IMfundiso neMinqophiso 2021
UTshazimpuzi 12–18. IMfundiso Neminqophiso 37-40; “Ukuba Anikho Banye Aningabo Abam”


“UTshazimpuzi 12–18. “Imfundiso Neminqophiso 37-40; “Ukuba Anikho Banye Aningabo Abam”,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: Imfundiso Neminqophiso 2021 (2020)

“UTshazimpuzi 12–18. “Imfundiso Neminqophiso 37-40,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: Imfundiso Neminqophiso 2021

Umfanekiso
ABangcwele belungiselela ukuhamba

ABangcwele Baya eKirtland, nguSam Lawlor

UTshazimpuzi 12–18

IMfundiso neMinqophiso 37–40

“Ukuba Anikho Banye Aningabo Abam”

Ukushicilela imizwa njengoko ufunda yenye indlela ongathobela ngayo ingcebiso kaThixo yokuthi “londolozani ubulumko” (IMfundiso Neminqophiso 38:30).

Bhala Iimvakalelo Zakho

Kwabo Bangcwele bamandulo, iBandla yayiyindawo engaphezulu nje kunokuva intshumayelo ngeCawa. Kuzo zonke izityhilelo zaYo kuJoseph Smith, iNkosi yalichaza iBandla ngamagama afana nalaa injongo, ubukumkani, iZiyon, kwakunye narhoqo, umsebenzi. Oko kusenokwenzeka ukuba kwakuyinxalenye yoko kwakunomtsalane kumalungu amaninzi wamandulo eBandleni. Nangona ayethanda imfundiso ebuyisiweyo yeBandla, uninzi lwawo lwalufuna into awayenganikela ubomi bawo kuyo. Nangona kunjalo, umyalelo weNkosi ka-1830 kwabo Bangcwele wokuba bahlanganele e-Ohio wawungekho lula kwabanye ukuba bawulandele. Kubantu abafana noPhoebe Carter, oko kwakuthetha ukuba bashiya amakhaya wabo akhululekileyo baya empelazwe abangayiqhelanga (bona “Amazwi Wembuyiselo” ekupheleni kwesi sishwankathelo. Namhlanje siyakubona ngokucacileyo oko abo Bangcwele babekubona ngeliso lokholo: iNkosi yayineentsikelelo ezinkulu ezazibalindele e-Ohio.

Imfuneko yokuhlanganela e-Ohio seyagqitha kudala, kodwa nanamhlanje aBangcwele basamanyanela injongo efanayo, umsebenzi ofanayo: “wokuzisa ngaphambili iZiyon” (Imfundiso Neminqophiso 39:13). Njengokufana nabo Bangcwele bamandulo, thina sishiya “izinto ezikhathalelwe lihlabathi” (IMfundiso Neminqophiso 40:2) ngenxa yokuba sithemba isithembiso seNkosi; “Uya kwamkela …neentsikelelo ezinkulu ngendlela ongazanga wayazi” (IMfundiso Neminqophiso 39:10).

Bona futhi Saints, 1:109–11.

Umfanekiso
Umfanekiso wokuzifundela izibhalo wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 37:1

Yintoni uJoseph Smith awayeyiguqulela ngo-1830?

Kulomqolo, iNkosi yayithetha ngomsebenzi kaJoseph Smith wohlaziyo olwaluphembelelekile lweBhayibhile, owawubizwa “inguqulelo.” Xa uJoseph wayefumana isityhilelo esishicilelwe kwicandelo 37, wayesele egqibe izahluko ezimbalwa zencwadi yeGenesis kwaye wayesand’ ukufunda ngo-Enoki nangesixeko saze-Ziyon (bona Genesis 5:18–24; Moses•7). Eminye yemigaqo iNkosi eyayifundisa u-Enoki iyafana naleyo Yona yayibonisa kwicandelo 38.

Bona futhi Church History Topics, “Joseph Smith Translation of the Bible,”ChurchofJesusChrist.org/study/topics.

Umfanekiso
UJoseph Smith noSidney Rigdon

UJoseph Smith usebenza noSidney Rigdon kuhlaziyo oluphenjelelweyo lweBhayibhile. Umzobo ngu-Annie Henrie Nader

IMfundiso neMinqophiso 38

UThixo uyasihlanganisa ukuze asisikelele.

INkosi yagqibezela umyalelo waYo wokuhlanganela e-Ohio ngokuthi, “Qaphelani, nabu ubulumko” (Imfundiso Neminqophiso 37:4). Kodwa ayingomntu wonke owabona ubulumko kuko ngoko nangoko. Kwicandelo 38, iNkosi yabonisa ubulumko baYo ngeenkcukacha ezingakumbi. Yintoni oyifunda kwimiqolo 11-13 malunga neentsikelelo zokuhlangana? Amalungu weBandla awasayalelwa ukuba ahambe ayokuhlanganela kwindawo enye; ziindlela ziphi esihlangana ngazo namhlanje? Ezi ntsikelelo zisebenza njani kuthi? (bona Russell•M. Nelson, “The Gathering of Scattered Israel,” Ensign or Liahona,Nov. 2006, 79–81).

Njengoko ufunda eli candela ngokupheleleyo, khangela imihlathi eyathi yanceda aBangcwele bazuze ukholo ababeludinga lokuthobela umyalelo kaThixo wokuhlanganela e-Ohio. Cinga kwakhona ngemiyalelo Yena akunike yona kwakunye nangokholo oludingayo ukuyithobela. Le mibuzo ilandelayo ingakhokela isifundo sakho:

  • Yintoni oyifumana kwimiqolo 1-4 ethi ikunike ukuzithemba eNkosini nakwimiyalelo yaYo?

  • Umqolo 39 ungakunceda kanjani uthobele imiyalelo kaThixo xa yona idinga idini?

Yintoni enye oyifumanayo?

IMfundiso Neminqophiso 38:11–13, 22–32, 41–42

Ukuba ndizilungiselele,andidingi koyika.

ABangcwele babesele bequbisene nenkcaso eninzi, kwaye iNkosi yayisazi ukuba kusekuninzi okuzayo (bona Imfundiso Neminqophiso 38:11–13, 28–29). Ukubanceda ukuba bangoyiki, Yona yaveza umgaqo omhle: “Ukuba nizilungiselele anisayi koyika” (Imfundiso Neminqophiso 38:30). Thatha umzuzu ukhe ucinge kanzulu ngemingeni ojongene nayo. Ngoko ke, njengoko ufunda icandelo 38, mamela inkcukumiso yoMoya malunga neendlela ongazilungiselela imingeni khon’ ukuze ungadingi ukoyika.

Bona futhi Ronald•A. Rasband, “(Be Not Troubled,” Ensign or Liahona, Nov.2018, 18–21.

IMfundiso neMinqophiso 39-40

Izinto ezikhathalelwe lihlabathi kufuneka zingandiphazamisi ekuthobeleni ilizwi likaThixo.

Funda amacandelo 39-40, kuquka nemvelaphi yembali kwizihloko zamacandelo, kwaye ucingisise ngeendlela apho amava kaJames Covel angasebenza ngazo kuwe. Ngokomzekelo, cingisisa ngamaxesha xa “intliziyo yakho…yayilingile phambi [koThixo]” (Imfundiso Neminqophiso 40:1). Wawusikeleleke kanjani ngenxa yokunyaniseka kwakho? Kwaye cingisisa ngokuba zeziphi “izinto ezikhathalelwe lihlabathi” ojongene nazo (IMfundiso Neminqophiso 39:9; 40:2) Yintoni oyifumana kulamacandelo ekuphembelela ukuba uthi gqolo ukuthobela ngakumbi?

Bona futhi Matewu 13:3–23.

Umfanekiso
Umfanekiso wesifundo sosapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 37:3Ukunceda usapho lwakho luqonde idini aBangcwele abalenza ukuba bahlanganele e-Ohio, ungajonga kwimephu ehambelana nesi sishwankathelo.

IMfundiso neMinqophiso 38:22Singamenza njani uYesu Krestu ukuba abengu “mmisi mthetho” wosapho lwethu? Ingaba ukulandela imithetho yaKhe isenza ukuba sibe “ngabantu abakhululekileyo” kanjani?

IMfundiso neMinqophiso 38:24–27Ukufundisa abantwana kuthetha ukuthini ukuba “banye,” ungabancedisa ukubala amalungu osapho kwakunye nokuthetha ngokuba kutheni umntu ngamnye ebalulekile kusapho lwakho. Gxininisa ukuba xa ninonke nilusapho olunye. Ungancedisa abantwana bakho bazobe 1 omkhulu ephepheni kwaye bamhombise ngamagama nangemizobo okanye ngemifanekiso yelungu ngalinye losapho. Ningabhala futhi kwiphepha elo izinto eniya kuzenza ukuba nimanyane ngakumbi njengosapho. Ningabukela umboniso bhanya-bhanya “Love in Our Hearts”(ChurchofJesusChrist.org) okanye nifunde Moses 7:18.

IMfundiso neMinqophiso 38:29–30Ningaxoxa ngamava wakamvanje wosapho okanye amava womntu ngamnye awathe adinga amalungiselelo. Amalungiselelo awachaphazele kanjani amava lawo? Yintoni iNkosi efuna ukuba siyilungiselele? Ingaba ukuzilungiselela kungasinceda kanjani ukuba singoyiki? Yintoni esingayenza ukuba silungise?

IMfundiso neMinqophiso 40. Lithetha ukuthini kuthi ibinzana “izinto ezikhathalelwe lihlabathi” (umqolo 2)? Ingaba zikhona izinto ezikhathalelwa lihlabathi ezisithintela ukuba sifumane ilizwi likaThixo “ngovuyo”? Siya kuzoyisa kanjani?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Jesus Said Love Everyone,” Children’s Songbook, 61.

Umfanekiso
Umfanekiso wamazwi wembuyiselo

Amazwi Wembuyiselo

Ukuhlanganela e-Ohio

Umfanekiso
Izakhiwo zaseKirtland

Ilali yaseKirtland, ngu-Al Rounds

Umfanekiso
UPhebe Carter Woodruff

Ngaphakathi kwabo baninzi baBangcwele ababehlanganela e-Ohio kwiminyaka yabo-1830 kwakukhona uPhebe Carter. Yena wayezimanye neBandla kumantla-mpuma kwelaseMelika eminyakeni yakhe eyayisemaphakathini kumashumi amabini, nangona abazali bakhe bona bengazange bangenelele. Yena waye wabhala kamva ngesigqibo sakhe sokuthuthela e-Ohio ukuya kumanyana naBangcwele.

“Abahlobo bam bakhwankqiswa luhambo lwam, njengoko ndaluthatha, kodwa kwakunento eyayindiqhuba. Intlungu kamama wam ekushiyeni kwam ekhaya yayingaphezu koko ndandino kukunyamezela; kwaye ukuba kwakungekho ngenxa yomoya owawungaphakathi kum kwakumele ukuba ndaye ndahexa ekugqibeleni. Umama wam wayexolele ukundibona ndingcwatywa kunokuba andibone ndiphumela ndodwa kwihlabathi elingenantliziyo.

“’[Phebe],’ yena watsho, ngokuncomekayo, ‘ingaba uya kubuyela kum ukuba ufumanisa ubuMormoni bubuxoki?’

“Ndaye ndaphendula, ‘ewe mama; ndiya kwenza njalo.’ … Impendulo yayithi qabu intlungu yakhe; kodwa oko kwasibangela inkxalabo enkulu yokuba sasihlukana. Xa ixesha lafika lokuba ndinduluke zange ndilinge nokuba ndizithembe ekubeni ndivalelise; ngoko ke ndaye ndabhalela omnye nomnye undlela-ntle wam, ndiwushiya phezu kwetafile yam, ndehla ndibaleka kwaye ndaxhumela kwisithuthi. Ndabe ndiyalishiya ikhaya lam lobuntwana endilithandayo ngaloondlela ndiyo kudibanisa ubomi bam naBangcwele bakaThixo.” 1

Komnye waloomiyalezo yovaleliso, uPhebe wabhala:

“Bazali endibathandayo— okwangoku ndiza kushiya uphahla endizalelwe kulo okwexeshana … andazi ukuba kuya kubalixesha elingakanani—kodwa hayi ngaphandle kwemvakalelo yombulelo ngobubele endabufamana ukususela ebusaneni bam kude kube leli xesha—kodwa uMboneleli ubonakala eyalela ngolunye uhlobo ngoku kunoko bekululo. Masinikeleni zonke ezi zinto ezandleni zoMboneleli kwaye sibenombulelo wokuba siye savunyelwa ukuba siphile ndawonye ixesha elide kangaka ngaphantsi kweemeko ezithandekayo njengoko senzile, sikholelwa ukuba yonke into iya kusebenzela ukulunga kwethu ukuba siyamthanda uThixo ngokugqithisileyo. Masiqondeni ukuba singathandaza kuThixo omnye oya kuyiva imithandazo enyanisekileyo yezidalwa zakhe kwaye asinike oko kusilungeleyo thina. …

“Mama, ndiyakholwa ukuba kuyintando kaThixo ngakum yokuba ndiye entshona kwaye ndiyakholwa ukuba sekulithuba elide kunjalo. Ngoku indlela ivulekile…; ndiyakholwa ukuba ngumoya weNkosi owenze oko kufanele zonke izinto. Awu ungaxhalabeli umntwana wakho; iNkosi iya kundithuthuzela. Ndiyakholelwa ukuba iNkosi iya kundikhathalela kwaye indinike oko kugqwesileyo. Ndiyahamba kuba iNkosi yam iyandibiza —iwenze umsebenzi wam wacaca.”

Izikhumbuzo

  1. In Edward W. Tullidge, The Women of Mormondom (1877), 412.

  2. Incwadana yembalelwano kaPhebe Cartert kubazali bakhe, ayinamhla, Ithala Leencwadi Lembali yeBandla, Salt Lake, izilungiso zokubhala zifakelwe kamvanje. UPhebe wazimanya neBandla ngo-1834, waze wathuthela e-Ohio ngabo-1835, kwaye watshata noWillford Woodruff ngo-1837.

Shicilela