IMfundiso neMinqophiso 2021
Iingcebiso Zokuphucula Ufundo Lwezibhalo Zosapho Lwakho


“Ingcebiso Zokuphucula Ufundo Lwezibhalo Zosapho Lwakho,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“Iingcebiso Zokuphucula Ufundo Lwezibhalo Zosapho Lwakho,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
iintsapho zifunda izibhalo ezingcwele

Iingcebiso Zokuphucula Ufundo Lwezibhalo Zosapho Lwakho

Ukufundwa rhoqo kwezibhalo lusapho yindlela enamandla yokunceda usapho lwakho lufunde ivangeli. Kangakanani kwaye ixesha elingakanani enilifundayo njengosapho alubalulekanga njengokungaguquguquki.Ubungakanani nobude bexesha lokufunda njengosapho azibalulekanga njegeenzame zenu ezingaguqukiyo. Njengoko nisenza ufundo lwezibhalo lube yinxalenye ebalulekileyo yobomi bosapho lwakho, niya kunceda amalungu osapho lwenu asondelelane nakuYesu Krestu kwaye okhe ubugqina bawo kwisiseko selizwi laKhe.

Cingisisa le mibuzo elandelayo:

  • Ungawakhuthaza njani amalungu osapho ukuba azifundele izibhalo ngokunokwawo?

  • Yintoni onakho ukuyenza ukukhuthaza amalungu osapho abelane ngoko akufundayo?

  • Unokuyigxininisa njani imigaqo oyifunda kwiMfundiso neMinqophiso kwimizuzu yemihla ngemihla yokufundisa?

Khumbula ukuba ikhaya yeyona ndawo ifanelekileyo yokufunda ivangeli. Ninakho ukufunda nokufundisa ivangeli ekhaya ngeendlela ezingenako ukwenzeka kwigumbi lokufunda eBandleni. Yiba nobuchule njengoko ucinga ngeendlela zokunceda usapho lwakho lufunde kwizibhalo.

Iingcebiso Zomsebenzi

Cingisisa ngezinye zeengcebiso ezilandelayo ukuphucula ufundo lwezibhalo zosapho lwakho:

Sebenzisa umculo

Cula amaculo awanyanzelisa izifundo ezifundiswa kwizibhalo ezingcwele. Iculo elicetyisiweyo okanye iculo labantwana lidweliswe kwisishwankathelo seveki nganye. Ungabuza imibuzo ngamagama okanye amabinzana asemazwini weculo. Ukwangeza ekuculeni, usapho lwakho lungadlala izenzo ezihambelana nengoma okanye lumamele iingoma ngemva logama besenza eminye imisebenzi.

Yabelana ngezibhalo ezingcwele ezinentsingiselo

Nika amalungu osapho ixesha lokwabelana ngemihlathi yezibhalo ezingcwele awazifumeneyo kufundo lwawo.

Sebenzisa awakho amagama

Mema amalungu osapho ukuba ashwankathele ngamazwi awo oko akufundayo kwizibhalo enizifundayo.

Sebenzisani izibhalo ebomini benu

Emva kokufunda umhlathi kwizibhalo, cela amalungu osapho abelane ngeendlela umyalezo ongena ngawo kubomi bawo.

Buza umbuzo

Mema amalungu osapho abuze umbuzo wevangeli, uze uchithe ixesha ukhangela imiqolo enako ukunceda ukuphendula umbuzo.

Bonisa isibhalo

Khetha umqolo owufama unentsingiselo, kwaye uwubonise apho amalungu osapho aza kuwubona rhoqo. Mema amanye amalungu osapho anikane amathuba ekhetha izibhalo zokubonisa.

Yenza uluhlu lwezibhalo

Njengosapho, khethani imiqolo eliqela eningathanda ukuxoxa ngayo kule veki izayo.

Nkqayani izibhalo ezingcwele

Khethani umqolo wezibhalo onentsingiselo kusapho lwakho, kwaye umeme amalungu osapho awunkqaye ngokuwuphindaphinda rhoqo ngemihla ngemihla okanye ngokudlala umdlalo wokunkqaya.

Yabelana ngezifundo ezinenjongo

Fumana izinto ezihambelana nezihloko kunye nemiqolo eniyifundayo njengosapho. Mema amalungu osapho ukuba athethe malunga nendlela into nganye ehambelana ngayo kwiimfundiso ezikwizibhalo.

Khetha isihloko

Vumela amalungu osapho athathe amathuba ukukhetha isihloko usapho oluza kusifunda kunye. Sebenzisa Isikhokelo Sezihloko, Isichazi-magama seBhayibhile, okanye Isikhokelo seZibhalo (scriptures.ChurchofJesusChrist.org) ukufumana imihlathi yezibhalo ezingcwele ezimalunga nesihloko.

Zoba umfanekiso

Fundani imiqolo embalwa njengosapho, kwaye niphe amalungu osapho ixesha lokuba azobe okuthile okunxulumene noko akufundileyo. Chithani ixesha nixoxa ngemizobo yenu.

Linganisani ibali

Emveni kokufunda ibali, mema amalungu osapho ukuba alinganise ibali. Emva koko, thethani ngokuba ibali linxulumene njani nezinto ozivayo ngokwakho nanjengosapho.

Ukufundisa Abantwana

Ukuba unabantwana abancinane kusapho lwakho, nantsi eminye imisebenzi enako ukubanceda bafunde:

Cula

Amaculo neengoma eziphuma kwi Children’s Songbook zifundisa imfundiso ngokunamandla. Isishwankathelo ngasinye kwesi sixhobo siqulathe ingoma ecetyisiweyo. Ungasebenzisa isalathisi sezihloko emveni kwe Ncwadi Yamaculo Yabantwana ukufumana iingoma ezihambelana nemigaqo yevangeli oyifundisayo. Nceda abantwana bakho baqhagamshelane nemiyalezo yeengoma ebomini babo.

Mamela okanye nidlale ibali

Abantwana abancinci bayawathanda amabali—awaphuma kwizibhalo ezingcwele, awasuka ebomini bakho, awasuka kwimbali yeBandla, okanye kwiimagazini zeBandla. Khangela iindlela zokubabandakanya kubaliso lwamabali. Bangabamba imifanekiso okanye izinto, bazobe imifanekiso yoko bakuvayo, balinganise ibali, okanye bancede ukubalisa ibali. Nceda abantwana bakho baqaphele iinyaniso zevangeli ezisemabalini owabelana ngawo.

Fundani isibhalo

Abantwana abancinci bangangakwazi ukufunda kakhulu, kodwa ungakwazi ukubabandakanya ekufundeni kwizibhalo. Ungadinga ukuqwalasela kumqolo omnye, ibinzana eliphambili, okanye igama.

Jonga umfanekiso okanye ubukele umfanekiso bhanya-bhanya

Buza imibuzo malunga nomfanekiso okanye ngomboniso bhanya-bhanya ohambelana nomgaqo wevangeli enixoxa ngayo. Umzekelo, ungabuza, “Yintoni eyenzekayo kulo mfanekiso? Ingaba ikwenza uzive njani?” IGospel library app, Gospel Media Library ku ChurchofJesusChirst.org, kunye children.ChurchofJesusChrist.org zindawo ezilungileyo zokukhangela imifanekiso kunye nemiboniso bhanya-bhanya.

Dala

Abantwana bangokha, bazobe, okanye bafake imibala into ehambelana nebali okanye nomgaqo abawufundayo.

Thatha inxaxheba kwisifundo esinenjongo

Isifundiso esinenjongo esilula singanceda abantwana bakho baqonde umgaqo wevangeli onzima ukuqondakala. Xa usebenzisa izifundiso ezinenjongo, fumana iindlela zokuvumela abantwana bakho bathathe inxaxheba. Baza kufunda lukhulu emaveni wokusebenzisana kunokubukela nje umboniso.

Yenzani umdlalo weqonga

Xa abantwana bedlalisa imeko abanokudibana nayo ebomini bokwenene, bayiqonda ngcono indlela umgaqo wevangeli osebenza ngayo ebomini babo.

Phindaphinda imisebenzi

Abantwana abancinci bangadinga ukuva iimbono amaxesha aphindaphindaneyo ukuze aziqonda. Umzekelo, ungabelana ibali lezibhalo amaxesha aliqela ngeendlela ezahlukeneyo—nifunda kwizibhalo, nishwankathela ngamazwi enu, nivumela abantwana banincede ukubalisa ibali, ubamema ukuba balinganise ibali, kunye nanjalonjalo.

Yenza unxibelelwano neenjongo zabo zophuhliso

Ufundo lwezibhalo losapho lungabonelela ngempembelelo kulutsha nasebantwaneni ukuba benze iinjongo zokukhula zomoya, zenyama, zengqondo kunye nezentlalo. (bona Luka 2:52).

Umfanekiso
usapho luncumile kunye

Ukufundisa Ulutsha

Ukuba unolutsha kusapho lwakho, nantsi eminye imisebenzi enako ukulunceda lufunde:

Bameme ukuba bafundise

Ngokuqhelekileyo sifunda kakhulu xa sifundisa okuthile kunakuxa sisiva ngako. Nika ulutsha lwakho amathuba okuba lukhokele iingxoxo zosapho ezimalunga nezibhalo ezingcwele.

Yenza unxibelelwano nemfundo yolutsha

Kulo nyaka abafundi bemfundo yolutsha bafunda IMfundiso neMinqophiso. Ukuba ulutsha lwakho lungena kwimfundo yolutsha, lumeme ukuba lwabelane ngoko lukufundayo khona.

Fakisa izibhalo ezingcwele

Ngamanye amaxesha ulutsha lubanengxeki yokubona indlela imfundiso nemigaqo ekwizibhalo enxibelelana ngayo ebomini balo. Luncede ukuba lubone indlela amabali kunye neemfundiso kwizibhalo zihambelana ngayo neemeko olujongene nazo ekhaya, esikolweni, okanye nabahlobo balo.

Buza imibuzo ekhuthaza ukucinga okunzulu

Ulutsha oluninzi luphendula kakuhle kwimibuzo eluvumela ukuba luvakalise iingcinga kunye neemvakalelo zalo ngezibhalo ezingcwele kunokuba baphinde nje into ethethwa zizibhalo ezingcwele. Umzekelo, unokubuza, “Yintoni iNkosi enokuba ikufundisa yona kulevmiqolo?” okanye “Kutheni ucinga esi sithyilelo besinokuba nentsingiselo kwaBangcwele koo–1830?”

Yenza unxibelelwano neenjongo zabo zophuhliso

Ufundo lwezibhalo losapho lungabonelela ngempembelelo kulutsha nasebantwaneni ukuba benze iinjongo zokukhula zomoya, zenyama, zengqondo kunye nezentlalo. (bona Luka 2:52).

Yamkela imibuzo yalo

Umbuzo ovela kulutsha lithuba elixabisekileyo lokwabelana ngenyaniso nokukhangela ukuqonda kumxholo oluthi lubenomdla onyanisekileyo kuwo. Musa ukoyika imibuzo okanye uyibhebhethe, nokuba ibonakala ingadibani nomxholo wengxoxo. KULUNGILE ukuba awunazo zonke iimpendulo. Ikhaya yeyona ndawo ifanelekileyo yokukhangela iimpendulo kunye.

Lukhuthaze ukuba lwabelane ngokuqonda kwalo

Ulustha luneembono ezikhethekileyo kunye neengqiqo ezingabanegalelo kufundo lwezibhalo ezingcwele losapho. Bazise ukuba unomdla kwinto uMoya obafundisa yona malunga nezibhalo ezingcwele. Unako nokuthi ulucele ukuba lwabelane ngeengqiqo ekuzifundeleni ngokwabo.

Fikeleleka

Ukuba unolutsha olungathandi ukuthatha inxaxheba kufundo lwezibhalo ezingcwele losapho, khangela ezinye iindlela zokuqhagamshelana naye. Umzekelo, unganako ukuveza ivangeli nje ngokwemvelo kwiincoko zakho okanye wabelane ngesibhalo esingcwele esinentsingiselo ngendlela engabonakali njengokushumayela okanye ngokuzingxala? Ufundo lwezibhalo ezingcwele akudingi ukuba kukhangeleke ngokufanayo kuzo zonke iintsapho. Abanye abantwana banokuphendula ngcono kufundo lwezibhalo lomnye ngamnye. Thandaza kwaye ulandele uchukumiso loMoya.

UMongameli Russell M. Nelson wathi: “Ndiyathembisa njengoko usebenza ngenyameko ukwenza ikhaya lakho libe liziko lokufundela ivangeli, emva kwexesha iintsuku zakho zeSabatha ziya kuba luyolo ngokwenene. Abantwanabakho baya konwabela ukufunda nokuphila iimfundiso zoMsindisi, nempembelelo yotshaba ebomini bakho nakwikhaya lakho iya kuncipha. Iinguqu kusapho lwakho ziya bakuba yinto enkulu nexhasayo” (“Becoming Exemplary Latter-day Saints,” Ensign okanye Liuahona, EyeNkanga 2018, 113).

Shicilela