IMfundiso neMinqophiso 2021
Tshazimpuzi 19–25. Imfundiso neMinqophiso 41–44: “Umthetho Wam Wokulawula iBandla Lam”


“Tshazimpuzi 19–25. IMfundiso neMinqophiso 41–44: ‘Umthetho Wam Wokulawula iBandla Lam’”Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye neeNtsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“Tshazimpuzi 19–25. IMfundiso neMinqophiso 41–44,”Uze, Undilandele—Eyabantu Ngabanye neeNtsapho: 2021

Umfanekiso
UYesu Krestu

Tshazimpuzi 19–25

IMfundiso neMinqophiso 41–44

“Umthetho Wam Wokulawula iBandla Lam”

“Ukuba uya kucela,” iNkosi yathembisa, “uya kufumana isityhilelo phezu kwesityhilelo, ulwazi phezu kolwazi”IMfundiso neMinqophiso 42:61. Yeyiphi imibuzo onokuyibuza ukuze ufumane isityhilelo osidingayo?

Bhala Iimvakalelo Zakho

Ukukhula msinya kweBandla ngo-1830 nango-1831—ingakumbi ukugxalathelana kwabasanda kuguquka abasuka eKirtland, Ohio—kwakuvuyisa kwaye kwakukhuthaza kwaBangcwele. Kodwa yakweza nayo nemiceli mngeni. Uwumanyanisa njani umzimba wamakholwa owanda ngokukhawuleza, ingakumbi xa besiza neemfundiso kunye nezenzo zeenkolo zabo zangaphambili? Ngokomzekelo, ukufika kwakhe uJoseph Smith eKirtland ekuqaleni kweyoMdumbe ngo-1831, wafumana amalungu amatsha esabelana izinto zabo ngelinge lokwenene lokuzama ukulinganisa amaKrestu eTestamente Entsha (Bona Izenzo 4:32–37). INkosi yenza ezinye izilungiso ezibalulekileyo kwaye icacisa ngesi kunye nezinye izihloko, ngokubanzi ngesityhilelo esibhalwe kwiMfundiso neMinqophiso 42, oko Yena wakubiza “Umthetho wam wokulawula iBandla Lam” (umqolo 59). Kwesisityhilelo, sifunda ngeenyaniso ezibalulekileyo ekusekeni iBandla leNkosi ngemihla yokugqibela, siquka nesithembiso esibalulekileyo esenza kucace ukuba kusoloko kuninzi okumele kufundwe: “Ukuba uya kucela, uyakufumana isityhilelo phezu kwesityhilelo, ulwazi phezu kolwazi” (IMfundiso neMinqophiso 42:61).

Bona futhi Saints, 1:114–19.

Umfanekiso
Umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 41

“Lowo wamkela umthetho wam kwaye awenze, onjalo ungumfundi wam.”

Ekuqaleni kuka-1831, aBangcwele babeqalisa ukuqokelelana e-Ohio, benomdla wokufumana umthetho uThixo awayethembise ukuwuveza phaya (Bona IMfundiso neMinqophiso 38:32). Kodwa kuqala, iNkosi yafundisa abafundi bayo ukuba benze njani ukulungisela ukufumana umthetho waYo. Yeyiphi imigaqo oyifumana kwimiqolo 1–5 eyayinokunceda aBangcwele bafumane umthetho kaThixo? Ingakunceda njani le migaqo ufumane imiyalelo kuYe?

IMfundiso neMinqophiso 42

Imithetho kaThixo ilawula iBandla laKhe kwaye inokulawula ubomi bethu.

Abangcwele babesibona isityhilelo esifumaneka kwiMfundiso neMinqophiso 42:1–72 ukuba sisesinye sezona zibalulekileyo umProfethi wakhe wazifumana. Sasiphakathi kwezokuqala ukupapashwa, savela kumaphepha-ndaba amabini ase-Ohio, kwaye yayisaziwa lula njengo “mthetho.” Emininzi kulemigaqo ikwelicandelo yayiseyityhilwe yiNkosi kwangaphambili. Nangona eli candelo lingaquki wonke umyalelo iNkosi eyayifuna aBangcwele bawuthobele, kuxabisekile ukuba sicingisise ngokuba kutheni le migaqo ibalulekile ukuphinda phindwa kwiBandla elisanda kubuyiselwa.

Kusenokukunceda ukufunda icandelo 42 ngokwezahlulo ezincinci njengale ilandelayo kwaye uchonge imigaqo efundiswa kuso ngasinye. Njengoko usenza, cingisisa ukuba lo mthetho ukhokela iBandla ungakunceda kanjani ukhokele ubomi bakho.

Imiqolo 4–9, 11–17, 56–58 

Imiqolo 18–29 

Imiqolo 30–31 

Imiqolo 40–42 

Imiqolo 43–52 

Bona futhi 3 Nifayi 15:9.

IMfundiso neMinqophiso 42:30–42

Bakwenza njani aBangcwele “ungcwaliso lwezakhiwo neempahla [zabo]” ukuze kuxhaswe amahlwempu.

Inxalenye ebalulekileyo yomthetho ovezwa kwicandelo 42 koku kwaye kwaziwa ngokuba ngumthetho wongcwaliso nobugosa. Lo mthetho wafundisa aBangcwele ukuba babengenza njani, ukuze njengabalandeli bakaKrestu bamandulo, “babenezinto zonke ngokufanayo” (Izenzo 2:44; 4 Nifayi 1:3), “kwakungekho mahlwempu phakathi kwabo” (Moses 7:18). Abangcwele bazingcwalisa izakhiwo neempahla zabo ngokuzinikezela eNkosini, ngoBhishophu (IMfundiso neMinqophiso 42:30–31). IBhishophu yababuyisela oko bakudingayo (bona umqolo 32)—kwakuqhele uba koko bebekungcwalisile nangaphezulu. Amalungu aliza ngoko kwakungaphezulu ukuze kuncedwe amahlwempu (bona imiqolo 33–34). Lo mthetho waba yintsikelelo enkulu kwaBangcwele, ingakumbi kwabo bashiya yonke into ukuza e-Ohio. Abangcwele abaninzi babenesisa ngamalizo wabo.

Nangona siyenza ngokwahlukileyo namhlanje, aBangcwele bemihla yokugqibela basawuphila umthetho wongcwaliso. Njengoko ufunda IMfundiso neMinqophiso 42:30–42, cingisisa ngokuba ungakungcwalisa njani oko uThixo akunike kona ekwakheni ubukumkani baKhe nokusikelela abo basweleyo.

Bona futhi Linda K. Burton, “I Was a Stranger,” Ensign okanye Liyahona, Canzibe 2016, 13–15; “The Law,” Revelations in Context, 93–95, history.ChurchofJesusChrist.org.

Umfanekiso
UKrestu kunye neNkokheli eNcinci Esisityebi

UKrestu kunye neNkokheli eNcinci Esisityebi, nguHeinrich Hofmann

IMfundiso neMinqophiso 42:61, 65–68; 43:1–16

UThixo unikeza ngesityhilelo ukukhokela iBandla laKhe.

Yibanomfanekiso-ngqondweni wokuba unencoko nelungu elitsha leBandla elisenovuyo lokwazi ukuba iBandla likhokelwa ngesityhilelo. Ungayisebenzisa njani IMfundiso neMinqophiso 43:1–16 ukumcacisela indlela yeNkosi yokukhokela iBandla ngoMprofethi? Ungayisibenzisa njani IMfundiso neMinqophiso 42:61, 65–68 ukumfundisa ngokuzifumanela isityhilelo sakhe?

Bona futhi “All Things Must Be Done in Order,” Revelations in Context, 50–53, history.ChurchofJesusChrist.org.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 41:1–5.Yeyiphi eminye imizekelo yemithetho yoluntu, kwaye ilulutho njani kuthi? Isisikelela njani imithetho okanye imiyalelo kaBawo oseZulwini? Amalungu osapho angazoba imifanekiso yawo ethobela imithetho kaThixo.

IMfundiso neMinqophiso 42:45, 88.Yintoni enokunceda usapho lwakho “luphile kunye ngothando”(Bona futhi Mozaya 4:14–15). Cingisisa ngokubhala okanye ukuthetha izinto ezakhayo omnye ngomnye “Love at Home” (Hymns, no. 294).

IMfundiso neMinqophiso 42:61.Mhlawumbi ningafunda lo mqolo ngethuba nidibanisa iphazili kunye. Sebenzisa iphazili ukufundisa ngokuba uziveza njani uThixo iimfihlo zaKhe—“isityhilelo phezu kwesityhilelo, ulwazi phezu kolwazi.” Amalungu osapho angabelana ngokuba uThixo uwavezele njani iinyani kancinane ngexesha.

IMfundiso neMinqophiso 43:25.Mhlawumbi ikhona into usapho lwakho olunokuyenza ukwenza isandi sendudumo njengendlela yokutshayelela ingxoxo malunga nomqolo 25. Ingaba ilizwi leNkosi lililo njani “ilizwi leendudumo”? Phengululani umqolo kunye ngeendlela iNkosi inokusibizela ukuba siguquke. Singaphendula njani ngokungakumbi kwilizwi leNkosi?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “I Want to Live the Gospel,” Children’s Songbook, 148; bona “Iingcebiso Zokuphucula Ufundo lweZibhalo Losapho.”

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Yondla umoya wothando. Indlela amalungu osapho aziva ngayo kwanaphethene ngayo ingaphembelela ngokunzulu umoya ekhayeni lakho. Nceda onke amalungu osapho enze indima yawo ekumiliseni ikhaya elithandanayo, nelihloniphayo ukuze wonke umntu azive ekhuselekile ukuba angawaba amava, imibuzo, kunye nobungqina. (Bona Ukufundisa ngohlobo loMsindisi, 15.)

Umfanekiso
UJoseph Smith Eshumayela

UJoseph Smith Eshumayela eNauvoo, nguSam Lawlor

Shicilela