IMfundiso neMinqophiso 2021
UTshazimpuzi 26–UCanzibe 2. IMfundiso neMinqophiso 45: “Izithembiso …Ziya Kuzalisekiswa”


“UTshazimpuzi 26–UCanzibe 2. IMfundiso neMinqophiso 45: “Izithembiso …Ziya Kuzalisekiswa,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: Imfundiso Neminqophiso 2021 (2020)

“UTshazimpuzi 26–UCanzibe 2. IMfundiso neMinqophiso 45,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
ulutsha ngaphandle etempileni

UTshazimpuzi 26–UCanzibe 2

IMfundiso neMinqophiso 45

“Izithembiso …Ziya Kuzalisekiswa”

UMongameli Russell M. Nelson wafundisa: “Bhala iingcinga eziza engqondweni yakho. Shicilela imizwa yakho kwaye uyilandelele ngezenzo othi uchukunyiswe ukuba uzithabathe. (“Revelation for the Church, Revelation for Our Lives,” Ensign okanye Liyahona, uCanzibe 2018,•95).

Bhala Iimvakalelo Zakho

Thina siphila kumaxesha anomngcipheko, kwaye oko kusenokukhathaza. Nkqu nabafundi bakaYesu, xa babemva eprofetha ngeentlekele ezaziya kukwenzeka ngomhla wethu, “bakhathazeka” (IMfundiso neMinqophiso 45:34). Abangcwele bantlandolo kwelaseKirtland, e-Ohio, nabo babekhathazekile ngamaxesha anomngcipheko ababephila kuwo. Ngaphakathi kwezinye izinto, kwakukhona “iingxelo ezininzi zobuxoki …kunye namabali abubuyatha” awayedelela umyalezo wevangeli (IMfundiso neMinqophiso 45, isihloko secandelo). Kodwa impendulo yeNkosi, ngokuya kwakunye nangoku, yeyokuba “ningakhathazeki” (umqolo 35). Ewe, bukhona ubungendawo, kodwa bukhona nobungqina bokuba uThixo uyawukhawulezisa umsebenzi waKhe. Ewe, zikhona iingozi ezaqikelelwa ukuba ziyakwandulela ukuBuya Kwesibini, kwaye kufuneka siziqaphele. Kodwa ezi ayizozilumkiso nje zengozi; zona ziyimiqondiso yokuba izithembiso zikaThixo sezikufutshane ukuba zizalisekiswe. Mhlawumbi yiyo le nto IMfundiso neMinqophiso 45—isityhilelo esibalula uninzi lwemiqondiso ngokweenkcukacha—safunyanelwa “ekugcobeni kwabaNgcwele” (isihloko secandelo).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 45:1–5

UYesu Krestu nguMthetheleli wethu kuBawo.

Ingaba wawukhe waziva ungonelanga okanye ungahlambulekanga phambi koThixo? Ungafumana isiqinisekiso kwiMfundiso neMinqophiso 45:1-5. Ingaba amagama awafana no “umthetheleli” kunye no “kucengela” acebisa ntoni kuwe? Ingaba uMsindisi ukuthethelelela njani, okanye uyicengela njani injongo yakho? Kuthetha ntoni kuwe ukwazi ukuba uKrestu unguMthetheleli wakho?

La mazwi alandelayo aphuma kuMongameli Joseph Fielding Smith angakunceda ucingisise nzulu le miqolo: “UYesu ungumthetheleli wethu, esicengela njengomthetheleli wethu ngolungiselelo kunye nemisebenzi yakhe ukusixolelanisa, ukusizisa kwisivumelwano noThixo” (in Conference Report, Oct. 1953,•58).

Bona futhi 2•Nifayi 2:8–9; Mozaya 15:7–9; Moronayi 7:27–28; IMfundiso neMinqophiso 29:5; 62:1.

IMfundiso neMinqophiso 45:9–10

Ivangeli iyibhanile kwiintlanga.

Mandulo, ibhanile yayisisibhengezo okanye iflegi eyayithwalwa xa kwakuyiwa edabini. Yona yayihlanganisa ndawonye kwaye imanyanise amajoni kwaye yayiwanceda ukuba akwazi kuhlanganelwa phi kwakunye nokuba kwenziwa ntoni na. Ibhanile ingumzekelo kwakhona okanye umthetho othi usetyenziswe ukuthelikisa ezinye izinto. Njengoko ufunda iMfundiso neMinqophiso 45:9-10, cingisisa nzulu ngokuba iminqophiso yevangeli iye yaba yibhanile kuwe njani. Ubomi bakho bebuya kwehluka njani ukuba ubungenayo le minqophiso?

Bona futhi Isaya 5:26; 11:10–12; IMfundiso neMinqophiso 115:5–6.

IMfundiso neMinqophiso 45:11–75

Izithembiso zeNkosi ziya kuzalisekiswa.

Imfazwe, ubugwenxa, kunye nenkangala ziya kwandulela ukuBuya Kwesibini koMsindisi. Kodwa “ningakhathazeki,” yatsho iNkosi, “kuba, zonke ezi zinto ziya kwenzeka, niya kuba nokwazi ukuba izithembiso ezazenziwe kuni ziya kuzalisekiswa” (IMfundiso neMinqophiso 45:35).

Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 45:11-75, cingisisa ngokuqwalasela hayi nje kwiziganeko ezikhathazayo ezaprofethwayo kodwa nakwiintsikelelo iNkosi ezithembisayo (ngokomzekelo, izithembiso kwimiqolo 54-59 ezimalunga nolawulo loMsindisi ngeMileniyam). Ubungenza oku ngokudala uluhlu okanye ngokuphawula le miqolo. Yintoni oyifumanayo ethi ikuncede “ungakhathazeki” ngemihla yokugqibela?

IMfundiso neMinqophiso 45:31–32, 56-57

“Yimani kwiindawo ezingcwele,” kwaye ningashukunyiswa.

Isizathu esinye sokuba uMsindisi kunye nabaprofethi baKhe basifundise ngemiqondiso yokuBuya Kwesibini kukusinceda ukuba silungiselele. Yintoni oyifunda kwiMfundiso neMinqophiso 45:31-32, 56-57 emalunga nokulungiselela ukuBuya Kwesibini kweNkosi? Kungabaluncedo ukuba uhlole umzekeliso weentombi ezilishumi, ofumaneka kuMateyu 25:1-13. UMsindisi wathelekisa i-oli kulomzekeliso nenyaniso kunye noMoya Oyingcwele (bona IMfundiso neMinqophiso 45:57). Ziimbono zini ozizuzayo xa ufunda lo mzekeliso ngalendlela?

Umfanekiso
iintombi ezilishumi

Parable of the Ten Virgins, by Dan Burr

IMfundiso neMinqophiso 45:11-15, 66-71

IZiyon yindawo yokhuseleko lwabaNgcwele bakaThixo.

Abangcwele ngexesha likaJoseph Smith babenomdla omkhulu wokwakha iZiyon, iYerusalem Entsha, njengoko zichazwa kwiNcwadi kaMormoni (bona Etere 13:2–9) kwakunye nakuhlaziyo oluphembelelekileyo lukaJoseph Smith lweBhayibhile (bona Moses 7:62–64). Yintoni oyifundayo malunga neZiyon—zozibini isixeko sika-Enoki samandulo kunye nesixeko semihla yokugqibela— ephuma kwiMfundiso neMinqophiso 45:11-15, 66-71?

Namhlanje umyalelo wokuseka iZiyon ubhekisa ukusekeni ubukumkani bukaThixo naphi na apho sihlala khona —naphi na abantwana bakaThixo bahlanganela kukhuseleko “lomnqophiso waKhe wanaphakade” (umqolo 9). Yintoni ongayenza ukunceda ekwakheni iZiyon apho ukhoyo?

Bona futhi Izihloko Zevangeli, “Zion,” topics.ChurchofJesusChrist.org.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 45:3–5. Yintoni umthetheleli asenzela yona? Ningabukela umboniso bhanya-bhanya “The Mediator” (ChurchofJesusChrist.org) kwaye nithethe ngokuba kutheni uMsindisi ebizwa uMthetheleli wethu.

IMfundiso neMinqophiso 45:9–10. Ukuba usapho lwakho belune “bhanile,” okanye iflegi, ebonakalisa ukuzinikela kwenu kwivangeli, ingaba ibiya kuba njani? Kungaba lulonwabo ukuba nenze iflegi yosapho nonke kwaye nixoxe ngokuba ningabanceda kanjani abanye balandele iibhanile zevangeli.

IMfundiso neMinqophiso 45:32. Zeziphi “iindawo ezingcwele” zethu? Kuthetha ukuthini “ukungashukunyiswa”? Singalenza njani ikhaya lethu libe yindawo engcwele?

IMfundiso neMinqophiso 45:39–44. Ungawanceda njani amalungu osapho aqonde ukuba kuthetha ukuthini ukugada ukuBuya Kwesibini koMsindisi? Mhlawumbi ningacinga ngesiganeko enisilindeleyo kwaye nabelane ngeendlela “enisigade” ngazo eso siganeko. Okanye mhlawumbi beningabhaka kunye okuthile kwaye nigade iimpawu zokuba sekulungele ukutyiwa kusini na. Yintoni esiyenzayo ukugada ukuBuya Kwesibini koMsindisi?

IMfundiso neMinqophiso 45:55. Ukufunda 1 Nifayi 22:26 kunye IsiTyhilelo 20:1–3 kunganceda usapho lwakho luqonde ukuba uSathana “uya kukhonkxwa” kanjani iminyaka eliwaka. Singamkhonkxa kanjani uSathana ebomini bethu?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “When He Comes Again,” Children’s Songbook, 82–83; bona futhi “Iingcebiso Zokuphucula Ufundo Lwezibhalo Zosapho Lwakho.”

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Sebenzisa amancedo okufunda izibhalo. Sebenzisa izalathiso ezisezantsi, Isikhokelo Sezihloko, Isichazi-magama seBhayibhile, Isikhokelo seZibhalo ukuzuza ingqiqo kwizifundo ezingcwele.

Umfanekiso
UKrestu esehlela ezantsi

The Coming of Christ, by Jubal Aviles Saenz

Shicilela