IMfundiso neMinqophiso 2021
EyeSilimela 14–20. IMfundiso neMinqophiso 64–66: “INkosi Ifuna Intliziyo Nengqondo Ezithandelayo”


“EyeSilimela 14–20. IMfundiso neMinqophiso 64–66: ‘INkosi Ifuna Intliziyo Nengqondo Ezithandelayo,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyeSilimela 14–20. IMfundiso neMinqophiso 64–66,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
intsimi xa kuphuma ilanga

Daviess County, Missouri

EyeSilimela 14–20

IMfundiso neMinqophiso 64–66

“INkosi Ifuna Intliziyo Nengqondo Ezithandelayo”

UMongameli uHenry B. Eyring wathi: “Ndisoloko ndiya kwizibhalo ezingcwele nemibuzo ‘Ingaba yintoni uThixo afuna ndiyenze?’ okanye ‘Ingaba yintoni Yena angafuna ndiyive’?” Ngandlela nye ndifumana amacebo amatsha kunye neengcinga endingazange ndibenazo ngaphambili”(“How God Speaks to Me through the Scriptures,” Feb. 6, 2019, blog.ChurchofJesusChrist.org).

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ebushushwini obunganyamezelekiyo beyeThupha ka-1831, abadala abaliqela babebuyela eKirtland emveni kokuhlola umhlaba waseZiyon eMissouri njengoko babeyalelwe yiNkosi. Uhambo olo lwalungekho mnandi. Abahambi—uJoseph Smith, u-Oliver Cowdery, uSidney Rigdon, u-Ezra Booth, kwakunye nabanye—babeshushu kwaye bediniwe, kwaye uxinzelelo lwakhawuleza lwajika lwaba ziingxabano. Kwakubonakala ngathi ukwakhiwa kweZiyon, isixeko sothando, somanyano, kunye noxolo, kwakuzothatha ixesha elide.

Ngethamsanqa, ukwakhiwa kweZiyon—eMissouri ngo-1831 okanye ezintliziyweni zethu kunye nasemasebeni ethu namhlanje—akusinyanzelisi ukuba sigqibeleleke. Endaweni yoko, “kodwa okwenu kufuneka nixolele bonke abantu,” yatsho iNkosi (IMfundiso neMinqophiso 64:10). Yona ifuna “intliziyo kunye nengqondo ezithandelayo” (umqolo 34). Kwaye Yona ifuna umonde kunye nenyameko, kuba iZiyon yakhelwa kwisiseko “sezinto ezincinane”, ezifezekiswa ngabo “bangadinwa kukwenza okulungileyo” (umqolo 33).

Bona futhi Saints, 1:133–34, 136–37.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 64:1–11

Ndilindeleke ukuba ndixolele wonke umntu.

Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 64:1–11, cingisisa ngexesha apho iNkosi yakhe yakuxolela ngalo. Usenokucinga ngomntu odinga ukuba umxolele. Ingaba imfesane yoMsindisi izichaphazela njani iimvakalelo zakho ngawe buqu nangabanye abantu? Kutheni ucinga iNkosi isiyalela ukuba “sixolele bonke abantu”? (umqolo 10). Ukuba uyasokola ukuxolela, cingisisa ngoko ezi zixhobo zifundisa ngako malunga nendlela uMsindisi anganceda ngayo: Jeffrey R. Holland, “The Ministry of Reconciliation,” Ensign okanye Liyahona, Nov. 2018, 77–79;Guide to the Scriptures, “Forgive,” scriptures.ChurchofJesusChrist.org.

IMfundiso neMinqophiso 64:31–34

UThixo ufuna intliziyo yam kunye nengqondo ezithandelayo.

Ingaba wawukhe waziva “unokudinwa” nako konke “ukwenza okulungileyo” ozama ukukuphumeza? Khangela umyalezo weNkosi obhekiswe kuwe kwiMfundiso neMinqophiso 64:31–34. Kuthetha ukuthini ukunika “intliziyo [yakho] kunye nengqondo ezithandelayo” kuThixo? (umqolo 34).

IMfundiso neMinqophiso 64:41–43

IZiyon iya kuba “yibhanile ebantwini.”

Ibhanile “yiflegi okanye umgangatho apho abantu bahlanganela khona bemanyane ngenjongo okanye ngesazisi,” (Guide to the Scriptures, “Ensign,” scriptures.ChurchofJesusChrist.org). IZiyon–okanye iBandla leNkosi–libe yibhanile njani kuwe? Cingisisa ngale mizekelo yezinto ezibanjelwa phezulu, njengebhanile, ukusikelela abantu: Numeri 21:6–9; Mateyu 5:14–16; Alma 46:11–20. Yintoni ekufundisa yona le miqolo malunga nokuba ungalinceda njani iBandla libe yibhanile apho uhlala khona? Khangela ezinye iindlela iNkosi echaza iZiyon ngazo kwiMfundiso neMinqophiso 64:41–43.

Umfanekiso
UKhapteni uMoronayi

Captain Moroni Bearing the Title of Liberty, by Gary E. Smith

IMfundiso neMinqophiso 65

“Tyenenezani indlela yeNkosi.”

UMateyu wachaza uYohane uMbhaptizi njengalowo ukhala, “Yilungiseni indlela yeNkosi” (Mateyu 3:3; bona futhi Isaya 40:3). KwiMfundiso neMinqophiso 65, iNkosi isebenzisa ulwimi olufanayo ukucacisa umsebenzi waYo wemihla yokugqibela. Zeziphi izinto ezifanayo ozibonayo phakathi kwezinto ezenziwa nguYohane uMbhaptizi (bona Mateyu 3:1–12) kwakunye noko iNkosi ifuna thina sikwenze namhlanje? Yintoni oyifumana kwesi sityhilelo ekuphembelela ukuba uncede ekuzalisekiseni iziprofeto esiziqulethileyo? Cingisisa iindlela ono “yenzani kwazeke imisebenzi [kaThixo] emangalisayo phakathi kwabantu” (umqolo 4).

IMfundiso neMinqophiso 66

INkosi iyazazi iingcinga zentliziyo yam.

Kungekudala emveni elilungu leBandla, uWilliam E. McLellin waye wacela uJoseph Smith amtyhilele intando kaThixo. UJoseph wayengayazi, kodwa uWilliam wayenemibuzo emihlanu awayenqwenela iNkosi iyiphendule ngoMprofeti. Thina asazi ukuba imibuzo kaWilliam yayisithini, kodwa siyazi ukuba isityhilelo esasibhekiswe kuye, ngoku IMfundiso neMinqophiso 66, saye saphendula umbuzo ngamnye “ngolwaneliseko olupheleleyo” kuWilliam (“William McLellin’s Five Questions,” Revelations in Context, 138).

Njengoko ufunda icandelo 66, cinga ngoko kwakusaziwa yiNkosi ngoWilliam McLellin kunye neenkxalabo kwakunye neenjongo zentliziyo yakhe. Ingaba iNkosi ukutyhilele njani ukuba iyakwazi wena? Ukuba unayo intsikelelo kasolusapho, cingisisa ngokuyifunda. Njengoko usenza oko, yintoni uMoya oyiNgcwele akunceda uyiqonde malunga nentando kaThixo ngawe?

Bona futhi Saints, 1:138–40; Gospel Topics, “Patriarchal Blessings,” topics.ChurchofJesusChrist.org.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Losapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 64:8–10. Ubudlelwane beentsapho bubonelela ngamathuba amaninzi wokufunda ukuxolela. Mhlawumbi amalungu osapho angathetha ngendlela ukuxolelana kuthe kwasikelela usapho lwakho ngayo. Ingaba uMsindisi usincede njani sixolelane? Ingaba “sibandezeleka” njani (umqolo 8) xa singaxoleli abanye?

IMfundiso neMinqophiso 64:33.Yintoni uBawo oseZulwini afuna usapho lwakho luyenze ukuzisa “umsebenzi omkhulu” waKhe? Mhlawumbi kukuya etempileni, kukwabelana ngevangeli nommelwane, okanye kukoyisa ingxabano. Mhlawumbi ilungu ngalinye losapho lingaqokelela izinto ezincinci, ezifana namatye okanye amaqhosha okanye iingceba zephazile, kwaye lizisebenzise ukuba zimele “izinto ezincinane” esinokuzenza mihla ngemihla “[ukubeka] isiseko” somsebenzi omkhulu kaThixo. Njengosapho, khethani enye yezi zinto zincinane eningasebenza kuyo kule veki.

IMfundiso neMinqophiso 66:3. Ingaba uza kukufundisa njani ukubaluleka kwenguquko? Ungaphaka ukutya esityeni esicoceke ngokungagqibelelanga kwaye ufunde amazwi weNkosi kuWilliam McLellin: “Ucocekile, kodwa kungaphelelanga.” Emveni koko ungasicoca isitya kwaye wabelane ngokutya xeshikweni nixoxa ngendlela uYesu Krestu ayenza ukuba sikwazi ukucoceka ngokwasemoyeni.

IMfundiso neMinqophiso 66:10. Lungayilandela njani usapho lwakho ingcebiso yeNkosi “ze ungafuni ukuxakeka”, okanye ubandezelwa zizinto ezininzi zokwenza? Ningathetha ngebali likaMariya noMarta (bona Luka 10:38–42), kwaye nixoxe ngendlela usapho lwakho lungathintela ukuxakeka zizinto ezingenaxabiso lanaphakade.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Help Me, Dear Father,” Children’s Songbook, 99.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Fumaneka kwaye ufikeleleke. Amanye wawona maxesha okufundisa angundoqo aqala njengemibuzo okanye ngenjeenkxalabo ezintliziyweni zamalungu osapho. Yazisa amalungu osapho ngamazwi akho kunye nangeezenzo zakho ukuba unomdla wokubava. (Bona Teaching in the Savior’s Way, 16.)

Umfanekiso
Owasetyhini eguqe kuYesu

Forgiven, by Greg K. Olsen. Isetyenziswe ngemvume. www.GregOlsen.com

Shicilela