IMfundiso neMinqophiso 2021
EyeThupha 16-22. Imfundiso neMinqophiso 89-92: “Umgaqo Kunye Nesithembiso”


“EyeThupha 16-22. IMfundiso neMinqophiso 89-92: ‘Umgaqo Kunye Nesithembiso,’”Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye neeNtsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyeThupha 16-22. IMfundiso neMinqophiso 89-92,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
indoda nomfazi benza ukutya

EyeThupha 16-22

IMfundiso neMinqophiso 89–92

“Umgaqo Kunye Nesithembiso”

Funda ngokuthandaza IMfundiso neMinqophiso 89-92, kwaye ushicilela neyiphi imizwa yokomoya oyifumanayo. Yibanovakalelo kwindlela “uMoya obonakalisa inyaniso” kuwe njengoko ufunda (Mfundiso neMinqophiso 91:4).

Bhala Iimvakalelo Zakho

KwiSikolo sabaProfeti, umprofeti uJoseph Smith wafundisa ukuba abadala bakwaSirayeli malunga nokwakhiwa kobukumnkani bukaThixo emhlabeni. Baye baxoxa ngeenyaniso zomoya, bathandaza kunye, bazila ,kwaye balungiselela ukushumayela ivangeli. Kodwa kwakukho into ngesimo eyayingakhangeleka ingaqhelekanga kuthi namhlanje, kwaye yayingakhangeleki ilungile naku-Emma Smith. Ngelixa leentlanganiso, amadoda ayetshaya kwaye ayehlafuna icuba, nto leyo yayiqhelekile ngeloxesha, kodwa kwakungcolisa imigangatho yokhuni kwaye kwakushiya ivumba elinuka kakubi emoyeni. U-Emma waya wabelana noJoseph ngeenkxalabo zakhe, kwaye uJoseph wabuza iNkosi. Isiphumo yayisisityhilelo esaya sogqithela ngaphaya kokungcola kokutshaya nokwecuba. Sona sanika aBangcwele, nezizukulwana ezizayo, “umgaqo kunye nesithembiso”—izithembiso zempilo yasenyameni, “ubulumko,” kunye “neendyebo ezinkulu zolwazi” (IMfundiso neMinqophiso 89:3, ).

Bona futhi Saints,1:166–68.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 89

Ilizwi Lobulumko “lingumgaqo kunye nesithembiso.”

Xa abadala eSikolweni sabaProfeti babeqala ukuva uJoseph Smith efunda Ilizwi Lobulumko, baye “balahla iinqawe zabo nezivalo zabo zokuhlafunela icuba emlilweni” ngokukhawulezileyo (Saints, 1:168). Ngelooxesha, Ilizwi Lobulumko lalithathwa ngesilumkiso ukwegqitha umethetho, kodwa babefuna ukubonisa umdla wabo wokuthobela. Mhlawumbi “sowulahlile” ebomini bakho izinto iLizwi Lobulumko elilumkisa ngazo, kodwa yeyiphi enye into ongayifunda kwesisityhilelo? Thathela ingqalelo ezi ngcebiso:

  • Khangela amabinzana ongazange uwaqaphele ngaphambili—okanye wacinga ngakumbi ngawo—ngaphambili. Yintoni oyifundayo kuwo?

  • IMfundiso neMinqophiso 89 uquka izithembiso eziliqela (bona imiqolo 18-21). Ucinga ukuba ezi zithembiso zithetha ntoni?

  • Yintoni esi sityhilelo esikufundisayo malunga neNkosi?

  • Yeyiphi imizekelo oyibonile “yobubi nokuyila …ezintliziyweni zabantu abenzayelenqe”? (umqolo 4).

  • Cinga ngesisityhilelo njenge “umgaqo kunye nesithembiso” (umqolo 3)—iinyaniso ezinyamezelayo ezikhokela ulwenzo-izigqibo—hayi nje uluhlu lokwenziwayo kwakunye nokumakungenziwa. Yeyiphi imigaqo oyifumana enokukhokela izigqibo zakho?

Abaprofeti balemihla nabo balumkisile ngezinto ezinobungozi kwakunye nempatho engaphaya kwezo zikhankanywe kwiLizwi Lobulumko (bona “Physical and Emotional Health,” For the Strength of Youth, 25-27). Yintoni ochukunyiswe ukuba uyenze ngcono ukukhathelela ingqondo kunye nomzimba wakho?

Bona futhi Daniyeli 1; 1 KwabaseKorinte 6:19-20; Izihloko Zevangeli , Word of Wisdom,” topics.ChurchOfJesusChrist.org; “Word of Wisdom,” Revelations in context, 183-91; addictionrecovery.ChurchOfJesusChrist.org.

Umfanekiso
amakhwenkwe egijima elwandle

Ilizwi Lobulumko lisifundisa ukuba sikhathalele imizimba yethu.

IMfundiso neMinqophiso 90:1—17

UBongameli BokuQala bubamba “izitshixo zobukumkani.”

Kwicandelo 90, iNkosi yanika imiyalelo “ngobufundisi nobongameli” (umqolo 12) bukaJoseph Smith, Sidney Rigdon, kunye noFrederick G. Williams—amalungu woko sikubiza ngoku njengoBongameli BokuQala. Yintoni okufundayo ngoBongameli BokuQala kwimiqolo 1-17? Jongisisa kwakhona imiyalezo yakutshanje ephuma emalungwini woBongameli BokuQala. Ingaba amazwi wabo “azisombululela iimfihlelo zobukumkani” njani? (umqolo 14). Ingaba “ayilungisa yonke imicimbi yeli bandla nobukumkani” njani? (umqolo 16).

Bona futhi Henry B. Eyring, “The Power of Sustaining Faith,” Ensign or Liahona, Canzibe 2019, 58–60.

IMfundiso neMinqophiso 90:24

“Zonke izinto ziya kusebenzela kunye ukulunga [kwam]”

Cingisisa nangawaphi na amava owakhe wawafumana angqina ngezithembiso zeNkosi kwiMfundiso neMinqophiso 90:24. Cinga ngokushicilela amava akho kwaye wabelane ngawo nelungu losapho lwakho okanye omthandayo—mhlawumbi umntu odinga isiqinisekiso okanye inkuthazo. Ukuba kukhona iintsikelelo osazilindeleyo, cingisisa ngoko ongakwenza ukuhlala unyanisekile ngenjoko ulindele ukubona ukuba “zonke izinto ziya kusebenzela kunye ukulunga kwenu” njani.

IMfundiso neMinqophiso 90:28—31

Yayingubani uVienna Jacques?

UVienna Jacques wayezelwe kweyeSilimela 10, 1787 eMassachusetts. Ikhosikazi lokholo elalifumile kwezemali, uVienna waqala ukudibana nabafundisi bevangeli ngo-1831. Emveni kokufumana ubungqina ngokwasemoyeni wokuba umyalezo wabo wawuyinyaniso, yena wahamba ukuyodibana nomprofeti eKirtland, e-Ohio, apho wabhabhutizelwa khona.

UVienna wawuthobela umyalelo weNkosi kuye kwiMfundiso neMinqophiso 90:28-31. Ukungcwaliseka kwakhe eNkosini, kuquka neminikelo yakhe awayenzayo ngaphambili eKirtland, yeza ngexesha elalibalulekile kakhulu eBandleni, xa iinkokheli zazizama ukuthenga umhlaba apho iTempile yaseKirtland yayiyakwakhelwa khona. UVienna “wayethembekile, kwaye …engonqeni” ebomini bakhe bonke kwaye waze wakwazi “ukuhlala phantsi eluxolweni” (umqolo 31) eSalt Lake Valley, apho wasweleka eneminyaka engama-96.

Umfanekiso
Umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 89. Amalungu osapho lwakho angakuthanda ukuzoba okanye ukufumana imifanekiso yokutya okanye yezinye izinto ezikhankanyiweyo kwiMfundiso neMinqophiso 89. Ngoko ke ningadlala umdlalo—amalungu osapho angathatha amatyeli ekhetha imifanekiso nje ngokungalindelekanga, ebeka izinto ekungafanelekanga sizisebenzise enkunkumene kwakunye nezinto esifanele ukuzisebenzisa esityeni. Ingaba izithembiso kwimiqolo 18—21 zizalisekiswe kanjani ebomini bakho?

Ukufunda “Physical and Emotional Health” kwi For the Strength of Youth (25—27) kungachukumisa ingxoxo malunga nezinye iindlela zokukhathelela impilo yethu kwakunye nangeentsikelelo uThixo azithembisayo.

IMfundiso neMinqophiso 90:5. Thetha ngendlela “owafumana izihlabo [izityhilelo okanye abaprofeti] zikaThixo ngayo.” Singabonisa njani ukuba aziyo “nto yobuyatha” kuthi?

IMfundiso neMinqophiso 91. Ungaxoxa ngendlela ingcebiso yeNkosi malunga ne-Apokrifa (bona imiqolo 1-2) esebenza ngayo emaqongeni wosasazo usapho lwakho adibana nawo namhlanje (bona futhi Isikhokeliso seZibhalo, “Apocrypha,” scriptures.ChurchofJesusChrist.org). Ungabelana ngamava akho xa “wawukhanyisela nguMoya” (umqolo 5) ukunceda uqonde phakathi kwenyaniso kunye nempazamo.

IMfundiso neMinqophiso 92:2. Kuthetha ntoni ukuba “lilungu elichwayitileyo” leBandla?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “The Lord Gave Me a Temple,” Children’s Songbook, 153.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Sebenzisa okwahluka-hlukeneyo. Khangela iindlela ezahlukahlukaneyo ukubandakanya usapho lwakho kufundo lwezibhalo ezingcwele zosapho. Umzekelo, amalungu osapho angacula amaculo okanye amaculo wabantwana ahambelana nalomqolo, azobe imifanekiso yoko akufundayo, okanye ashwankathele umqolo ngamazwi abo.

Umfanekiso
Iziqhamo nemifino

“Kwaye bonke abangcwele … abenza ezi ntetho, behamba ekuthobeleni imiyalelo, baya kufumana impilo enkabeni yabo nomongo emathanjeni abo” (IMfundiso neMinqophiso 89:18).

Shicilela