IMfundiso neMinqophiso 2021
EyeKhala 26–EyeThupha 1. IMfundiso neMinqophiso 84: “Amandla Obuthixo”


“EyeKhala 26–EyeThupha 1. IMfundiso neMinqophiso 84: ‘Amandla Obuthixo,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyeKhala 26–EyeThupha 1. IMfundiso neMinqophiso 84,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
UJoseph Smith efumana ububingeleli bukaMelkitsedeke

Restoration, by Liz Lemon Swindle

EyeKhala 26–EyeThupha 1

IMfundiso neMinqophiso 84

“Amandla Obuthixo”

Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 84, cinga nzulu ngengcebiso “yokuphila ngamazwi onke abheka phambili evela emlonyeni kaThixo” (umqolo 44). Ingaba uya kuphila kanjani ngamazwi akwesisityhilelo?

Bhala Iimvakalelo Zakho

Kusukela okoko ububingeleli babuyiswa ngo-1829, Abangcwele Bemihla Yokugqibela basikelelwa ngaloomandla angcwele. Bona babebhaptizwa, baphehlelelwa, kwaye babizwa ukuba bancede ngegunya lobubingeleli, ngokufanayo nje nanamhlanje. Kodwa ukufikelela emandleni wobubingeleli akuyonto efanayo nokuwaqonda ngokupheleleyo, kwaye uThixo wayenokuninzi awayefuna Yena aBangcwele baKhe ukuba bakuqonde —ngakumbi ngobuyiso oluzayo lwemimiselo yasetempileni. Isityhilelo sika-1832 ngobubingeleli, ngoku esiyiMfundiso neMinqophiso 84, saye sandisa umbono waBangcwele wokuba eneneni yintoni ububingeleli. Kwaye singasenzela okufanayo nathi namhlanje. Emva kwako konke, kuninzi okumele kufundiwe ngamandla obuthixo awathi abambe “isitshixo solwazi lukaThixo,” athi abonakalise “amandla obuthixo” kwaye oko kusilungiselela ukuba “sibone ubuso bukaThixo, nkqu uBawo, size siphile” (imiqolo 19-22).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 84:1–5, 17–28

Ndiyafikelela emandleni wobubingeleli bukaThixo nakwiintsikelelo.

Xa ucinga ngegama ububingeleli, yintoni efika engqondweni yakho? Ingaba ucinga kangaphi rhoqo ngobubingeleli kwakunye nefuthe labo ebomini bakho bemihla ngemihla? Emva kokucinga nzulu ngalemibuzo, funda IMfundiso neMinqophiso 84:1–5, 17–28, kwaye ucingisise ngoko iNkosi ifuna wena ukwazi malunga namandla wobubingeleli baYo. Ungayisebenzisa njani le miqolo ukuchaza ububingeleli komnye umntu nokucacisa iinjongo zabo?

Ubungacinga nzulu ngemimiselo yobubingeleli othe wathatha inxaxheba kuyo. Ingaba uwabone njani “amandla obuthixo” (umqolo 20) ebonakaliswa kuyo? Cingisisa ngoko iNkosi ifuna ukwenze ukuze ufumane amandla aYo ngakumbi ebomini bakho.

Bona futhi M.•Russell Ballard, “Men and Women and Priesthood Power,” Ensign, Sept. 2014, 28–33; Gospel Topics, “Priesthood,” topics.ChurchofJesusChrist.org.

IMfundiso neMinqophiso 84:31–42

Ukuba ndamkela iNkosi nezicaka zaYo, ndiya kufumana konke oko uBawo anako.

UMdala Paul B. Pieper wafundisa: “Kunikisa umdla kakhulu okokuba kwisifungo nomnqophiso wobubingeleli [IMfundiso neMinqophiso 84:31–42], iNkosi isebenzisa la magama ezenzi fumana kunye no- yamkela. Yona ayisebenzisi igama lesenzi misela. Kusetempileni apho amadoda namabhinqa —bekunye — bafumana kwaye bamkele iintsikelelo kunye namandla wabo bobubini ububingeleli buka-Aron noMelkitsedeke” (“Revealed Realities of Mortality,” Ensign, Jan. 2016,•21).

Njengoko ufunda iMfundiso neMinqophiso 84:31–42, khangela la magama “fumana” no “wamkela.” Wacingisise ukuba mhlawumbi athetha ukuthini kulomxholo. Ingaba wena “uyamkela” njani iNkosi nezicaka zaYo?

Ubungaphawula nezithembiso ezikulemiqolo ezinxulumene nesifungo nomnqophiso wobubingeleli, uThixo “angenako ukuwuphula” (umqolo 40). Yintoni oyifumanayo ethi ikuphembelele ukuba unyaniseke ngakumbi ekwamkeleni uBawo, izicaka zaKhe, kunye namandla wobubingeleli baKhe?

Bona futhi Isikhokelo Kwizibhalo, “Covenant,” “Oath,” scriptures.ChurchofJesusChrist.org.

IMfundiso neMinqophiso 84:43–58

Ndiza kuKrestu njengoko ndinika inyameko amazwi aKhe kwaye ndiphulaphula uMoya waKhe.

Ukufunda rhoqo izibhalo ezingcwele kunye namazwi wabaprofeti kungaphaya nje kwento ovele uyisule kuluhlu lwezinto zokwenza zomoya. Ziinyaniso zini ozifumana kwiMfundiso neMinqophiso 84:43-58 ezithi zikuncede uqonde ukuba kutheni udinga ukuthi gqolo ufunda ilizwi likaThixo? Phawula umehluko phakathi kokukhanya nobumnyama kulemiqolo; ingaba “ukunika ngenkuthalo inyameko amazwi obomi obungunaphakade” kukuzise kanjani ukukhanya, nenyaniso, kunye “noMoya kaYesu Krestu” ebomini bakho? (imiqolo 43, 45).

Bona futhi 2•Nifayi 32:3; “The Book of Mormon—Keystone of Our Religion,” Teachings of Presidents of the Church: Ezra Taft Benson (2014), 125–35.

Umfanekiso
owasetyhini efunda izibhalo ezingcwele

Ukufunda izibhalo ezingcwele kundinceda ndive ifuthe loMoya.

IMfundiso neMinqophiso 84:62–91

INkosi iya kuba nam xa ndikwinkonzo yaYo.

Njengoko ufunda le miqolo, ubungachonga iindlela iNkosi etsho ngazo ukuba Yona iya kubanceda abaPostile baYo kunye nabafundisi bevangeli. Ingaba ezi zithembiso zingasebenza kanjani kumsebenzi Yona ekucele ukuba uwenze? Ngokomzekelo, ingaba izithembiso ezikumqolo 88 zizalisekiswe kanjani ebomini bakho?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 84:6–18.Emva kokufunda ngokuba uMoses walifumana kanjani igunya lobubingeleli, umbambi wobubingeleli esatsheni lwakho okanye umlungiseleli angabelana ngamava akhe wokumiselwa kwi-ofisi yobubingeleli. Ukuba kunokwenzeka, yena angabelana kwaye axoxe nangomgca wegunya lobubingeleli bakhe. Kutheni kubalulekile ukuba sikwazi ukufumana umkhondo wegunya lobubingeleli eBandleni namhlanje obuyela kwigunya likaYesu Krestu? Ukucela umgca wegunya lobubingeleli, thumela i-imeyili ku- lineofauthority@ChurchofJesusChrist.org.

IMfundiso neMinqophiso 84:20–21.Ingaba usapho lwakho lwakhe lwabanamava “wamandla obuthixo” nini na apho ayebonakaliswa kummiselo ofana nobhaptizo okanye umthendeleko? Mhlawumbi ningathetha ngokuba le mimiselo iwazisa kanjani amandla kaThixo ebomini bethu. Ningabonisa nomfanekiso wetempile kwaye nixoxe ngokuba imimiselo yasetempileni isinika kanjani amandla awongezelelweyo wokuba sifane noMsindisi. Mhlawumbi ningafuna ukucula iculo elimalunga nobubingeleli, elifana no- “The Priesthood Is Restored” (Children’s Songbook,•89), kwaye nixoxe ngako oko eli culo likufundisayo ngobubingeleli.

IMfundiso neMinqophiso 84:43–44.Ningalungisa isidlo okanye izimuncumuncu kunye kwaye nibhale isithako sokupheka ngasinye ngegama okanye ngebinzana eliphuma kumqolo 44. Kutheni kubalulekile ukuba siquke zonke izithako zokupheka? Kutheni kubalulekile ukuphila ngamazwi onke kaThixo?

IMfundiso neMinqophiso 84:98–102.Yintoni esiyifundayo malunga noYesu Krestu “kwingoma entsha” (umqolo 98) kulemiqolo? Yintoni esingayenza kulemihla yethu ukunceda ukuzisa ezimeko zichazwa kulengoma?

IMfundiso neMinqophiso 84:106–10. Ingaba usapho lwethu “luhlaziyeka kunye” kanjani zizipho kunye neenzame zawo “onke amalungu”? (umqolo 110).

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “The Priesthood Is Restored,” Children’s Songbook,•89 ; bona futhi “Iingcebiso Zokuphucula Ufundo Lwezibhalo Zosapho Lwakho.”

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Khupha izimemo zokwenza intshukumo kwaye uzilandelele. Xa umema usapho lwakho ukuba lwenze intshukumo koko lukufundayo, uyalubonisa ukuba ivangeli yinto ekumelwe ukuphilwa, hayi ukuba kuthethwe ngayo qha. Yintoni ongalumemela ukuba lukwenze okuphuma kufundo lwenu lweMfundiso neMinqophiso 84?

Umfanekiso
ITempile yaseRome, Italy

ITempile yaseRome, Italy

Shicilela