IMfundiso neMinqophiso 2021
UCanzibe 3-9. IMfundiso neMinqophiso 46-48: “Funani Ngenzondelelo Ezona Zipho”


“UCanzibe 3-9. IMfundiso neMinqophiso 46–48: ‘Funani Ngenzondelelo Ezona Zipho,’”Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye neeNtsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“Canzibe 3-9. IMfundiso neMinqophiso 46–48,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho 2021

Umfanekiso
abantu bahlangene ngasechibini

The Camp Meeting, by Worthington Whittredge

UCanzibe 3-9

IMfundiso neMinqophiso 46-48

“Funani Ngenzondelelo Ezona Zipho”

Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 46–48, shicilela imizwa oyifumanayo. Ungabuza, njengoko uMdala Richard G. Scott wacebisa, “Ingaba kukho okuthe chatha ekumele ndikwazi?”(“To Acquire Spiritual GuidanceEnsign okanye Liyahona Nkanga. 2009, 8).

Bhala Iimvakalelo Zakho

Njengoko uParley P. Pratt, Oliver Cowdery, Ziba Peterson, kunye noPeter Whitmer Jr. baye bemka eKirtland kwaye bahambela kwamanye amadlelo omsebenzi, baye bashiya ngemva abaguqukileyo abangaphezu kwekhulu elinye ababezele inzondelelo enkulu kodwa babenamava amancinci okanye umkhomba-ndlela omcinane. Kwakungekho ziincwadi zamiyalelo, kungekho ziintlanganiso zokuqeqeshela ubunkokheli, kungekho sasazo lwenkomfa yajikelele—eneneni, kwakungekho neekopi zeNcwadi kaMormoni ezininzi ezazijikeleza. Uninzi lwalamakholwa matsha lwalutsalelwe kwivangeli ebuyisiweyo sisithembiso semiqondiso engummangaliso yoMoya Oyingcwele, ngakumbi leyo lwaluyazi ekufundeni kwiTestamente Entsha (bona, umzekelo,1 KwabaseKorinte 12:1-11). Kungekudala, iindlela ezithile ezingaqhelekanga zokuvakalisa unqulo—eziquka ukuziwisa emhlabeni okanye ukurhubuluza njengenyoka—zaziswa kwimihlangano yabo yeBandla. Abaninzi bayifumanisa inzima into yokuqonda ukuba yeyiphi imiqondiso yoMoya Oyingcwele kwaye yeyiphi engeyiyo. Ngokubona ukudideka, uJoseph Smith waye wathandazela uncedo. Impendulo yeNkosi inexabiso elilinganayo nanamhlanje, xa abantu benamaxesha athile okwala okanye okungahoyi izinto zoMoya. INkosi yatyhila ukuba imiqondiso yoMoya Oyingcwele iyinyani kwaye yacacisa ukuba iyintoni—iziphiwo ezivela kuBawo Osezulwini onothando, “zinikelwa ukunceda abo bathanda [Yena] baze bagcine yonke imiyalelo [yaKhe]” (IMfundiso neMinqophiso 46:9).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 46:1–6

Bonke abafuna ngokunyaniseka bamkelekile ukuba banqule kwiBandla leNkosi.

Iintlangano zeBandla likaYesu Krestu laBangcwele beMihla yokuGqibela kufanele zibephakathi kwezona ntlangano zamkelayo kwaye ezikhuthazayo kakhulu ehlabathini. INkosi isicebisa njani kwiMfundiso neMinqophiso 46:1-6 ukwamkela abo bazimasa iintlangano zethu? Ingaba abahlobo bakho nabantu abakwingingqi yakho baziva bemkelekile kwiinkonzo zonqulo kwisebe lakho? Yintoni oyenzayo ukwenza iintlangano zeBandla zibe ziindawo apho abantu bafuna ukubuyela kuyo? Cingisisa ukuba iinzame zakho zokulandela uMoya Oyingcwele kwintlangano zeBandla zingawachaphazela njani amava akho.

Bona futhi 3 Nifayi 18:22–23; Moronayi 6:5–9; “Welcome,” video, ComeUntoChrist.org; “Religious Enthusiasm among Early Ohio Converts,” Revelations in Context, 105–11.

IMfundiso neMinqophiso 46:7–33

UThixo uphene ngeziphiwo zomoya ukusikelela abantwana baKhe.

Abangcwele bantlandlolo babekholelwa kwiziphiwo zomoya kodwa babedinga isikhokelo ngenjongo yazo. Njengoko ufunda ngeziphiwo zoMoya usebenzisa IMfundiso neMinqophiso 46:7-33, cingisisa ngokokuba kutheni kubalulekile ukuba “nisoloko [nikhumbula] oko nikunikiweyo;” (umqolo 8). Cinga indlela le miqolo enokungena ngayo kulentetho kaMdala Robert D. Hales: “Ezi ziphiwo zinikwa abo bathembekileyo kuKrestu. Zona ziya kusinceda sazi kwaye sifundise ngeenyaniso zevangeli. Zona ziya kusinceda sisikelele abanye. Ziya kusikhokela sibuyele kuBawo Osezulwini”(“Gifts of the Spirit,” Ensign, Feb. 2002, 16). Yeyiphi enye into oyifundayo kulemiqolo emalunga nemiboniso yomoya? Ingaba ezi nyani zingakunceda njani “ungakhohliswa”? (umqolo 8).

Cingisisa ngokuba zeziphi ezakho iziphiwo zomoya—kwaye ungazisebenzisa njani “ukunceda abantwana bakaThixo.” (umqolo 26). Ukuba unayo intsikelelo kasolusapho, kunokwenzeka ichonga iziphiwo ozinikiweyo.

Bona futhi Izihloko Zevangeli,“Spiritual Gifts,” topics.ChurchofJesusChrist.org.

IMfundiso neMinqophiso 47

INkosi ifuna iBandla laYo ligcine imbali.

Ubizo lukaJohn Whitmer lokugcina imbali yeBandla laqhubekisa isiko lakudala lwabashicileli phakhathi kwabantu bakaThixo (bona 2 Nifayi 29:11–12; Moses 6:5; Abraham 1:28, 31). Enyanisweni, isikhundla soMbhali-mbali weBandla noSosiba sisekhona kunanamhla. Kutheni ucinga ukuba ugcino lwembali lubalulekile kwiNkosi? Cingisisa ngoku njengokuba ufunda imiyalelo yaYo kuJohn Whitmer malunga nalo msebenzi kwicandelo 47. Thathela ingqalelo kwakhona yokuba ngawaphi amava akho odinga ukuwashicelela. Umzekelo, yintoni oyifundiswe yiNkosi ofuna igcinwe?

Njengoko ucingisisa ngalemibuzo, cingisisa ngezizimvo zivela kuMdala uMarlin K. Jensen wabangamaShumi Asixhenxe, owayekhe wancedisa njengoMbhali-mbali noSosiba weBandla ukusukela ku-2005 ukuya ku-2012:

“Sigcina iimbali ezishicilelweyo ukusinceda sikhumbule. … Sinqwenela ukunceda amalungu eBandla akhumbule izinto ezinkulu uThixo azenzele abantwana baKhe. … Iimfundiso zamandulo zisinceda simelane nesimo sangoku kwaye zisinika ithemba kwingomso” (There Shall Be a Record Kept among You,”Ensign, Mnga. 2007, 28, 33).

Ukufunda banzi malunga nomsebenzi owenziwa phantsi kolawulo loMbhali-mbali, tyelela history.ChurchOfJesusChrist.org.

Umfanekiso
John Whitmer

UJohn Whitmer wabizwa ukuba agcine imbali yeBandla.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 46:2-6. Yintoni esinokuyenza njengosapho ukuqinisekisa ukuba abanye baziva bamkelekile kwiintlangano zeBandla lethu? (bona futhi 3 Nifayi 18: 22-23). Umfanekiso okhapha esi sishwankathelo ungabanegalelo kulengxoxo.

IMfundiso neMinqophiso 46:7-26. Zeziphi iziphiwo zomoya esizibonayo komnye nomnye kuthi? Ingaba ezo zipho zingalusikelela njani usapho lwethu?

IMfundiso neMinqophiso 47.Ungalukhuthaza njani usapho lwakho ukuba lushicilele imbali yalo iveki yonke? Usenokwabelana ngamanye amanqaku avela kweyakho incwadana yembali okanye wabelane ngebali elimalunga nokhokho (bona FamilySearch.org). Ezinye iintsapho zibeka imizuzu embalwa rhoqo ngeveki ukwenzela wonke umntu abhale kweyakhe incwadana yembali. Unganikeza ngezikhumbuzo zencwadana yembali, ezifana “Yintoni eyenzekileyo kuleveki ongabawela abazukulwana bakho bazi ngayo?” okanye “Usibone njani isandla seNkosi ebomini bakho kuleveki?” Abantwana abancinane bangazoba imifanekiso yamava abo, okanye ungabashicilela bebalisa ngamabali abo. Zeziphi iintsikelelo ezibuya ekugcineni “imbali esisigxina”? (umqolo 1).

IMfundiso neMinqophiso 48.Abangcwele e-Ohio babeyalelwe ukuba babelane ngomhlaba wabo nabo babefudukela e-Ohio besuka empuma United States. Yintoni esinokwabelana ngayo ukuze sihlangabezane neemfuno zabanye?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyisiweyo: “Have I Done Any Good?” (Hymns,no. 223).

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Sebenzisa amabali kunye nemizekelo. UMsindisi wayedla ngokusebenzisa amabali kunye nemizekeliso ukufundisa imigaqo yevangeli. Cinga ngemizekelo kwakunye namabali aphuma ebomini bakho awanokwenza imigaqo yevangeli iphile kusapho lwakho (bona Teaching in the Savior’s Way,  22).

Umfanekiso
abantu ebandleni

UBawo Osezulwini unika abantwana bakhe izipho zomoya ukuze basikelele ubomi babanye abantu.

Shicilela