IMfundiso neMinqophiso 2021
Uguquko Yinjongo Yethu


“Uguquko Yinjongo Yethu,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“Uguquko Yinjongo Yethu,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021

Umfanekiso
owasetyhini efunda izibhalo ezingcwele

Uguquko Yinjongo Yethu

Injongo yalo lonke ufundo kunye nofundiso lwevangeli kukwenza nzulu uguquko lwethu kuYesu Krestu kwaye kusincede sifane naYe ngakumbi. Ngesi sizathu, xa sifunda ivangeli, asikhangeli nje kuphela iinkcukacha ezintsha; sifuna ukuba “sisidalwa esitsha” (2 kwabaseKorinte 5:17). Oku kuthetha ukuthembela kuBawo oseZulwini kunye noYesu Krestu ukuba basincede sitshintshe iintliziyo zethu, iimbono zethu, izenzo zethu kunye nemvelo yethu.

Kodwa uhlobo lofundo lwevangeli oluthi lomeleze ukholo lwethu kwaye lukhokelele kummangaliso woguquko alwenzeki konke ngexesha elinye. Lona lugqithela ngaphaya kwegumbi yokufundela lungene phakathi entliziyweni nasekhayeni lomntu. Lona lufuna iinzame ezingaguquguqukiyo, nezemihla ngemihla zokuqonda kunye nokuphila ivangeli. Kodwa uBawo oseZulwini akalindelanga ukuba sikwenze sodwa—Yena uya kuthumela uMoya oyiNgcwele ukuba usincede sigukuqe.

UMoya oyiNgcwele usikhokelela enyanisweni kwaye unika ubungqina ngaloo nyani (bona Yohane 16:13). Wona ukhanyisela iingqondo zethu, utyhila ukuqonda kwethu, kwaye uchukumisa iintliziyo zethu ngesityhilelo esivela kuThixo, umthombo wabo bonke ubunyani. UMoya oyiNgcwele uhlambulula iintliziyo zethu. Uphembelela ngaphakathi kuthi umnqweno wokuphila ngokwenyaniso, kwaye Wona uyasisebezela iindlela zokwenza oku. Ngokunyanisekileyo, “uMoya oyiNgcwele … uya ku[si]fundisa zonke izinto” (Yohane 14: 26).

Ngezi zizathu, kwiinzame zethu zokuphila, zokufunda, kunye nokufundisa ivangeli, kumele kuqala nokubalulekilyo sifune ubudlelwane boMoya. Le njongo kumele ilawule zonke izigqibo zethu kwaye ikhokele iingcinga zethu kunye nezenzo zethu. Thina kumele sifune konke okumema impembelelo yoMoya kwaye sale konke okuqhubela loo mpembelelo kude—kuba siyazi ukuba sinokufanela ubukho boMoya oyiNgcwele, singakwazi ukufanela ukuphila kubukho bukaBawo oseZulwini kunye noNyana waKhe, uYesu Krestu.

Shicilela