IMfundiso neMinqophiso 2021
EyeSilimela 7–13. IMfundiso neMinqophiso 63: “Oko Kuvela Kusiza Ngasentla Kunyulu”


“EyeSilimela 7–13. IMfundiso neMinqophiso 63: ‘Oko Kuvela Kusiza Ngasentla Kunyulu,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: Imfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyeSilimela 7–13. IMfundiso neMinqophiso 63,” Uze,Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
Intsimi eMissouri

Spring Hill, Daviess County, Missouri, by Garth Robinson Oborn

EyeSilimela 7–13

IMfundiso neMinqophiso 63

“Oko Kuvela Kusiza Ngasentla Kunyulu”

INkosi yathi, “Nifumana uMoya ngomthandazo” (IMfundiso neMinqophiso 63:64). Cingisisa ngokuthandazela uMoya ukuba ukukhokele kwisifundo sakho.

Bhala Iimvakalelo Zakho

Indawo yesixeko saseZiyon yayisel’ ikhethiwe. Iinkokheli zeBandla zaziwutyelele lo mmandla kwaye zawubingelela njengendawo yokuhlanganela yaBangcwele. Ngokwembali kaJoseph Smith, “umhlaba weZiyon ngoku wawuyinto eyiyeyona ibalulekileyo yethutyana ejongiweyo” (IMfundiso neMinqophiso 63, isihloko secandelo). Kodwa izimvo ngeZiyon zazibetha-bethana. Abaninzi babangcwele babenomdla wokuqalisa ukuhlanganela eMissouri. Kwelinye icala, abantu abafana no-Ezra Booth babedaniswe ngumhlaba weZiyon kwaye benza izimvo zabo zaziwe. Eneneni, xa uJoseph wayebuyela eKirtland evela eMissouri, waye wafumanisa ingxwaba-ngxwaba kunye nowexuko lwalusele luchwechwele eBandleni xeshikweni wayesahambile. Kwakulapha kulemeko apho esi sisityhilelo sikwiMfundiso neMinqophiso 63 safunyanwa khona. Apha iNkosi yabalula intengo yomhlaba kwakunye nokuthuthela eMissouri kwaBangcwele. Kodwa phakathi kwaloomicimbi eyayisenziwa kwakunomba wesikhumbuzo sexesha: “Mna, iNkosi, ndithetha ilizwi lam, kwaye liya kuthotyelwa” (umqolo 5). Ilizwi laKhe, intando yaKhe, umthetho waKhe—konke oko “[kuvela] kusiza ngasentla” —akumelanga kuphathwe ngesigxeko okanye kalula. Oko “kunyulu, kwaye makuthethwe ngenkathalo” (umqolo 64).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 63:1–6, 32–37

INkosi inomsindo kwabo bakhohlakeleyo kunye nabavukelayo.

Xa esi sityhilelo sasifunyanwa, uJoseph Smith wayejongene nokugxekwa okungwabalala okwakuvela kumalungu aliqela eBandla awayethe amjikela (bona “Ezra Booth and Isaac Morley,” Revelations in Context. 130–36). Zeziphi izilumkiso eyathi iNkosi yazinika kwiMfundiso neMinqophiso 63:1–6, 32–37 malunga “nabakhohlakeleyo nabavukelayo”? Ingaba izilumkiso ezinjalo zibubungqina obunjani bothando lukaThixo?

IMfundiso neMinqophiso 63:7–12

Imiqondiso iza ngenxa yokholo nentando kaThixo.

Imiqondiso okanye imimangaliso iyodwa ayiphuhlisi ukholo olubambekayo. Kwasekuqaleni komnyaka ka-1831, u-Ezra Booth, owayenguMfundisi waseWisile eKirtland, waye wagqiba kwelokuba abhaptizwe emveni kokuba wayebone uJoseph Smith ephilisa ngommangaliso ingalo yomhlobo kaBooth, u-Elsa Johnson.

Kwaye kanti, kwiinyanga ezimbadlwana nje, uBooth waye waphulukana nokholo lwakhe wabangumgxeki woMprofeti. Kwakungenzeka njani oku, xa ucinga ngommangaliso yena owayethe wawubona? Cingisisa nzulu malunga noku njengoko ufunda iMfundiso neMinqophiso 63:7-12. Usenokucingisisa ngokuba kutheni abanye abantu bafumanela imiqondiso “okokulunga kwabantu eluzukweni [lukaThixo]” (umqolo 12) kwaye abanye bayifumanela “kwisigwebo” (umqolo 11). Ngokwento othe wayifunda, ucinga ukuba iNkosi ifuna ucinge kwaye uzive kanjani ngemiqondiso?

Bona futhi Mateyu 16:1–4; Yohane 12:37; Mormoni 9:10–21; Etere 12:12,•18.

IMfundiso neMinqophiso 63:13–23

Ubunyulu buthetha ukugcina iingcinga nezenzo zam zicocekile.

Abantu abaninzi bayavuma ukuba ukrexezo luyinto egwenxa. Kodwa kwiMfundiso neMinqophiso 63:13-19, uMsindisi wakwenza kwacaca ukuba nazo iingcinga zenkanuko zineziphumo ezingqongqo emoyeni. “Kutheni inkanuko isisono esibulala kangaka?” UMdala Jeffrey R. Holland wabuza. “Kulungile, ekongezeleleni kwifuthe elitshabalalisa umoya ngokupheleleyo enalo phezu kwemiphefumlo yethu, ndicinga ukuba isisono kuba ingcolisa ubudlelwane obungcwele kakhulu nobuphakeme kakhulu uThixo asinika bona kobu bumagad’ ahlabayo—uthando indoda nomfazi abanalo komnye nomnye kwakunye nomnqweno wokuba isibini sizise abantwana esatsheni lwenzelwe ukuba zibe zanaphakade” (“Place No More for the Enemy of My Soul,” Ensign okanye Liyahona, May 2010,•44).

Ziziphumo zini iNkosi ezikhankanya kwiMfundiso neMinqophiso 63:13-19 eziya kuza kwabo bangaguqukiyo kwiingcinga nakwizenzo zabo ezingcolileyo? Qaphela iintsikelelo uMsindisi azithembisa kwimiqolo 20 no 23 kwabo banyanisekayo. Zeziphi iintsikelelo ezithe zeza ebomini bakho ngokuthobela umthetho wobunyulu? Ingaba uMsindisi ukunceda kanjani ukuba uhlale ucocekile?

Bona futhi IMfundiso neMinqophiso 121:45; Linda•S. Reeves, “Worthy of Our Promised Blessings,” Ensign okanye Liyahona, Nov. 2015, 9–11.

Umfanekiso
indoda nomfazi etempileni

Thina siyasikeleleka njengoko sigcina iingcinga nezenzo zethu nyulu.

IMfundiso neMinqophiso 63:24–46

INkosi ilawula imicimbi yasemoyeni neyasenyameni yaBangcwele baYo.

Emva kokuba iNkosi yayichonge apho iZiyon yayiya kwakhiwa khona,aBangcwele e-Ohio babesadinga umkhomba-ndlela malunga nokuba baqale nini ukuthutha kwakunye nokuba bayifumane phi imali yokuthenga umhlaba. Njengoko ufunda iMfundiso neMinqophiso 63:24-46, khangela umkhomba-ndlela wasemoyeni nowasenyameni eyathi iNkosi yawunika malunga neZiyon. Ngowuphi umkhomba-ndlela wasemoyeni nowasenyameni iNkosi ekunika wona?

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 63:7–12.Ibali lika-Ezra Booth eshiya eBandleni nangona wayebone ukuphiliswa kuka-Elsa Johnson (bona inkcukacha emfutshane kwi-“Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa” kunye nomfanekiso wobugcisa okhapha esi sishwankathelo) lingadala ingxoxo malunga nemimangaliso. Mhlawumbi amalungu osapho lwakho angathetha ngemimangaliso ethe yomeleza ukholo lwawo, kuquka namava aphuma kusapho lwakho okanye kwimbali yosapho lwakho. Alusebenzisa kanjani ukholo olwaludingeka ukuze afumane le mimangaliso? Yintoni iMfundiso neMinqophiso 63:7-12 eyifundisa ngobudlelwane obuphakathi kokholo nemimangaliso?

IMfundiso neMinqophiso 63:13–19. Singazikhusela kanjani kwifuthe elingalunganga, kuquka nezinto zoburheletya? (Ungafumana izixhobo ezininzi eziluncedo kwiintsapho kwi - AddressingPornography.ChurchofJesusChrist.org.) Zeziphi iintsikelelo zokuphila umthetho wobunyulu?

IMfundiso neMinqophiso 63:23.Ungalunceda kanjani usapho lwakho luqonde “iimfihlelo zobukumkani,” okanye iinyaniso zevangeli, ukuba ziyafana “nomthombo wamanzi aphilileyo”? Ngokomzekelo, ningaya equleni okanye emlanjeni okufutshane (okanye lubonise umboniso bhanya-bhanya okanye umfanekiso wawo). Ingaba iinyaniso zevangeli zifana njani namanzi?

IMfundiso neMinqophiso 63:58.Zilumkiso zini esizifumana kwicandelo 63? Zeziphi ezinye izilumkiso esiziva kwiinkokheli zethu zeBandla namhlanje?

IMfundiso neMinqophiso 63:58–64.Bonisa usapho lwakho into eligugu ethandekayo yosapho. Ingaba siyiphatha njani ngokwahlukileyo kunezinye izinto ezingaxabisekanga kangako? Yintoni IMfundiso neMinqophiso 63: 58-64 esifundisa yona malunga noko singakwenza ukuhlonela izinto ezingcwele?

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

Iculo elicetyiswayo: “Reverence Is Love,” Children’s Songbook,•31.

Ukuphucula Ukuzifundela Izibhalo Wedwa

Phila oko ukufundayo. “Njengoko usiva uvuyo oluphuma ekuqondeni ivangeli, uya kufuna ukusebenzisa oko ukufundayo. Zama ukuphila ngocwangco nokuqonda kwakho. Ukwenza oko kuya komeleza ukholo, ulwazi, kunye nobungqina bakho” (Preach My Gospel, 19).

Umfanekiso
UJoseph Smith ubambe isandla sowasetyhini

Healing of Elsa Johnson’s Shoulder, by Sam Lawlor

Shicilela