IMfundiso neMinqophiso 2021
UCanzibe 31– EyeSilimela 6. IMfundiso neMinqophiso 60-62: “Yonke Inyama Isesandleni Sam”


“UCanzibe 31– EyeSilimela 6. IMfundiso neMinqophiso 60–62: ‘Yonke Inyama Isesandleni Sam,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“UCanzibe 31– EyeSilimela 6. IMfundiso neMinqophiso 60–62,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
Umlambo iMissouri

Campfire on the Missouri, by Bryan Mark Taylor

UCanzibe 31–EyeSilimela 6

IMfundiso neMinqophiso 60–62

“Yonke Inyama Isesandleni Sam”

UMongameli Ezra Taft Benson wafundisa ukuba xa sifunda izibhalo ezingcwele, “ubungqina buya kwanda. Imbophelelo iya kuqiniswa. Iintsapho ziya komelezwa. Isityhilelo somntu ngamnye siya kugaleleka” (“The Power of the Word,” Ensign, May 1986,•81).

Bhala Iimvakalelo Zakho

KweyeSilimela kumnyaka ka-1831, uJoseph Smith waye wabamba inkomfa kunye nabadala beBandla kwelaseKirtland. Apho, iNkosi yaye yalungisa abanye babadala ngokobuqabane kwaye yabathumela eJackson County, Missouri, ngoluxanduva: “Mabashumayele endleleni” (IMfundiso neMinqophiso 52:10). Uninzi lwabadala lwenza njalo ngenyameko, kodwa abanye abazange benze oko. Ngoko ke xa ixesha lokubuyela emva eKirtland lalifikile, iNkosi yathi, “Ngabanye [abadala] andikholisekanga, kuba abathanga bayivula imilomo yabo, kodwa bafihla italente endibanike yona, ngenxa yokoyika abantu” (IMfundiso neMinqophiso 60:2). Uninzi lwethu lungabanovelwano ngaba badala—nathi singaziva sithandabuza ukuvula imilomo yethu sabelane ngevangeli. Mhlawumbi nathi siphazanyiswa “kukoyika abantu.” Mhlawumbi sithandabuza imfaneleko yethu okanye izakhono zethu. Nokuba zithini izizathu zethu, iNkosi “iyabazi ubuthathaka bomntu nokuba ingasinceda njani [thina]” (IMfundiso neMinqophiso 62:1). Okugcwele yonke indawo kwezizityhilelo kubafundisi bevangeli bantlandlolo ziziqinisekiso ezingasinceda soyise oluyiko lwethu ngokwabelana ngevangeli—okanye olunye uloyiko esijongene nalo mhlawumbi: “Mna, iNkosi, ndilawula emazulwini ngasentla.” “Ndinako ukunenza ngcwele.” “Yonke inyama isesandleni sam.” Kwaye “yomelelani, bantwana abancinane; kuba ndiphakathi kwenu.” (IMfundiso neMinqophiso 60:4, 7;61:6, 36.)

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 6062

INkosi iyakholiseka xa ndivula umlomo wam ndisabelana ngevangeli.

Sonke sakhe sabanamava xa apho kwakumele ukuba saye sabelana ngevangeli nomnye umntu, kodwa ngesizathu sithile, zange senze njalo. Njengoko ufunda amazwi eNkosi kubafundisi bevangeli bantlandlolo abaye bohluleka “ukuvula imilomo yabo,” cinga ngawakho amathuba okwabelana ngevangeli. Ingaba ubungqina bakho bevangeli bufana njani “netalente,” okanye indyebo evela kuThixo? Ingaba ngamanye amaxesha “sizifihla njani iitalente [zethu]”? (IMfundiso Neminqophiso 60:2; bona futhi Mateyu 25:14–30).

INkosi yabalungisa aba bafundisi bantlandlolo, kodwa Yona yazama kwakhona ukubaphembelela. Yeyiphi imiyalezo ekhuthazayo ephuma kuYo oyifumana kulamacandelo 60 kunye no-62? Ingaba le miyalezo ikwakha njani ukuzithemba kwakho ekwabelaneni ngevangeli? Kwezintsuku zilandelayo, khangela amathuba wokuvula umlomo kwaye wabelane ngoko uThixo akufumbathise kona.

Bona futhi IMfundiso neMinqophiso 33:8–10; 103:9–10; Dieter•F. Uchtdorf,“Missionary Work: Sharing What Is in Your Heart,” Ensign okanye Liyahona, May 2019, 15–18.

Umfanekiso
abafundisi bevangeli ebhasini

UThixo ufuna ndabelane nabanye ngevangeli.

IMfundiso neMinqophiso 61:5–6, 14–18

Ingaba onke amanzi aqalekisiwe yiNkosi?

Isilumkiso seNkosi kwiMfundiso neMinqophiso 61, sasiyinxalenye yesilumkiso ngobungozi abantu baYo ababenokujongana nabo xa babethuthela eZiyon emfuleni iMissouri River, owawusaziwa ngelooxesha njengonobungozi. Esi silumkiso masingatolikwa ngokuba sithetha ukuba asivumelekanga ukuhamba ngamanzi. INkosi “inamandla onke,” kuquka namandla angaphaya kwamanzi (umqolo 1).

IMfundiso neMinqophiso 61–62

INkosi inamandla onke kwaye iya kundilondoloza.

Endleleni ebuyela eKirtland, uJoseph Smith kunye nabanye abadala beBandla baye banesehlakalo esasibeke ubomi babo ebungciphekweni emlanjeni iMissouri River (bona Saints, 1:133–34). INkosi yaye yasebenzisa eli thuba ukulumkisa kunye nokuyalela izicaka zaYo. Yintoni oyifumana kwiMfundiso neMinqophiso 61 ethi ikukhuthaze ukuba ubeke ithemba lakho eNkosini njengoko ujongane neyakho imingeni? Ngokomzekelo, kutheni kubalulekile ukwazi ukuba uThixo “uvela ephakadeni lanaphakade”? (umqolo 1).

Kukhona iimbono ezifanayo nakwicandelo 62. Yintoni iNkosi ekufundisa yona malunga nobuqu baYo kwakunye nangamandla aYo kwesisityhilelo?

Cingisisa nzulu ngamava awakha ukholo owawukhe wanawo xa iNkosi yayikunceda woyise ubunzima basemoyeni okanye basenyameni.

IMfundiso neMinqophiso 62

INkosi ifuna ndenze ezinye izigqibo “njengoko zibonakala zindilungele.”

Ngamanye amaxesha iNkosi isinika imiyalelo ethile, kwaye eminye imicimbi Yona iyiyekela kuthi ukuba sizithathele isigqibo. Ingaba uwubona kanjani lo mgaqo ubonakaliswa kwiMfundiso neMinqophiso 62? (bona futhi IMfundiso neMinqophiso 60:5; 61:22). Ingaba lo mgaqo uwubone njani ebomini bakho? Kutheni kusilungele ukuba senze ezinye izigqibo ngaphandle kokuba sifumane imiyalelo ethile kuThixo?

Bona futhi Etere 2:18–25; IMfundiso neMinqophiso 58:27–28.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 60:2–3.Kwakutheni abanye babafundisi bantlandlolo babethandabuza ukwabelana ngevangeli? Kutheni ngamanye amaxesha siye sithandabuze? Cingisisa ngokwenza umdlalwana wokuba amalungu wosapho angabelana kanjani ngevangeli kwiimeko ezahlukeneyo.

IMfundiso neMinqophiso 61:36–39. Zeziphi izizathu esizibona kulemiqolo ukuba “yomelelani”? (bona futhi Yohane 16:33). Mhlawumbi usapho lwakho lungabhala okanye luzobe imifanekiso yezinto eziluzisela uvuyo kwaye baziqokelele bazifake kwiqokobhe “lolonwabo”. (Qinisekisa ukuba niquka nemifanekiso yoMsindisi nezinto ezizikhumbuzo zothando lwaKhe kuthi.) Kuyo yonke iveki xa amalungu osapho edinga ukukhunjuzwa ngezizathu zokonwaba, angakhetha okuthile kwiqokobhe.

IMfundiso neMinqophiso 61:36. Ungalunceda kanjani usapho lwakho lukhumbule ukuba uMsindisi “ungaphakathi [kwethu]”? Ningathatha isigqibo nonke sokuba ningawubeka phi umfanekiso waKhe apho uzakubonakala ngokugqamileyo ekhayeni lenu. Singammemela njani uMsindisi ebomini bethu bemihla-ngemihla?

IMfundiso neMinqophiso 62:3. Mhlawumbi ningaba nomhlangano wosapho wokwabelana ngobungqina emveni kokufunda lo mqolo. Ukuchaza ukuba ubungqina buyintoni na, ningabelana ngezahlulo zomyalezo kaMongameli M. Russell Ballard “Pure Testimony” (Ensign okanye Liyahona, Nov. 2004, 40–43). Kutheni kulungile ukushicilela ubungqina bethu?

IMfundiso neMinqophiso 62:5, 8.Kutheni iNkosi ingasiniki yonke imiyalelo ngayo yonke imiba yobomi bethu? Ngokomqolo 8, kufuneka sizenze kanjani izigqibo?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Testimony,” Hymns, no.•137.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Vumela uMoya ukhokele ufundo lwakho. Vumela uMoya oyiNgcwele ukukhokele. Yimamelisise inkcukumiso yaWo njengoko ukukhokelela kwizinto odinga ukuzinda yonke imihla, nokuba inkcukumiso yaWo ikucebisa ukuba ufunde umxholo owahlukileyo kulowo uqhele ukuwufunda okanye ngendlela eyahlukileyo.

Umfanekiso
UYesu ebambe itakane

Good Shepherd, by Del Parson

Shicilela