IMfundiso neMinqophiso 2021
EyoKwindla 29– uTshazimpuzi 4. Ipasika:“Ndinguye Lowo Uphilayo, Ndinguye Lowo Wabulawayo”


“EyoKwindla 29– uTshazimpuzi 4. Ipasika ‘Ndinguye Lowo Uphilayo, Ndinguye Lowo Wabulawayo,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: Imfundiso Neminqophiso 2021 (2020)

“EyoKwindla 29– uTshazimpuzi 4. Ipasika,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
Umfanekiso oqingqiweyo kaKrestu

EyoKwindla 29– uTshazimpuzi 4

Ipasika

“Ndinguye Lowo Uphilayo, Ndinguye Lowo Wabulawayo”

Njengoko ulungiselela ukukhumbula ukuvuka koMsindisi kwabafileyo kunye neCawa yePasika, cingisisa ngesityhilelo sanamhlanje ukuba siluntsokothise kanjani ukholo lwakho lokuba uYesu Krestu unguNyana kaThixo oKuphela koZelweyo kwaye unguMkhululi wehlabathi.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Umhla we-3 kuTshazimpuzi 1836 wawuyiCawa yePasika. Emveni kokuncedisa ukupha aBangcwele umthendeleko ababehlangene kwiTempile yaseKirtland eyayisandul’ ukungcwaliswa, uJoseph Smith no-Oliver Cowdery bazifumanela indawo ezolileyo emva kwesigqubuthelo etempileni kwaye baqubudela emthandazweni othulileyo. Ngoko ke, ngolusuku lungcwele xa amaKrestu kuyo yonke indawo ayekhumbula uVuko lukaYesu Krestu kwabafileyo, uMsindisi ovukileyo buqu baKhe wazibonakalisa kwitempile yaKhe, ebhengeza, “Ndinguye lowo uphilayo, ndinguye lowo Wabulawayo” (Imfundiso Neminqophiso 110:4).

Kuthetha ntoni ukuthi uYesu Krestu “ungulowo uphilayo”? Oko akuthethi nje ukuba Yena wavuka engcwabeni ngosuku lwesithathu waze wazibonakalisa kubafundi baKhe baseGalili. Oku kuthetha ukuba Yena nanamhlanje uyaphila. Yena namhlanje uthetha kubaprofethi. Yena namhlanje uyalikhokela iBandla laKhe. Yena namhlanje upholisa imiphefumlo elimeleyo kunye neentliziyo ezaphukileyo. Ngoko nathi singalinganisa amazwi wobungqina obunamandla bukaJoseph Smith: “Emva kobungqina obuninzi obunikiweyo ngaye, obu bubungqina …esibunika ngaye: Bokokuba uyaphila!” (Imfundiso Neminqophiso 76:22). Siyaliva ilizwi laKhe kwezizityhilelo. Siyabubona ubungqina besandla saKhe ebomini bethu. Kwaye sonke siyeva “the joy this sentence gives: ‘I know that my Redeemer lives!’” (Hymns, no. 136).

Umfanekiso
Umfanekiso wokuzifundela izibhalo wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

Imfundiso Neminqophiso 29:5; 38:7; 62:1; 76:11–14, 20–24; 110:1–10

UYesu Krestu uyaphila.

Umprofethi Joseph Smith wambona uMsindisi ovukileyo amatyeli aliqela, kwaye amabini kuloomava ashicilelwe kwiMfundiso Neminqophiso. Njengoko ufunda amacendelo 76:11–14, 20–24; 110:1–10, , yintoni ekuchazayo ngobungqina bukaJoseph Smith? Kutheni ubungqina bakhe buxabisekile kuwe?

Kuyo yonke iMfundiso Neminqophiso, uMsindisi wanika ngobungqina bomsebenzi waKhe kunye nobuthixo baKhe. Yintoni oyifundayo ngoKrestu ophilayo emazwini aKhe akwiMfundiso Neminqophiso 29:5; 38:7; 62:1? Mhlawumbi ungacinga ngokushicilela izibhengezo ezifana nezi ozifumanayo njengoko ufunda iMfundiso Neminqophiso.

Bona futhi Imbali—kaJoseph Smith 1:17.

Imfundiso Neminqophiso 29:26–27; 42:45–46; 63:49; 88:14–17, 27–31; 93:33–34

Ngenxa kaYesu Krestu, ndiya kuvuswa kwabafileyo.

UJoseph Smith wayekwazi ukuba kuvakala nanjani ukulahlekelwa ngumntu omthandayo. Ababini kubantakwabo, u-Alvin noDon Carlos, basweleka besengamatyendyana. UJoseph no-Emma bangcwaba abantwana abasithandathu, omnye ngamnye eneminyaka engaphantsi kwemibini ebudaleni. Kodwa kwizityhilelo awayezifumene, uJoseph wazuza imbono yanaphakade ngokufa kwakunye nangecebo lanaphakade likaThixo. Cingisisa ngeenyaniso ezityhilwe kwiMfundiso Neminqophiso 29:26–27; 42:45–46; 63:49; 88:14–17, 27–31; 93:33–34. Ezi zityhilelo ziyichaphazela kanjani indlela obona ngayo ukufa? Zingayichaphazela kanjani indlela ophila ngayo?

Bona futhi 1•AbaseKorinte•15; M.•Russell Ballard, “The Vision of the Redemption of the Dead,” Ensign okanye Liahona, Nov. 2018, 71–74; Teachings of Presidents of the Church: Joseph Smith (2007), 174–76.

Imfundiso Neminqophiso 18:10–13; 19:16–19; 45:3–5; 76:69–70

UYesu Krestu waphumeza “intlawulelo egqibeleleyo.”

Enye indlela yokuqwalasela kuMsindisi ngexesha lePasika kukufunda izityhilelo kwiMfundiso Neminqophiso ezithi zifundise ngedini laKhe lokuhlawulela. Ezinye zazo ziyafumaneka kwiMfundiso Neminqophiso 18:10–13; 19:16–19; 45:3–5; 76:69–70. Mhlawumbi ungenza uluhlu lweenyaniso ngeNtlawulelo yoMsindisi ozifumanayo kulemiqolo. Ukuntsokothisa ufundo lwakho, ubungongeza kuluhlu lwakho ngokukhangela izingqiniso zezibhalo “Atone, Atonement” (Isikhokelo Kwizibhalo, scriptures.ChurchofJesusChrist.org).

Nantsi eminye imibuzo engakukhokela kwisifundo sakho:

  • Kutheni uYesu Krestu wakhetha ukubulaleka?

  • Yintoni ekufuneka ndiyenze ukuze ndifumane iintsikelelo zedini laKhe?

  • Ndingabona kanjani ukuba iNtlawulelo yaKhe ineziqhamo ebomini bam?

Umfanekiso
UYesu uyathandaza

INkosi yomthandazo, nguYongsung Kim

Umfanekiso
Umfanekiso wesifundo sosapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

Inkomfa yajikelele. Ngenxa yokuba inkomfa yajikelele ingqamane neCawa yePasika kulonyaka, ubungacingisisa ngendlela imiyalezo yenkomfa (kuquka nomculo) engomeleza ngayo ubungqina bosapho lwakho ngoYesu Krestu. Ngokomzekelo, abantwana abancinane bangazoba umfanekiso woMsindisi, okanye babambe umfanekiso waKhe, xa besiva umyalezo okanye ingoma engoYesu Krestu. Amanye amalungu osapho angenza uluhlu lweenyaniso azivayo ngoMsindisi. Emveni koko, amalungu osapho angabelana ngemizobo yawo okanye uluhlu lwawo kwakunye nangobungqina bawo ngoYesu Krestu.

Imfundiso Neminqophiso 88:14–17; 138:17, 50.Usapho lwakho lungakonwabela ukucinga ngomzekelo okanye ngesifundo ngento ukuchaza ukuba kuthetha ukuthini ukufa nokuvuswa kwabafileyo — eyona ibonisa umzimba kunye nomoya zihlukaniswa kwaye zihlanganiswa kwakhona, into efana nesandla neglavu. Ingaba le miqolo iwomeleza kanjani umbulelo wethu woko uMsindisi asenzele kona?

“UKrestu Ophilayo: Ubungqina BabaPostile.”Ukukhuthaza ingxoxo malunga nobungqina babaprofethi banamhlanje ngoMsindisi, ungasikela ilungu ngalinye losapho ukuba lifunde isahlulo se- “The Living Christ: The Testimony of the Apostles” (Ensign or Liahona, May 2017, ngaphakathi kwiqweqwe elingaphambili) kwaye abelane ngoko akufundayo ngoYesu Krestu. Kwaye ubungabonisa umboniso bhanya-bhanya “Apostle Testimony Montage” (ChurchofJesusChrist.org). Ziinyaniso zini esizifumanayo ezithi zisiphembelele?

“Ndiyazi uMkhululi Wam Uyaphila.” Ukunceda usapho lwakho lucingisise ngeendlela ezininzi uMsindisi ovukileyo asisikelela ngazo namhlanje, ningacula nonke “I Know That My Redeemer Lives” (Hymns, no.•136) kwaye nidibanise iinyaniso ezifundiswa kweliculo nezoo zifundiswa kwiMfundiso Neminqophiso 6:34; 45:3–5; 84:77; 98:18; 138:23. Usapho lwakho lungakonwabela kwakhona ukubhala imiqolo eyongezelelweyo kweliculo evakalisa ukuba lumazi kanjani uyaphila uMsindisi walo.

Ngomboniso bhanya-bhanya wePasika nezinye izixhobo, bona Easter.ComeUntoChrist.org.

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Jesus Has Risen,” Children’s Songbook, 70.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Fumana izifundo kwizinto zemihla ngemihla. Cingisisa ngokuba amava wemihla ngemihla wamalungu osapho lwakho angakhokelela kanjani kwiincoko ezinentsingiselo malunga nenyaniso yevangeli (bona Teaching in the Savior’s Way,  4). Ngokomzekelo, isaqhwithela semvula singabalithuba lokuthetha malunga nokuba uThixo uzigalela kanjani iintsikelelo ebantwaneni baKhe.

Umfanekiso
UYesu uvela kuJoseph Smith no-Oliver Cowdery.

UYesu Krestu uvela kuMprofethi Joseph Smith no-Oliver Cowdery, nguWalter Rane

Shicilela