IMfundiso neMinqophiso 2021
EyoKwindla 22–28. Imfundiso Neminqophiso 29; “UYesu Krestu Uya Kuhlanganisa Abantu BaKhe”


“EyoKwindla 22–28. “Imfundiso Neminqophiso 29; “UYesu Krestu Uya Kuhlanganisa Abantu Bakhe” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: Imfundiso Neminqophiso 2021 (2020)

“EyoKwindla 22–28. “EyoKwindla 22–28. “Imfundiso Neminqophiso 29; Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
UYesu eme phambi kwabantu abaguqe ngamadolo

Lonke Idolo Liya Kuguqa, nguJ. Kirk Richards

EyoKwindla 22–28

IMfundiso neMinqophiso 29

UYesu Krestu Uya Kuhlanganisa Abantu Bakhe

Enye yeenjongo zokufunda izibhalo kukufunda imfundiso, okanye iinyaniso zevangeli eziyimfuneko kwintsindiso yethu. Njengoko ufunda iMfundiso Neminqophiso 29 kuleveki, khangela iingqiqo zemfundiso ezinentsingiselo kuwe.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Nangona iBandla likaYesu Krestu lalisekwe ngo-1830, iinyaniso ezininzi zevangeli zaziseza kutyhilwa, kwaye amalungu aliqela wokuqala weBandla ayenemibuzo. Wona ayefundile ngeziprofetho kwiNcwadi kaMormoni malunga nokuhlanganiswa kukaSirayeli kwakunye nokwakhiwa kweZiyon (bona 3 Nifayi 21). Oko kwakuya kukwenzeka kanjani? Izityhilelo uHiram Page owayebanga okokuba uzifumene zazijolise kuloomxholo, zaye zenyusa qha ukufun’ukwazi kwamalungu (bona iMfundiso Neminqophiso 28). Abanye abantu babezibuza malunga noKuwa kuka-Adam no-Efa kwakunye nangokufa kwasemoyeni. INkosi yaye yayamkela le mibuzo ngo-1830: “Nantoni na eniya kuyicela ngokholo,” Yona yabaxelela aBangcwele, “nimanyene emthandazweni ngokunxulumene nomyalelo wam, niya kuyifumana” (IMfundiso Neminqophiso 29:6). Kwaye Yona iyayamkela imibuzo yethu nanamhlanje; Yona ilindele nje ukuba siyicele ngomthandazo. Enyanisweni, njengesityhilelo esityebileyo ngokwemfundiso kwiMfundiso Neminqophiso 29 ibonisa, Yona ngamanye amaxesha iphendula ngokunikela ngenyani nolwazi olwegqitha ngaphaya kwemibuzo esiyibuzayo kwasekuqaleni.

Umfanekiso
Umfanekiso wokuzifundela izibhalo wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 29

UBawo Osezulwini walungisa icebo eligqibeleleyo lokuphakanyiswa kwethu.

Imfundiso Neminqophiso 29 ifundisa iinyaniso ezininzi malunga necebo likaThixo ngabantwana baKhe. Njengoko ufunda, khangela iinyaniso ofunda ngazo kwezi zilandelayo eziyinxalenye yecebo:

Ziimbono zini ezintsha othe wazizuza? Ubomi bakho bobuza kwehluka kanjani ukuba ubungazi ngeezinyaniso?

Ungafunda ngokuthe vetshe malunga necebo likaBawo Osezulwini kwi-“The Plan of Salvation”(Preach My Gospel: A Guide to Missionary Service, rev. ed. [2018], ChurchofJesusChrist.org/manual/missionary).

IMfundiso neMinqophiso 29:1–8

UYesu Krestu uya kuhlanganisa abantu baKhe ngaphambi kokubuya kwaKhe kwesibini.

UYesu Krestu uthetha ngokuhlanganisa abantu baKhe “ngenjesikhukukazi sihlanganisa amantshontsho aso phantsi kwamaphiko aso” (Imfundiso Neminqophiso 29:2). Ingaba lo mfuziselo ukufundisa ntoni malunga nomnqweno woMsindisi wokukuhlanganisa? Njengoko ufunda Imfundiso Neminqophiso 29:1–8, khangela iimbono ezimalunga nokuba kutheni sihlangana, ngoobani abaya kuhlangana, kwaye nathi singanceda kanjani ekuhlanganiseni “abanyulwa” (umqolo 7).

Namhlanje, ukuhlanganela eZiyon kuthetha ukumanyanisa iingingqi zeengqokelela zamabandla zaseZiyon kwilizwe jikelele. Ukuhlangana njengaBangcwele kusinceda kanjani thina “silungiswe kuzo zonke izinto” silungele iinkxwaleko eziya kuthi zize ngaphambi kokubuya koMsindisi kwesibini? (umqolo 8; bona futhi imiqolo •14–28).

Bona futhi Izivumo Zokholo 1:10; Russell M. Nelson and Wendy W. Nelson,“Hope of Israel” (worldwide devotional for youth, June 3, 2018, ChurchofJesusChrist.org).

Umfanekiso
isikhukukazi namantshontsho

Amatyeli Amangaphi, nguLiz Lemon Swindle

IMfundiso neMinqophiso 29:31–35

“Zonke izinto kum zezomoya.”

Ingaba yonke imiyalelo iyeyomoya ngantsingiselo yini? Ukukwazi ukuba yonke imiyalelo iyeyomoya kukufundisa ntoni malunga nenjongo yemiyalelo? Ungenza uluhlu lwemiyalelo embadlwana kwaye uthathel’ ingqalelo imigaqo-nkqubo yezomoya enxulumene nomyalelo ngamnye.

Yintoni engaguquka ukuba ubungakhangela intsingiselo yomoya okanye injongo yomoya kwimisebenzi yakho yemihla ngemihla, nkqu naleyo ibonakala ngathi yeyethutyana okanye ngathi iqhelekile?

Bona futhi AbaseRoma 8:6; 1 Nifayi 15:30–32.

IMfundiso neMinqophiso 29:36–50

UYesu Krestu usikhulula eKuweni.

Esi sityhilelo sivula ngeNkosi apho izazisa khona njengoMkhululi wethu, othe yena “wahlawulela izono [zethu]” (umqolo 1). Isityhilelo siyaqhubeka sichaze ezinye zezizathu zokuba sidinga uMkhululi. Cingisisa ngokuba ubungayisebenzisa kanjani le miqolo 36-50 ukuchaza ukuba kutheni sidinga ukukhululwa nguMsindisi uYesu Krestu. Kwizithethe ezininzi zokholo, uKuwa kubonwa njengentlekele; yintoni oyifumana kulemiqolo efundisa ngeziphumo ezintle zoKuwa? (Bona futhi 1 AbaseKorinte 15:22; 2 Nifayi 2:6–8, 15–29; Mozaya 3:1–19; Moses 5:9–12.)

Umfanekiso
Umfanekiso wesifundo sosapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 29.Ungasebenzisa imifanekiso esekupheleni kwesisishwankathelo esihambelana neMfundiso Neminqophiso 29 ukufundisa usapho lwakho ngecebo losindiso. Ngokomzekelo, amalungu osapho angafunda ngeenxalenye ezahlukeneyo zecebo losindiso ngokufunda nokuxoxa ngale miqolo icetyiswayo. Wona angafumana iinyaniso ezongezelelweyo kwiZihloko Zevangeli (topics.ChurchofJesusChrist.org) okanye kwiSikhokelo kwiZibhalo (scriptures.ChurchofJesusChrist.org). Bhala phantsi oko ukufundayo. Kutheni sinombulelo wokukwazi ngecebo losindiso? Ingaba ukukwazi ngalo kubuphembelela kanjani ubomi bethu bemihla ngemihla?

IMfundiso neMinqophiso 29: 2, 7-8Kuthetha ukuthini ukuhlanganiswa nguMsindisi? Thina singamnceda kanjani ekuhlanganiseni abanyulwa?

IMfundiso neMinqophiso 29:3–5Yintoni esiyifunda kulemiqolo ngoMsindisi esinceda “siphakamise iintliziyo [zethu] sivuye”? (umqolo 5). Umboniso bhanya-bhanya “We Can Find Happiness” (ChurchofJesusChrist.org) unganinceda nixoxe malunga nokuba ukwazi ngecebo losindiso kuzise kanjani ulonwabo kusapho lwakho.

IMfundiso neMinqophiso 29:34–35Ukufunda le miqolo kunganika usapho lwakho ithuba lokuthetha ngezizathu zomoya ezinxulumene neminye imiyalelo okanye nengcebiso yesiprofetho enizama ukusilandela. Ngokomzekelo, kutheni iNkosi ifuna ukuba sifunde izibhalo njengosapho? Ziinzuzo zini zokomoya esizibonileyo ekugcineni imiyalelo?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Israel, Israel, God Is Calling,” Hymns, no. 7.

Ukuphucula Ukufundisa Kwethu

Khangela uYesu Krestu. Izibhalo zisifundisa ukuba yonke indalo kaThixo iyangqina ngoYesu Krestu (Moses 6:62-63), ngoko ke mkhangele njengoko ufunda izibhalo. Cingisisa ngokuphawula imiqolo efundisa ngaYe.

Shicilela