IMfundiso neMinqophiso 2021
EyoKwindla 8–14. IMfundiso neMinqophiso 23–26: “Yomeleza iBandla”


“EyoKwindla 8–14. IMfundiso neMinqophiso 23–26: ‘Yomeleza iBandla,’”Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye neeNtsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyoKwindla 8–14. IMfundiso neMinqophiso 23–26,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye neeNtsapho: 2021

Umfanekiso
U-Emma Smith

EyoKwindla 8–14

IMfundiso neMinqophiso 23–26

“Yomeleza iBandla”

Xa ufunda IMfundiso neMinqophiso 23–26, phawula iimvakalelo ozifumana kuMoya oyiNgcwele. Ungayisebenzisa njani ingcebiso ekwezi zityhilelo yokomeleza ubufundi bakho kwakunye neBandla?

Bhala Iimvakalelo Zakho

Emva kokuba iBandla lisekiwe, abaNgcwele babejongene nomngeni omtsha—ukusasaza ivangeli kwaye nokomeleza abo babesele bezimanye neBandla, konke oku ngethuba intshutshiso yayiqhubekeka ukongezeleka. U-Emma Smith wazibonela inkcaso ngokokwakhe. NgeyeSilimela 1830, u-Emma kunye namalungu osapho lakwaKnight babenqwenela ukubhaptizwa. Kodwa iintshaba zeBandla zazama ukuphazamisa into ekwakumele ibe ngamava angcwele. Kuqala zatshabalalisa idama elalakhelwe ukuba kubekho amanzi anzulu ngokwaneleyo wobhaptizo. Nkqu nasemva kokuba idama lilungisiwe, abatshutshisi baqokelelana bekhwaza izigrogriso kwaye behlekisa ngabo babebhaptizwa. Kwaza, kanye xa uJoseph wayeza kuqinisekisa amalungu amatsha, wabanjelwa ukucaphukisa uluntu ngokushumayela ngeNcwadi kaMormoni. Kwakukhangeleka oku njengesiqalo esingathembisiyo kwiBandla leNkosi elalibuyiselwa kutsha nje. Kodwa embindini wokungaqiniseki nesaqhwithi, iNkosi yanikeza ngamazwi engcebiso nenkuthazo, awamele elaKhe “ilizwi kubo bonke” (IMfundiso neMinqophiso 25:16).

Bona futhi Saints, 1:89–90, 94–97.

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 23–26

Ndinganceda ekomelezeni iBandla leNkosi.

Namhlanje, malunga nama-200 weminyaka emva kokuba iBandla elibuyiselweyo lasekwa, isidingo “sokomeleza ibandla” siyaqhubeka (IMfundiso neMinqophiso 23:3–5). Kwaye lo msebenzi awenzelwanga uJoseph Smith, u-Oliver Cowdery, okanye iinkokheli zangoku zeBandla kuphela—ngowethu sonke. Kufundo lwakho lonke lweMfundiso neMinqophiso 23–26, cingisisa ngengcebiso iNkosi eyayinika amalungu amandulo eBandla ukuba ancede omeleze iBandla. Yintoni oziva ukuba iNkosi ifuna uyenze ukuthatha inxaxheba kwezii nzame?

IMfundiso neMinqophiso 24

UMsindisi unako ukundiphakamisa “andikhuphe kwiimbandezelo [zam].”

Ukukhokela iBandla ngexesha lotshutshiso olukhulu kumele ukuba kwakungumthwalo onzima kuJoseph Smith. Khangela amazwi weNkosi wenkuthazo kuye kwiMfundiso neMinqophiso 24.

Yintoni ezi zibhalo zilandelayo ezikucebisa yona malunga nendlela uMsindisi akuphakamisa ngayo akukhuphe kwiimbandezelo zakho?

IMfundiso neMinqophiso 24:1–3 

IMfundiso neMinqophiso 24:8 

IMfundiso neMinqophiso 121:7–8 

Isaya 40:28–31 

Mozaya 24:14–15 

Ukuphakamise njani uYesu Krestu waze wakukhupha njani kwiimbandezelo zakho? Yintoni onokuyenza ukuqhubeka ukhangela uncedo lwaKhe ngamaxesha anzima?

Umfanekiso
UYesu Krestu ephilisa abantu

He Healed Many of Diverse Diseases, by J. Kirk Richards

IMfundiso neMinqophiso 25

U-Emma Smith “ulinenekazi elonyuliweyo.”

Xa u-Emma wayetshata uJoseph Smith, kwakungathi wayesazi ukuba wayeza kwenza amadini amaninzi. Yena wahamba waqhubeka ngokuchasene neminqweno kayise kwaye wayerhweba ubomi obumnandi ngobo babungenasiqinisekiso. Kusenokuba wayezibuza ukuba yintoni iNkosi eyayiyilindele kuye kumsebenzi weMbuyiselo. Khangela iimpendulo iNkosi eyanikeza ngazo kwiMfundiso neMinqophiso 25. Qaphela amazwi weNkosi kumqolo 16—ingaba ikhona into oyifumanayo kweli candelo oyiva ngokuba ile laKhe “ilizwi [kuwe]”?

Bona futhi “An Elect Lady” (video, ChurchofJesusChrist.org); “Thou Art an Elect Lady,” Revelations in Context, 33–39; Joy D. Jones, “An Especially Noble Calling,” Ensign okanye Liyahona, Canzibe 2020, 15–18.

IMfundiso neMinqophiso 26:2

Yintoni isivumelwano esiqhelekileyo?

Xa amalungu efumana ubizo okanye ukumiselwa kububingeleli eBandleni, sinethuba lokubaxhasa ngokusesikweni ngokuphakamisa izandla njengophawu lwenkxaso. Lo mgaqo wokubonisa inkxaso esidlangalaleni kunye nesivumelwano ubizwa ngokuba sisivumelwano esiqhelekileyo. Njengoko uMongameli Gordon B. Hinckley, wafundisa, “Inkqubo yokuxhasa ingaphezulu kunokuphakanyiswa kwezandla oku kulisiko. Kukuzinikela ekuphakamiseni, nasekuxhaseni, nasekuncediseni abo bakhethiweyo”(“This Work Is Concerned with People,” Ensign, Canzibe 1995, 51).

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Losapho kunye Nomhlangano Wangorhatya

IMfundiso neMinqophiso 23:6.Kutheni iNkosi ifuna sithandaze “kusapho [lwethu], kwaye nangaphakathi kwabahlobo [bethu], nakuzo zonke iindawo”? Yintoni ingoma “Love Is Spoken Here” (Children’s Songbook, 190)—okanye enye ingoma emalunga nomthandazo—esifundisa yona malunga namandla omthandazo?

Bona futhi 2 Nifayi 32:8–9; 3 Nifayi 18:18–23.

IMfundiso neMinqophiso 24:8.Ingaba kuluncedo kusapho lwakho ukuthetha ngokuba kuthetha ukuthini ukuba “yiba nomonde ezimbandezelweni”? Ukuba unabantwana abancinane, kusenokuba mnandi ukwenza kwakhona olu vavanyo uMongameli Dieter F. Uchtdorf waluchazayo kwi “Continue in Patience” (Ensign okanye Liyahona, Canzibe 2010, 56; bona futhi umboniso bhanya-bhanya kwiChurchofJesusChrist.org). Yintoni IMfundiso neMinqophiso 24:8 esifundisayo malunga nomonde? INkosi isinceda njani ukuba sibe nomonde kwiimbandezelo zethu?

IMfundiso neMinqophiso 25:11–12.Mhlawumbi ningacula iculo okanye ingoma ethandwa lilungu ngalinye losapho kwaye nithethe ngokuba kutheni “iyingoma yentliziyo.” Ezi ngoma zifana kanjani “nomthandazo ku[Thixo]”?

IMfundiso neMinqophiso 26:2.Kusenokuba luncedo ukukhangela “Isivumelwano Esiqhelekileyo” kwiSikhokelo kwiZibhalo (scriptures.ChurchofJesusChrist.org). Thina siyibonisa njani inkxaso yethu kwiinkokheli zethu?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Lift Up Your Voice and Sing,”Children’s Songbook, 252 (bona “Iingcebiso zokuPhucula Ufundo lweZibhalo Losapho Lwakho”).

Umfanekiso
umfanekiso wamazwi embuyiselo

Amazwi eMbuyiselo

U-Emma Hale Smith

Amazwi weNkosi ku-Emma abhalwe kwiMfundiso neMinqophiso 25 abonisa ukuba yayiziva njani Yona ngaye kunye nangegalelo awayenokulenza emsebenzini waYo. Kodwa wayenjani yena u-Emma? Yintoni esiyaziyo ngesimo sakhe, ngobudlelwane bakhe, nangamandla wakhe? Enye indlela yokulazi eli “nenekazi lonyuliweyo” (IMfundiso neMinqophiso 25:3) kukufunda amazwi wabantu ababemazi kakuhle.

Umfanekiso
U-Emma Smith

Emma Smith, by Lee Greene Richards

UJoseph Smith Jr., umyeni wakhe

Umfanekiso
UJoseph Smith

“Ngoluphi lona uvuyo olungathethekiyo, kwaye izeziphi izithuthi zovuyo ezazalisa isifuba sam, xa ndandimthatha ngesandla, ngoba busuku, u-Emma wam endimthandayo—yena wayeyinkosikazi yam, nkqu umfazi wobutsha bam; kwaye okhethwe yintliziyo yam. Zazininzi ezididizelisa ingqondo yam xa ndandicinga okomzuzwana ngeziqendu ezininzi esabizelwa ukuba sigqithe kuzo. Ukudinwa, kunye nokwaphuka, neentsizi, neembandezeleko kwaneemvuyo kunye neentuthuzelo ngaloo maxesha athile zaye zangcolisa iindlela zethu kwaye sathweswa isithsaba kwibhodi yethu. Kwowu! okunjani kona ukuhlangana kwengcinga eyayigcwalise ingqongo yam, kwakhona ulapha, nkqu nakule nkathazo yesixhenxe, engatyhafi, ezinzile, kwaye engagungqi, engatshintshi, enothando u-Emma.”1

ULucy Mack Smith, umamazala wakhe

Umfanekiso
ULucy Mack Smith

“Yena wayesemtsha ngoko, kwaye,ngendalo enemibono, intliziyo yonke yakhe yayisemsebenzini weNkosi, kwaye wayengenamdla ntweni ngaphandle kweBandla nesenzo senyaniso. Nantoni na izandla zakhe ezaziyifumana zaziyenza, wayenza ngako konke anako kwaye azange abuze la mbuzo wokuzicingela yedwa ‘Ingaba ndiya kuzuza ngaphezulu na kunomnye?’ Ukuba abadala babethunyelwe kude ukuba bayokushumayela, wayengowokuqala ukuzivolontiya ukuba uya kuncedisa ngokubanxibisa esenzela uhambo lwabo, nokuba kwakusenzeka ntoni na kuye.”2

“Andizange ndimbone umfazi onje ebomini bam, owayenyamezela zonke iindidi zokudinwa kwanobunzima, ukusuka kwenye inyanga ukuya kwenye, kwanokusuka komnye unyaka ukuya komnye, ngokukhalipha kungabuyingamva, ngomdla kwanomonde, asoloko ezenza; ngoba ndiyakwazi oko aye wakunyamezela; ukuba uye walahlelwa kulwandle lwentandabuzo; kuba uye wamelana nesaqhwithi sentshutshiso, watyhala ngokuchasene nemisindo yamadoda kwanabatyholi, kwada kwaba kanti ugwinywe lulwandle lwenkathazo [ebino] koyisa nawuphina umfazi.”3

UJoseph Smith Sr., ubawozala wakhe

Intsikelelo kasolusapho ka-Emma awayifumana kuJoseph Smith Sr., owayengusolusapho weBandla:

“Emma, molokazana wam, usikelelwe yiNkosi, ngokuthembeka kwakho nangenyaniso: uza kusikelelwa nomyeni wakho, kwaye ugcobe kubuqaqawuli obuya kufika kuye: umphefumlo wakho ubandezelwe ngenxa yenkohlakalo yabantu ekuzameni ukutshabalalisa umlingane wakho, kwaye umphefumlo wakho wonke ubumthandezela ukuba akhululwe: gcoba, ngoba iNkosi uThixo wakho uwuvile umthandazo wakho.

“Ukuvele ubuhlungu ukuqina kweentliziyo zabantu bendlu kayihlo, kwaye kudala unqwenela usindiso lwabo. INkosi iya kuba nentlonipho kwizikhalo zakho, kwaye ngezigwebo zayo iya kwenza ukuba abanye babo babone ubudenge babo kwaye baguquke ezonweni zabo; kodwa iya kuba ngenxa yembandezelo yakho ukuba bayasindiswa. Wena uya kubona iintsuku ezininzi; ewe, iNkosi iya kukusindisa ude waneliseke, kuba uya kumbona uMkhululi wakho. Intliziyo yakho iya kugcoba kulomsebenzi mkhulu weNkosi, kwaye akukho mntu oya kuluthatha ugcobo lwakho kuwe.

“Wena uya kusoloko ukukhumbula ukuzithoba kukaThixo ekukuvumeleni ukuba ukhaphe unyana wam xa ingelosi yayinikezela ngecwecwe lamaNifayithi ezandleni zakhe. Wena ubone intlungu enkulu ngoba iNkosi ithathe abantwana bakho abathathu: kule nto awusolwa, kuba iyayazi iminqweno yakho ehlambulukileyo yokukhulisa usapho, ukuze igama lonyana wam lisikeleleke. Kwaye ngoku, bona, ndithi kuwe, itsho njalo iNkosi, ukuba uya kukholelwa, useza kusikelelwa kule nto kwaye uya kuba nabanye abantwana, abazakuzisa uvuyo kunye nokwaneliseka emphefumlweni wakho, kwanokugcoba kubahlobo bakho.

“Wena uya kusikelelwa ngokuqonda, kwaye ube namandla okuyalela isini sakho. Fundisa usapho lwakho ubulungisa, kunye nabantwana bakho indlela yobomi, kwaye iingelosi ezingcwele ziya kukugada: kwaye uya kusindiswa ebukumkanini bukaThixo; de kubenjalo. Amen.”4

Umfanekiso
U-Emma Smith nabantwana bakhe

U-Emma Smith nabantwana bakhe. Time to Laugh, by Liz Lemon Swindle

Umfanekiso
U-Emma Smith ebhala

Emma’s Hymns, by Liz Lemon Swindle

Shicilela