicandelo, zibuze ukuba kungani kunjalo. Mhlawumbi ungenza uluhlu lweenyaniso zevangeli ozifumanayo. Nantsi eminye imizekelo:

Kwakutheni kubalulekile ukugxininisa ezi nyaniso njengoko iBandla lalisasekwa?

IMfundiso neMinqophiso 20:37, 75–79

Imimiselo engcwele iyinxalenye ebalulekileyo yeBandla elibuyisiweyo.

Xa iBandla lalisakhiwa, iNkosi yabafundisa aBangcwele baYo ngemimiselo engcwele, equka ubhaptizo kunye nomthendeleko. Njengoko ufunda imiyalelo “ngokunxulumene nohlobo lobhaptizo” kumqolo 37, cinga ngobhaptizo lwakho. Ingaba wawunayo eminye yalemizwa echazwa kulomqolo? Ingaba ngoku unayo na? Cinga ngokunzulu malunga noko ungakwenza ukugcina ngodlamko “umxhino wakho wokumkhonza [uYesu Krestu] kude kuye esiphelweni.”

Njengoko ufunda malunga nomthendeleko kwiMfundiso Neminqophiso 20:75-79, zama ukufunda le mithandazo ingcwele ngokwembono yomntu oqala ukuviya ngqa. Zingqiqo zini ozifumanayo malunga nomthendeleko? Ngawe? Ingaba ezi ngqiqo zingayichaphazela kanjani indlela olungiselela ngayo ukuthabatha umthendeleko kuleveki?

Umfanekiso
umdikoni ugqithisa umthendeleko

Umthendeleko ungummiselo ongcwele.

IMfundiso neMinqophiso 20:38–60

Inkonzo yobubingeleli isikelela amalungu eBandla kunye neentsapho zawo.

Ukuba umntu angakucela ukuba ukhankanye imisebenzi yombambi wobubingeleli, yintoni ongayitsho? Funda IMfundiso Neminqophiso 20:38–60,idwelisa imisebenzi yee-ofisi ezahlukeneyo zobubingeleli. Ingaba ikhona into kulemiqolo ekwenza uguqule indlela ocinga ngayo ngemisebenzi yobubingeleli kwakunye nokuba uMsindisi uwenza kanjani umsebenzi waKhe? Ingaba usikelelwe kanjani ngumsebenzi ochazwa kulemiqolo?

Ukufunda malunga nokuba amabhinqa wona alisebenzisa kanjani igunya lobubingeleli kumsebenzi waseBandleni, bona Dallin•H. Oaks, “The Keys and Authority of the Priesthood,”Ensign okanye Liyahona, uCanzibe 2014, 49–52.

IMfundiso neMinqophiso 21

IBandla likaYesu Krestu likhokelwa ngumprofethi ophilayo.

Yintoni oyifunda kwiMfundiso Neminqophiso 21:4–9 malunga namazwi wabaprofethi beNkosi? Cingisisa ngezithembiso ezichazwa kumqolo 6 kwabo bathi bafumane amazwi eNkosi kubaprofethi baYo. Zithetha ntoni kuwe ezi zithembiso?

Ungawafumana kanjani amazwi womprofethi ophilayo “njengokungathi avela emlonyeni [kaThixo] ngqo”? (umqolo 5). Yintoni ingcebiso umprofethi wanamhlanje athe wayinika engakhokelela kwiintsikelelo ezithenjiswa kumqolo 6?

Umfanekiso
Umfanekiso wesifundo sosapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 20.Yintoni esingayitsho ukuba umntu angasibuza ukuba kutheni sidinga iBandla? Ziimpendulo zini esizifumana kwiMfundiso Neminqophiso 20? Bona futhi “Why the Church,” Ensign okanye Liahona, Nkanga. 2015, 108–11.

IMfundiso neMinqophiso 20:69.Kuthetha ukuthini “[ukuhamba ebungcweleni phambi kweNkosi”? Kungaba lulonwabo kumalungu osapho ukuba azobe okanye abhale emaphetshaneni ezinye izinto ezingawanceda ahambe ebungcweleni okanye izinto ezingawaphazamisa ekwenzeni oko. Ngoko ke angenza indlela esebenzisa loo maphepha kwaye azame ukuhamba phezu kwaloondlela, anyathele qha phezu kwemizobo eyakuwazisa kuKrestu.

IMfundiso neMinqophiso 20:37, 71–74Ukuba kukhona umntu ongekabhaptizwa kusapho lwakho, le miqolo ingakhokelela kwingxoxo emalunga nokuba ulungiselela kanjani ubhaptizo (bona umqolo 37) kwakunye nokuba ubhaptizo lwenziwa kanjani (imiqolo 71-74). Amalungu osapho angabelana ngemifanekiso yawo okanye iinkumbulo zemihla yawo yobhaptizo.

IMfundiso neMinqophiso 20:75–79Usapho lwakho lungayisebenzisa kanjani le miqolo ukulungiselela amava anentsingiselo nawanentlonelo womthendeleko? Le miqolo ingakucebisa ngezinto ongazicingisisa ngelixa lomthendeleko, kwaye namalungu osapho angafumana okanye azobe imifanekiso yezozinto. Ngokufanelekileyo, mhlawumbi ningaza nayo loo mifanekiso kumhlangano womthendeleko olandelayo njengesikhumbuzo soko kumele nicinge ngako ngelixa lomthendeleko.

IMfundiso neMinqophiso 21:4-7Cinga ngokumema amalungu osapho ukuba akhangele amagama okanye amabinzana kwimiqolo 4-5 asifundisa ngokulandela umprofethi weNkosi. Kuthetha ukuthini ukufumana amazwi womprofethi ngomonde? Ngokholo? Sakhe sazifumana nini iintsikelelo ezithenjiswe kumqolo 6?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “The Church of Jesus Christ,” Children’s Songbook, 77.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Linganisa ubomi boMsindisi. “Amandla oMsindisi wokufundisa nokuphakamisa abanye ayephuma kwindlela Yena awayephila ngayo nakuhlobo lomntu Yena awayelulo. Njengoko uzama ngenyameko ngakumbi ukuphila njengoYesu Krestu, uya kukwazi ngakumbi ukufundisa njengaYe” (Teaching in the Savior’s Way, 13).

Umfanekiso
U-Oliver Cowdery emisela uJoseph Smith

Oliver Cowdery Emisela uJoseph Smith, nguWalter Rane

Shicilela