IMfundiso neMinqophiso 2021
UCanzibe 24-30. IMfundiso neMinqophiso 58-59: “Uxhinele Ukuzinikela Kwinjongo Elungileyo”


“UCanzibe 24-30. IMfundiso neMinqophiso 58-59: ‘Uxhinele Ukuzinikela Kwinjongo Elungileyo,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“UCanzibe 24-30. IMfundiso neMinqophiso 58-59,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
Isitalato e-Independence Missouri

Independence, Missouri, by Al Rounds

UCanzibe 24-30

IMfundiso neMinqophiso 58-59

“Uxhinele Ukuzinikela Kwinjongo Elungileyo”

UMongameli Dallin H. Oaks wafundisa: “Izibhalo ezingcwele zizakusinceda sisombulule yonke imibuzo yethu yobuqu ngoba ngokuzifunda simema kwaye silungele ukufumana impembelelo yoMoya Oyingcwele, eya kusikhokelela kuyo yonke inyaniso” (kuDavid Edwards , “Are My Answers in There?New Era, Canzibe 2016, 42).

Bhala Iimvakalelo Zakho

Xa abadala beBandla baqala ukubona indawo yeSixeko iZiyon—Independence, eMissouri—yayingeyonto ababeyilindele. Abanye babecinga ukuba bayakufumana oluchumileyo, olukhutheleyo uluntu eluneqela elomeleleyo lwabangcwele. Endaweni yoko bafumana indawo eyayinabemi abambalwa nabaqeleleneyo, inqongophele impucuko ngohlobo ababeyiqhele ngayo kwaye igcwaliswe yimida erhabaxa yabahlali endaweni yabaNgcwele. Kwabonakala nje ukuba iNkosi yayingabaceli nje ukuba baze eZiyon—Yona yayifuna bayakhe.

Xa ulindelo lwethu lungafani nenyani, singakhumbula oko iNkosi yakuxelela aBangwele ngo-1831: “Aninako ukuqaphela ngamehlo enu endalo, okwa kaloku nje, icebo loThixo wenu … ngokunxulumene nezo zinto eziya kuza emva koku, nozuko oluya kulandela emva kwenkxwaleko enkulu” (IMfundiso neMinqophiso 58:3). Ewe, ubomi buzele imbandezelo, kona nobubi, kodwa singazisa “ubulungisa obungakumbi; Kuba amandla [akuthi]” (imiqolo 27-28).

Bona futhi Saints,1:127-33.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 58:1-5, 26-33,44; 59:23

Iintsikelelo ziza ngokwexesha likaThixo kwakunye nangenkuthalo yethu.

Abangcwele babeka isiseko seZiyon eJackson Country, Missouri, apho banyamezela iinkxwaleko ezininzi. Ngokuqinisekileyo babenqwenela ukuba ngexesha lokuphila kwabo lo mmandla wawunokuhluma ube yindawo apho bonke abangcwele babenokuhlanganela khona. Nangona kunjalo, abangcwele baqhutyelwa ngaphandle eJackson County kwiminyaka embalwa, kwaye iNkosi yatyhila ukuba abantu baYo bayakufuneka “balindele inkululeko yeZiyon ixesha elincinane” IMfundiso neMinqophiso 105:9).

Njengoko ufunda le mihlathi ilandelayo, khangela izizathu iintsikelelo zisenokubanjwa okwexeshana. Imibuzo engezantsi ingakunceda ekucingisiseni.

IMfundiso neMinqophiso 58:1-559:23. Yeyiphi imiyalezo ekulemiqolo enokomeleza amandla akho okuthwala ubunzima ngomonde? Zeziphi iintsikelelo ozifumeneyo emveni kwembandezelo? Kutheni ucinga ukuba ezinye iintsikelelo ziza qha emveni kwembandezelo?

IMfundiso neMinqophiso 58:26-33. Yeyiphi indima apho “ukuxhinela ukuzinikela kwinjongo elungileyo” okuyidlalayo ekuzalisekeni izithembiso zikaThixo? Yeyiphi indima intobeko yakho eyidlalayo?

IMfundiso neMinqophiso 58:44 Yintoni ubudlelwane phakathi “komthandazo wokholo” kwakunye nentando yeNkosi ngathi?

IMfundiso neMinqophiso 59:, isihloko secandelo

Yayingubani uPolly Knight?

UPolly Knight kwakunye nomyeni wakhe, uJoseph Knight Sr, babengamanye amakholwa okuqala kubizo lwesiprofeto sikaJoseph Smith. UPolly kunye noJoseph banikela ngenkxaso ebalulekileyo kumProfeti kumsebenzi wenguqulelo yeNcwadi kaMormoni. Usapho lakwaKnight lwashiya iColesville, New York, ukuzihlanganisa kunye naBangcwele e-Ohio kwaye emveni koko bayalelwa ukuba bahambe baye eJackson County, Missouri. Njengoko babehamba, impilo kaPolly yaqalisa ukucutheka, kodwa wayezimisele ukubona iZiyon ngaphambili kokuba asweleke. Wayesele eseMissouri iintsuku ezimbalwa kuphela ngelixa esweleka (bona Saints 1:127–28,132–33). IMfundiso neMinqophiso 59 yafunyanwa ngomhla wokusweleka kwakhe, kwaye imiqolo 1 kunye 2 ikhangeleka ibhekisa ngqo kuye.

IMfundiso neMinqophiso 59:9–19

Ukugcina iSabatha ingcwele kuzisa iintsikelelo ezibonakalayo nezomoya.

Emveni kokuthembisa ukusikelela aBangcwele abaseZiyon “ngemiyalelo engembalwa”, iNkosi yanikezela ugxininiso olukhulu kumthemtho omnye ngokwenene: umthetho wokubeka owaKhe “umhla ongcwele” (IMfundiso neMinqophiso 59:4, 9). Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 59:9-19, cingisisa ngokuba kutheni ukuzukisa iSabatha kwakubalulekile kwabangcwele njengoko babefuna ukwakha iZiyon.

Ungacingisisa ngemibuzo efana nale: Ingaba ndiwusebenzisa umhla wesabatha ngendlela iNkosi eyayinqwenela ngayo? Ingaba ukugcina umhla weSabatha ungcwele kundinceda njani ndihlale ndi “ngenachaphaza ehlabathini”? (umqolo 9). Yintoni endingayenza ukunikela “imithandazo yam koseNyangweni”? (umqolo 10).

Emveni kokufunda lemiqolo ilandelayo, ingaba yintoni oziva uchukunyiswe ukuyenza ukuze ugcine umhla weSabatha ungcwele ngakumbi? Genesis 2:2-3; Eksodus 20-:8-11; 31: 13, 16; Duteronomi 5:12-15; Isaya 58:13-14; Marko 2:27; Yohane 20:1-19; Izenzo 20:7.

Nawe ungaxhamla kwenye yemiboniso bhanya-bhanya emininzi okanye kwezinye izixhobo ngeSabatha ezifumaneka ku sabbath.ChurchOfJesusChrist.org.

Bona futhi Russell M. Nelson, “The Sabbath is a Delight,”Ensign okanye Liyahona, UCanzibe 2015, 129–32; Isichazi-magama sebhayibhile, “Sabbath.”

Umfanekiso
isonka neekomityi zomthendeleko

Ukuthabatha umthendeleko yinxalenye yokubeka umhla weSabatha ungcwele.

Umfanekiso
Umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 58:26–29. Mhlawumbi amalungu osapho angenza uluhlu lwezinto “[a]xhinele ukuzinikela” kuzo. Ingaba zonke “[zii]njongo e[zi]lungileyo”? Kutheni iNkosi ifuna senze “izinto ezinizi ngokwentando [yethu]”? Cela ilungu ngalinye losapho ukuba licinge ngento elinokuyenza kuleveki “ukuzisa ubulungisa obungakumbi”. Emva koko angenza ingxelo ngento ayenzileyo.

IMfundiso neMinqophiso 58:42–43. Yintoni amalungu osapho ayivayo xa efunda le miqolo? Ingaba le miqolo ingamncenda njani umntu odinga ukuguquka?

Imfundiso neMinqophiso 59:3–19. Kungathetha ntoni uku “thweswa … ngemiyalelo ”? (umqolo 4). Njengoko ufunda imithetho kwimiqolo 5-19, xoxa ngeentsikelelo ozifumeneyo ngokuthobela omnye nomnye walemithetho.

Ungaqaphela indlela amagama afana no “vuyo”, “ukuvuya”, “ulonwabo”, kunye “ubumnandi” asetyenziswe ngayo ukucacisa umthetho wokuzukisa umhla weSabatha. Ungayenza njani iSabatha yakho ibenolonwabo ngakumbi? Mhlawumbi usapho lwakho lungenza umdlalo ofanayo ngamakhadi abonisa izinto onokuzenza ukugcina umhla weSabatha ungcwele.

IMfundiso neMinqophiso 59:18–21. Yintoni esingayenza ukuba “sivume… isandla [sikaThixo] kwizinto zonke”? (umqolo 21). Cinga ngokuhamba ngeenyawo okanye ukujonga imifanekiso, uqaphele izinto ezi “kholisa iliso nako… ukonwabisa intliziyo” (umqolo 18). Ubungathatha okanye uzobe imifanekiso wezinto ozifumanayo kwaye uthethe ngendlela onobonisa ngayo umbulelo ngazo. Ingaba sisibone njani isandla sikaThixo ebomini bethu?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Choose the Right,” Hymns, no. 239.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Yabelana ngezibhalo ezingcwele. Nika amalungu osapho ixesha lokwabelana ngemihlathi yezibhalo ezingcwele awazifumeneyo kufundo lwawo.

Umfanekiso
intombi ithandaza ngelixa lomthendeleko

Illustration by Marti Major

Shicilela