IMfundiso neMinqophiso 2021
EyoMdumba1–7. IMfundiso neMinqophiso10–11: “Uze Uphume Ungowoyisileyo”


“EyoMdumba 1–7. IMfundiso neMinqophiso10–11: ‘Uze Uphume Ungowoyisileyo,’”Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye neeNtsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021(2020)

“EyoMdumba1–7. IMfundiso neMinqophiso10–11,”:Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
Amaphepha oqobo wenguqulelo yeNcwadi kaMormoni

Umfuziselo wamaphepha oqobo wenguqulelo yeNcwadi kaMormoni.

EyoMdumba1–7

IMfundiso neMinqophiso 10–11

“Uze Uphume Ungowoyisileyo”

Ukushicilela imvakalelo ngethuba ufunda izibhalo kufana nokutyala imbewu; nkqu nemvakalelo encinci ingakhokelela kwisityhilelo somntu waso.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Njengoko inguqulelo yeNcwadi kaMormoni yayiqhubekeka, umbuzo wazivelela: Yintoni uJoseph Smith no-Oliver Cowdery ekwakumele bayenze malunga naloo maphepha wenguqulelo ayelahlekile? Eyona nto eyenza ingqondo isenokuba kukubuyela umva kwaye kuguqulelwe kwakhona laa ndawana, kodwa iNkosi yayibona into bona ababengayiboni—abantu abakhohlakeleyo babequlunqa iyelenqe lokutshintsha amagama awayekuloomaphepha ukwenza intandabuzo kumsebenzi ophenjelelweyo kaJoseph. UThixo wayenecebo lokunqanda iinzame zikaSathana kwaye nokubuyekeza oko kwakulahlekile. Eli cebo lashukunyiswa eminyaka engamawaka-waka ngaphambili xa umprofethi uNifayi waziva ephenjelelwa ukuba enze amacwecwe esibini awayebalisa ngexesha elifanayo. Ekuhambeni kwexesha, uMormon waphenjelelwa ukuba awadibanise kwiNcwadi kaMormoni “ngenjongo yobulumko” eyaziwa yiNkosi (bona Amazwi kaMormoni 1:3–7).

“Ubulumko bam,” yatsho iNkosi kuJoseph Smith, “bukhulu ngakumbi kunobuqhetseba bomtyholi”(IMfundiso neMinqophiso 10:43). Lo ngumyalezo oqinisekisayo kumhla ofana nowethu, xa imizamo engapheziyo yotshaba yokwenza nkenenkene ukholo iya iqina. NjengoJoseph, thina singakwazi ukuba sibe “sithembekile kwaye siqhubekeke” kumsebenzi uThixo asibize ukuba siwenze (umqolo 3). Emva koko siya kufumanisa ukuba Yena sele ayenzile indlela yokuba “namasango esihogo awayi koyisa” ngokuchasene nathi (umqolo 69).

Bona Saints, 1:51–61.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 10:1–33

USathana ufuna ukutshabalalisa umsebenzi kaThixo.

USathana angakhetha ukuba silibale ngokuba yena uyaphila—okanye ukuba sehlulakale ekuqapheleni amalinge wakhe wokusifaka ifuthe (bona 2 Nifayi 28:22–23). Kodwa amazwi weNkosi kwiMfundiso neMinqophiso 10 aveza ukuba uSathana ukwinkcaso engapheziyo, eqhubekayo nomsebenzi kaThixo. Njengoko ufunda imiqolo 1–33, qaphela uSathana wayesungula njani ukutshabalalisa umsebenzi kaThixo ngexesha likaJoseph Smith (bona futhi imiqolo 62–63). Zintoni ezifanayo ozibonayo ngeendlela uSathana asebenza ngazo namhlanje? Ungacela iNkosi ikuncede ubone ukuba inoba ukuhenda njani uSathana. Yintoni oyifunda kwicandelo 10 enokukunceda uxhathise kumalinge kaSathana?

IMfundiso neMinqophiso 10:34–52

ObeNkosi “ubulumko bukhulu ngakumbi kunobuqhetseba bomtyholi.”

Ngaphezulu kweminyaka engama-2,400 ngaphambili, iNkosi yalungiselela ukubuyekeza amaphepha alahlekayo weNcwadi kaMormoni (bona 1 Nifayi 9). Yintoni oyifundayo malunga neNkosi kwiMfundiso neMinqophiso 10:34–52? Bobuphi ubungqina bobulumko nolwazi olungaphambili lweNkosi olubonileyo ebomini bakho?

Imbali uThixo awayilungiselela ukuba ithathe indawo yamaphepha enguqulelo awalahlekayo ngoku ifumaneka ku-1 Nifayi ukuya kutsho ku-Omnayi. Ingaba amabali neemfundiso ezilapha kulembali “[ziphose] iimbono ezinkulu phezu kwevangeli” kuwe kanjani? (IMfundiso neMinqophiso 10:45).

Umfanekiso
UMormoni edibanisa amacwecwe egolide

UMormoni edibanisa amacwecwe egolide,nguTom Lovell

IMfundiso neMinqophiso 11

Ukuba ndicela kuThixo, ndiya kufumana.

Amalungu aliqela osapho lukaJoseph Smith kunye nabahlobo bamcela ukuba abafunele intando yeNkosi. UJoseph wayonwabile ukwenza oko, kodwa neNkosi yayinomdla wokubanika isityhilelo sabo. KwiMfundiso neMinqophiso 11, isityhilelo awathi uJoseph wasifumanela umntakwabo omdala uHyrum, iNkosi yathi, “ndiya kunikela kuwe okoMoya wam, … kwaye ngoko uya kwazi … zonke izinto naziphina ozinqwenelayo zam”(IMfundiso neMinqophiso 11:13–14).

INkosi yathi amazwi wayo ayenzelwe “bonke abo baneminqweno elungileyo, kwaye bathe baphosela iirhengqe zabo ekuvuneni”(umqolo 27). KwiMfundiso neMinqophiso 11, yintoni iNkosi ezama ukukuxelela yona malunga nesityhilelo somntu? malunga nokuthatha inxaxheba emsebenzini kaThixo? Yeyiphi eminye imiyalezo anayo Yena ngawe?

IMfundiso neMinqophiso 11:15-26

Njengoko ndifuna “ukuzuza ilizwi [likaThixo],” ndiya kufumana uMoya waKhe namandla.

Nkqu kwaphambi kokuba iNcwadi kaMormoni iguqulelwe, uHyrum Smith wayetshiseka kukushumayela ivangeli. Njengoko ufunda impendulo yeNkosi kwiminqweno yakhe, cingisisa ngokuba kuthetha ntoni kuwe “ukuzuza ilizwi [likaThixo]”(umqolo 21). Kukunceda kanjani ukuzuza ilizwi likaThixo ukuba uncede eBandleni? Kuwazisa kanjani amandla kaThixo ebomini bakho?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 10:5.Yintoni esiyifundayo kulomqolo malunga namandla womthandazo? Thina “sithandaza rhoqo” njani? (Ngezinye iingcebiso, bona David A. Bednar, “Pray Always,” Ensign okanye Liyahona, Nkanga 2008, 41–44.)

IMfundiso neMinqophiso 10:38–46.Ukunceda usapho lwakho luxoxe ngokuba iNkosi yawabuyekeza kanjani amaphepha ayelahlekile wenguqulelo yeNcwadi kaMormoni, mhlawumbi amalungu osapho angathetha ngento asandula ukulahlekelwa yiyo kutshanje. Avakalelwa kanjani akufumanisa ukuba ilahlekile? Avakalelwa kanjani ukufumaneka kwayo? Nangona amaphepha alahlekayo eNcwadi kaMormoni engazange afumaneke, yayibuyekeza kanjani ilahleko yawo, ngokweMfundiso neMinqophiso 10:38–46?

IMfundiso neMinqophiso 10:55–70.Mema amalungu osapho ukuba afumane okanye aphawule amabinzana aqala “Ndingu” “Ndiza.” Yintoni esiyifunda kumabinzana ka “Ndingu” malunga nomntu uYesu Krestu anguye kwanokuba unjani na? Sifunda ntoni kumabinzana ka “Ndiza” malunga noko Yena akwenzayo? Khuthaza amalungu osapho ukuba abelane ngokuba ezi nyaniso zilomeleza njani ukholo lwawo kuYesu Krestu.

IMfundiso neMinqophiso 11:12–14.Ukufunda le miqolo kungawanceda amalungu osapho lwakho aqaphele xa uMoya unxibelelana nawo. Ungakhanyisa itotshi phantsi kwaye umeme amalungu osapho ukuba aye apho ukukhanya kumenyezela khona. Kufana njani oku nokulandela ukhokelo loMoya oyiNgcwele? Ngawaphi amava wakho onokuwaba?

IMfundiso neMinqophiso 11:15–30.Cingisisa ngokwenza uluhlu lwezinto iNkosi eyazixelela uHyrum Smith ukuba makazenze ukuze alungele ukwaba ivangeli. Yintoni esinokusebenza kuyo njengosapho?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Search, Ponder, and Pray,” Children’s Songbook, 109; Bona “Amacebo Okuphucula Ufundo Lwezibhalo Losapho Lwakho.”

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Zisebenzise izibhalo ebomini bakho. Emva kokufunda umhlathi kwizibhalo, cela amalungu osapho abe ngeendlela umyalezo ongena ngazo kubomi bawo. Ngokomzekelo, asenokwaba ngokuba uMoya uwachukumise kanjani na ngeendlela ezichazwa kwiMfundiso neMinqophiso 11:12–13.

Umfanekiso
UJoseph noHyrum Smith

UJoseph noHyrum Smith, nguKen Corbett

Shicilela