IMfundiso neMinqophiso 2021
EyoMdumbe 8–14. IMfundiso neMinqophiso 12–13; Imbali—kaJoseph Smith 1:66–75: “Phezu Kwenu Zicaka Zam Ezingabazalwana”


EyoMdumbe 8–14. IMfundiso neMinqophiso 12–13; Imbali—kaJoseph Smith 1:66–75“Phezu Kwenu Zicaka Zam Ezingabazalwana” : Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye neeNtsapho: Imfundiso neMinqophiso 2021(2020)

EyoMdumbe 8–14. IMfundiso neMinqophiso 12–13; Imbali—kaJoseph Smith 1:66–75“Phezu Kwenu Zicaka Zam Ezingabazalwana” : Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye neeNtsapho: Imfundiso neMinqophiso 2021

Umfanekiso
Umlambo iSusquehanna

EyoMdumbe 8–14

IMfundiso neMinqophiso 12–13;; Imbali—kaJoseph Smith 1:66–75

“Phezu Kwenu Zicaka Zam Ezingabazalwana”

UJoseph Smith no-Oliver Cowdery bafumana ulwazi olongezelelweyo njengoko babethandaza malunga neenyaniso ababezifunda kwizibhalo (bona Imbali—kaJoseph Smith 1:68. Uya kuwulandela njani umzekelo wabo?

Bhala Iimvakalelo Zakho

Abantu abaninzi kwihlabathi jikelele mhlawumbi zange bakhe beva ngendawo ebizwa ngokuba yiHarmony, Pennsylvania. Kodwa iNkosi isoloko ikhetha iindawo ezifihlakeleyo isenzela ezona ziganeko zibaluleke ngakumbi kubukumkani baKhe. Kummandla onemithi kufuphi naseHarmony ngoCanzibe 15, 1829, uYohane uMbhaptizi wavela kuJoseph Smith no-Oliver Cowdery njengomntu ovuke ekufeni. Yena wabeka izandla zakhe phezu kweentloko zabo waze wanikezela ngobubingeleli buka-Aron kubo, ebabiza ngokuthi “bazalwana bam abazizicaka zam” (Imfundiso neMinqophiso 13:1).

Ukubonwa njengesicaka esikunye noYohane uMbhaptizi, owabhaptiza uMsindisi kwaye watshayelela indlela esenzela ukuza kwaKhe (bona Mateyu 3:1–6, 13–17 ), kwakumele ukuba kwakuyi ntobeko, mhlawumbi kwakusenokugubungela kulamadodana mabini aneminyaka ikubuthuba bamashumi amabini. Ngelooxesha uJoseph no-Oliver babengaziwa, ngokufanayo nje neHarmony. Kodwa inkonzo emsebenzini kaThixo yayisoloko imalunga nokuba sinceda kanjani, hayi okokuba ngubani osiqaphelayo. Nokuba incinane kangakanani na okanye ayibonakali kanjani na indlela igalelo lakho elikhangeleka ngayo ngamanye amaxesha, nawe usisicaka esingugxa wayo emsebenzini omkhulu weNkosi.

Umfanekiso
Umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso NeMinqophiso 12

INkosi ifuna ndincede ekusekeni injongo yeZiyon.

UJoseph Knight Sr. kunye nenkosikazi yakhe, uPolly, bahlangana noJoseph Smith, xa wayeneminyaka engama-20 ubudala, waqalisa ukusebenza kwifama yabo eColesville, eNew York. UJoseph Knight wamchaza njengoyena msebenzi ubalaseleyo wakhe wabanaye. Yena wabukholelwa ubungqina bukaJoseph Smith malunga namacwecwe egolide waza wathatha uPolly kutyelelo oluya kuJoseph Smith ngethuba wayeguqulela iNcwadi KaMormoni kwikhaya lakhe eHarmony, ePennsylvania. Yena wakholelwa ngoko nangoko. Ebomini babo bonke, uJoseph noPolly bahlala benyanisekile kwivangeli ebuyiselweyo. Ngaphezu kwamalunga angama-60 wosapho lakwaKnight azimanya nebandla kwaye ancedisa ekusekweni kweBandla eNew York, e-Ohio, eMissouri, eNauvoo, kwaye ekugqibeleni nakwiSixeko saseSalt Lake.

UJoseph Knight wayefuna ukwazi ukuba yena anganceda kanjani emsebenzini weNkosi. Impendulo yeNkosi (ngoku IMfundiso neMinqophiso 12 isebenza kubo “bonke abanqwenela ukuzisa ngaphambili nokuseka lo msebenzi” (umqolo 7)—kuquka nawe. Kuthetha ukuthini kuwe “ukuzisa ngaphambili nokuseka injongo yeZiyon”(umqolo 6). Ikunceda njani imigaqo kunye neempawu ezikwimiqolo 7–9 ekwenzeni oku?

Bona futhi “The Knight and Whitmer Families,”Revelations in Context, 20–24.

IMfundiso neMinqophiso 13

UBubingeleli buka-Aron babuyiselwa nguYohane uMbhaptizi.

Ngesivakalisi nje esinye, uYohane uMbhaptizi watyhila iinyaniso ezininzi malunga noBubingeleli buka-Aron. Cingisisa ngokwenza uluhlu lako konke okufunda kwelicandelo (ukuquka nesihloko secandelo). Usenokufumanisa kuluncedo ukufunda amanye amabinzana owafumanayo. Nantsi eminye imizekelo enokukwenza uqalise:

Zeziphi iintsikelelo ozifumeneyo ngenxa yemimiselo yoBubingeleli buka-Aron?

Umfanekiso
UJoseph Smith ubhaptiza u-Oliver Cowdery

UJoseph Smith ubhaptiza uOliver Cowdery, NguDel Parson

Joseph Smith—Imbali 1:66–75

Imimiselo indinika imvume yokufikelela emandleni kaThixo.

Udade Carole M. Stephens, owayesakuba ngumcebisi kuBongameli Jikelele boMbutho waManina, wafundisa: “Imimiselo neminqophiso yoBubingeleli isinika imvume yokufikelela kwiintsikelelo ngokupheleleyo esizithenjiswe nguThixo, ezenziwa zibekhona ngenxa yeNtlawulelo yoMsindisi. Yona ixhobisa oonyana kunye neentombi zikaThixo ngamandla, amandla kaThixo, kwaye isinika ithuba lokufumana ubomi obungunaphakade”(“Do We Know What We Have?Ensign okanye Liyahona, Nkanga 2013, 12).

Njengoko ufunda Imbali—kaJoseph Smith 1:66–75, uquke nesikhumbuzo esisekupheleni kwayo umqolo 71,cingisisa ngento eyaphembelela uJoseph Smith no-Oliver Cowdery ukuba babuze ngobhaptizo, kwaye uqaphele iintsikelelo ezafika kubo emva kokuthatha inxaxheba kwimimiselo yobubingeleli. Cingisisa ngokufunda imbali osenokuba wayibhala emva kokufumana imimiselo okanye ushicilele iinkumbulo zakho zezoziganeko. Zeziphi iintsikelelo ozifumeneyo ngenxa yemimiselo yobubingeleli?

Bona futhi IMfundiso neMinqophiso 84:20–22;Saints,1:65–68.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 12:8Kutheni iimpawu ezidweliswe kulomqolo zibalulekile xa sisenza umsebenzi weNkosi?

IMfundiso neMinqophiso 13.Yintoni enokwakha ukholo losapho lwakho kwimbuyiselo yoBubingeleli buka-Aron? Umboniso bhanya-bhanya “Restoration of the Aaronic Priesthood” ChurchofJesusChrist.org okanye imizobo ekhapha esi sishwankathelo ingalunceda usapho lwakho lube nomfanekiso -ngqondweni wembuyiselo yoBubingeleli buka-Aron. Ingaba bangakonwabela ukuzoba umfanekiso wesisiganeko, ngokusekwe koko bakufunda kwiMbali—kaJoseph Smith 1:68–74? Bona bangabelana ngobungqina babo malunga namandla obubingeleli ebomini babo.

Bona futhi “Priesthood Restoration Site” kwi-history.ChurchofJesusChrist.org.

Imbali—kaJoseph Smith 1:68.Singawulandela kanjani umzekelo kaJoseph Smith no-Oliver Cowdery wokufumana iimpendulo kwimibuzo yethu? Mhlwawumbi njengoko nifunda kunye, ningakwenza into esisiqhelo ukuma nibuze ukuba akukho mntu onemibuzo ngalento bayifundayo.

Imbali—kaJoseph Smith 1:71, isikhumbuzo.Yintoni akholwa yiyo amalungu osapho lwakho malunga namazwi ka-Oliver Cowdery? Yeyiphi eminye yosapho lwakho “imihla engasayi kuze ilityalwe”?

Imbali—kaJoseph Smith 1:73–74.Sesiphi isiphumo uMoya oyiNgcwele owabanaso kuJoseph no-Oliver? Kwakunini apho uMoya wathi wanceda usapho lwakho lube nolwazi olungcono lwezibhalo kwaye lugcobe eNkosini?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “The Priesthood Is Restored,” Incwadi Yamaculo Abantwana, 89.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Funda isihloko. Njengosapho, khethani isihloko eninokuthanda ukusifunda ngokubanzi. Ngokomzekelo, kuleveki nisenokusebenzisa iIsikhokelo Kwizihloko okanye Isikhokelo Kwizibhalo (scriptures.ChurchofJesusChrist.org) ukuze nifumane izibhalo ezimalunga noBubingeleli buka-Aron.

Umfanekiso
UYohane uMbhaptizi enika uJoseph Smith uBubingeleli buka-Aron

Phezu Kwenu Zicaka Zam Ezingabazalwana, nguLinda Curley Christensen

Shicilela