IMfundiso neMinqophiso 2021
EyeThupha 9–15. IMfundiso neMinqophiso 88: “Nize Nimise… Indlu kaThixo”


“EyeThupha 9–15. IMfundiso neMinqophiso 88: ‘Nize Nimise… Indlu kaThixo,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyeThupha 9–15. IMfundiso neMinqophiso 88,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021

Umfanekiso
igumbi elinezitulo needesika

EyeThupha 9–15

IMfundiso neMinqophiso 88

“Nize Nimise… Indlu kaThixo”

UMongameli Russell M. Nelson wathi, “Ndiyathembisa njengoko usebenza ngenyameko ukwenza ikhaya lakho libe liziko lokufundela ivangeli,…ifuthe lotshaba ebomini bakho nasekhayeni lakho liya kuncipha” (“Becoming Exemplary Latter-day Saints,” Ensign okanye Liyahona, Nov. 2018,•113).

Bhala Iimvakalelo Zakho

Emaxesheni amaninzi, iNkosi isinika uthsuphe kancinane “ebungangamsheni baYo namandla” (IMfundiso neMinqophiso 88:47) aYo angenamida ngezityhilelo ezithe kratya kubaprofethi baYo. IMfundiso neMinqophiso 88 ilolo hlobo lwesityhilelo—esona esimalunga nokhanyiso nobuqaqawuli kunye nobukumkani obungathi benze izinto zethu zasemhlabeni zibonakale ngathi azibalulekanga xa zithelekiswa. Nokuba asinakukwazi ukubamba konke esikufundiswa yiNkosi, kodwa ngokuncinane nje singabona okokuba kuninzi okungaphaya konaphakade kunoku sikuqondayo okwangoku. Eneneni, iNkosi zange ithethe ngezimfihlelo zinkulu kangaka ukusigrogrisa okanye ukusenza sizive sibancinane. Enyanisweni, Yona yathembisa, “Imini iya kuza xa niya kuqiqa nkqu uThixo” (umqolo 49; amagama akrekreleyo ongezelelwe). Mhlawumbi kwakungenxa yesosizathu sibaluleke kangaka nesingcwele sokuba iNkosi yabongoza aBangcwele baYo eKirtland ukuba baseke ISikolo saBaprofeti. “Lungiselelani iziqu zenu,” Yona yatsho. “Lungisani yonke into efunekayo; nize nimise …indlu kaThixo” (umqolo 119). Kuba kusendlwini engcwele kaThixo—nasemakhayeni ethu—apho Yena, ukwegqitha naphina, angaphakamisa umbono wethu ngaphaya kweli limagada ahlabayo, “atyhile ubuso bakhe [kuthi],” kwaye asilungiselele “ukuhlala ebuqaqawulini beselestiyali” (imiqolo 22, 68).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 88

INkosi isinika ithemba kunye noxolo.

Iintsukwana nje ezingephi emveni kokuba loo mfazwe yayiya “kuthululelwa phezu kwezizwe zonke” (IMfundiso neMinqophiso 87:2), iNkosi yanika uJoseph Smith isityhilelo esibizwa “igqabi lomnquma” …elikhiwe kuMthi waseParadesi, umyalezo weNkosi woxolo kuthi” (IMfundiso neMinqophiso 88, isihloko secandelo). Ingaba esi sityhilelo sifana kanjani negqabi lomnquma, umqondiso wemveli woxolo? (bona futhi Genesis 8:11). Ziinyaniso zini kwelicandelo ezikunceda uve ithemba noxolo kuKrestu?

IMfundiso neMinqophiso 88:6–67

Ukukhanya kunye nomthetho zivela kuYesu Krestu.

Amagama ukukhanya kunye nomthetho aphinda-phindiwe amaxesha amaninzi kwicandelo 88. La magama asetyenzisiwe nakwezinye izibhalo ezingcwele ukuchaza ngoYesu Krestu kunye nevangeli yaKhe (ngokomzekelo, bona Isaya 60:19; Yohane 1:1–9; 3 Nifayi 15:9). Yiphawula okanye uyithathele ingqalelo le miqolo apho ufumana khona la magama kwiMfundiso neMinqophiso 88:6–67, kwaye ubhale phantsi oko ukufundayo ngoMsindisi, ngokukhanya, kunye nangomthetho. Le miqolo ingakuphembelela ukuba wenze iinguqu ebomini bakho zokuba ufumane ngokunyanisekileyo ukukhanya ngakumbi kwaye uphile “umthetho kaKrestu” (umqolo 21).

Bona futhi Sharon Eubank, “Christ: The Light That Shines in Darkness,” Ensign okanye Liyahona, May 2019, 73–76.

Umfanekiso
usapho lufunda izibhalo ezingcwele

Izibhalo ezingcwele ziqulathe umthetho kaKrestu.

IMfundiso neMinqophiso 88:62–126

Lungisani yonke into efunekayo.

Ngezinye iindlela ezithile, thina siphila kwixesha elathi iNkosi yalichaza apho “zonke izinto ziya kuba kwingxushu-ngxushu: kwaye ngokuqinisekileyo, iintliziyo zabantu aziyi kubanceda” (IMfundiso neMinqophiso 88:91). Njengoko ufunda imiqolo 62-126, cingisisa ngokuba ingcebiso yeNkosi ingakunceda njani ulungiselele ukuBuya Kwesibini koMsindisi. Nantsi imibuzo embalwa ongayiqwalasela:

Imiqolo 62–76.Njengoko ucinga nzulu ngalemiqolo, ingaba yintoni ophembeleleka ukuba uyenze ukuze “usondele” kuThixo? (umqolo 63). Cingisisa ngokuba ungathetha ukuthini kuwe umyalelo weNkosi wokuba “ngcwalisani iziqu zenu” (umqolo 68).

Imiqolo 77–80, 118–26.Kutheni kungabayinto ebalulekileyo yokuba imixholo yeemfundiso kunye neyenyama ibe “ezifanelekileyo kuni ukuba niziqonde”? (umqolo 78). Uyilandela kanjani ingcebiso ethi “funani ukufunda”? (umqolo 118). Ucinga ukuba kuthetha ukuthini ukufunda “ngokufunda nzulu nangokholo”?

Imiqolo 81–116.Cingisisa ngokuphawula iziprofeto ezimalunga nokuBuya Kwesibini koMsindisi kule miqolo. Kutheni ucinga ukuba iNkosi iyafuna wena wazi malunga nezi zinto?

Imiqolo 117–26.Cingisisa ngokufunda le miqolo kukhona itempile engqondweni yakho; yintoni oyifumana apha engakunceda ulungiselele ukungena endlini yeNkosi?

Bona futhi D.•Todd Christofferson, “Preparing for the Lord’s Return,” Ensign or Liahona, May 2019, 81–84; David A. Bednar, “Seek Learning by Faith,” Ensign, Sept. 2007, 61–68; Saints, 1:164–66; “A School and an Endowment,” Revelations in Context, 174–82.

Umfanekiso
Umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 88:14–33, 95–101. Yintoni esiyifundayo malunga noVuko kule miqolo? Ingaba ezi nyaniso zingabanefuthe njani kwizigqibo esithi sizenze?

IMfundiso neMinqophiso 88:33. Ningaqala ingxoxo kulomqolo ngokucela amalungu osapho ukuba athethe ngezipho athe aziphiwa —zombini ezo athe azamkela ngovuyo kwakunye nezo ayengazivuyeli. Singayibonisa kanjani iNkosi ukuba siyasivuyela isipho sobuqaqawuli beselestiyali ethi Yona isinike sona? Sivuya kanjani kulowo “ungumniki wesipho”?

IMfundiso neMinqophiso 88:63, 68. Le miqolo iqulathe amagama wezenzo awangathi akuphembelele ukuba ucinge ngeendlela ezichubekileyo zokufundisa abantwana bakho imiyalezo ekulemiqolo. Ngokomzekelo, ningadlala umdlalo kandize nixoxe ngebinzana elithi “ndifuneni ngenkuthalo kwaye niya kundifumana” (umqolo 63; amagama akrekreleyo ongezelelwe).

IMfundiso neMinqophiso 88:81. Njengosapho, khangelani iimpawu zezilumkiso ezisekhayeni lenu kwakunye neziningqongileyo, ezifana nemibhalo yamayeza okanye iimpawu zendlela kubaqhubi. Ingaba ezi zilumkiso zisinceda kanjani? Yintoni uBawo Osezulwini afuna ukuba “silumkise ummelwane [wethu]” ngayo?

IMfundiso neMinqophiso 88:119. Ukuphembelela usapho lwakho lwenze ikhaya lenu lifane nalenkcazelo ikumqolo 119, zamani into efana noku: Bhalani amabinzana aphuma kulomqolo kwimicu yamaphepha, kwaye niyisebenzise ukwegquma umfanekiso wetempile ngayo. Fundani iMfundiso neMinqophiso 88:119 kunye, kwaye nivumele amalungu osapho asuse umcu wephepha ngamnye njengoko esiva ibinzana ngalinye elihambelana nalo kulomqolo. Yintoni esingayenza ukwenza ikhaya lethu libe “yindlu kaThixo”? (umqolo 119).

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo sale veki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Nearer, My God, to Thee,” Hymns, no. 100.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Bavumele abantwana bavakalise ubuchule babo. Xa umema abantwana bakho benze okuthile okunxulumene nomgaqo wevangeli, awubancedi qha ukuba baqonde umgaqo kangcono, kodwa ukwabanika isikhumbuzi esibambekayo sento abayifundileyo (bona Teaching in the Savior’s Way, 25).

Umfanekiso
UYesu nabafundi

UYesu Krestu usinika uxolo. Peace I Leave with You, by Walter Rane

Shicilela