IMfundiso neMinqophiso 2021
EyeSilimela 21–27. IMfundiso neMinqophiso 67-70: “Zazixabisa… Ubutyebi Bomhlaba Wonke”


“EyeSilimela 21–27. IMfundiso neMinqophiso 67–70: ‘Zazixabisa… Ubutyebi Bomhlaba Wonke,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyeSilimela 21–27. IMfundiso neMinqophiso 67-70,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
revelation manuscript book in display case

EyeSilimela 21–27

IMfundiso neMinqophiso 67–70

“Zazixabisa…Ubutyebi Bomhlaba Wonke”

Nangona uninzi lwezityhilelo kwiMfundiso neMinqophiso lwalubhekiswe kubantu abathile kwiimeko ezithile, zona “zinceda bonke abantu” (“Ubungqina babaPostile Abalishumi Elinesibini Enyanisweni Yencwadi YeMfundiso neMinqophiso,” Intshayelelo kwiMfundiso neMinqophiso). Njengoko ufunda, khangela iinyaniso kunye nemigaqo engabanenzuzo kuwe.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ukusukela ngo-1828 ukuya ku-1831, uMprofeti Joseph Smith wafumana izityhilelo ezininzi eNkosini, kuquka nengcebiso yobuthixo yabantu ngabanye, imiyalelo yokulawula iBandla, kunye nemibono ephembelelayo yemihla yokugqibela. Kodwa uninzi lwaBangcwele zange luzifunde. Izityhilelo zazingekapapashwa, kwaye iikopi ezimbadlwana ezazifumaneka zazibhalwe ngesandla emaphepheni nje awayezihambela wodwa awayejikeleziswa emalungwini kwaye ephathwa ngabafundisi bevangeli.

Ngoko ke, kweyeNkanga 1831, uJoseph waye wabiza ibhunga leenkokheli zeBandla ukuba lixoxe malunga nokupapasha izityhilelo. Emveni kokufuna intando yeNkosi, ezi nkokheli zaye zenza izicwangciso zokupapasha iNcwadi yeMiyalelo— yona eyandulela le yeMfundiso neMinqophiso namhlanje. Kungekudala wonke ubani wayezakukwazi ukuzifundela ilizwi likaThixo elalityhilwe ngomprofeti ophilayo, ubungqina obucacileyo bokuba “izitshixo zeemfihlo zobukumkani boMsindisi wethu kwakhona ziphathiswe ngokuthembekileyo ebantwini.” Ngenxa yezi nezinye izizathu, aBangcwele bangokuya nabangoku bazithathela ingqalelo ezi zityhilelo kuba “zazixabisa… ubutyebi bomhlaba wonke” (IMfundiso neMinqophiso 70, isihloko secandelo).

Bona Saints, 1:140–43.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 67:1–9; 68:3–6

UThixo uyazixhasa izicaka zaKhe kunye namazwi eziwathetha ngegama laKhe.

Isigqibo sokupapasha izityhilelo ezazifunyenwe nguJoseph Smith sibonakala njengesilula, kodwa ezinye iinkokheli zantlandlalo zeBandla zazingaqinisekanga ukuba lowo yayingumbono olungileyo. Enye inkxalabo yayinento yokwenza nokungasulungeki kolwimi uJoseph Smith awayelusebenzisa ukubhala izityhilelo. Isityhilelo kwicandelo 67 seza njengempendulo kuloonkxalabo. Yintoni oyifundayo malunga nabaprofethi nangesityhilelo kwimiqolo 1-9? Zeziphi ezinye iimbono ezongezelelekileyo ozizuza ku-68:3–6?

Ngaphambili kokuba iNcwadi yeMiyalelo ipapashwe, iinkokheli zeBandla eziliqela zaye zatyikitya ubungqina obubhaliweyo bokuba izityhilelo ezazisencwadini zaziyinyaniso. Ukubona ikopi yobungqina bazo, bona “Testimony, circa 2•November 1831,” Revelation Book•1, 121, josephsmithpapers.org.

IMfundiso neMinqophiso 68:1–8

Impembelelo evela kuMoya oyiNgcwele ibonisa intando yeNkosi.

Amazwi akulemiqolo ayethethwa njengoko u-Orson Hyde kunye nabanye babebizelwa “ukubhengeza ivangeli yanaphakade, ngoMoya kaThixo ophilileyo, ukusuka ebantwini kuye ebantwini, nokusuka elizweni ukuya elizweni” (umqolo 1). Ingaba isibhengezo eso sikumqolo 4 singamnceda njani umntu othunyelwa ukuba ayoshumayela ivangeli? Ingaba la mazwi asebenza njani kuwe? Cinga ngexesha apho xa “wawuqhutywa nguMoya oyiNgcwele” (umqolo 3) ukuba utsho okanye wenze okuthile. Yintoni oyifumana kulemiqolo engathi ikunike ukuzithemba ekulandeleni iinkcukumiso zasemoyeni?

IMfundiso neMinqophiso 68:25–28

Abazali banoxanduva lokufundisa abantwana babo.

Udade Joy D. Jones, uMongameli Wajikelele Wabantwana Abancinane, wafundisa oku, “Injongo yokunceda abantwana bachasane nesono kukuqala eminyakeni eselula kakhulu ukubafundisa ngothando ngeemfundiso nemigaqo esisiseko yevangeli —ephuma ezibhalweni ezingcwele, kwiZivumo Zokholo, kwincwadana ye-For the Strength of Youth, amaculo wabantwana abancinane, amaculo, kwakunye nobungqina bethu buqu —oko kuya kukhokelela abantwana kuMsindisi ” (“A Sin-Resistant Generation,” Ensign okanye Liahona, May 2017,•88).

NgokweMfundiso neMinqophiso 68:25–28, zeziphi ezinye “zeemfundiso ezisiseko sevangeli” ezo uDade Jones azikhankanyayo ukuba abazali bazifundise abantwana babo? Kutheni olu xanduva lubaluleke kangaka lunikwa abazali? Ungathini kumzali oziva engafanelekanga ukufundisa ezi zinto ebantwaneni bakhe?

Bona futhi Tad•R. Callister, “Parents: The Prime Gospel Teachers of TheirChildren,” Ensign okanye Liahona, Nov. 2014, 32–34.

Umfanekiso
usapho luyafunda

Ikhaya yeyona ndawo ifanelekileyo yokufundisa abantwana ivangeli.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 67:10–14. Ingaba umona, uloyiko, kunye negugu zisithintela kanjani ekubeni sisondele kufuphi eNkosini? Kutheni “umntu wemvelo” angenakukwazi ukubakho ebusweni beNkosi? (umqolo 12; bona futhi Mozaya 3:19). Yintoni esiyifumana kulemiqolo ethi isiphembelele ukuba “siqhubekeke sikumonde [side] sigqityeleliswe”? (umqolo 13).

Njengosapho, ningahlalutya kwakhona umyalezo kaMdala Jeffrey R. Holland, “Be Ye Therefore Perfect—Eventually” (Ensign okanye Liahona, Nov. 2017, 40–42).

IMfundiso neMinqophiso 68:3–4.Amalungu osapho angabelana ngamava awakhe omeleza ukholo lwawo wokuba amazwi wezicaka zeNkosi “ayintando yeNkosi,” “ingqondo yeNkosi,” kunye “namandla kaThixo elusindisweni” (umqolo 4). Okanye angajonga imiyalezo yenkomfa yajikelele yakutshanje ethi isebenze kumngeni usapho lwakho olujongene nawo.

IMfundiso neMinqophiso 68:25–35. Le miqolo iqulathe ingcebiso ebalulekileyo “kubemi beZiyon” (umqolo 26). Yintoni esiphenjelelwa ukuba siziphucule kuyo emveni kokufunda le miqolo? Kungalulonwabo ukwenza imifanekiso ebonisa eminye yemigaqo efumaneka kulemiqolo kwaye niyifihle kuyo yonke indawo kwikhaya lenu. Emva koko, kwiintsuku ezilandelayo xa ubani efumana umfanekiso, ningasebenzisa oko njengethuba lokufundisa ngaloomgaqo. Kutheni ikhaya liyeyona ndawo ibalulekileyo ebantwaneni ukufunda ngezi zinto?

IMfundiso neMinqophiso 69:1–2.U-Oliver Cowdery waye wathunyelwa eMissouri neekopi ezibhaliweyo zezityhilelo zomProfeti ukuba zishicilelwe, kwakunye nemali yokwakha iBandla apho. Yeyiphi ingcebiso iNkosi eyayinika kumqolo 1 malunga nohambo luka-Oliver? Kutheni kubalulekile ukuba nabantu “abaya kunyaniseka kwaye bathembeke”? (umqolo 1). Bakhe basiphembelela nini abahlobo ukuba senze izigqibo ezilungileyo okanye ezingalunganga? Singabalifuthe elilungileyo njani kwabanye?

IMfundiso neMinqophiso 70:1–4.INkosi yanika abadala abathile ixanduva lokuba babeke iliso ukupapashwa kwezityhilelo. Nangona singenalo olo xanduva luthile, yeyiphi indlela esingazibona nathi “singamagosa phezu kwezityhilelo nemiyalelo”? (umqolo 3).

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Home Can Be a Heaven on Earth,” Hymns, no.•298.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Masisebenziseni izibhalo ezingcwele ebomini bethu. Emveni kokufunda umhlathi kwizibhalo ezingcwele, mema amalungu osapho ukuba awusebenzise ebomini bawo. Ngokomzekelo, ungawamema ukuba acinge ngeemeko ezifana noko asenokujongana nako okubandakanya imigaqo efanayo yevangeli.

Umfanekiso
Umatshini wokushicilela

Incwadi Yemiyalelo, eyandulela IMfundiso neMinqophiso, yayishicilelwe kumatshini ofana nalo.

Shicilela