Kwiminyaka engamakhulu amabini eyadlulayo, kwintsasa emyoli yentwasahlobo ka-1820, uJoseph Smith omncinane, efuna ukwazi ukuba azibandakanye naliphi na ibandla, waye wayokuthandaza kwihlathana elibumgama nakowabo kumantla weNew York, USA. Yena wayenemibuzo malunga nentsindiso yomphefumlo wakhe kwaye wayethemba ukuba uThixo wayeya kumkhombisa.