IMfundiso neMinqophiso 2021
EyeThupha 2-8. IMfundiso neMinqophiso 85-87: “Yimani Ezindaweni Ezingcwele”


“EyeThupha 2-8. IMfundiso Neminqophiso 85-87: ‘Yimani Ezindaweni Ezingcwele,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyeThupha 2-8. IMfundiso neMinqophiso 85–87,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
usapho lungena etempileni

EyeThupha 2-8

IMfundiso neMinqophiso 85-87

“Yimani Ezindaweni Ezingcwele”

UMoya usenokukhokela ufunde imigaqo kumacandelo 85-87 engakhankanywanga kwesisishwankathelo. Landela iimpembelelo zaWo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Usuku lweKrisimesi ludla ngokuba lixesha lokucingisisa imiyalezo efana no “uxolo emhlabeni” kunye “inkolelo ebantwini” (bona Luka 2:14). Kodwa ngeyoMnga 25, 1832, ingqondo kaJoseph Smith yayigcwele sisigrogriso semfazwe. ISouth Carolina yayichasana norhumulente we-United States kwaye yayilungiselela imfazwe. Kwaye iNkosi yatyhilela uJoseph ukuba esi yayisisiqalo nje: “Imfazwe”, Yona yabhengeza, “iya kuthululelwa phezu kwezizwe zonke” (IMfundiso neMinqophiso 87:2). Kwakukhangeleka ngathi esi siprofeto sasinokuzalisekiswa kungekudala.

Kodwa akuzange kubenjalo. Kwiiveki ezimbadlwana nje, iSouth Carolina kunye norhulumente we-U.S. bafikelela kwisivumelwano kwaye imfazwe yaphetshwa. Kodwa isityhilelo asisoloko sizalisekiswa ngelaxesha okanye ngendlela thina esiyilindele ngayo. Phantse ibe yiminyaka engama 30 eyayisele idlulile, sekukudala emveni kokuba uJoseph Smith wabulawa kwaye Abangcwele babesele befudukele entshona, iSouth Carolina yabanomvukelo-mbuso kwaye idabi lasekuhlaleni lalandela. Ukusukela ngoko, imfazwe kulo lonke ihlabathi ibangele “umhlaba [ulile]” (IMfundiso neMinqophiso 87:6). Xeshikweni isiprofeto ekugqibeleni saye sazalisekiswa, ixabiso lesisityhilelo liqonde kancinci ekuqikeleleni ixesha lokuza kwentlekele kwaye ngakumbi ekufundiseni ukuba makwenziwe ntoni xa iseyisenzeka. Le ngcebiso iyafana ngo-1831, 1861, kunye nango-2021: “Yimani Ezindaweni Ezingcwele, kwaye ningagungqiswa” (umqolo 8).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 85:1–2

Kulungile “ukugcina imbali.”

“Imbali” echazwa kumqolo 1 yashicelela amagama abo bathi “bafumana ilifa ngokusemthethweni” eZiyon (bona futhi IMfundiso neMinqophiso 72:24–26). Nangona kunjalo, le mbali yayingaphaya kwezolawulo—yayilushicilelo oluxabisekileyo “lwendlela yokuphila, yokholo,nemisebenzi” yabaNgcwele (umqolo 2).

Ingaba ugcina imbali yakho okanye incwadana yembali? Yintoni onokuyishicilela ngendlela yobomi, ukholo, kunye nemisebenzi yakho enokuba yintsikelelo kwizizukulwana ezizayo? Ingaba le mbali ingaba yintsikelelo njani kuwe?

Bona futhi, “Journals: ‘Of Far More Worth than Gold,’” Teachings of Presidents of the Church: Wilford Woodruff (2011), 125–33; “Turning Hearts” (video, ChurchofJesusChrist.org).

IMfundiso neMinqophiso 85:6

UMoya uthetha “ngelizwi elizolileyo elincinane.”

Cingisisa ngamazwi uJoseph Smith awasebenzisayo ukucacisa uMoya kwiMfundiso neMinqophiso 85:6. Ilizwi loMoya “lizolile” kwaye “lincinane” ngeyiphi indlela? Zeziphi izinto “ezihlaba[yo]” ebomini bakho?

Njengoko ucinga ngendlela uMoya othetha ngayo kuwe, cingisisa ngezingcaciso zinikezwe ngoJoseph Smith: IMfundiso neMinqophiso 6:22-24; 8:2-3; 9:7-9; 11:12-13; 128:1. Ngokwento oyifundileyo, yintoni oziva kufuneka uyenze ukuqaphela ngcono ilizwi loMoya?

Bona futhi 1 YooKumkani 19:11-12; Hilamani 5:30.

Umfanekiso
owasetyhini efunda izibhalo ezingcwele

Ukufunda izibhalo ezingcwele kusinceda sive uMoya Oyingcwele.

IMfundiso neMinqophiso 86

Abalungileyo bayaqokelelwa ngemihla yokugqibela.

IMfundiso neMinqophiso 86:1-7 iqulethe ingcaciso yeNkosi yomzekeliso wengqolowa nomdiza, enesigxininiso esahlukileyo kancinci kunaleyo Yona yayinikezela kuMateyu 13:24-30,37-43. Njengoko uthelekisa esi sibini, ngowuphi umahluko owuqaphelayo? Cingisisa ngokuba kutheni lo mzekeliso— nawo lomahluko—kufaneleke ukuphindwa “ngemihla yogqibela, nkqu nangoku” (IMfundiso neMinqophiso 86:4). Yintoni onokuyifunda kulomzekeliso kunye nentsingiselo yawo yemihla yokugqibela?

Njengoko kushicelelwe kwimiqolo 8–11, iNkosi ngoko ke yathetha ngobubingeleli, imbuyiso, kunye nentsindiso yabantu baYo. Loluphi uqhagamshelwano olubonayo phakathi kwalemiqolo kunye nomzekeliso wengqolowa nomdiza? Wena ungaba nguye njani “umsindisi ebantwini [beNkosi]” (umqolo 11).

Bona futhi Izihloko Zevangeli, “ Apostasy,” “Restoration of the Priesthood,” topics.ChurchOfJesusChirst.org.

IMfundiso neMinqophiso 87

Uxolo lufunyanwa “ezindaweni ezingcwele.”

Ekongezeni kwiingozi ezibonakalayo “zempalalo yegazi … [kunye] nangendlala, nangesibetho, nangenyikima” (IMfundiso neMinqophiso 87:6), ingcebiso ekwesisityhilelo ingasebenza nakubungozi basemoyeni esithi sonke thina sijongane nabo kulemihla yokugqibela. Zeziphi ezakho “iindawo ezingcwele” (umqolo 8) apho ufumana uxolo kunye nokhuseleko? Yintoni eyenza indawo ibe ngcwele? Ekongezeni kwiindawo ezibonakalayo, mhlawumbi kukho amaxesha angcwele, iizenzo ezingcwele, okanye iingcinga ezingcwele ezinokubonelela ngoxolo. Kuthetha ukuthini “ukungasuswa” kuzo ezi ndawo?

Bona futhi Henry B. Eyring, “A Home Where the Spirit of the Lord Dwells,” Ensign okanye Liahona, Canzibe 2019, 22-25; Saints 1:163-64; “Peace and War,” Revelations in Context, 158-64

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 85:6. Ungalufundisa njani usapho lwakho ukuba luqaphele ilizwi elizolileyo, elincinci loMoya? Mhlawumbi ningadlala umdlalo apho umntu usebeza imiyalelo ebalulekileyo phakathi kweengxolo eziphazamisayo. Yintoni enokusiphazamisa ekuveni uMoya Oyingcwele? Mhlawumbi amalungu osapho angabelana ngoko akwenzayo ukuze ave ilizwi loMoya.

IMfundiso neMinqophiso 86. Ukuzoba okanye ukujonga imifanekiso kunganceda usapho lwakho luqonde umzekeliso wengqolowa nomdiza. Ungafuna ukuqala ngemifanekiso yezinto ezichazwe kuMateyu 13:24-30. Ngoko ke usapho lwakho lunganika imifanekiso amagama ngeengcaciso eziphuma kwiMfundiso neMinqophiso 86:1–7. Ingaba thina sifana njani nengqolowa? Singafana njani neengelosi ezibutha ingqolowa ?

IMfundiso neMinqophiso 87:8. Ukwazisa ingxoxo emalunga nokuba ningalenza njani ikhaya lenu indawo enobungcwele, ungamema amalungu osapho ukuba enze ikhaya lomntu othanda uMsindisi. Oku kungakhokela kumacebo “okuyila kwakhona” ikhaya lakho ukulenza indawo yoxolo phakathi kobungozi bomoya ehlabathini. Amaculo afana no-“Love at Home,” “Home Can Be a Heaven on Earth” (Hymns, nos. 294, 298) , okanye “Where Love Is” (Children’s Songbook, 138-39) angakunika amacebo.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Where Love Is,” Children’s Songbook, 138.-39.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Sebenzisa obakho ubuchule. Xa ufundisa usapho lwakho kwizibhalo ezingcwele, musa ukuzibamba kwimibuzo neengcebiso zokwenza ezicetyiswe kwesisishwankathelo. Vumela la macebo avuselele ubuchule bakho. Cinga ngoko usapho lwakho luzakonwabela kwaye okuza kulunceda lufumane uqhagamshelwano phakathi kwezibhalo ezingcwele kunye nobomi bawo.

Umfanekiso
intsimi yengqolowa

INkosi yasebenzisa umzekeliso wengqolowa nomdiza ukubonisa indlela abantu baYo abaya kuhlanganiswa ngayo kwimihla yokugqibela.

Shicilela