IMfundiso neMinqophiso 2021
UCanzibe 10-16. IMfundiso neMinqophiso 49-50: “Oko Kuko kukaThixo Kukukhanya”


“UCanzibe 10-16. IMfundiso neMinqophiso 49-50: ‘Oko Kuko kukaThixo Kukukhanya,’”Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye neeNtsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“UCanzibe 10-16. IMfundiso neMinqophiso 49–50,” Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
Ichibi xa kuphuma ilanga

UCanzibe 10-16

IMfundiso neMinqophiso 49-50

“Oko Kuko kukaThixo Kukukhanya”

“Kwaye lowo wamkela ukukhanya, aze baqhubekeke kuThixo, wamkela ukukhanya okungakumbi; kwaye oko kukhanya kuya kuqaqamba ngakumbi nangakumbi kude kube ngumhla ogqibeleleyo.” (IMfundiso neMinqophiso 50:24). Cingisisa ngokuba ungafumana njani ukukhanya ngokuqhubekeka kuThixo.

Bhala Iimvakalelo Zakho

UMsindisi “ngumalusi olungile” wethu (kwiMfundiso neMinqophiso 50:44). Yena uyazi ukuba ngamanye amaxesha izimvu ziyazulazula kwaye indle ineengozi ezininzi. Ngoko Yena usikhokela kukhuseleko lweemfundiso zaKhe, kude nobungozi obufana “noomoya abangoomoya abangcolileyo, abathe beza ngaphambili emhlabeni, bekhohlisa ihlabathi” (IMfundiso neMinqophiso 50:2). Ukumlandela Yena kuhlala kuthetha ukuyeka amacebo okanye amasiko angalunganga. Oku kwakunyanisekile kuLeman Copley kunye nabanye e-Ohio ababeyamkele ivangeli ebuyisiweyo kodwa besabambelele kwiinkolelo ezingalunganga. KwiMfundiso neMinqophiso 49, iNkosi yabhengeza iinyaniso ezalungisa iinkolelo zangaphambili zikaLeman malunga nemixholo efana nomtshato kunye nokuBuya kwesibini koMsindisi. Kwaye ngelixa abasanda kuguquka base-Ohio “bafumana … oomoya [bona] babengenakho uku[yi]qonda,” iNkosi yabafundisa indlela yokuqonda imibono yokwenyaniso yoMoya (IMfundiso neMinqophiso 50:15). UMalusi Olungileyo wayenomonde; Yena wayeyazi ukuba aba Bangcwele bantlandlolo—njengathi sonke—babe “ngabantwana abancinane” ebabemele “ukukhula elubabalweni nakulwazi lwenyaniso.” (IMfundiso neMinqophiso 50:40).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 49:5—23

Iinyani zevangeli zingandinceda ukuba ndiqaphele iimfundiso zobuxoki.

Ngaphambili kokuzimanya neBandla, uLeman Copley wayeyinxalenye yeqela lenkolelo elaziwa njenge-United Society of Believers in Christ’s Second Appearing, abaziwa ngeShakers (bona “Leman Copley and the Shakers,”Revelations in Context, 117—21). Emveni kwencoko noLeman, uJoseph Smith wakhangela ingcaciso eNkosini malunga nezinye iimfundiso zeShakers, kwaye iNkosi yaphendula ngesityhilelo kwicandelo 49.

Ungafumana ezinye iinkolelo zeShakers ezikhankanywe kwisihloko secandelo 49. Cingisisa ngokuphawula okanye ngokushicelela iinyaniso kwimiqolo 5—23 ezilungisa ezo nkolelo. Cinga ngezinye iimfundiso zobuxoki okanye amasiko asehlabathini namhlanje. Zeziphi iinyaniso zevangeli ezinokukunceda uzikhusele kuzo?

IMfundiso neMinqophiso 49:15–17

UMtshato phakathi kwendoda kunye nowasetyhini ubalulekile kwicebo likaThixo.

Zeziphi iimfundiso malunga nomtshato ozifunda kwiMfundiso neMinqophiso 49:15-17? Kutheni uziva ukuba umtshato phakathi kwendoda nowasetyhini ubalulekile kwicebo likaBawo Osezulwini? UMdala uDavid A. Bednar wanika izizathu ezimbini: “Isizathu 1: Iindalo zoomoya zamadoda kunye nezabasetyhini ziyagqibezelana kwaye ziyagqibelelana, kwaye ngoko amadoda nabafazi benzelwe ukuya phambili kunye ukuya ekuphakanyisweni.… Isizathu 2: Ngobuyilo bobuthixo, bobabini indoda nomfazi bayadingeka ukuzisa abantwana kobubomi kwaye banikezela ngesiseko esingundoqo sokukhulisa kwaye nokondla abantwana” (“Marriage Is Essentials to His Eternal Plan,” Ensign, June 2006, 83–84).

Bona futhi Genesis 2:20-24; 1 KwabaseKorinte 11:11; “The Family: A Proclamatinon to the World,” Ensign okanye Liahona Canzibe 2017, 145.

Umfanekiso
abalingane ngaphandle etempileni

Umtshato phakathi kwendoda kunye nomfazi umiselwe nguThixo.

IMfundiso neMinqophiso 50

Iimfundiso zeNkosi singandikhusela kwinkohliso kaSathana.

Abaguquki abatsha base-Ohio babenomdla wokufumana iimbonakaliso zomoya ezithenjiswe kwizibhalo ezingcwele, kodwa naye uSathana wayezimisele ukubakhohlisa. Baye bazicingela, Xa umntu ekhwaza okanye efa isiqaqa, ingaba elo lifuthe loMoya?

Yibanomfanekiso-ngqondweni wokuba wawuceliwe ukuba uncede aba baguquki batsha baqonde ukuba ziqatshelwa njani iimbonakaliso zoMoya Oyingcwele kwaye baphephe ekukhohlisweni zizilinganisi zikaSathana. Yeyiphi imigaqo oyifumanayo kwiMfundiso neMinqophiso 50 onokwabelana ngayo? (bona ngakumbi imiqolo 22–25, 29–34, 40–46).

Bona futhi 2 Timoti 3:13-17.

IMfundiso neMinqophiso 50:13–24

Abafundisi-ntsapho nabafundi bayahlaziyeka kunye nguMoya.

Enye indlela onokufunda ngayo IMfundiso neMinqophiso 50:13-24 kukuzoba umfanekiso womfundisi-ntsapho kunye nomfundi kwaye, ecaleni komnye nomnye, yenza uluhlu lwamagama kunye namabinzana avela kulemiqolo athi akufundise okuthile malunga nokufunda kunye nokufundisa ivangeli. Wakhe wanamava nini okufundisa ukubaluleka koMoya ekufundiseni kunye nasekufundeni? Cingisisa ngoko ungakwenza ukuphucula iinzame zakho njengomfundi kunye nanjengomfundisi-ntsapho.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya

IMfundiso neMinqophiso 49:2Kuthetha ukuthini ukutsho ukuba “ukunqwenela ukwazi inxalenye yenyaniso nje , kodwa ingabi yiyo yonke”? Mhlawumbi ungabonisa umfanekiso ogqunyiweyo kancinci kwaye uyeke amalungu osapho aqikelelele ukuba yintoni. Yintoni eyenzekayo xa sisamkela kuphela inxalenye yenyaniso? (bona 2 Nifayi 28:29). Ingaba ivangeli epheleleyo iyintsikelelo njani kuthi?

IMfundiso neMinqophiso 49:26–28. Ingaba sisikeleleka njani sisithembiso seNkosi “ndiya kuhamba phambi kwenu kwaye ndibe ngumqoshelisi wenu; kwaye ndiya kuba phakathi kwenu”? Amalungu osapho angabelana ngamava apho eva iNkosi “hamba phambi [kwawo]” okanye eva Yona yayi“phakathi [kwawo].”

IMfundiso neMinqophiso 50:23–25Ningahlanganela kwigumbi elimnyama ukufunda IMfundiso neMinqophiso 50:23-25 kwaye ngokuthe ngcembe nongeze uchatha wokukhanya ngokuthi ukhanyise ikhandlela okanye ngokukhanyisa izibane nganye nganye. Ningayifunda le miqolo xeshikweni nibukele ilanga liphuma ekuseni. Yintoni esingayenza ukwenza ukukhanya kwethu kwevangeli kuqhubekeke ukukhula? Xa amalungu osapho efunda into entsha ngevangeli phakathi evekini, wakhuthaze ukuba abelane ngayo nosapho ngokuthi abhale inqaku kwaye ayixhome esibaneni okanye kwesinye isibane endlini.

IMfundiso neMinqophiso 50:40–46Emveni kokufunda IMfundiso neMinqophiso 50:40-46, ungabonisa umfanekiso woMsindisi ohambelana nesisishwankathelo kwaye ubuze imibuzo efana nale: Ungabona kanjani ukuba uMsindisi uyazithanda izimvu zakhe? Ingaba uMsindisi ungumalusi njani kuthi? Ngawaphi amabinzana asuka kwizibhalo ezingcwele abonisa ingcinga yokuba uMsindisi ungumalusi kwaye thina sizizimvu zaKhe?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Shine On,” Children’s Songbook, 144.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Thamba. Awona mathuba angundoqo wokufundisa, ngakumbi ekhaya, adla ngokuzenzekela kwaye awalindeleki: isidlo sosapho singaphembelela ingxoxo ngodliwo lwelizwi likaThixo, kwaye imvula enamandla ingabalithuba lokungqina ngamanzi aphilayo. Ukuba uzilungiselele ngokwasemoyeni, iNkosi ingakunika “ethubeni kanye, oko niya kukuthetha” (IMfundiso neMinqophiso 100:6).

Umfanekiso
UYesu nemvana

Gentle Shepherd, by Kim Yongsung

Shicilela