IMfundiso neMinqophiso 2021
EyeThupha 23–29. IMfundiso neMinqophiso 93: “Nifumane Ukuzaliseka kwaKhe”


“EyeThupha 23–29. IMfundiso neMinqophiso 93: ‘Nifumane Ukuzaliseka kwaKhe,’” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: IMfundiso neMinqophiso 2021 (2020)

“EyeThupha 23–29. IMfundiso neMinqophiso 93,” Uze, Undilandele—Yabantu Ngabanye kunye Neentsapho: 2021

Umfanekiso
UStefano ubona uThixo noYesu Krestu

I See the Son of Man Standing on the Right Hand of God, by Walter Rane

EyeThupha 23–29.

IMfundiso neMinqophiso 93

“Nifumane Ukuzaliseka kwaKhe”

IMfundiso neMinqophiso 93 ifundisa ukuba “inyaniso lulwazi lwezinto njengoko zinjalo, nanjengoko zazinjalo, nanjengoko ziya kuza” (umqolo 24). Njengoko ufunda eli candelo, khangela inyaniso kwaye ubhale oko ukufundayo. Yintoni ozimisele ukuyenza ukuze ufumane inyaniso? (bona imiqolo 27–28).

Bhala Iimvakalelo Zakho

“Xa uqabela kwileli,” uJoseph Smith wafundisa, “kufuneka uqale ezantsi, kwaye unyukele inyathelo ngenyathelo, ude ufike phezulu; ngoko ke kunjalo nakwimigaqo yevangeli—kufuneka uqale ngowokuqala, kwaye uqhubeke ude uyifunda yonke imigaqo yokuphakanyiswa” (Teachings of Presidents of the Church: Joseph Smith [2007], 268).

Ngamanye amaxesha ileli yokuphakanyiswa ikhangeleka iphakeme kakhulu, kodwa thina sasizalelwe ukuyikhwela side sifike phezulu. Nokuba yeyiphi na imida esinokuyibona kuthi, uBawo oseZulwini noNyana waKhe babona okuthile okuzukileyo kuthi, into ebufana nothixo. Njengoko uYesu Krestu “wayekho ekuqalekeni kunye noBawo, ngoko ke nanikho” (IMfundiso neMinqophiso 93:21, 23). Njengoko Yena “waqhubeka ukusuka elubabalweni kuye elubabalweni,” ngoko ke nani “niya kufumana ubabalo ngobabalo” (imiqolo 13, 20). Ivangeli ebuyisiweyo isifundisa malunga nendalo kaThixo, kwaye isifundisa malunga nathi thina buqu kwakunye noko singaba kuko. Ngaphandle kweeenzame “zalowo mnye okhohlakeleyo” (umqolo 39)—kwakunye nangaphandle koko uziva ukuswele—ungumntwana ngqo kaThixo onamandla wokokuba “ngexesha elifanelekileyo nifumane ukuzaliseka kwakhe”(umqolo 19).

Umfanekiso
umfanekiso wokuzifundela wedwa

Iingcebiso Zokuzifundela Izibhalo Wedwa

IMfundiso neMinqophiso 93

Thina sinqula uThixo uBawo noNyana waKhe, uYesu Krestu.

Ithetha ngesityhilelo kwiMfundiso neMinqophiso 93, iNkosi yachaza, “Ndininika ezi ntetha ukuze nibe nokuqonda nokwazi ukuba kunqulwa njani, nokwazi ukuba unqula ntoni, ukuze nibe nokuza kuBawo egameni lam, kwaye ngexesha elifanelekileyo nifumane ukuzaliseka kwakhe” (umqolo 19). Njengoko ufunda esi sityhilelo, phawula iinyaniso ozifumanayo ezimalunga naBantu ekumele sibanqule: uThixo uBawo noNyana waKhe, uYesu Krestu. Yintoni oyifundayo ngokuba “kunqulwa njani” Bona? ngokuba “uza kuBawo” kanjani?

UMprofeti Joseph Smith wafundisa, “Ukuba abantu abaqondi isimo sikaThixo, abaziqondi bona buqu(Teachings: Joseph Smith, 40). Njengoko ufunda ngoMsindisi ngokufunda IMfundiso neMinqophiso 93, khangela oko nako wena ungakufunda ngawe buqu. Ngokomzekelo, yintoni oyifunda ngaYe evela kwimiqolo 3, 12, 21, no 26? Zeziphi iinyaniso ezifanayo ozifumana ngawe buqu ezivela kwimiqolo 20, 23, no 28–29? (Bona futhi 1 Yohane 3:2; 3 Nifayi 27:27; Dean M. Davies, “The Blessings of Worship,” Ensign okanye Lahona, EyeNkanga 2016, 93–95.)

IMfundiso neMinqophiso 93:1–39

Uzuko lukaThixo lukhanyiso nenyaniso.

Usenokuqaphela ukuba uzuko, ukhanyiso, nenyaniso ziyakhankanywa rhoqo kwesi sityhilelo. Njengoko ufunda imiqolo 21–39 ngqo, yenza uluhlu lweenyaniso ozifundayo malunga nozuko, nokhanyiso, kunye nenyaniso. Ingaba ezi nyaniso zikuphembelela kanjani ukuba ufune ukhanyiso olukhulu kunye nenyaniso? Ingaba ezi nyaniso bezinokuyichaphazela njani indlela ophila ngayo ubomi bakho bemihla ngemihla?

Umfanekiso
ifestile yeglasi

Sifumana ukhanyiso nenyaniso xa sigcina imithetho kaThixo.

IMfundiso neMinqophiso 93:40–50

“Lungisa indlu eyiyeyakho.”

Malunga nomqolo 40, IMfundiso neMinqophiso 93 ikhangeleka itshintsha kwiimfundiso ezimalunga nozuko lukaThixo kunye namandla wethu wobuthixo iye kumyalelo omalunga nokuba ngumzali nokulungisa izindlu zethu. Ingaba iimfundiso zeNkosi malunga nokhanyiso, nenyaniso, kunye nozuko kwimiqolo 1–39 zikunceda njani uqonde kwaye ulandele ingcebiso ekwimiqolo 40–50?

Bona futhi David A. Bednar, “More Diligent and Concerned at Home,” Ensign okanye Liahona, EyeNkanga 2009, 17–20.

Umfanekiso
umfanekiso wofundo losapho

Iingcebiso Zofundo Lwezibhalo Zosapho kunye Nomhlangano Wangorhatya Wosapho

IMfundiso neMinqophiso 93:2.UYesu Krestu uye waba “lukhanyiso lwenene” njani ebomini bethu? Silubone kanjani uKhanyiso lwaKhe kwabanye abantu abasingqongileyo?

IMfundiso neMinqophiso 93:3–29.Ukunceda usapho lwakho luxoxe ngoko lukufunda kwicandelo 93 malunga noMsindisi kwakunye nangabo buqu, ningadlala umdlalo wokuthelekisa. Ngokomzekelo, ningalungisa umqulu omnye wamakhadi onemiqolo ephuma kwicandelo 93 ofundisa iinyaniso malunga noMsindisi (bona imiqolo 3, 12, 21, 26) kwakunye nomnye umqulu ofundisa into ethile efana nathi buqu (bona imiqolo 20, 23, 28–29). Amalungu osapho angatshintshisana ngokuthatha ikhadi emqulwini ngamnye, afunde imiqolo, kwaye azame ukufumana iinyaniso ezihambelana nazo. Ingaba ezi nyaniso ziyiphembela kanjani indlela esiziva ngayo ngoMsindisi kunye nangathi thina buqu?

IMfundiso neMinqophiso 93:12–13, 20.Kuthetha ukuthini ukufumana “ubabalo ngobabalo” kunye nokuqhubeka “ukusuka elubabalweni kuye elubabalweni”? (imiqolo 12–13). Yintoni le miqolo eyicebisayo ngendlela esikhula ngayo kunye nesifunda ngayo? Ingaba ukukwazi oku kuyichaphazela njani indlela esiphatha ngayo abanye—nesiziphatha ngayo thina?

IMfundiso neMinqophiso 93:24.Funda inkcazelo yenyaniso efumaneka kulo mqolo, kwaye umeme amalungu osapho ukuba abelane ngokuthile okuphuma kwicandelo 93 awathi ayithathe njengenyaniso engenaxabiso. Zeziphi ezinye iinkcazelo zenyaniso esizifumana ku Yohane 14:6; Yakobi 4:13; okanye iculo elingenyaniso, elifana no 

IMfundiso neMinqophiso 93:40.Mhlawumbi xa nifunda lo mqolo, usapho lwakho lungacula iculo elimalunga nokufunda ekhaya, elifana no. Abantwana abancinane basenokonwabela ukwenza iintshukumo ezihambelana namagama. Yintoni eniyiva iniphembelela ukuba niyenze ukumemela “ukhanyiso nenyaniso” engakumbi ekhayeni lenu?

IMfundiso neMinqophiso 93:41–50.Cebisanani kunye njengosapho malunga nezinto “ezingalunganga endlwini yakho.” Yintoni esingayenza “ukulungisa izindlu [zethu]”? (imiqolo 43–44).

Ngeengcebiso ezithe vetshe malunga nokufundisa abantwana, bona isishwankathelo saleveki kwi- Come, Follow Me—For Primary.

 

Ukuphucula Ukufunda Kwethu

Funda amaxesha angaphezulu kunakanye. Ningakhetha ukufunda IMfundiso neMinqophiso 93 amaxesha angaphezulu kunakanye ngeveki. Rhoqo xa nifunda, nisenokuqaphela ukuba iinyaniso ezahlukileyo ziyagqama kuni okanye ziniphembelela ngendlela entsha. Ukufunda amaxesha amaninzi kuya kunibonelela ngamathuba wokucinga ngokunzulu ngakumbi.

Umfanekiso
UYesu Krestu

Light and Truth, by Simon Dewey

Shicilela