IMfundiso neMinqophiso 2021
EyeSilimela 28-EyeKhala 4. IMfundiso neMinqophiso 71-75: “Akukho Sixhobo Esenzelwe Ukuchasa Nina Esiya Kuphumelela”


“EyeSilimela 28-EyeKhala 4. IMfundiso neMinqophiso71–75: ‘Akukho Sixhobo Esenzelwe Ukuchasa Nina Esiya Kuphumelela,’”Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye neeNtsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2000)

“EyeSilimela 28-EyeKhala 4. IMfundiso neMinqophiso 71–75,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho 2021

Umfanekiso
UYesu nezimvu

Dear to the Heart of the Shepherd, by Simon Dewey

EyeSilimela 28-Eyekhala 4

IMfundiso neMinqophiso 71–75

“Akukho Sixhobo Esenzelwe Ukuchasa Nina Esiya Kuphumelela”

UMdala Quentin L. Cook wafundisa, “Ifuthe loMoya Oyingcwele kumaxesha amaninzi likhapha ufundo lwezibhalo ezingcwele lomntu ngamnye kunye nomthandazo ekhayeni” (Deep and Lasting Convertsion to Heavenly Father and the Lord Jesus Christ,”Ensign okanye Liyahona, Nkanga 2018, 10).

Bhala Iimvakalelo Zakho

Kwangelixa eseyinkwenkwe, uJoseph Smith wayejongene nabagxeki—nkqu neentshaba—njengoko wayezama ukwenza umsebenzi kaThixo. Kodwa kumele ukuba kwakubuhlungu ngakumbi kamva kowama-1831, xa u-Ezra Booth waqalisa esidlangalaleni ukuhlasela iBandla, ngoba kweli ilixa umgxeki wayelikholwa ngaphambili. U-Ezra wayembonile uJoseph esebenzisa amandla kaThixo ukuphilisa owasetyhini. Wayemenywe ukuba akhaphe uJoseph kuhlolo lokuqala lomhlaba waseZiyon eMissouri. Kodwa wayesele elahlekelwe lukholo lwakhe kwaye, kwinzame yakhe yokunyelisa umprofeti, waye washicilela uluhlu lweencwadi kwiphephandaba lase-Ohio. Kwaye iinzame zakhe zazikhangeleka zisebenza: “iimvakalelo ezinobutshaba … zaziphuhlile ngokuchasene neBandla” (IMfundiso neMinqophiso 71, isihloko secandelo). Angenza ntoni amakholwa kwimeko ezinjena? Nangona kungekho mpendulo inye elungele zonke iimeko, kukhangeleka ukuba kumaxesha amaninzi—kuquka nale imeko yangowama-1831—inxalenye yempendulo yeNkosi kukukhusela inyaniso kunye nokulungisa ubuxoki ngoku “ekubhengezeni ivangeli yam” (umqolo 1). Ewe, umsebenzi weNkosi uya kuhlala unabo abagxeki, kodwa ekugqibeleni, “akukho sixhobo esenzelwe ukuchasa [nawo] esiya kuphumelela” (umqolo 9).

Bona futhi “Ezra Booth and Isaac Morley,”Revelations in Context, 134.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 71

INkosi iya kubabhidanisa abagxeki bomsebenzi waYo ngexesha laYo.

Singaxhalaba xa sisiva abantu begxeka okanye benyelisa iBandla okanye iinkokheli zalo, ngakumbi xa sisoyika ukuba abantu esibaziyo kunye nesibathandayo bazakufakwa ifuthe kokokugxeka. Xa into efanayo yayisenzeka e-Ohio ngowama-1831, (bona isihloko secandelo kwiMfundiso neMinqophiso 71), umyalezo weNkosi kuJoseph Smith kunye noSidney Rigdon yayingowokholo, hayi uloyiko. Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 71, yintoni oyifumanayo eyakha ukholo lwakho eNkosini kunye nasemsebenzini waYo? Yintoni ekuchukumisayo malunga nomyalelo iNkosi eyawunika izicaka zayo Yona kulemeko?

Bona futhi Robert D. Hales, “Christian Courage: The Price of Discipleship,” Ensign okanye Liyahona, Nkanga . 2008, 72-75; Jörg Klebingat, “Defending the Faith,”Ensign, Msintsi. 2017, 49-53.

IMfundiso neMinqophiso 72

OoBhishophu bangamagosa kwimicimbi yezomoya kunye neyasenyameni yobukumkani beNkosi.

Xa uNewel K. Whitney wayebizwa ngengoBhishopu wesibini weBandla, imisebenzi yakhe yayohlukile kancinane kuleyo yooBhishophu banamhlanje. Umzekelo, uBhishophu Whitney wayongamele kungcwaliso lomhlaba kunye nemvume yokuhlala eMissouri, emhlabeni waseZiyon. Kodwa njengoko ufunda ngobizo lwakhe kunye nemisebenzi yakhe kuyo IMfundiso neMinqophiso 72, ungaqaphela unxibelelwano kwizinto ooBhishophu abazenzayo namhlanje—noko ngokwasemoyeni, ukuba akukho oluthile, kwimisebenzi yabo. Umzekelo, ngeziphi iindlela “onika ingxelo” ngazo kuBhishopu wakho? (umqolo 5). Yeyiphi indlela uBhishophu wakho “[a]gcina uvimba weNkosi” ngayo kwaye aphathe ukumisela kwamalungu wesebe? (bona imiqolo 10, 12). Ingaba wakhe wakunceda njani uBhishophu?

Bona Izihloko Zevangeli, “Bhishophu,” topics.ChurchOfJesusChrist.org.

Umfanekiso
imiphanda neengxowa zokutya

UNewel K. Whitney waphatha uvimba webhishophu.

IMfundiso neMinqophiso 73

Ndingakhangela amathuba okwabelana ngevangeli.

Emveni uJoseph Smith noSidney Ridgon babuya kuvangelo lwabo olufutshane lokulungisa okunye komonakalo u-Ezra Booth owayekwenzile (bona IMfundiso neMinqophiso 71), iNkosi yabaxelela ukuba babuyele emsebenzini wenguqulelo yeBhayibhile (bona Bible dictionary, “Joseph Smith Translation”). Kodwa Yona yayifuna baqhubeke beshumayela ivangeli. Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 73, cinga ungenza njani intshumayelo yevangeli ibe yeqhubekayo, “kunokwenzeka” (umqolo 4)—okanye enyanisekileyo—inxalenye yobomi bakho phakathi kweminye imisebenzi.

IMfundiso neMinqophiso 75:1—12

INkosi iyabasikelela abo babhengeza ivangeli yaYo ngokunyanisekileyo.

Ekuphenduleni kumyalelo wokuba “hambani niye kulo lonke ihlabathi,” nishumayele ivangeli (IMfundiso neMinqophiso 68:8), abadala abaninzi abanyanisekileyo baye bafuna inkcukacha eyongongezelelweyo ngendlela iNkosi eyayifuna bawuzalisekise ngawo lo myalelo. Ngawaphi amagama okanye amabinzana owafumanayo kwiMfundiso neMinqophiso 75:1-12 awathi akuncede uqonde ukuba ungayishumayela njani ivangeli ngokufanelekileyo? Zeziphi iintsikelelo iNkosi ezithembisayo kubavangeli abanyanisekileyo? Cingisisa ngendlela le miyalelo kunye neentsikelelo zisebenza ngayo kuwe njengoko usabelana ngevangeli.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 71. Yintoni uJoseph Smith kunye noSidney Ridgon ababeyicelwe ukuba bayenze xa abanye babegxeka iBandla kunye neenkokheli zalo? Ingaba thina “silungisa indlela” njani ukuze abantu bafumane izityhilelo zikaThixo? (IMfundiso neMinqophiso 71:4).

IMfundiso neMinqophiso 72:2.Ingaba oobhishopu balusikelele njani usapho lwakho? Ingaba yintoni ubhishopu wethu asicele siyenze, kwaye singamxhasa njani? Mhlawumbi usapho lwakho lungabhala ikhadi lubulela ubhishopu ngenkonzo yakhe.

IMfundiso neMinqophiso 73:3–4.Ingaba usapho lwakho lungazuza ngokufunda ngenguqulelo kaJoseph Smith yebhayibhile? (bona Bible Dictionary, “Joseph Smith Translation”). Ningahlola imihlathi embalwa eyahlaziywayo kwiNguqulelo kaJoseph Smith kwaye nixoxe ngeenyaniso ezixabisekileyo iNkosi eyazityhila kumprofeti. Ngokwemizekelo, bona iNguqulelo kaJoseph Smith Genesis 14:25-40 kunye Genesis 50: 24-38 kwisihlomelo seBhayibhile; imibhalo yasemazantsi eyohlukeneyo kuMateyu 4:1-11; kunye Luka 2:46, umbhalo osemazantsi c.

IMfundiso neMinqophiso 74:7. Yintoni lo mqolo oyifundisa malunga noYesu Krestu kunye nabantwana abancinane?

IMfundiso neMinqophiso 75:3-5, 13, 16.Unganceda usapho lwakho luqonde indlela iNkosi efuna simkhonze ngayo ngokuthetha ngomahluko phakathi koko “nqena” kunye noku “sebenzani ngamandlakazi enu”. Mhlawumbi ningakhetha imisebenzi yasekhaya ethile kwaye nimeme amalungu osapho abonise ukwenza lomisebenzi ngokukonqena kwaye emveni koko ngokusebenza ngamandlakazi. Singayikhonza njani iNkosi ngamandlakazi ethu? NgokweMfundiso neMinqophiso 75:3-5, 13, 16, yintoni Yona eyithembisa izicaka zaYo ezinyanisekileyo?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Let Us All Press On,” Hymns, no. 243.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Khangela amagama kunye namabinzana akhuthazayo. Njengoko ufunda, uMoya ungazisa amagama okanye amabinzana athile kwingqalasela yakho. Cingisisa ngokwenza uphawu ngamagama okanye amabinzana aphuma kwiMfundiso neMinqophiso 71-75 awathi akuphembelele.

Umfanekiso
indodana neNkokheli yoBubingeleli

Illustration of young man with a priesthood leader by D. Keith Larson

Shicilela