IMfundiso neMinqophiso 2021
EyeKhala 19–25. IMfundiso neMinqophiso 81-83: “Apho Okuninzi Kunikiweyo, Okuninzi Kuyafuneka”


“EyeKhala 19–25. IMfundiso neMinqophiso 81–83: ‘Apho Okuninzi Kunikiweyo, Okuninzi Kuyafuneka,’” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye neeNtsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyeKhala 19–25. IMfundiso neMinqophiso 81–83,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
UKrestu kunye nenkokheli encinane esisityebi

Christ and the Rich Young Ruler, by Heinrich Hoffman

EyeKhala 19–25

IMfundiso neMinqophiso 81–83

“Apho Okuninzi Kunikiweyo, Okuninzi Kuyafuneka”

Njengoko ufunda iMfundiso neMinqophiso 81-83, thathela ingqalelo imigaqo engathi ikuncede wenze okulungileyo kusapho lwakho, kubahlobo bakho, nakwabanye.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Kwinyanga yoKwindla 1832, iNkosi yabiza uJesse Gause ukuba abe ngumcebisi kuJoseph Smith kuBongameli boBubingeleli obuKhulu (ngoku obubizwa uBongameli BokuQala). IMfundiso neMinqophiso 81 sisityhilelo kuMzalwane Gause, simyalela ngobizo lwakhe olutsha kwaye simthembisa iintsikelelo ngokukhonza ngokunyanisekileyo. Kodwa uJesse Gause zange akhonze ngokunyanisekileyo. Ngoko ke, uFrederick G. Williams waye wabizwa ukuba athathe indawo yakhe, laze igama likaMzalwane Gause lakhutshwa kwafakwa igama likaMzalwane Williams kwesisityhilelo.

Oko kungabonakala ngathi yinkcukacha engephi, kodwa kubonakalisa inyaniso ebaluleke kakhulu: Uninzi lwezityhilelo kwiMfundiso neMinqophiso lujoliswe kubantu abathile, kodwa nathi singafuna iindlela zokuzisebenzisa kuthi (bona 1•Nifayi 19:23). Ingcebiso yeNkosi kuFrederick G. Williams “yokomeleza amadolo ahexayo” ingakhokelela iingcinga zethu ebantwini esingathi sibomeleze (IMfundiso neMinqophiso 81:5). Ingcebiso yeNkosi kumalungu weFemi eManyeneyo “yokuba nizibophelele iziqu zenu ngalo mnqophiso” ukuze ahlangabezane neemfuno zasenyameni zeBandla ingaguqulela iingqondo zethu kwiminqophiso yethu. Kwaye isithembiso seNkosi sokuba Yona ithi “ndibophelelekile xa nenza oko ndikutshoyo” singasikhumbuza nathi ngezithembiso zaYo kuthi xa sithobela (IMfundiso neMinqophiso 82:10, 15). Le yiyo indlela ekumele kube yiyo, kuba iNkosi yabhengeza kwakhona, “Oko ndikuthetha komnye ndikuthetha kubo bonke” (umqolo 5).

Bona “Newel K. Whitney and the United Firm,” “Jesse Gause: Counselor to the Prophet,” Revelations in Context, 142–47, 155–57.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 81

Ndinganyaniseka ekwenzeni oko iNkosi indicela kona.

Ingaba ukhe ucinge ngokuba ungalufezekisa kanjani uxanduva olubalulekileyo ebomini bakho? Njengomcebisi kuMprofeti Joseph Smith,ngokuqinisekileyo uFrederick G. Williams wayenoxanduva oluninzi nolubalulekileyo. Kwicandelo 81, iNkosi yamnika ingcebiso yokuba angaluzalisekisa njani. Yintoni oyifumana kwelicandelo engathi ikuncede uzalisekise uxanduva olunikwe yiNkosi?

Nantsi eminye imibuzo engakunceda ucingisise ngomqolo 5:

  • Zeziphi ezinye iindlela ubani “angababuthathaka” ngazo? Kuthetha ukuthini “ukunceda” abo babuthathaka?

  • Yintoni engabangela ngokomfuziselo “izandla eziwileyo” zomntu? “Singaziphakamisa” njani ezo zandla?

  • Ingaba ibinzana “amadolo ahexayo” lithetha ukuthini? “Singabomeleza” kanjani abo bamadolo ahexayo?

Mhlawumbi ukufunda lo mqolo kukucingise ngomntu ongathi “umncede,” “umphakamise,” okanye “ummomeleze.” Yintoni oza kuyenza ukulungiselela loo mntu?

Umfanekiso
USidney Rigdon, noJoseph Smith, kunye noFrederick G. Williams

UBongameli BokuQala:USidney Rigdon, noJoseph Smith, kunye noFrederick G. Williams

IMfundiso neMinqophiso 82:1–7

INkosi iyandimema ukuba ndiguquke kwaye ndishiye izono zam.

Njengoko ufunda iMfundiso neMinqophiso 82:1-7, cingisisa ngokwenza iintlobo ezimbini zoluhlu lwezinto ozifundayo: izilumkiso ngesono kunye neenyaniso ngoxolelo. Ingaba ezi nyaniso zingakunceda njani uchasane nezihendo zotshaba?

IMfundiso neMinqophiso 82:8–10

Imithetho yenzelwe usindiso lwam kunye nokhuseleko lwam.

Ukuba wena —okanye omnye umntu omaziyo —wakhe wamangala ukuba kutheni iNkosi inika imithetho emininzi kangaka, IMfundiso neMinqophiso 82:8-10 ingakunceda. Ziimbono zini kulemiqolo ezingathi zikuncede uchazele omnye umntu ukuba kutheni ukhetha ukulandela imithetho yeNkosi? Usenokucingisisa ngokuba imithetho yaYo ibuguqule kanjani ubomi bakho. Yintoni oyifunda malunga neNkosi njengoko ufunda umqolo 10?

Bona futhi IMfundiso neMinqophiso 130:20–21; Carole M. Stephens, “If Ye Love Me, Keep My Commandments,” Ensign okanye Liahona, Nov. 2015, 118–20.

IMfundiso neMinqophiso 83

“Abahlolokazi neenkedama baya kubonelelwa.”

Kwinyanga kaTshazimpuzi 1832, njengoko kwakuyalelwe yiNkosi, uJoseph Smith waye wahamba umgama ongangeemayile ezingama-800 ekuyondwendwela aBangcwele ababehlanganele eMissouri (bona IMfundiso neMinqophiso 78:9). Olunye uluntu awayelutyelele lwaluquka abahlolokazi ababezikhulisela abantwana babo bodwa. Ngaphakathi kwabo kwakukho uPhebe Peck no-Anna Rogers, ababesaziwa ngqo nguMprofeti. EMissouri kwiminyaka yo-1830, imithetho yelizwe yayinika abahlolokazi amalungelo aqingqiweyo kwiimpahla zabayeni babo abaswelekileyo. Yintoni oyifunda kwicandelo 83 emalunga nokuba iNkosi iziva kanjani ngabahlolokazi neenkedama? Ingaba ukhona umntu omaziyo okulemeko ongathi azuze kuthando lwakho okanye kwinkathalo yakho?

Bona futhi Isaya 1:17; Yakobi 1:27.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 81:3.Unganika amalungu osapho iintliziyo zamaphepha kwaye uwameme ukuba azobe okanye abhale okuthile awangathanda ukuthandaza ngako. Thethani ngokuba kuthetha ukuthini ukuthandaza “rhoqo, uvakalisa nasentliziyweni yakho.”

IMfundiso neMinqophiso 81:5. Ukufunda malunga nemigaqo ekulomqolo, mhlawumbi amalungu osapho angabelana ngemizekelo yalapho ayekhe aziva “ebuthathaka” okanye “ehexa” kwaye omnye wawanceda okanye wawomeleza. Beningabukela imiboniso bhanya-bhanya emalunga nokunceda abanye, efana ne- “Works of God” okanye “The Miracle of the Roof” (ChurchofJesusChrist.org). Xoxani ngokuba usapho lwakho lungancedana kanjani rhoqo ngeendlela nje ezingephi.

IMfundiso neMinqophiso 82:8–10.Mhlawumbi umdlalo olula nje ungalunceda usapho lwakho luzive lunombulelo ngemithetho kaThixo. Elinye ilungu losapho linganika imiyalelo yokunceda elinye ilungu losapho eliyimpumputhela ukuba liqabe isonka okanye loyise umngeni onzima. Cingani ngento eyonwabisayo okanye nizenzele owenu umdlalo omnandi! Ngoko ke nixoxe ngokuba imithetho kaThixo ifana kanjani nemiyalelo ekulomdlalo.

IMfundiso neMinqophiso 82:18–19.Yintoni ilungu ngalinye losapho elingayenza “ukuphucula italente [yalo]” kwaye “azuze ezinye iitalente”? Kungabamnandi ukubanomboniso weetalente zosapho. Cinga ngeendlela eningaquka ngazo neetalente ezingabonakaliswa lula (ezifana nezipho zomoya; bona IMfundiso neMinqophiso 46:11-26). Ingaba singazisebenzisa njani iitalente zethu nokuba sabelane njani ngezinto esinazo ukusikelela usapho lwethu kunye nabamelwane? Kuthetha ukuthini ukusebenzisa iitalente zethu “ngeliso elijonge kuphela uzuko lukaThixo”?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculi elicetyiswayo: “Have I Done Any Good?Hymns, no.•223; bona futhi “Iingcebiso Zokuphucula Ufundo Lwezibhalo Zosapho Lwakho.”

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Buza imibuzo ekhokelela kwintshukumo. Cingisisa ngemibuzo ethi ichukumise amalungu osapho lwakho ukuba aqwalasele kwindlela angaphila ngayo ivangeli ngokupheleleyo. “Le ayiyomibuzo yengxoxo njengesiqhelo; yona yeyokuba ubani nobani azigocagoce. (Teaching in the Savior’s Way, 31).

Umfanekiso
UYesu ephilisa indoda

Illustration of Jesus healing a man by Dan Burr

Shicilela