IMfundiso neMinqophiso 2021
EyeKhala 5-11. IMfundiso neMinqophiso 76: “Uya Kuba Mkhulu Umvuzo Wabo Kwaye Uzuko Lwabo Luya Kuba Lolwanaphakade”


“EyeKhala 5-11. IMfundiso neMinqophiso 76: ‘Uya Kuba Mkhulu Umvuzo Wabo Kwaye Uzuko Lwabo Luya Kuba Lolwanaphakade,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyeKhala 5-11. IMfundiso neMinqophiso 76,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
intlaninge yeenkwenkwezi esithubeni

Refuge, by Shaelynn Abel

EyeKhala 5–11

IMfundiso neMinqophiso 76

“Uya Kuba Mkhulu Umvuzo Wabo Kwaye Uzuko Lwabo Luya Kuba Lolwanaphakade”

Kwicandelo 76, iNkosi yavakalisa indlela eyayifuna ngayo Yona ukusityhilela inyani (bona imiqolo 7-10). Funda izibhalo ezingcwele ngokholo lokuba Yona iyakwazi kwaye iya kukutyhilela “izinto zikaThixo” (umqolo 12) odinga ukuzazi. Ngoko ke uze ushicelele ingqiqo oyifumanayo “xa [usese]Moyeni” (imiqolo 28, 80, 113).

Bhala Iimvakalelo Zakho

“Yintoni eza kwenzeka kum emveni kokuba ndifile?” Phantse zonke iinkolo ehlabathini ziqubisana nawo lo mbuzo ngohlobo oluthile okanye olunye. Kangangeenkulungwane, amasiko amaninzi amaKrestu, engqiyame kwiimfundiso zeBhayibhile, afundisile ngezulu nesihogo, ngeparadesi kwabo balungileyo kunye nentuthumbo kwabo bangendawo. Kodwa ingaba lulonke usapho lomntu ngokwenene lungehlulwa ngokungqongqo ngokulungileyo nangokubi? Kwaye ingaba igama izulu eneneni lithetha ukuthini? NgeyoMdumba 1832, uJoseph Smith kunye noSidney Rigdon babezibuza ukuba lwakungekho ulwazi olungaphaya malunga nalomxholo (bona IMfundiso neMinqophiso 76, isihloko secandelo).

Eneneni lwalukhona. Xeshikweni babecingisisa ezi zinto, iNkosi “yachukumisa amehlo okuqonda [kwabo] aze avuleka” (umqolo 19). UJoseph kunye noSidney bafumana isityhilelo esona sasimangalisa, esona sasithe kratya, esona sasicacisa gca, bade abangcwele basibiza nje ngokulula “Umbono.” Wona waye wavula ngokugibiseleka iingcango zezulu kwaye wanika abantwana bakaThixo uluvo-olwalula ingqondo lwanaphakade. Lo mbono watyhila ukuba izulu likhulu kwaye libanzi kwaye liyaquka ngaphezulu kwendlela abantu babeqonda ngayo kunangaphambili. UThixo unenceba ngakumbi kunye nokulunga ukwegqitha indlela thina esinokuqonda ngayo. Kwaye abantwana bakaThixo banesiphelo sanaphakade esinobuqaqawuli obukhulu obogqitha thina oko sibanomfanekiso-ngqondweni wako.

Bona Saints, 1:147-50; “The Vision,” Revelations in Context, 148-54.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 76

Intsindiso iza ngenxa kaYesu Krestu, uNyana kaThixo.

Xa uWilford Woodruff wayefunda umbono ochazwa kwicandelo 76, yena wathi, “Ndava ukuyithanda iNkosi ngakumbi kunakuqala ebomini bam” (bona “Voices of the Restoration” ekupheleni kwesisishwankathelo). Mhlawumbi nawe wakhe wanemizwa efanayo njengoko wawufunda esi sityhilelo. Emva kwako konke, akukho nanye yezintsikelelo zinobuqaqawuli zichazwa kwicandelo 76 ebinokwenzeka ngaphandle koMsindisi. Mhlawumbi ungaphawula umqolo ngamnye kwicandelo 76 othi ukhankanye iNkosi uYesu Krestu. Yintoni ekufundisa yona le miqolo malunga naYe kunye nendima yaKhe kwicebo likaThixo? Ingaba iyichaphazela kanjani indlela oziva ngayo ngaYe? Njengoko ufunda kwaye ucingisisa, usenokufumana ukuchukumiseka malunga nokuba “[ungabufumana] njani ubungqina bukaYesu” kwaye “ukhaliphe” kubo? (imiqolo 51,79).

IMfundiso neMinqophiso 76:39–44, 50–112

UThixo unqwenela ukusindisa “yonke imisebenzi yezandla zakhe.”

Abanye abantu, kuquka namalungu antlandlolo eBandla, bawugatya umbono okwicandelo 76 ngokuba wawufundisa ukuba phantse wonke umntu uya kusindiswa kwaye afumane izinga elithile lobuqaqawuli. Inkcaso yabo inoba yeza, njenge nxalenye, yokungaqondi kakuhle malunga noThixo kunye nobudlelwane baKhe nathi. Njengoko ufunda esi sityhilelo, yintoni oyifundayo malunga nempatho kaThixo kunye necebo laKhe labantwana baKhe.

Cingisisa ngomahluko phakathi kokusindiswa (ekufeni kwasenyameni nokwasemoyeni; bona imiqolo 39, 43-44) kwaye nokuphakanyiselwa (ukuphila noThixo nokufana naYe; bona imiqolo 50-70).

Bona futhi Yohane 3: 16-17; IMfundiso neMinqophiso 132: 20-25).

IMfundiso neMinqophiso 76:50-70, 92-95

UBawo wam Osezulwini ufuna ndifumane ubomi obungunaphakade ebukumkanini beselestiyali.

Ingaba wakhe wazibuza—okanye wazikhathaza—ngokuba mhlawumbi uya kufaneleka okanye hayi kubukumkani beselestiyali? Xa ufunda ngenkcazo yabo bafumana obu buqaqawuli (bona imiqolo 50-70, 92-95), kunokuba ukhangele uluhlu lwezinto ekumele uzenze, khangela izinto uThixo azenzileyo—nazenzayo—ukukunceda ube njengaYe. Ingaba ukufunda lo mbono ngoluhlobo kuyayichaphazela indlela oziva ngayo malunga nemizamo yakho?

Usenokucinga nangentsikelelo enkulu ekuyiyo ukwazi ezi nkcukacha malunga nobukumkani beselestiyali. Ingaba lo mbono wobukumkani beselestiyali uyichaphazela njani indlela obona ngayo kwaye ofuna ukuphila ngayo ubomi bakho bemihla ngemihla?

Bona futhi Moses 1:39; Joy D. Jones, “Value beyond Measure,” Ensign okanye Liyahona, Nkanga. 2017, 13-15, J. Devn Cornish, “Am I Good Enough? Will I Make It Ensign okanye Liyahona Nkanga. 2016, 32-34.

Umfanekiso
igumbi kwikhaya eminyakeni yeenkulungwane yeshumi elinesithoba

UJoseph Smith wabona umbono wamaqondo obuqaqawuli kweligumbi.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 76:22-24, 50-52, 78-79, 81-82. Yintoni esiyifundayo kulemiqolo malunga nokubaluleka kobungqina bethu? Yeyiphi indima ubungqina bethu obuyidlalayo kwikamva lethu lanaphakade? Kunganceda ukujonga iinkcazelo kakhalipha ukuze kuxoxwe indlela “yokukhalipha kubungqina bukaYesu” (umqolo 79). Ningacula nakanjalo iculo “I Will Be Valiant,” (Children’s Songbook,, 162).

IMfundiso neMinqophiso 76:24. Usapho lwakho lungaphawula unxibelelwano phakathi kweenyaniso ezikwicandelo 76 kunye nezo zifundiswe ku- I Am a Child of God” (Children’s Songbook, 2-3); enye yezinyaniso ifumaneka kwiMfundiso neMinqophiso 76:24. Ingaba belingahluka njani ihlabathi ukuba wonke umntu ebeqonda ukuba sonke singabantwana bakaThixo? Ingaba le nyaniso iyichaphazela njani indlela esibaphatha ngayo abanye? Mhlawumbi ukujonga imifanekiso yoonyana neentombi ezahlukeneyo zikaThixo kwelihlabathi kunganceda usapho lwakho lucingisise ngalombuzo. (Bona futhi “Video Presentaion: I Am a Child of God,” ChurchOfJesusChrist.org.)

Cinga ngokukucula “I Am a Child of God” kunye kwaye nikhangele olunye unxibelelwano kweminye imigaqo kwicandelo 76 (bona, umzekelo, imiqolo 12, 62, 96).

IMfundiso neMinqophiso 76:40–41.Ukuba besinokushwankathela “iindaba zovuyo” (umqolo 40), okanye iindaba ezilungileyo, kulemiqolo kwisihloko esifutshane sephepha-ndaba okanye kwi-tweet, besinokuthini? Zeziphi ezinye iindaba zovuyo esizifumana kwicandelo 76?

IMfundiso neMinqophiso 76:50–70. Ingaba uya kulunceda njani usapho lwakho lulangazelele kwaye lulungiselele ubomi obungunaphakade ebukumkanini beselestiyali? Ningasebenza kunye ukufumana imifanekiso, izibhalo, kunye neemfundiso zesiprofeto ezihambelana namabinzana akwiMfundiso neMinqophiso 76:50-70. Ungazifumana ezi zinto kwiincwadi zeBandla, ku- ChurchOfJesusChrist.org, okanye kwingcaciso esemazantsi wezibhlalo ezingcwele. Ngoko ke ngahlanganisani yonke le mifanekiso, izibhalo, kunye neemfundiso kwiphepha elinokukhumbuza usapho lwakho ngeembono zenu ngonaphakade.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “I Know That My Redeemer Lives,” Hymns, no. 136.

Umfanekiso
umfanekiso wamazwi embuyiselo

Amazwi weMbuyiselo: Ubungqina “boMbono”

Wilford Woodruff

UWilford Woodruff wazimanya neBandla kweyoMnga ngowama-1833, phantse iminyaka emibini emveni kokuba uJoseph Smith noSidney Rigdon bafumana umbono oshicilelwe kwiMfundiso neMinqophiso 76. Yena wayehlala eNew York ngeloxesha kwaye wafunda ngalo “Mbono” kubafundisi bevangeli ababencedisa kuloo mmandla. Emveni kweminyaka waye wathetha ngemizwa yakhe ngesisityhilelo:

“Ndandifundisiwe ukusukela ebuntwaneni bam ukuba kwakukho iZulu elinye kunye neSihogo esinye, kwaye ndaxelelwa ukuba bonke abengendawo babenesohlwayo esinye kwaye amalungisa enobuqaqawuli obunye. …

“…Xa ndandifunda lo mbono…, waye wakhanyisela ingqondo yam kwaye wandinika uvuyo olukhulu, kwabonakala kum ukuba uThixo othe watyhila loo mgaqo emntwini wayenobulumko, elungile kwaye enyanisekile, enazo zombini ezona zibalaseleyo iimpawu kunye nengqondo elungileyo kunye nolwazi, ndavakalelwa kokokuba Yena wayengaguqu-guquki kuthando, kwinceba, ekulungeni kunye nasekugwebeni, kwaye ndeva ukuthanda iNkosi ngakumbi kunangaphambili ebomini bam.”1

“‘Umbono’ [usiso] isityhilelo esinika ukukhanya okuthe chatha, inyaniso eyongezelekileyo kunye nomgaqo othe chatha kunaso nasiphi na isityhilelo esiqulathwe nakweyiphi na incwadi eyenye esakhe sayifunda. Wona wenza kucace ekuqondeni kwethu imeko yethu yangoku, apho sivela khona, kutheni silapha, kwaye nokuba kuphi apho siya khona. Nawuphi na umntu angayazi ngaso esi sityhilelo ukuba eyakhe indima kunye nemeko iza kuba yeyiphi.”2

“Ngaphambili kokuba ndibone uJoseph ndathi andikhathali nokuba umdala kangakanani; okanye umsemncinane kangakanani; ndandingakhathali nokuba wayekhangeleka njani—nokuba iinwele zakhe zazinde okanye zazimfutshane; indoda eyazisa esa sithyilelo yayingumprofeti kaThixo. Ndaye ndazazela ngokwam.”3

Phebe Crosby Peck

Xeshikweni uPhebe Peck wayesiva uJoseph kunye noSidney befundisa “ngombono,” yena wayehlala eMissouri kwaye ekhulisa abantwana abahlanu njengomama oyedwa. Umbono wamchukumisa ngakumbi kwaye wamphembelela kangangokuba wabhala oku kulandelayo ukwenzela ukwabelana ngoko wayekufundile nosapho lwakhe olongezelelweyo:

“INkosi ityhila iimfihlelo zoBukumkani bezulu Ebantwaneni bayo. … UJoseph Smith kunye noSidney Ridgon bebesityelele kwintwasahlobo edlulileyo, kwaye sabaneentlangano ezinovuyo xeshikweni bebelapha, kwaye saba neemfihlelo ezininzi zivulwa kwimbono yethu, ezathi zandinika intuthuzelo enkulu. Sasikubona ukuzithoba kukaThixo ekulungiseleleni abantwana bakhe iindawo zokuhlala zoxolo. Kwaye nabani ongayamkeliyo inzaliseko yevangeli kwaye ame njengamajoni akhaliphileyo kwinjongo kaKrestu akasayi kuhlala kubukho bukaBawo noNyana. Kodwa ikhona indawo elungiselelwe abo bonke bangamkeliyo, kodwa yindawo yobuqaqawuli obuncinane kunokuhlala ebukumkanini beSelestiyali. Andisoze ndilinge ukuthetha ngakumbi ngokunxulumene nezizinto ngokuba ngoku ziyashicelelwa kwaye ziya phambili ehlabathini. Kwaye mhlawumbi niya kubanalo ithuba lokuzifundela ngokwenu, kwaye ukuba nenza njalo, ndiyathemba ukuba niza kufunda ngononophelo kunye nentliziyo enomthandazo, ngokuba ezi zinto zikufanele ukuqhatshelwa. Kwaye ndiyanqwena ukuba ningakhangela kuzo, ngokuba ikuko oko kukhokelela kulonwabo lwethu kwelihlabathi kwaye nakwelo lizayo.” 4

Izikhumbuzo

  1. Remarks,”Deseret News, Canzibe 27, 1857, 91.

  2. Deseret News, Aug. 3, 1881, 481; see also Teachings of Presidents of the Church: Wilford Woodruff (2004), 120–21.

  3. “Remarks,”Deseret News, Msintsi 5, 1891, 322.

  4. Incwadana yembalelwano kaPhebe Crosby Peck ku-Anna Jones Pratt, Thupha 10. 1832 , Ithala Leencwadi Lembali yeBandla, Salt Lake City; upelo nezilungiso zokubhala zifakelwe kamvanje.

Umfanekiso
umboniso wobukumkani obuthathu bobuqaqawuli

Glory by Degrees, by Annie Henrie Nader

Shicilela