IMfundiso neMinqophiso 2021
EyoMdumba 22–28. IMfundiso neMinqophiso 18–19: “Ixabiso Lemiphefumlo Likhulu”


EyoMdumbe 22–28. Imfundiso neMinqophiso 18–19: ‘Ixabiso Lemiphefumlo Likhulu’”Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye neeNtsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

EyoMdumba 22–28. IMfundiso neMinqophiso 18–19,” Uze, Undilandele—Eyabantu neeNtsapho: Imfundiso neMinqophiso: 2021

Umfanekiso
Ifama kaMartin Harris

Ifama kaMartin Harris, ngu-Al Rounds

EyoMdumbe 22–28.

IMfundiso neMinqophiso 18–19

“Ixabiso Lemiphefumlo Likhulu”

Izityhilelo ezikwiMfundiso neMinqophiso zazinikwe njengempendulo kwiimeko ezithile malunga neminyaka engama-200 eyadlulayo, kodwa imigaqo- eziyifundisayo ayinaxesha. Khangela le migaqo xa ufunda kwaye ucingisise ngendlela enokusebenza ngayo kuwe.

Bhala Iimvakalelo Zakho

UMartin noLucy Harris babenenye yeefama ezibalaseleyo ePalmyra, eNew York. Kwakubathathe iminyaka ukuyifumana, yabenza bakhulisa usapho, kwaye yabanika isimo esihle eluntwini. Kodwa ngo-1829 kwakucacile ukuba iNcwadi kaMormoni yayizokupapashwa qha ukuba uMartin wayenokumisa ngefama yakhe ukuhlawula umshicileli. UMartin wayenobungqina beNcwadi kaMormoni, kodwa uLucy yena wayengenabo. Ukuba uMartin wayethe waqhubeka ngokumisa ngefama ize iNcwadi kaMormoni ingathengwa kakuhle wayezokuphulukana nefama yakhe kwaye abeke umtshato wakhe emngciphekweni. Ngexesha elithile okanye elinye, sijongana nemibuzo efana naleyo uMartin asenokuba wayejongene nayo: Ixabisa ntoni ivangeli kaYesu Krestu kum? Yintoni endinomdla wokuphulukana nayo ukunceda ukwakha ubukumkani bukaThixo? Kusenokusinceda ukukhumbula ukuba akukho mntu owakhe wahlawula ixabiso elingaphezulu ekusikeleleni abantwana bakaThixo kunelo likaYesu Krestu, “onguyena mkhulu wabo bonke” (IMfundiso neMinqophiso 19:18).

UMartin wathatha isigqibo sokumisa ngefama yakhe. Idini lakhe lahlawulela ukushicilelwa ama 5,000 weekopi zokuqala zeNcwadi kaMormoni. Kwaye ngoku, ngaphezu kwezigidi ezili-190 zeekopi ekuhabeni kwexesha, izigidi zabantu kwihlabathi liphela ziye sasikeleleka.

Ngenkcukacha ethe vetshe malunga nokupapashwa kweNcwadi kaMormoni, bona Saints,1:76–84.

Umfanekiso
Umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 18:10–16

INkosi iyavuya xa siguquka.

Qaphela ukuba kukangakanani amagama guquka no nguquko esetyenzisiwe kuyo yonke IMfundiso neMinqophiso 18 no 19, kwaye ucingisise ngokuba yintoni oyifunda kulamagama xesha ngalinye esetyenziswa. Cingisisa ngakumbi Imfundiso neMinqophiso 18:10–16; iyichaphazela njani le miqolo indlela oziva ngayo ngenguquko—inguquko yakho nomthwalo onawo wokumema abanye baguquke?

Bona futhi Alma 36:18–2; Dale G. Renlund, “Repentance: A Joyful Choice,” Ensign okanye Liyahona, Nkanga 2016, 121–24.

IMfundiso neMinqophiso 18:34–36

Mna ndiyaliva ilizwi leNkosi kuyo iMfundiso neMinqophiso.

Ukuba umntu angakubuza ukuba ilizwi leNkosi linjani, ungathini? Cinga ngalombuzo njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 18:34–36. Yintoni oyifundileyo malunga nelizwi leNkosi ekufundeni iMfundiso neMinqophiso? Yintoni onokuyenza ukuze uve ilizwi laYo imihla ngemihla ngokucace ngakumbi?

IMfundiso neMinqophiso 19:15–20

UYesu Krestu wava ubunzima ukuze ndikwazi ukuguquka kwaye ndize kuYe.

ITestamente Entsha ibuchaza ubunzima uMsindisi owabuvayo eGetsemane ngokwembono zabo babebubukele. Kuyo IMfundiso neMinqophiso 19:15–20, uYesu Krestu wabalisa malunga nobunzima baKhe ngawaKhe amazwi. Njengoko ufunda le ngxelo ingcwele yesiqu sakhe, khangela amagama kunye namabinzana achaza ubunzima obaviwa nguMsindisi. Cingisisa ngokuba yintoni igama ngalinye okanye ibinzana elikufundisa yona. Kutheni uMsindisi wayenomdla wokuva ubunzima nje? Cingisisa ngokubhala imvakalelo yakho malunga noYesu Krestu kunye nedini laKhe ngawe.

Bona Yohane 15:13; Mozaya 3:7;Alma 7:11–12;Imfundiso NemiNqophiso 18:10–13.

Umfanekiso
UYesu ebambe inkwenkwana

Ixabiso Lomphefumlo, nguLiz Lemon Swindle

Imfundiso NemiNqophiso 19:26–27, 34–41

Iintsikelelo zikaThixo zingaphezulu kunobutyebi basemhlabeni.

INcwadi kaMormoni ayizange ithengiseke kakuhle ePalmyra, kwaye njengesiphumo, uMartin Harris waphela ethengisa inxalenye enkulu yefama yakhe ukuze ahlawule ityala (bona “The Contributions of Martin Harris,”Revelations in Context,7–8). Cingisisa ngeloodini—kunye nangeentsikelelo ozifumeneyo ngenxa yalo—njengoko ufunda le miqolo. Usenokucinga malunga nento iNkosi ekucele ukuba uyenze idini. Yintoni oyifumeneyo kulemiqolo ekuphembelelayo ukuba wenze la madini “ngokugcoba” kunye “novuyo”? (bona nayo imiqolo 15–20).

IMfundiso neMinqophiso 19:23

Uxolo luvela ekufundeni ngoYesu Krestu nasekumlandeleni Yena.

Cingisisa ngesimemo soMsindisi “Fundani kum,” Yintoni oyifunda ngoYesu Krestu kwiMfundiso neMinqophiso 19? Shicilela iingcinga zakho, kwaye ucingisise ngokuba ezi nyaniso zimalunga noMsindisi zingakunceda kanjani ufumane uxolo. Kuthetha ukuthini kuwe oku “hambani kubulali boMoya [waKhe]”?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo lwezibhalo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 18:1–5.Mhlawumbi amalungu osapho angabelana ngamanye “amatyeli amaninzi”umqolo 2 apho uMoya ubonakalise kuwo ukuba izibhalo ziyinyani, ngokufanayo nje nokuba wawenzile ku-Oliver Cowdery. Lungenza kanjani usapho lwakho ukuba “luthembele kwizinto ezibhaliweyo”(umqolo 3) kwizibhalo? Ungasakha kanjani isiseko sosapho lwakho kulo “ilwalwa” (umqolo 4) levangeli?

IMfundiso neMinqophiso 18:10–13; 19:16–19.Ilungu ngalinye losapho lingafunda IMfundiso neMinqophiso 18:10–13 kwaye lifake igama lalo endaweni yamagama “umphefumlo” no “imiphefumlo” kunye no “bonke abantu.” Ningathi emva koko nixoxe ngokuba le miqolo isinceda njani na ukuze siqondisise ixabiso lethu kuBawo kunye noNyana (bona IMfundiso neMinqophiso 19:16–19).

IMfundiso neMinqophiso 18:21–25. Ingaba amagama amalungu osapho lwakho aneentsingiselo ezikhethekileyo? Mhlawumbi ningathetha ngokuba kutheni amagama ebalulekile kwaye kuthetha ntoni ukuthabathela kuthi igama likaYesu Krestu (bona Mozaya 5:7). Eli lisenokuba lithuba elilungileyo lokunceda amalungu osapho alungiselele ukuthabathela kuwo igama likaKrestu xa ebhaptizwa.

IMfundiso neMinqophiso 19:15–20Ukunceda amalungu osapho lwakho abenamava anentsingiselo ngalemiqolo, mhlawumbi ungayifunda xeshikweni ubonisa ngomfanekiso kaYesu Krestu (omnye okhapha esi sishwankathelo). Amalungu osapho angathi emva koko abelane ngeemvakalelo zawo malunga noMsindisi. Iculo elithandwayo elimalunga noMsindisi nalo lingawumema uMoya.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “I Stand All Amazed,” Hymns, no. 193.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Buza imibuzo. IMfundiso neMinqophiso ibubungqina bokuba imibuzo ikhokelela kwisityhilelo. Njengoko ufunda izibhalo, shicilela imibuzo eyenzeka kuwe. Ngoko ke ucingisise kwaye uthandaze ukuze ufune iimpendulo.

Umfanekiso
UKrestu uthandaza kumyezo waseGetsemane

UKrestu Uthandaza Kumyezo waseGetsemane, nguHermann Clementz

Shicilela