IMfundiso neMinqophiso 2021
EyoMdumba 15–21. IMfundiso neMinqophiso 14–17; “Ube Nokuma Njengengqina”


“EyoMdumba 15–21. IMfundiso neMinqophiso 14–17; “Ube Nokuma Njengengqina” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyoMdumba 15–21. IMfundiso neMinqophiso 14–17,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
UJoseph Smith kunye naMangqina Amathathu beguqe emthandazweni

EyoMdumba 15–21

IMfundiso neMinqophiso 14–17

“Yima Njengengqina”

Usapho nabahlobo bakaJoseph Smith ngamanye amaxesha babemcela ukuba abafunele isityhilelo malunga noko uThixo wayefuna bakwenze. Njengoko ufunda ezi zityhilelo, cingisisa ngesalathiso sendlela uThixo akuphethele sona.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Nangona umsebenzi wenguqulelo wawuqhubekeka kakuhle, kwekaCanzibe 1829, imeko eHarmony yayisele inzima kuJoseph, ku-Emma, naku-Oliver. Ingcwangu eyayiphuma kubamelwane yayikhula ngelilixa inkxaso yosapho luka-Emma yayibamfiliba. Esakuva ukuba eHarmony kwakungasakhuselekanga, u-Oliver waye wabhenela kumhlobo wakhe owayekhe wabonakalisa umdla emsebenzini kaJoseph: uDavid Whitmer. UDavid wayehlala nabazali bakhe nabantakwabo eFayette, New York, umgama ongangeemayile ezili-100 ekudeni. Yena wayedibene no-Oliver kwixesha elingangonyaka elidlulileyo, kwaye u-Oliver wayembhalele iileta eziliqela ukusukela ngoko, esabelana ngamava akhe wokusebenza noMprofeti. UDavid okanye abantu bakokwabo babengekadibani noJoseph. Kodwa xa u-Oliver wayecela ukuba yena noJoseph bathuthele kwikhaya lakwaWhitmer ukuze bagqibezele ukuguqulela iNcwadi kaMormoni, abakwaWhitmer babesele belungele ukuvula iminyango yabo. Kwaye iNkosi yayinezicwangciso ezingaphezulu koko ngabakwaWhitmer kunokuba baphe uMprofeti indawo yokufihla intloko. Yona yayinemiyalelo ecace gca kubo, efumaneka kwiMfundiso neMinqophiso 14–17, kwaye ekuhambeni kwexesha babeza kuba lolunye lweentsapho zesiseko seBandla kwaye babengamangqina wokubuyiswa okwakusenzeka.

Ngokuthe vetshe malunga nosapho lwakwaWhitmer, bona Saints, 1:68–71.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 14

Nam ndingathatha inxaxheba “kumsebenzi omkhulu nomangalisayo” kaThixo.

Xa wayedibana noJoseph Smith, uDavid Whitmer wayeselityendyana elalizinikele kumsebenzi walo kwifama yosapho. Kodwa iNkosi yayinomsebenzi wumbi engqondweni ngoDavid —nangona ngezinye iindlela wawuphantse ufane nomsebenzi wokulima. Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 14:1–4, qaphela ukuba iNkosi iwuthelekisa kanjani umsebenzi wayo kuhlobo lomsebenzi uDavid owayewuqhelile. Yintoni oyifundayo malunga nomsebenzi weNkosi kolu thelekiso?

Ingaba wena “ungayiphosa irhengqe [yakho]” kanjani? (umqolo 4). Zithathele ingqalelo izithembiso ezinikwa kulo lonke eli candelo kwabo “bafuna ukuzisa ngaphambili nokuseka …iZiyon” (umqolo 6).

IMfundiso neMinqophiso 14:2

Ilizwi likaThixo “elikhawulezayo nelinamandla.”

INkosi yathelekisa ilizwi laYo “nekrele elintlangothimbini” (IMfundiso neMinqophiso 14:2). Ingaba olu thelekiso lukucebisa ntoni malunga nelizwi likaThixo? Ngokomzekelo, ilizwi laKhe likhawuleza, linamandla, kwaye libukhali njani? Wawukhe wawava njani amandla elizwi likaThixo?

Cingisisa ngezinye iindlela uThixo achaza ngazo ilizwi laKhe. Ngokomzekelo, yintoni oyifunda malunga nelizwi likaThixo ekoluthelekiso lukulemihlathi ilandelayo?

INdumiso 119:105 

Isaya 55:10–11 

Mateyu 4:4 

1 Nifayi 15:23–24 

Alma 32:28 

Umfanekiso
ikrele phezu kwezibhalo

INkosi yalifanisa nekrele ilizwi laYo.

IMfundiso neMinqophiso 14:7

Ubomi banaphakade “busesona sipho sikhulu sazo zonke izipho zikaThixo.”

Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso14:7, cinga ngokunzulu ukuba kutheni ubomi banaphakade “busesona sipho sikhulu sazo zonke izipho zikaThixo.” Le mbono iphuma kuMongameli Russell M. Nelson inganceda: “Ngaphantsi kwecebo elikhulu likaThixo lolonwabo, iintsapho zingatywinwa etempileni kwaye zilungiselele ukubuyela ekuphileni kubukho baKhe obungcwele banaphakade. Obo bubomi banaphakade!” (“Thanks Be to God,” Ensign okanye Liyahona, Canzibe 2012, 77).

Cingisisa ngokufakela isalathisi kumqolo 7 esithi sikuncede ngakumbi malunga nobomi banaphakade (bona “Ubomi Banaphakade” kwiSikhokelo Sezihloko okanye kwiSikhokelo Kwizibhalo, scriptures.ChurchofJesusChrist.org). Yintoni oyifundayo ekuphembelela ukuba uzamele ubomi banaphakade ngamandla?

IMfundiso neMinqophiso 15–16

Ukuzisa imiphefumlo kuKrestu lelona xabiso likhulu.

Bobabini uJohn noPeter Whitmer babefuna ukwazi ukuba kwakuyintoni “oko kuya kuba lixabiso elilona likhulu” ebomini babo (IMfundiso neMinqophiso 15:4; 16:4). Ingaba ukhe uzicingele nje malunga noku? Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 15–16, cingisisa ngokuba kutheni ukuzisa imiphefumlo kuKrestu kulixabiso elilona likhulu. Ungayimemela kanjani imiphefumlo kuKrestu?

Bona futhi IMfundiso neMinqophiso 18:10–16.

IMfundiso neMinqophiso 17

INkosi isebenzisa amangqina ukuseka ilizwi laYo.

Yintoni ingqina? Kutheni iNkosi isebenzisa amangqina emsebenzini waYo? (bona 2 AbaseKorinte 13:1). Cingisisa kanzulu ngale mibuzo njengoko ufunda amazwi kaThixo kuMangqina Amathathu kwiMfundiso neMinqophiso 17. Kungaba luncedo olukhulu ukuba ujonge kwakhona “Ubungqina Bamangqina Amathathu” kwiNcwadi kaMormoni. Ingaba amangqina anceda kanjani ukuzisa “iinjongo ezilungileyo” zikaThixo? (umqolo 4).

Ubusazi ukuba uMary Whitmer naye waye wabufumana ubungqina bamacwecwe egolide? Ingelosi uMoronayi yambonisa njengombulelo wamadini awayewenza xeshikweni uJoseph, no-Emma, kunye no-Oliver babehlala ekhayeni lakhe (bona Saints, 1:70–71). Yintoni oyifunda kumava wakhe okufumana ubungqina?

Bona futhi Saints, 1:73–75; Ulisses Soares, “The Coming Forth of the Book of Mormon,” Ensign okanye Liyahona, Canzibe 2020, 32–35.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Losapho kunye Nomhlangano Wangorhatya

IMfundiso neMinqophiso 14:1–4.Cingisisa ngokumema usapho lwakho ukuba lufumane amabinzana awahambelana nezolimo kule miqolo. Kutheni iNkosi ithelekisa umsebenzi waYo nesivuno? Yintoni esingayenza ekuncedeni umsebenzi waYo?

IMfundiso neMinqophiso 14:2.Umsebenzi walo mqolo “kwi-Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa” udwelisa eminye imihlathi yezibhalo ezimalunga nelizwi likaThixo. Mhlawumbi amalungu osapho angayifunda kwaye abelane ngoko akufundayo. Ingaba le mihlathi yezibhalo isiphembelela kanjani ukuba “sinike inyameko” elizwini likaThixo?

IMfundiso neMinqophiso 15:6; 16:6.Le miqolo ingakhuthaza incoko emalunga nezinto ezizona zexabiso elikhulu kusapho lwakho (bona IMfundiso neMinqophiso 18:10).

IMfundiso neMinqophiso 17.Usapho lwakho lungakonwabela ukuzoba imifanekiso yezinye zezinto Amangqina Amathathu azibonayo (bona umqolo 1). Njengoko ufunda icandelo 17, khangela amabinzana awafundisa malunga nokubaluleka kweNcwadi kaMormoni. Thina singaba ngamangqina weNcwadi kaMormoni kanjani? Usapho lwakho lungabukela futhi umboniso bhanya-bhanya “A Day for the Eternities” (ChurchofJesusChrist.org).

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “I’ll Go Where You Want Me to Go,” Hymns, no. 270.

Umfanekiso
umfanekiso wamazwi embuyiselo

Amazwi eMbuyiselo

ULucy Mack Smith naMangqina Amathathu Nawasibhozo

Ingelosi uMoronayi yabonisa uJoseph Smith, Oliver Cowdery, David Whitmer, noMartin Harris amacwecwe egolide ezinkunini ezazikude kufuphi nekhaya lakwaWhitmer eFayette, New York. Abazali bakaJoseph babendwendwele abakwaWhitmer ngeloo xesha. ULucy Mack Smith, unina kaJoseph, waluchaza utshintsho la mava ommmangaliso abanalo kuloo mangqina:

Umfanekiso
ULucy Mack Smith

“Kwakuphakathi kwentsimbi yesithathu neyesine. UNkz Whitmer noMnu. Smith kunye nam, sasihleli kwigumbi lokulala. Ndandihleli ngasebhedini. Xa uJoseph wayengena, waye waziphosela phantsi ecaleni kwam. ‘Tata! Mama!’ watsho oko. ‘Awazi ukuba ndonwabe kangakanani. INkosi yenze amacwecwe ukuba aboniswe kwabanye abathathu ngaphandle kwam, abathe nabo babona ingelosi kwaye nabo kuza kufuneka bangqine kwinyaniso yoko ndikutshoyo. Kuba nabo bayazazela ukuba andihambi ndilahlekisa abantu. Kwaye ndiziva ngathi ndothulwe umthwalo obusoyikeka, owawuphantse undisinde ukuba ndiwunyamezele. Kodwa nabo ngoku kuza kumele bathwale inxalenye, kwaye kuyawuvuyisa umphefumlo wam okokuba andisayi kuba ndodwa qha emhlabeni.’ Kwaye kwangena uMartin Harris. Naye wayebonakala ngathi ugutyungelwe luvuyo olugqithisileyo. Waye wangqina ngoko akubonileyo nakuvileyo, njengabanye nabo abenza njalo, u-Oliver noDavid. Ubungqina babo babufana noko kuqulathwe kwiNcwadi kaMormoni. …

“Ngakumbi uMartin Harris wayebonakala ngokucacileyo nje ukuba wayengakwazi ukusekela imizwa yakhe ngamagama. Yena wathi, ‘Ngoku ndibone ingelosi ephuma eZulwini ethe yangqina ngokuqinisekileyo ngenyaniso yako konke endithe ndakuva malunga noxwebhu, kwaye amehlo wam ayibonile. Kwaye ndiwabonile amacwecwe egolide ndaze ndawabamba ngezandla zam kwaye nam ndingangqina ngoko kufanayo kwihlabathi lonke. Kodwa mna ndizifumanele ubungqina obungenakuchazwa ngamagama, okanye buchazwe ngolwimi, kwaye ndiyamsikelela uThixo ngokunyaniseka komphefumlo wam ngokuba yena uye wazidela wandenza, nkqu nam, ingqina lomsebenzi wakhe omkhulu kangaka namacebo wakhe awenzela abantwana bakhe. U-Oliver noDavid nabo bamngenelela ezindumisweni ezindilisekileyo kuThixo ngokulunga kwakhe nangenceba yakhe. Saye sabuyela ekhaya [ePalmyra, New York,] ngomhla olandelayo, siliqedlana elalonwabile kwaye lichwayitile.”1

Umfanekiso
Amangqina Amathathu

Imizobo ka-Oliver Cowdery, David Whitmer, noMartin Harris ngu Lewis A. Ramsey

ULucy Smack Smith naye wayekhona xa Amangqina Asibhozo ayebuya kwawawo amava:

“Emveni kokuba la mangqina ebuyele endlwini, ingelosi yaye yavela kwakhona kuJoseph; apho ngeloo xesha uJoseph waye wabuyisela amacwecwe ezandleni zayo. Ngoloo rhatya saye sabamba intlanganiso, apho onke amangqina aye abeka ubungqina kwinyaniso esele ichaziwe ngasentla; kwaye lonke usapho lwethu, nkqu noDon Carlos [Smith], owayeneminyaka eli-14 ubudala, sangqina ngenyaniso yelixesha lokuhlanganisela lemihla yokugqibela—okokuba yayingeniswa ngokupheleleyo.”2

Umfanekiso
UJoseph Smith ubonisa amacwecwe eMangqineni Asibhozo

Sculpture of Joseph Smith and the Eight Witnesses by Gary Ernest Smith

Umfanekiso
Ingelosi uMoronayi ibonisa amacwecwe wegolide kuJoseph Smith, Oliver Cowdery kunye noDavid Whitmer

The Angel Moroni Showing the Gold Plates to Joseph Smith, Oliver Cowdery, and David Whitmer, by Gary B. Smith

Shicilela