IMfundiso neMinqophiso 2021
UCanzibe 17–23. IMfundiso neMinqophiso 51-57: “Igosa Elithembekileyo, Elilungisa, Kwaye Nelilumkileyo”


“UCanzibe 17–23. IMfundiso neMinqophiso 51-57: “Igosa Elithembekileyo, Elilungisa, Kwaye Nelilumkileyo’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“UCanzibe 17–23. IMfundiso neMinqophiso 51-57,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
umfama neenkunzi zenkomo

First Furrow, by James Taylor Harwood

UCanzibe 17–23

IMfundiso neMinqophiso 51–57

“Igosa Elithembekileyo, Elilungisa, Kwaye Nelilumkileyo”

Ukufunda izibhalo ezingcwele kukunceda ukuba wazi ilizwi leNkosi, kuba izibhalo zanikwa nguYe ngoMoya waKhe (bona IMfundiso neMinqophiso 18:34–36).

Bhala Iimvakalelo Zakho

Kumalungu weBandla eminyakeni yoo-1830, ukuhlanganisa aBangcwele kwakunye nokwakha isixeko saseZiyon kwakuyimisebenzi yasemoyeni kwakunye neyenyama, kunye nemicimbi emininzi eyenziwayo ekwakumele iqwalaselwe: Omnye umntu kwakufuneka athenge umhlaba kwaye awabe apho aBangcwele babenokuhlala khona. Omnye kwakufuneka ashicilele iincwadi kwakunye nolunye ushicilelo. Kwaye omnye kwakufuneka avule ivenkile yokubonelela ngeempahla kwabo baseZiyon. Kwizityhilelo ezishicilelwe kwiMfundiso neMinqophiso 51–57, iNkosi yaye yonyula kwaye yayalela abantu ukuba baphathe le misebenzi, kwaye yachonga i-Independence,eMissouri, “njengendawo engumbindi” yaseZiyon (IMfundiso neMinqophiso 57:3).

Kodwa xeshikweni ubuchule bezinto ezifana nokuthenga umhlaba, ukushicilela, kwakunye nokuvula ivenkile buxabisekile emsebenzini obonakalayo wokwakha iZiyon, ezi zityhilelo ziyafundisa kwakhona ukuba iNkosi inqwenela aBangcwele baYo ukuba balungele ngokwasemoyeni ukuba babizwe abantu baseZiyon. Yona iyasibiza ngamnye kuthi ukuba sibe “ligosa elithembekileyo, elilungisa, kunye nelilumkileyo,” sibenomoya otyumkileyo, “sime nkqi” kuxanduva lwethu esibekelwe lona (bona IMfundiso neMinqophiso 51:19; 52:15; 54:2). Ukuba singakwenza oko —kungakhathalisekanga ngobuchule bethu obubonakalayo —iNkosi ingasisebenzisa ekwakheni iZiyon, kwaye Yona “iya kukhawulezisa isixeko ngexesha laso” (IMfundiso neMinqophiso 52:43).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 51

INkosi ifuna ndibe ligosa elithembekileyo, elilungisa, nelilumkileyo.

Ukuba wawulilungu leBandla ngonyaka ka-1831, mhlawumbi ngowawumenyiwe ukuba uphile umthetho wongcwaliso ngokunikezela ngempahla yakho eBandleni ngokuncedisana noBhishophu. Yena ebeya kukubuyisela, kumatyeli amaninzi, ngoko unikele ngako, ngamanye amaxesha nangentsalela. Kodwa kwakungaseyiyo impahla yakho —yayiyobugosa bakho.

Namhlanje iinkqubo zahlukile, kodwa imigaqo yongcwaliso kunye nobugosa isabalulekile emsebenzini weNkosi. Cingisisa la mazwi aphuma kuMdala Quentin L. Cook: “Thina siphila kumaxesha omngcipheko apho uninzi lukholelwa ukuba asisaziphenduleli kuThixo kwaye asinaxanduva lwethu okanye ubugosa bethu okanye babanye. Abaninzi emhlabeni bajongene nokuzanelisa …[kwaye] abakholelwa ukuba bangabagcini babantakwabo. Ebandleni, kunjalonje, thina siyakholwa ukuba obu bugosa bulithemba elingcwele” (“Stewardship—a Sacred Trust,” Ensign okanye Liyahona, Nov. 2009, 91).

Njengoko ufunda icandelo 51, cinga ngoko uThixo akuyaleze kuwe. Ingaba amagama “igosa” (umqolo 19) kunye “ukungcwalisela” (umqolo 5) athetha ntoni, kwaye yintoni ayibonisayo ngoko uThixo akulindele kuwe? Yeyiphi imigaqo oyifumana kwicandelo 51 kwakunye nasemazwini kaMdala Cook ethi ikufundise ukuba kuthetha ukuthini ukuba ligosa? (bona ngakumbi imiqolo 9, 15–20).

Bona futhi Mateyu 25:14–30; umboniso bhanya-bhanya “The Law of Consecration,”, ChurchofJesusChrist.org.

IMfundiso neMinqophiso 52:14–19

UThixo wanikeza indlela yokuthintela inkohliso.

Ngenxa yokuba kwakunabantu abaninzi ababebanga ukuboniswa ngokwasemoyeni, abangcwele bamandulo babexhalabile malunga nokukhohliswa. Babengabona kanjani ukuba ngubani “owamkelekileyo [kuThixo]”? (umqolo 15). KwiMfundiso neMinqophiso 52:14-19, iNkosi yanika eyona ndlela iluncedo. Ungayisebenzisa kanjani le ndlela ukuhluza imiyalezo ebubuxoki ehlabathini? Mhlawumbi nawe ungasebenzisa le ndlela ukuzihlalutya: cingisisa ngokusebenzisa la mabinzana aphuma kulemiqolo ukubhala imibuzo efana “Xa ndithetha, ingaba umoya wam utyumkile?”

IMfundiso neMinqophiso 54

Ndingajikela eNkosini xa ndilinyazwa lukhetho lwabanye.

Njenge nxalenye yokuhlanganela e-Ohio, iqela laBangcwele elalikhokelwa nguNewel Knight lafika livela eColesville, New York, kwaye lalidinga indawo yokuhlala. ULeman Copley wayenefama enkulu kufuphi neKirtland, kwaye wayenze umnqophiso wokuvumela aBangcwele ukuba bahlale kumhlaba wakhe. Kodwa, kungekudala emveni kokuba behleli kuwo, uCopley waye wahexa elukholweni lwakhe, wophula umnqophiso wakhe, wabagxotha aBangcwele kumhlaba wakhe (bona Saints, 1:125–28).

Njengoko kushicilelwe kwicandelo 54, iNkosi yaxelela uNewel Knight oko aBangcwele kwakumele bakwenze malunga nalemeko yabo. Yintoni oyifumana kwesisityhilelo engakunceda xa ukuzibophelela komnye umntu kuphuliwe okanye xa olunye ukhetho olugwenxa lukuchaphazela?

Umfanekiso
intsimi eluhlaza

Indawo yefama e-Ohio apho uLeman Copley wayeyithembise iBandla.

IMfundiso neMinqophiso 56:14–20

Basikelelekile abahlambulukileyo entliziyweni.

Kulemiqolo, iNkosi yathetha nabo bobabini abazizityebi nabangamahlwempu; kungakunika umdla ukuthelekisa ingcebiso yaYo kulamaqela amabini. Yintoni ekulemiqolo evakala ikufanele wena buqu? Ingaba ukugxininisa kubutyebi “kungawubolisa” njani umphefumlo wakho? (umqolo 16). Kuthetha ukuthini kuwe “ukuhlambuluka intliziyo” (umqolo 18) ngokunxulumene nezinto ezibonakalayo?

Bona futhi Yakobi 2:17–21.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 51:9. Ningadlala umdlalo usapho oluwuthandayo kwaye nithethe malunga nokuba umdlalo ubuzakwehluka kanjani ukuba omnye ebedlale ngamaqhinga. Kutheni kubalulekile “ukusebenza ngokunyanisekileyo” nabanye? Ingaba ukunyaniseka kusinceda kanjani “sibe banye”?

IMfundiso neMinqophiso 52:14–19. Njengoko nixoxa ngendlela echazwa kulemiqolo, usapho lwakho lungakonwabela ukujonga ezinye iindlela enizisebenzisayo —ezifana neendlela zokuthunga iimpahla okanye ukwenza umsebenzi wezandla. Ningasebenzisana ukwenza okuthile okuphuma kwindlela xeshikweni nixoxa malunga nendlela iNkosi eyayinika yokuthintela inkohliso.

IMfundiso neMinqophiso 53:1. Cingisisa ngokwabelana nosapho lwakho ngamava wakho wena, njengo Sidney Gilbert, waye wabuza iNkosi “ngokunxulumene nobizo lwakho.”

IMfundiso neMinqophiso 54:2; 57:6–7. Kuthetha ukuthini “ukuma nkqi” (IMfundiso neMinqophiso 54:2) kuloo nto uThixo asicele ukuba siyenze? Ungamema amalungu osapho ukuba aphakame abize oko uThixo awacele ukuba akwenze.

IMfundiso neMinqophiso 55. Ingaba iNkosi yazisebenzisa kanjani izakhono zikaWilliam Phelps njengombhali kunye nomshicileli? (ngokomzekelo, bona isalathisi sababhali kwincwadi yamaculo kuluhlu lwamaculo awathi wawabhala. Mhlawumbi amalungu osapho angathetha malunga neetalente kunye nezakhono awazibonayo komnye nomnye. Ingaba iitalente zethu zingaba ligalelo kanjani emsebenzini kaThixo?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “‘Give,’ Said the Little Stream,” Children’s Songbook, 236.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Gcina incwadana yembali yofundo. Ungakufumana kuluncedo ukusebenzisa incwadana yembali okanye incwadi yezikhumbuzo ukubhala phantsi iingcinga, izimvo, imibuzo, okanye imizwa ekufikelayo xa ufunda.

Umfanekiso
amalungu enika u-Edward Partridge iimpahla

Bishop Partridge Receives Consecration, by Albin Veselka

Shicilela