IMfundiso neMinqophiso 2021
Ukusebenzisa Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho


“Ukusebenzisa Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho,Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho 2021 (2020)

“Ukusebenzisa Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho,Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Ukusebenzisa Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho

Sesikabani Esi siXhobo?

Esi sixhobo sesawo wonke umntu ngamnye neentsapho eBandleni. Senzelwe ukukunceda ufunde ivangeli—nokuba uwedwa okanye unosapho lwakho. Ukuba ukhe awayifunda ivangeli rhoqo kwixesha eladlulayo, esi sixhobo singakunceda uqalise. Ukuba sele unaso isimilo esilungileyo sokufunda ivangeli, esi sixhobo singakunceda ubenamava anentsingiselo.

NdingasiSebenzisa Njani Esi siXhobo?

Sebenzisa esi sixhobo nangeyiphina indlela eluncedo kuwe. Ungasifumana siluncedo njengesikhokelo okanye uhlangulo lofundo lwakho okanye lofundo losapho lwakho lwezibhalo. Ungasisebenzisa nakumhlangano wangorhatya wosapho. Esi sishwankathelo sigqamisa imigaqo ebalulekileyo efumaneka kuyo IMfundiso neMinqophiso, sibonisa ngamacebo okufunda kunye nemisebenzi kubantu ngabanye kunye neentsapho, kwaye sibonelela ngeendawo zokubhala iimvakalelo zakho.

Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho ayimelanga ukususa okanye ukukhuphisana nezinye izinto ezilungileyo ozenzayo. Landela inkokhelo yoMoya ukugqiba ngendlela yokujongana nofundo lwakho lwelizwi likaThixo.

Ingaba Esi siXhobo Sihambelana Njani Nento Eyenzeka eBandleni?

Izishwankathelo ezikwesi sixhobo zilunganiselwe ngokweshedyuli yofundo lweveki. Uze, Undilandele—Yabantwana kunye Come, Follow Me—For Sunday Schoo zilandela ishedyuli efanayo. Ukuxhasa imizamo yakho yokufunda nokuphila ivangeli ekhaya, ootitshala bakho eBandleni baza kukunika ithuba lokwabelana ngamava akho, ngeengcinga zakho, kunye nemibuzo yakho ngemihlathi yezibhalo ubuyifunda ekhaya.

Kuba iSikolo seCawa sifundiswa kabini kuphela enyangeni, ootitshala beSikolo seCawa bangakhetha ukutsiba okanye badibanise izishwankathelo ukuze zihambelane neshedyuli yangeveki. Oku kunganyazeleka kwiveki apho iintlanganiso zeBandla zesiqhelo zingabanjwanga ngenxa yenkomfa yengqokelela yamasebe okanye ezinye izizathu. Ngexesha lezi veki uyamenywa ukuba ufunde iMfundiso neMinqophiso ekhaya.

Ndiyakudinga Ukulandela iShedyuli?

Ishedyuli iza kukunceda ugqibe ukufunda iMfundiso neMinqophiso ekupheleni konyaka. Ngaphezu koko, ukulandela ishedyuli enye nabanye kungakhokelela kumava anentsingiselo ekhaya, ebandleni, kwakunye naphina. Kodwa ungaziva ubophelelekile yishedyuli okanye unyanzelekile ukufunda yonke imiqolo; ishedyuli ngokulula sisikhokelo sokukunceda uzingcambazise ngesantya sakho. Okubalulekileyo kokokuba uyazifundela ivangeli uwedwa kunye nanjengosapho.

Umfanekiso
isibini sifunda izibhalo ezingcwele

Shicilela