IMfundiso neMinqophiso 2021
EyeKhala 12–18. IMfundiso neMinqophiso 77-80: “Ndiya Kunikhokela”


“EyeKhala 12–18. IMfundiso neMinqophiso 77–80: “Ndiya Kunikhokela,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyeKhala 12–18. IMfundiso neMinqophiso 77–80,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
izimvu zilandela uYesu

Going Home, by Yongsung Kim

EyeKhala 12–18

IMfundiso neMinqophiso 77–80

“Ndiya Kunikhokela”

INkosi yaxelela uJoseph Smith ukuba Yona yayiya “kuthetha ezindlebeni [zakhe] amazwi obulumko” (IMfundiso neMinqophiso 78:2). Ngawaphi amazwi obulumko owafumanayo njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 77-80?

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ngaphantsi nje kweminyaka emibini emva kokuba iBandla libuyisiwe, lalisele likhulele kumalungu angaphezu kwa-2,000 kwaye lalisasazeka ngokukhawuleza. Kwinyanga yoKwindla 1832, uJoseph Smith waye wahlangana nezinye iinkokheli zeBandla ekubeni “baxoxe umcimbi weBandla”: imfuneko yokupapasha izityhilelo, ukuthenga umhlaba wokuhlanganela, kwakunye nokukhathalela amahlwempu (bona IMfundiso neMinqophiso 78, isihloko secandelo). Ukuhlangabezana neziimfuno, iNkosi yaye yabiza iqedlana leenkokheli zeBandla ukuba liseke iFemi eManyeneyo, iqela elo laliya kuhlanganisa iinzame zalo “ukuqhubela phambili injongo” yeNkosi (umqolo 4) kulemimandla. Kodwa nakulemicimbi yolawulo, iNkosi yaye yagxininisa kwizinto zanaphakade. Ekugqibeleni, injongo yomatshini wokushicilela okanye uvimba—njengayo yonke enye into ebukumkanini bukaThixo—kukulungiselela abantwana baKhe ukuba bafumane “indawo kwihlabathi leselestiyali” kwakunye “nobutyebi banaphakade” (imiqolo 7, 18). Kwaye ukuba ezo ntsikelelo kunzima ukuba siziqonde okwangoku, ngaphakathi kokuxaxeka kobomi bemihla-ngemihla, Yena uyasiqinisekisa, “yomelelani, kuba ndiya kunikhokela” (umqolo 18).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 77

UThixo utyhila iimfihlelo zaKhe kwabo bafuna ukuzazi.

Eminyakeni elishumi elinesibini emva koMbono Wokuqala, isimemo esiku-Yakobi 1:5 sokuba “makacele kuThixo” saqhubeka sikhokela uJoseph Smith xa wayeswele ubulumko. Xa yena noSidney Rigdon babenemibuzo malunga nencwadi yeSityhilelo njengoko babesebenza kwinguqulelo ephembelelekileyo yeBhayibhile, uJoseph wayevele afune ubulumko kuThixo. Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 77, cingisisa ngokushicilela iimbono zakho kwizahluko ezihambelana nezo zikwincwadi yeSityhilelo.

Ekongezeleleni koko, cinga nzulu ngokuba ungawulandela kanjani umzekelo woMprofeti Joseph xa ufunda izibhalo ezingcwele. Nawe ungabuza uBawo Osezulwini, “Yintoni ekumele ndiyiqonde?”

Umfanekiso
UJoseph Smith noSidney Rigdon befunda

Translation of the Bible, by Liz Lemon Swindle

IMfundiso neMinqophiso 78

Yayiyintoni iFemi eManyeneyo?

IFemi eManyeneyo yayisekelwe ukuba ilawule imicimbi yokupapasha kwakunye nemicimbi yezoshishino lweBandla e-Ohio naseMissouri. Yona yayibandakanya uJoseph Smith, uNewel K. Whitney, kwakunye nezinye iinkokheli zeBandla ezathi zadibanisa izixhobo zazo ukuhlangabezana neemfuno zasenyameni zeBandla elalikhula. Ngelishwa, iFemi eManyeneyo yaye yangena ematyaleni yaze yachithwa ngonyaka ka-1834 xa amatyala ayengasalawuleki.

Bona futhi “Newel K. Whitney and the United Firm,” Revelations in Context, 142–47; “United Firm,” Church History Topics, ChurchofJesusChrist.org/study/church-history.

IMfundiso neMinqophiso 78:1–7

Nam ndinganceda “ukuqhubela phambili injongo” yeBandla.

INkosi yaxelela uJoseph Smith kunye nezinye iinkokheli zeBandla ukuba ukulawula uvimba kwakunye nomatshini wokushicilela kwakuya kunceda “ukuqhubela phambili injongo, eniyixhasileyo” (IMfundiso neMinqophiso 78:4). Wena ungathi yintoni “injongo” yeBandla? Cinga nzulu ngoku njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 78:1-7. Mhlawumbi ukucinga ngalemiqolo kungagalela ifuthe kwindlela ofezekisa ngayo ubizo lwakho lwaseBandleni okanye indlela onceda ngayo usapho lwakho. Ingaba inkonzo yakho “ingaqhubela phambili injongo” yeNkosi kanjani? Ingaba ikulungiselela njani “indawo kwihlabathi leselestiyali”? (umqolo 7).

IMfundiso neMinqophiso 78:17–22

INkosi iya kundikhokela.

Ingaba ukhe uzive ngathi ungumntwana omncinane, mhlawumbi ngenxa yento ethile “awukathi uqonde” okanye “awunako ukuthwala”? (IMfundiso neMinqophiso 7:17–18). Khangela ingcebiso ekulemiqolo engathi ikuncede ukuba “yomelelani” (umqolo 18) emaxesheni awanjalo. Ucinga ukuba kutheni iNkosi ibiza abalandeli baYo “abantwana abancinane”? (umqolo 17). Ungacinga ngokuba iNkosi “ikukhokela” (umqolo 18) kanjani?

IMfundiso neMinqophiso 79–80

Ubizo lokukhonza uThixo lubaluleke okwegqitha indawo apho ndinceda khona.

Malunga neMfundiso neMinqophiso 80, uMdala David A. Bednar wafundisa, “Mhlawumbi esinye sezifundo uMsindisi asifundisa sona kwesisityhilelo sesokuba isabelo somsebenzi kwindalo ethile sibalulekile kodwa sihamba kwindawo yesibini kubizo lomsebenzi”(“Called to the Work,” Ensign okanye Liahona, May 2017, 68). Cinga ngobizo lwakho eBandleni lwangoku okanye olwagqithayo. Ngawaphi amava awathe akunceda ufunde ukuba amazwi kaMdala Bednar ayinyaniso? Zeziphi ezinye izifundo ezongezelelweyo ongazifumana kwiMfundiso neMinqophiso 79-80 ezingathi zincede nabani na othe wafumana ubizo olutsha kutshanje?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 77:2. Emva kokufunda lo mqolo, amalungu osapho angazoba imifanekiso “yezilo, …nezinto ezirhubuluzayo, …[okanye] iintaka zezulu” awazithandayo ezidalwe nguThixo. Yintoni esiyifundayo malunga nendalo kaThixo kulomqolo? (bona futhi IMfundiso neMinqophiso 59:16–20). Ningacula iculo elimalunga nendalo kaThixo, elifana neli- “My Heavenly Father Loves Me” (Children’s Songbook, 228–29), kwaye nibonise ngomfanekiso oqingqiweyo ohambelana nesisishwankathelo.

IMfundiso neMinqophiso 77:14. Lo mqolo uchaza ukuba uYohane wayitya incwadi eyayimele umsebenzi wakhe wokuhlanganisa uSirayeli. Ingaba umfuziselo wokutya ubonisa ntoni malunga nendlela ekumele siyithathe ngayo indima yethu ekuhlanganiseni uSirayeli okanye ekwenzeni ezinye izinto iNkosi efuna sizenze? Nazi ezinye izibhalo ezingcwele apho ukutya kusetyenziswa ekufundiseni inyaniso yokomoya: Yohane 6:48–51; 2 Nifayi 32:3; Moronayi 4. Mhalwumbi ningenza isidlo esiyintandokazi sosapho nisitye kunye ngelixa lalengxoxo.

IMfundiso neMinqophiso 78:17–19. Amalungu osapho angazoba imifanekiso yeentsikelelo ezibuya kuThixo awanombulelo ngazo. Yintoni esiyenzayo ukuvakalisa umbulelo wethu ngeziintsikelelo? Ningaxoxa ngokuba usapho lwakho luyilandela kanjani ingcebiso yokufumana “zonke izinto ngombulelo” (umqolo 19). Yintoni iNkosi eyithembisa abo benza njalo?

IMfundiso neMinqophiso 79:1. Yabelana ngobungqina bakho “bamandla” othe wawafumana xa wawumiselwa okanye ubekwa kubizo eBandleni. Zeziphi izipho zithile kunye nempembelelo ethe iNkosi yakusikelela ngazo njengoko wawunceda?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Count Your Blessings,” Hymns, no.•241.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Zoba umfanekiso. Njengosapho, ningafunda imiqolo embadlwana kwaye niphe amalungu osapho ixesha lokuba azobe okuthile okunxulumene noko akufundileyo. Xhoma imifanekiso ekhayeni lakho ukukhumbuza usapho lwakho ngemigaqo enithe nayifunda.

Umfanekiso
igadi enezilwanyane

God’s Garden, by Sam Lawlor

Shicilela