IMfundiso neMinqophiso 2021
Iingcebiso Zokuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa


“Iingcebiso Zokuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“Iingcebiso Zokuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021

Umfanekiso
indoda ifunda izibhalo ezingcwele

Iingcebiso Zokuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Nazi ezinye iindlela ezilula zokuphucula ufundo lwakho lwelizwi likaThixo kwizibhalo.

Thandazela Impembelelo

Izibhalo zililizwi likaThixo, ngoko ke mcele Yena akuncede ukuba uziqonde.

Khangela iiNyaniso ezimalunga noYesu Krestu

Izibhalo zisifundisa ukuba zonke izinto zingqina ngoYesu Krestu (bona 2 Nifayi 11:4; Moses 6:63), ngoko ke cingisisa ngokubhala okanye ukrwele imiqolo engqina ngoMsindisi, eyenza uthando lwakho lube nzulu kuYe , kwaye nekufundisa indlela yokumlandela Yena.

Khangela aMagama kunye naMabinzana Aphembelelayo

Ungafumana ukuba amagama namabinzana athile kwizibhalo ayakuchukumisa, ngokungathi ayebhalelwe wena ngqo. Angavakali ekufanele ngobunye kwaye akuphembelele kwaye akukhuthaze. Cingisisa ukuwaphawula kwizibhalo zakho okanye ukuwabhala kwijenali yakho yokufunda.

Khangela iiNyaniso zeVangeli

Ngamanye amaxesha iinyaniso zevangeli (ixesha elininzi zibizwa iimfundiso okanye imigaqo) zibekwe ngqo, kwaye ngamanye amaxesha zibekwa njengomzekelo okanye njengebali. Zibuze, “Zeziphi iinyaniso zanaphakade ezifundiswayo kule miqolo?”

Mamela uMoya

Qwalasela iingcinga kunye neemvakalelo zakho, nokuba azinxulumelenanga noko ukufundayo. Olo chukimiso lungayiyo kanye into uBawo oseZulwini afuna ukuba uyifunde.

Fanisa Izibhalo Nobomi Bakho

Cingisisa ngendlela amabali kunye neemfundiso ozifundayo ezisebenza ngayo ebomini bakho. Umzekelo, ungazibuza, “Ngawaphi amava endikhe ndanawo afanayo noku ndikufundayo?” okanye “Ndingawulandela njani umzekelo walo mntu ukwizibhalo?”

Buza Imibuzo Njengoko Ufunda

Njengoko ufunda izibhalo, imibuzo ingafika engqondweni yakho. Le mibuzo inganxulumelana noko ukufundayo okanye nobomi bakho jikelele. Cinga nzulu ngale mibuzo kwaye ukhangele iimpendulo njengoko uqhubekeka ukufunda izibhalo.

Sebenzisa Uncedo Lofundo Lwezibhalo

Ukuzuza iimbono ezongezelelekileyo kwimiqolo oyifundayo, sebenzisa imibhalo engezantsi, Isikhokelo Sezihloko, Isichazi-magama seBhayibhile, Isikhokelo seZibhalo (scriptures.ChurchofJesusChrist.org), kunye nolunye uncedo lofundo.

Cingisisa Ngokwemeko Yezibhalo

Ungafumana iimbono ezinentsingiselo ngomhlathi wezibhalo njengoko ucingisisa ngokwemeko yawo, kuquka neemeko okanye imo o osuka kuyo. Umzekelo, ukwazi imvelaphi kunye neenkolelo zabantu uThixo athethe nabo kungakunceda uqonde ngcono injongo yamazwi aKhe.

Bhala Iingcinga kunye Neemvakalelo Zakho

Zininzi iindlela zokubhala uchukumiso oluzayo njengoko ufunda. Umzekelo, ungaphawula igama okanye ibinzana elinentsingiselo kwaye ubhale iingcinga zakho njengesikhumbuzo kwizibhalo zakho. Ungagcina ijenali yeengcinga, yeemvakalelo, kunye neyochukumiso olufumanayo.

Funda Amazwi abaProfeti nabaPostile beMihla yokuGqibela

Funda oko abaprofeti nabapostile bemihla yokugqibela bakufundisileyo malunga nemigaqo oyifumana kwizibhalo (umzekelo, bona conference.ChurchofJesusChrist.org kunye neemagazini zeBandla).

Yabelana ngeeMbono

Ukuxoxa ngeembono ezisuka kufundo lwakho buqu akuyiyo indlela elinguleyo kuphela yokufundisa abanye, kodwa ikwanceda ukomeleza ukuqonda kwakho ngako oko ukufundayo.

Phila Oko Ukufundayo

Ufundo lwezibhalo makungasiphembeleli kuphela kodwa makusikhokele kutshintsho lwendlela esiphila ngayo. Mamela oko uMoya okuchukumisela ukwenze njengoko ufunda, kwaye uzibophelele ukwenza intshukumo ngolo chukimiso.

Umfanekiso
owasetyhini efunda izibhalo ezingcwele

UMdala David A. Bednar wathi: “Masingalindeli iBandla njengombutho ukuba lisifundise okanye lisixelele konke esimele ukukwazi kwaye sikwenze ukuze sibengabafundi abathembekileyo kwaye sinyamezele ngamandla kude kube sekupheleni. Endaweni yoko, uxanduva lwethu kukufunda oko kufuneka sikufundile, siphile njengoko siyazi oko masikuphile,kwaye sibe ngabo iNkosi ingathanda ukuba sibe ngabo. Kwaye amakhaya ethu ayimeko ekugqibeleni efanele ukufunda, yokuphila kunye neyokuba njalo” (“Prepared to Obtain Every Needful Thing,” Ensign okanye Liahona, Canzibe 2019, 102).

Shicilela